Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 5

Ukuya Kwethu Kwiintlanganiso Kubonisa Ukuba Singabantu Abanjani?

Ukuya Kwethu Kwiintlanganiso Kubonisa Ukuba Singabantu Abanjani?

‘Hlalani nibhengeza ukufa kweNkosi, ide ifike.’—1 KOR. 11:26.

INGOMA 18 Siyabulela Ngentlawulelo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Yintoni uYehova ayibonayo xa iimiliyoni zabantu emhlabeni wonke zikwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa? (Jonga umfanekiso ongaphandle.) (b) Ngowuphi umbuzo esiza kuwuphendula kweli nqaku?

KHAWUCINGE nje ngoko kubonwa nguYehova xa iimiliyoni zabantu emhlabeni wonke zikwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa. Akaboni nje abantu abaninzi, kodwa uqaphela mntu ngamnye. Ngokomzekelo, uyababona abo baza qho ngonyaka. Phakathi kwabo kusenokubakho nabatshutshiswayo. Abanye abayi qho kwezinye iintlanganiso, kodwa bayaqonda ukuba kubalulekile ukuya kwiSikhumbuzo. UYehova uyababona nabo baqalayo ukuya kwiSikhumbuzo, kuba mhlawumbi benomdla kule ntlanganiso.

2 Ngokuqinisekileyo, uYehova uyavuyiswa kukubona abantu abaninzi kangaka besiya kwiSikhumbuzo. (Luka 22:19) Kodwa ke, eyona nto ibalulekileyo kuYehova ayilonani labantu abayayo. Eyona nto ayijongayo sisizathu sokuya kwabo. Kweli nqaku, siza kuphendula lo mbuzo ubalulekileyo: Kutheni singayi kuphela kwiSikhumbuzo esibakho kanye ngonyaka kodwa sisiya nakwiintlanganiso ezibakho qho ngeveki, uYehova azilungiselele abo bamthandayo?

(Jonga isiqendu 1-2) *

UKUTHOBEKA KUSENZA SIYE KWIINTLANGANISO

3-4. (a) Kutheni sisiya kwiintlanganiso? (b) Ukuya kwethu kwiintlanganiso kubonisa ukuba sinjani? (c) Ngokwamazwi akweyoku-1 kwabaseKorinte 11:23-26, kutheni simele singasiphosi iSikhumbuzo?

3 Esona sizathu sibalulekileyo sisenza siye kwiintlanganiso kukuba yenye yeendlela esikhonza ngazo. Enye into esenza siye kukuba sifundiswa nguYehova kuzo. Abantu abenekratshi abakufuni ukufundiswa. (3 Yoh. 9) Kodwa thina sikufuna kakhulu ukufundiswa nguYehova nayintlangano yakhe.—Isa. 30:20; Yoh. 6:45.

4 Ukuya kwethu kwiintlanganiso kubonisa ukuba sithobekile ibe siyakufuna ukufundiswa. Siya kule ntlanganiso ibalulekileyo yeSikhumbuzo Sokufa KukaYesu kungekhona kuba sisazi ukuba kubalulekile, kodwa kuba sithobela umyalelo kaYesu othi: “Oku kwenzeleni ukundikhumbula.” (Funda eyoku-1 yabaseKorinte 11:23-26.) Le ntlanganiso iqinisa ithemba esinalo ngobomi esiza kubuphila kwixesha elizayo ibe isikhumbuza nendlela uYehova asithanda ngayo. Kodwa ke, uYehova uyazi ukuba asikufuni ukukhuthazwa nokuqiniswa nje kanye ngonyaka. Yiyo loo nto esilungiselela iintlanganiso qho ngeveki aze asikhuthaze ukuba siye kuzo. Xa sithobekile siza kumthobela. Sichitha iiyure ezininzi silungiselela ibe sisiya kwezo ntlanganiso.

5. Kutheni abantu abathobekileyo bevuma ukumenywa nguYehova?

5 Qho ngonyaka, uYehova umema abantu kwiintlanganiso ukuze abafundise, ibe abaninzi abathobekileyo bayaya. (Isa. 50:4) Kuba mnandi kubo kwiSikhumbuzo, ibe loo nto ibenza baqalise ukuya nakwezinye iintlanganiso. (Zek. 8:20-23) Sonke siyakuthanda ukufundiswa nguYehova, ‘umncedi nomsindisi wethu.’ (INdu. 40:17) Ngaba ikhona enye into enokusivuyisa nenokubaluleka kakhulu kuthi ngaphezu kokuya kwiintlanganiso ukuze sifundiswe nguYehova noYesu, uNyana wakhe amthanda kakhulu?—Mat. 17:5; 18:20; 28:20.

6. Ukuthobeka kwayinceda njani enye indoda yaya kwiSikhumbuzo?

6 Sizama kangangoko ukumema abantu abaninzi kwiSikhumbuzo Sokufa KukaYesu, qho ngonyaka. Abantu abaninzi abathobekileyo baye bancedakala kukuya xa sibamema. Nanku umzekelo. Kwiminyaka emininzi eyadlulayo, enye indoda yafumana isimemo seSikhumbuzo, kodwa yaxelela umzalwana owayinikayo ukuba ayizukwazi ukuya. Kodwa, lo mzalwana wothuka wakubona le ndoda ingena kwiHolo YoBukumkani ngosuku lweSikhumbuzo. Le ndoda yayithanda kakhulu indlela ababenobubele ngayo abazalwana, kangangokuba yaqalisa ukuya kwiintlanganiso zethu. Ngapha koko, kunyaka wonke yaphoswa ziintlanganiso ezintathu qha. Yintoni eyamenza wabona ukuba makaye kuzo zonke iintlanganiso? Wayethobekile, kangangokuba wakwazi ukuphinda ajike kwinto ebeyithethile. Umzalwana owayeyimemile wathi, “Ithobeke nyhani le ndoda.” Ngokuqinisekileyo, uYehova wayitsala le ndoda ukuba ibe ngumkhonzi Wakhe, ibe ngoku ingumzalwana obhaptiziweyo.—2 Sam. 22:28; Yoh. 6:44.

7. Izinto esizifunda kwiintlanganiso naseBhayibhileni zinokusinceda njani sithobeke?

7 Izinto esizifunda kwiintlanganiso naseBhayibhileni zinokusinceda sithobeke. Kwiiveki ezingaphambi kweSikhumbuzo, iintlanganiso zethu zidla ngokuthetha kakhulu ngomzekelo kaYesu nangendlela awayethobeke ngayo kuba wanikela ngobomi bakhe njengentlawulelo. Kwiintsuku ezingaphambi kweSikhumbuzo, siyakhuthazwa ukuba sifunde eBhayibhileni ngezinto ezenzeka ngaphambi kokufa kukaYesu ukuya kutsho ekuvusweni kwakhe. Izinto esizifundayo kwezo ntlanganiso naseBhayibhileni zisinceda siyixabise ngakumbi into awasenzela yona uYesu. Siye sifune ukuthobeka nokwenza ukuthanda kukaYehova njengoYesu, nokuba sekunzima.—Luka 22:41, 42.

UKUBA NESIBINDI KUSINCEDA SIYE KWIINTLANGANISO

8. Yintoni uYesu awayenzayo ebonisa ukuba wayenesibindi?

8 Enye indlela esizama ngayo ukuba njengoYesu kukuba nesibindi. Khawucinge ngesibindi awaba naso ngaphambi kokufa kwakhe. Wayesazi kakuhle ukuba iintshaba zakhe zazisele ziza kumhlazisa, zimbethe zize zimbulale. (Mat. 20:17-19) Nakubeni kunjalo, zange akoyike ukufa. Xa kwafika ixesha, wathi kubapostile bakhe abathembekileyo ababekunye naye eGetsemane: “Vukani, sihambe. Khangelani! Umngcatshi wam usondele.” (Mat. 26:36, 46) Xa amajoni ayeze kumbamba, waya kuwo, wazichaza, waza wathi kuwo mawayeke abapostile bahambe. (Yoh. 18:3-8) UYesu waba nesibindi nyhani! Namhlanje, amaKristu athanjisiweyo nabezinye izimvu azama kangangoko ukuba nesibindi njengoYesu. Njani?

Xa unesibindi uze uye kwiintlanganiso ukhuthaza nabanye (Jonga isiqendu 9) *

9. (a) Kutheni kusenokufuneka sibe nesibindi ukuze siye qho kwiintlanganiso? (b) Umzekelo wethu unokubanceda njani abazalwana bethu ababanjiweyo kuba bengamaNgqina?

9 Ukuze siye qho kwiintlanganiso, kusenokufuneka sibe nesibindi sokumelana neengxaki. Abanye abazalwana noodade baya kwiintlanganiso nangona kukho izinto ezibakhathazayo, betyhafile okanye begula. Kanti abanye banesibindi sokuya kwiintlanganiso nangona bechaswa kakhulu ziintsapho zabo okanye ngurhulumente. Khawucinge nje ngendlela obakhuthaza ngayo umzekelo wethu abazalwana ababanjiweyo kuba bengamaNgqina. (Heb. 13:3) Xa besiva ukuba sisaqhubeka sikhonza uYehova nakubeni sineengxaki, bayakhuthazeka ukuba bahlale benokholo, benesibindi ibe bethembekile. Yakhe yenzeka le nto nakumpostile uPawulos. Xa wayebanjiwe eRoma, wayevuya qho xa esiva ukuba abazalwana bakhe bakhonza uThixo ngokuthembeka. (Fil. 1:3-5, 12-14) Ngaphambi okanye emva nje kokuba ekhululwe, wabhalela amaHebhere ileta. Kuloo leta wakhuthaza la maKristu esithi ‘uthando lwawo lobuzalwana maluqhubeke’ aze angaze ayeke ukuya kwiintlanganiso.—Heb. 10:24, 25; 13:1.

10-11. (a) Ngoobani esimele sibameme kwiSikhumbuzo? (b) AmaEfese 1:7 athi kutheni simele senze le nto?

10 Sibonisa ukuba sinesibindi xa simema abantu esizalana nabo, esisebenza nabo, nabamelwane bethu kwiSikhumbuzo. Kutheni sibamema nje? Indlela esiyixabisa ngayo into uYehova noYesu abasenzele yona isenza sifune ukubamema abantu kwiSikhumbuzo. Sifuna nabo bafunde indlela ‘ububele obungasifanelanga’ bukaYehova obunokubanceda ngayo esebenzisa intlawulelo.—Funda eyabase-Efese 1:7; ISityhi. 22:17.

11 Xa sisiba nesibindi size siye kwiintlanganiso, sibonisa olunye uphawu olubalulekileyo olwaboniswa nguThixo noNyana wakhe ngeendlela ezingenakuthelekiswa nanto.

UKUTHANDA UYEHOVA NOYESU KUSENZA SIYE KWIINTLANGANISO

12. (a) Iintlanganiso ziluqinisa njani uthando esinalo ngoYehova noYesu? (b) Eyesi-2 kwabaseKorinte 5:14, 15, isikhuthaza ukuba senze ntoni njengoYesu?

12 Indlela esimthanda ngayo uYehova noYesu isenza sifune ukuya kwiintlanganiso. Xa sisiya sifunda izinto ezisenza sibathande ngakumbi. Kwiintlanganiso, sikhunjuzwa qho ngento abasenzela yona. (Roma 5:8) Sona iSikhumbuzo sisikhumbuza indlela abasithanda kakhulu ngayo, kwanabo bangekayazi indlela ebaluleke ngayo intlawulelo. Sizama kangangoko ukuphila ubomi bethu njengoYesu kuba sinombulelo ngento awayenzayo. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 5:14, 15.) Enye into esiye sifune ukuyenza kukudumisa uYehova kuba wasinika intlawulelo. Enye indlela esinokuyenza ngayo le nto kukuphendula ngokusuka entliziyweni kwiintlanganiso.

13. Singayibonisa njani indlela esimthanda ngayo uYehova noYesu? Cacisa.

13 Sinokubonisa indlela esimthanda ngayo uYehova noYesu ngokuvuma ukuncama nantoni na ngenxa yabo. Amaxesha amaninzi, sincama izinto ezahlukeneyo ukuze siye kwiintlanganiso. Amabandla amaninzi aba neentlanganiso xa abanye bethu bebuya emsebenzini, mhlawumbi bediniwe. Ezinye iintlanganiso ziba ngempela veki xa abanye abantu bephumlile. Ngaba uYehova uyayiqaphela into yokuba siya kwiintlanganiso nokuba sesidiniwe? Ewe, uyayiqaphela! Xa sisiya nokuba sekunzima, uYehova uyixabisa ngakumbi indlela esimthanda ngayo.—Marko 12:41-44.

14. UYesu wasibonisa njani umzekelo omhle wokuthanda abantu?

14 UYesu wasibonisa umzekelo omhle wokuthanda abantu. Wayenza le nto ngokuvuma ukufela abafundi bakhe nangokubeka phambili izinto ezazifunwa ngabo kunezazifunwa nguye. Ngokomzekelo, nangona wayediniwe okanye ekhathazekile, wathetha nabafundi bakhe waza wabafundisa isifundo esibalulekileyo. (Luka 22:39-46) Eyona nto wayezimisele ukuyenza yayikukunceda abanye kunokuba ibe ngabo abanceda yena. (Mat. 20:28) Xa uYehova nabazalwana bethu sibathanda ngolo hlobo, siza kwenza nantoni na ukuze siye kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa nakuzo zonke iintlanganiso.

15. Ngoobani abona bantu sifuna ukubanceda?

15 Sithi kuphela abakwintsapho yamaKristu enene, ibe siyakuthanda ukuchitha ixesha lethu simema abanye ukuze nabo babe kunye nathi. Kodwa ke, abona bantu sinomdla wokubanceda kakhulu ngabo “bahlobene nathi elukholweni” kodwa abangasayiyo kwiintlanganiso okanye abangasashumayeliyo. (Gal. 6:10) Sibonisa indlela esibathanda ngayo ngokubakhuthaza ukuba baye kwiintlanganiso, ingakumbi kwiSikhumbuzo. NjengoYehova noYesu, kuyasivuyisa ukubona abantu ababengasayi kwiintlanganiso okanye bengasashumayeli bebuyela kuYehova, uTata noMalusi wethu osithandayo.—Mat. 18:14.

16. (a) Sinokukhuthazana ukuba senze ntoni, ibe iintlanganiso zethu ziza kusinceda njani? (b) Kutheni ilixesha elifanelekileyo eli enyakeni lokukhumbula amazwi kaYesu akuYohane 3:16?

16 Kwezi veki zizayo, mema abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka kwiSikhumbuzo esiza kuba ngokuhlwa ngoLwesihlanu, ngoAprili 19, 2019. (Jonga ibhokisi ethi, “ Ngaba Uza Kubamema?”) Kwanga singaqhubeka sikhuthazana ukuba siye qho kuzo zonke iintlanganiso uYehova asilungiselele zona. Njengoko isiphelo sisondela, ziintlanganiso zethu eziza kusinceda sihlale sithobekile, sinesibindi ibe simthanda uYehova, uYesu nabazalwana bethu. (1 Tes. 5:8-11) Ngeentliziyo zethu zonke, masibonise indlela esimthanda ngayo uYehova noNyana wakhe ngokusithanda kangaka!—Funda uYohane 3:16.

INGOMA 126 Hlalani Nithe Qwa, Ningagungqi

^ isiqe. 5 Eyona ntlanganiso ibalulekileyo siza kuba nayo kulo nyaka siSikhumbuzo Sokufa KukaKristu esiza kube singokuhlwa ngoLwesihlanu, ngoAprili 19, 2019. Yintoni eyona nto isenza siye kule ntlanganiso? Sifuna ukuvuyisa uYehova. Kweli nqaku, siza kubona ukuba ukuya kwethu kwiSikhumbuzo nakwiintlanganiso ezibakho qho ngeveki kubonisa ukuba singabantu abanjani.

^ isiqe. 50 UMFANEKISO ONGAPHANDLE: Iimiliyoni zabantu emhlabeni wonke zamkelekile kwiSidlo SeNkosi Sangokuhlwa

^ isiqe. 52 IMIFANEKISO: Umzalwana obanjwe kuba eliNgqina ukhuthazwa yileta esuka kwintsapho yakhe. Uyabona ukuba ayimlibelanga, ibe uvuyiswa kukuva ukuba ayigungqi ekukhonzeni uYehova nakubeni kukho itoyi-toyi kwindawo ehlala kuyo.