Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 3

Ungayikhusela Njani Intliziyo Yakho?

Ungayikhusela Njani Intliziyo Yakho?

“Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza [okanye khusela] intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.”—IMIZE. 4:23.

INGOMA 36 Masikhusele Iintliziyo Zethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-3. (a) Yintoni eyayisenza uYehova amthande uSolomon, ibe wamsikelela njani? (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

USOLOMON waba ngukumkani wakwaSirayeli esengumfana. Xa wayeqalisa ukulawula, uYehova wathetha naye ephupheni wathi: “Cela into ndikuphe.” USolomon waphendula wathi: “Mna ndiyinkwenkwana. Andikwazi ukuphuma nokungena. . . . Umele umnike umkhonzi wakho intliziyo ethobelayo yokugweba abantu bakho.” (1 Kum. 3:5-10) Ukucela kwakhe “intliziyo ethobelayo” kubonisa ukuba wayesazi ukuba kukho izinto awayengenakukwazi ukuzenza. Yiyo le nto uYehova wayemthanda kangaka uSolomon! (2 Sam. 12:24) UThixo wethu wayithanda kakhulu impendulo yalo kumkani usemtsha kangangokuba wamnika “intliziyo elumkileyo nenokuqonda.”—1 Kum. 3:12.

2 Xa uSolomon wayethobela uThixo, wafumana iintsikelelo ezininzi. Waba nenyhweba yokulakhela itempile “igama likaYehova uThixo kaSirayeli.” (1 Kum. 8:20) Waduma ngenxa yobulumko awayebufumene kuThixo. Izinto awazithethayo ephefumlelwe nguThixo zibhalwe kwiincwadi ezintathu zeBhayibhile. Enye yazo yiMizekeliso.

3 Kwincwadi yeMizekeliso kuthethwa ngentliziyo malunga nezihlandlo eziyi-100. Ngokomzekelo, iMizekeliso 4:23 ithi: “Ngaphezu kwako konke okunye okumele kulondolozwe, londoloza [okanye khusela] intliziyo yakho, kuba iphuma kuyo imithombo yobomi.” Kule vesi, lithetha ukuthini igama elithi “intliziyo”? Siza kuphendula lo mbuzo kweli nqaku. Nantsi eminye imibuzo esiza kuyiphendula: USathana uzama njani ukonakalisa iintliziyo zethu? Singazikhusela njani iintliziyo zethu? Ukuze sihlale sithembekile kuThixo, simele siziqonde iimpendulo zale mibuzo ibalulekileyo.

YINTONI “INTLIZIYO”?

4-5. (a) INdumiso 51:6 isinceda njani siqonde into ethethwa ligama elithi “intliziyo”? (b) Singakuzekelisa njani ukubaluleka komntu esinguye ngaphakathi?

4 KwiMizekeliso 4:23, igama elithi “intliziyo” lithetha eyona nto ayiyo umntu ‘ngaphakathi’. (Funda iNdumiso 51:6.) Ngamanye amazwi, xa kuthethwa ‘ngentliziyo’ kuthethwa ngezinto esizicingayo, indlela esiziva ngayo, izizathu esinazo zokwenza izinto, nangezinto esizinqwenelayo. Luhlobo esilulo ngaphakathi kungekhona indlela esibonakala ngayo ebantwini.

5 Ukubaluleka komntu esinguye ngaphakathi singakufanisa nezinto esimele sizenze ukuze sibe sempilweni. Okokuqala, ukuze sigcine imizimba yethu iphilile, simele sitye ukutya okusempilweni size sijime qho. Ngokufanayo, ukuze sikhusele iintliziyo zethu, simele siyifunde qho iBhayibhile neencwadi ezisekelwe kuyo size sibonise ukuba sinokholo kuYehova. Sibonisa ukuba sinokholo kuye ngokuthi sizenze izinto esizifundileyo kwaye sithethe ngokholo lwethu. (Roma 10:8-10; Yak. 2:26) Okwesibini, ngenxa yendlela esibonakala ngayo ngaphandle, sisenokucinga ukuba siphilile kanti siyagula. Ngokufanayo, ngenxa yokuba siyenza imisebenzi yentlangano, sisenokucinga ukuba ukholo lwethu luqinile, kanti iminqweno emibi iyakhula ngaphakathi. (1 Kor. 10:12; Yak. 1:14, 15) Simele sikhumbule ukuba uSathana ufuna sicinge njengaye. Usenokuyizama njani loo nto? Singazikhusela njani?

USATHANA UZAMA NJANI UKONAKALISA IINTLIZIYO ZETHU?

6. Yintoni eyona nto ifunwa nguSathana, ibe uzama ukuyenza njani?

6 USathana ufuna singayithobeli imigaqo kaYehova kwaye sibe ngabantu abazicingela bodwa njengaye. USathana akanakusinyanzela ukuba sicinge size senze izinto njengaye. Ngoko, uzama ukonakalisa iintliziyo zethu ngezinye iindlela. Ngokomzekelo, usilinga ngabantu abacinga nabenza izinto njengaye. (1 Yoh. 5:19) Unqwenela ukuba sikhethe ukuchitha ixesha kunye nabo, nangona sisazi ukuba loo nto iza ‘konakalisa’ indlela esicinga nesenza ngayo izinto. (1 Kor. 15:33) Elo qhinga lasebenza kuKumkani uSolomon. Watshata abafazi abaninzi ababengamkhonzi uYehova. Ekugqibeleni bayitshintsha kakhulu indlela awayezenza ngayo izinto ibe “bayityekisa intliziyo yakhe” ekukhonzeni uYehova.—1 Kum. 11:3.

Ungazikhusela njani ukuze ungacingi njengoSathana? (Jonga isiqendu 7) *

7. Yeyiphi enye into uSathana ayenzayo ukuze enze abantu abaninzi bacinge njengaye, ibe kutheni simele siyilumkele?

7 USathana usebenzisa iimuvi neenkqubo zeTV ukuze enze abantu abaninzi bacinge njengaye. Uyaqonda ukuba akubi mnandi nje kuphela ukubukela amabali akwiimuvi kodwa asifundisa indlela esicinga, esiziva nesenza ngayo izinto. UYesu wayewasebenzisa amabali xa efundisa. Ngokomzekelo, wabalisa ngomzekeliso womSamariya olungileyo nowonyana wolahleko. (Mat. 13:34; Luka 10:29-37; 15:11-32) Kodwa ke, abo bacinga njengoSathana banokusebenzisa amabali ukuze basonakalise. Simele siyazi into emasiyibukele nesingamele siyibukele. Iimuvi neenkqubo zeTV zinokusonwabisa zize zisifundise ngaphandle kokonakalisa indlela esicinga ngayo. Kodwa simele silumke. Xa sikhetha indlela yokuzonwabisa, simele sizibuze ukuba, ‘Ngaba le nto ndiyibukeleyo indifundisa ukuba akhonto imbi ngokwenza izinto ezingafunwayo nguThixo?’ (Gal. 5:19-21; Efe. 2:1-3) Yintoni omele uyenze xa uqaphela ukuba into oyibukeleyo ikukhuthaza ukuba ucinge njengoSathana? Yibaleke njengesifo esosulelayo!

8. Abazali bangabanceda njani abantwana babo bakhusele iintliziyo zabo?

8 Bazali, ninomsebenzi omkhulu wokukhusela abantwana benu kuSathana, ekubeni ezama ngamandla ukonakalisa iintliziyo zabo. Ngokuqinisekileyo nenza konke eninako ukuze nikhusele abantwana benu kwizifo. Niwagcina ecocekile amakhaya enu ibe nilahla nantoni na enokugulisa nina okanye abantwana benu. Ngokufanayo ke, nimele nibakhusele kwiimuvi, iinkqubo zeTV, imidlalo ye-elektroniki nakwiiwebhsayithi ezinokubabangela bacinge njengoSathana. UYehova uninike umsebenzi wokunceda abantwana benu babe ngabahlobo bakhe. (IMize. 1:8; Efe. 6:1, 4) Ngoko ningoyiki ukubabekela imithetho esekelwe kwimigaqo yeBhayibhile. Bachazeleni abantwana benu abancinci izinto abamele nabangamele bazibukele, nize nibacacisele ukuba kutheni nisenza njalo. (Mat. 5:37) Njengoko abantwana benu bekhula, bafundiseni ukuba bakwazi ukuzibonela into elungileyo nembi ngokwemigaqo kaYehova. (Heb. 5:14) Nikhumbule nokuba, nangona abantwana benu beza kufunda into eninzi kwizinto enizithethayo, kodwa baza kufunda okungakumbi kwizinto enizenzayo.—Dut. 6:6, 7; Roma 2:21.

9. Yeyiphi enye into uSathana ayikhuthazayo, ibe kutheni iyingozi?

9 USathana uzama ukonakalisa iintliziyo zethu nangokusenza sithembele ngobulumko babantu endaweni yokuba sicinge njengoYehova. (Kol. 2:8) Enye into ayikhuthazayo kukuba, ukuba nemali kumele kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Abantu abacinga ngolu hlobo basenokuba zizityebi okanye bangabi zizo. Nokuba babe zizo okanye ababi zizo, basengozini. Ngoba? Kuba basenokuxakeka kukwenza imali kangangokuba baxolele ukuba impilo yabo ibe sengozini, kuqhekeke iintsapho zabo baze bancame nobuhlobo babo noThixo. (1 Tim. 6:10) Iyasivuyisa into yokuba uTata wethu osezulwini esinceda siyijonge kakuhle imali.—INtshu. 7:12; Luka 12:15.

SINOKUZIKHUSELA NJANI IINTLIZIYO ZETHU?

Njengoonogada bakudala, hlala ulumkile uze wenze izinto eziza kunqanda izinto ezonakalisayo zingangeni entliziyweni yakho (Jonga isiqendu 10-11) *

10-11. (a) Yintoni esimele siyenze ukuze sizikhusele? (b) Babesebenza njani oonogada bakudala, ibe izazela zethu zinokuba ngunogada njani?

10 Ukuze sikwazi ukuzikhusela iintliziyo zethu simele siziqaphele izinto ezinokusonakalisa size sizikhusele ngoko nangoko. Le nto isikhumbuza ngomsebenzi owawusenziwa ngumlindi okanye unogada. Ngemihla kaKumkani uSolomon, oonogada babegada idolophu bephezulu eludongeni baze balumkise abantu xa kusiza utshaba. Le nto isinceda sibone ukuba yintoni esinokuyenza ukuze singamvumeli uSathana onakalise indlela esicinga ngayo.

11 Kudala, oonogada abemi eludongeni babesebenzisana nabo basegeyithini. (2 Sam. 18:24-26) Babekhusela idolophu ngokuqinisekisa ukuba iigeyithi zisoloko zivaliwe xa kusondela utshaba. (Neh. 7:1-3) Izazela zethu eziqeqeshwe yiBhayibhile * zinokuba ngunogada, zisilumkise xa uSathana ezama ukonakalisa iintliziyo zethu. Le nto unokuyenza ngokuzama ukusenza sicinge, sizive, sibe nezizathu zokwenza izinto okanye sibe neminqweno efana neyakhe. Qho izazela zethu zisilumkisa, simele sizimamele size senze konke esinako ukuze siphephe ingozi.

12-13. Sisenokulingeka ekubeni senze ntoni, kodwa yintoni esimele siyenze?

12 Makhe sithethe ngomzekelo osibonisa indlela esinokuzikhusela ngayo ukuze singacingi njengoSathana. UYehova usifundise ukuba “uhenyuzo nako konke ukungahlambuluki nokubawa makungakhe kukhankanywe kwaukukhankanywa phakathi [kwethu].” (Efe. 5:3) Kodwa siza kuthini xa abantu esiphangela okanye esifunda nabo beqalisa ukuthetha ngokuziphatha kakubi? Siyazi ukuba simele “sizilumle kuko ukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi.” (Tito 2:12) Isazela sethu esingunogada, sisenokusilumkisa ngengozi. (Roma 2:15) Kodwa ngaba siza kusimamela? Sisenokulingeka ekubeni sibamamele okanye siyijonge imifanekiso abayijongileyo. Kodwa simele senze konke esinako ukuze sizikhusele, ngokutshintsha incoko okanye sivele sihambe.

13 Kufuneka sibe nesibindi ukuze sikwazi ukungavumi xa abantu esiphangela okanye esifunda nabo besenza sicinge okanye senze izinto ezimbi. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uyayibona imizamo esiyenzayo, ibe uza kusinika amandla nobulumko ukuze singacingi njengoSathana. (2 Kron. 16:9; Isa. 40:29; Yak. 1:5) Yeyiphi enye into esinokuyenza ukuze sikhusele iintliziyo zethu?

HLALA ULUMKILE

14-15. (a) Simele sizivulele ntoni iintliziyo zethu, ibe singayenza njani loo nto? (b) IMizekeliso 4:20-22 isinceda njani sibe nezinto esiphuma nazo xa sifunda iBhayibhile? (Jonga nebhokisi ethi “ Izinto Omele Ucinge Ngazo Xa Ufunda IBhayibhile.”)

14 Ukuze sikhusele iintliziyo zethu asimele siphelele ekuvaleleni izinto ezimbi ukuba zingangeni ezintliziyweni zethu, kodwa simele sizivulele zona izinto ezintle. Khawuphinde ucinge ngomzekelo wedolophu ebiyelwe ngodonga. Unogada wasegeyithini wayezivala iigeyithi ukuze lungangeni utshaba, kodwa ngamanye amaxesha wayezivula ukuze kungene ukutya nezinye izinto. Ukuba zazingenakuze zivulwe, abantu abahlala edolophini babeza kulamba. Ngokufanayo, kufuneka simane sizivula iintliziyo zethu ukuze sikwazi ukucinga njengoThixo.

15 IBhayibhile ibonisa indlela uYehova acinga ngayo, ngoko xa siyifunda siye sicinge, size senze izinto njengaye. Yintoni enokusinceda ukuze sibe nezinto esiphuma nazo xa sifunda iBhayibhile? Simele sithandaze. Omnye udade uthi: “Ngaphambi kokuba ndifunde iBhayibhile, ndiye ndithandaze ndize ndicele uYehova andincede ndibone izinto ezimangalisayo eziseLizwini lakhe.” (INdu. 119:18) Enye into enokusinceda kukucinga ngezinto esizifundayo. Xa sithandaza, sifunda size sicinge ngezinto esizifundayo, iLizwi LikaThixo liye lingene ‘ngaphakathi ezintliziyweni zethu’, ibe siye siyithande indlela uYehova acinga ngayo.—Funda iMizekeliso 4:20-22; INdu. 119:97.

16. I-JW Broadcasting isinceda njani? Yenza umzekelo.

16 Enye into esinceda sicinge njengoThixo kukubukela iividiyo ezikwiJW Broadcasting. Omnye umzalwana nenkosikazi yakhe bathi: “I-JW Broadcasting ibisoloko iyiphendula imithandazo yethu. Xa sikhathazekile okanye kubonakala ngathi abantu babhekele kuthi, iye isinike amandla ize isikhuthaze. Siyakuthanda nokumamela iingoma zeBroadcasting. Sizidlala xa sipheka, sicoca okanye xa siphunga.” Ezi nkqubo ziyazikhusela iintliziyo zethu. Zisifundisa ukuba sicinge njengoYehova size singavumi ukucinga njengoSathana.

17-18. (a) Ngokutsho kweyoku-1 yooKumkani 8:61, kwenzeka ntoni xa sizenza izinto esizifundiswa nguYehova? (b) Sifunda ntoni kumzekelo kaKumkani uHezekiya? (c) Kumthandazo kaDavide okwiNdumiso 139:23, 24, sifunda ukuba sinokuthandazela ntoni?

17 Qho sibona indlela ekunceda ngayo ukwenza into entle, ukholo lwethu luyomelela. (Yak. 1:2, 3) Kuba mnandi kuthi xa sisazi ukuba uYehova uyavuya ukusibiza ngokuba singabantwana bakhe, ibe loo nto isenza sifune ukumvuyisa ngakumbi. (IMize. 27:11) Qho silingwa siba nethuba lokubonisa ukuba asimkhonzi ngentliziyo engaphelelanga uTata wethu osikhathaleleyo. (INdu. 119:113) Endaweni yoko, sibonisa ukuba simthanda ngentliziyo epheleleyo uYehova, intliziyo ezimisele ukuthobela imithetho yakhe nokwenza ukuthanda kwakhe.—Funda eyoku-1 yooKumkani 8:61.

18 Ngaba siza kuzenza iimpazamo? Ewe, kaloku asifezekanga. Ukuba siye saphazama, masikhumbule umzekelo kaKumkani uHezekiya. Wazenza iimpazamo. Kodwa waguquka, waza waqhubeka ekhonza uYehova ‘ngentliziyo epheleleyo.’ (Isa. 38:3-6; 2 Kron. 29:1, 2; 32:25, 26) Ngoko, masingamvumeli uSathana ukuba asenze sicinge njengaye. Masithandazele ukuba ‘nentliziyo ethobelayo.’ (1 Kum. 3:9; funda iNdumiso 139:23, 24.) Singahlala sithembekile kuYehova ukuba ngaphezu kwayo yonke into, sikhusela iintliziyo zethu.

INGOMA 54 “Nantsi Indlela”

^ isiqe. 5 Ngaba siza kuhlala sithembekile kuYehova, okanye siza kuvumela uSathana asiyekise ukukhonza uThixo wethu? Impendulo ayixhomekekanga kwindlela esilingwa ngayo, kodwa kwiindlela esizikhusela ngazo iintliziyo zethu. Lithetha ukuthini igama elithi “intliziyo”? USathana uzama ukuzonakalisa njani iintliziyo zethu? Sinokuzikhusela njani? Eli nqaku liza kuphendula le mibuzo ibalulekileyo.

^ isiqe. 11 IGAMA ELICACISIWEYO: UYehova wasenza sakwazi ukuhlola indlela esicinga nesizenza ngayo izinto size sibone ukuba ilungile okanye ayilunganga. IBhayibhile iyibiza ngokuba sisazela loo nto. (Roma 2:15; 9:1) Isazela esiqeqeshwe yiBhayibhile silawulwa yimigaqo kaYehova efumaneka eBhayibhileni, ukuze sibone ukuba izinto esizicingayo, esizenzayo, nesizithethayo zilungile okanye azilunganga.

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: Umzalwana obhaptiziweyo ubukele iTV, kuze kuvele abantu abaziphethe kakubi. Umele agqibe ukuba uza kwenza ntoni.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: Unogada wakudala ubona utshaba ngaphandle kwedolophu. Uchazela oonogada abasegeyithini, ibe bakhawuleza bavale iigeyithi baze bazitshixe.