IMBONISELO—EFUNDWAYO Januwari 2020

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoMatshi 2–Aprili 5, 2020.

“Hambani Niyokubenza Abafundi”

Umxholo wonyaka ka-2020 uza kusinceda sizimisele ukuphucula indlela esibenza ngayo abafundi.

Unokubathuthuzela Abanye

Izinto ezintathu ezinokukunceda ukwazi ukuthuthuzela abanye abantu.

Ubalulekile KuYehova UThixo Wakho

Xa sityhafiswa kukugula, iingxaki zemali okanye ukwaluphala, sinokuqiniseka ukuba akukho nto inokusenza siyeke ukuthandwa nguTata wethu osezulwini.

“Lo Moya Usenza Siqiniseke”

Umntu uzazi njani ukuba uthanjiswe ngomoya oyingcwele? Kwenzeka ntoni emntwini xa ethanjiswa?

Siza Kuhamba Nani

Simele sibajonge njani abantu abatyayo kwiSikhumbuzo? Ngaba simele sikhathazeke xa sibona abantu abatyayo kwiSikhumbuzo besanda?