Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 4

“Lo Moya Usenza Siqiniseke”

“Lo Moya Usenza Siqiniseke”

“Lo moya usenza siqiniseke ukuba singabantwana bakaThixo.”​—ROMA 8:16.

INGOMA 25 Ngabakho Yehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

NgePentekoste, amaKristu amalunga ne-120 afumana omoya oyingcwele ovela kuYehova ngendlela emangalisayo (Jonga isiqendu 1-2)

1-2. Yintoni emangalisayo eyenzekayo ngePentekoste ka-33 C.E.?

KWAKUKUSASA ngeCawa eYerusalem ngonyaka ka-33 C.E., ibe yayilusuku lwePentekoste. Abafundi bakaYesu abamalunga ne-120 babedibene kwigumbi eliphezulu. (IZe. 1:13-15; 2:1) Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi koko, uYesu wathi mabadibane eYerusalem kuba babeza kufumana isipho esikhethekileyo. (IZe. 1:4, 5) Yintoni eyenzekayo emva koko?

2 “Kwasuka kwabakho ingxolo evela ezulwini, efana neyomoya obhudla ngamandla.” Le ngxolo yavakala kuyo yonke indlu. “Iilwimi ezingathi ngumlilo” zavela entla kweentloko zabafundi, ibe bonke “bafumana umoya oyingcwele.” (IZe. 2:2-4) Ngale ndlela imangalisayo, uYehova wanika aba bafundi umoya wakhe oyingcwele. (IZe. 1:8) Baba ngabokuqala ukuthanjiswa ngomoya oyingcwele * nokunikwa ithemba lokulawula noYesu ezulwini.

KWENZEKA NTONI XA UMNTU ETHANJISWA?

3. Kwakutheni ukuze bangayithandabuzi into yokuba bathanjiswe ngomoya oyingcwele abantu ababekhona ngePentekoste?

3 Ukuba wawungomnye wabafundi ababekhona kwelo gumbi liphezulu, wawungasoze uyilibale loo mini. Nawe wawuza kubona ulwimi olungathi ngumlilo phezu kwentloko yakho uze uthethe iilwimi. (IZe. 2:5-12) Wawungasoze uyithandabuze into yokuba uthanjiswe ngomoya oyingcwele. Ngaba bonke abantu abathanjiswa ngomoya oyingcwele bathanjiswa ngendlela emangalisayo nangendlela efanayo? Hayi. Kutheni sisitsho nje?

4. Ngaba bonke abantu abathanjiswa ngexesha labapostile bathanjiswa ngexesha elinye? Cacisa.

4 Makhe sithethe ngexesha umntu athanjiswa ngalo. Ayekhona namanye amaKristu awayethanjiswe ngomoya oyingcwele ngePentekoste ka-33 C.E. ngaphandle kwala ayi-120. Kwangala mini, kwabakho amanye ayi-3 000 awafumana umoya oyingcwele. Athanjiswa xa ayebhaptizwa. (IZe. 2:37, 38, 41) Kodwa kwiminyaka eyalandelayo, ayingawo onke amaKristu awathanjiswa xa ayebhaptizwa. AmaSamariya athanjiswa emva kwexesha elithile ebhaptiziwe. (IZe. 8:14-17) UKorneli nentsapho yakhe bathanjiswa ngendlela engaqhelekanga kuba bathanjiswa ngaphambi kokuba babhaptizwe.​—IZe. 10:44-48.

5. Eyesi-2 kwabaseKorinte 1:21, 22 ithi kwenzeka ntoni emntwini xa ethanjiswa ngomoya oyingcwele?

5 Makhe sithethe nangento eyenzekayo xa umntu ethanjiswa ngomoya oyingcwele. Abanye basenokungayamkeli ekuqaleni into yokuba uYehova ubakhethile. Basenokuzibuza, ‘Kutheni uThixo ekhethe mna?’ Kanti abanye basenokungazibuzi. Nokuba umntu uyazibuza lo mbuzo okanye akazibuzi, umpostile uPawulos wayichaza into eyenzekayo kubo bonke abantu abathanjisiweyo, wathi: “Emva kokuba nikholiwe, nabekwa isitampu * ngaye ngomoya oyingcwele owawuthenjisiwe, osisiqinisekiso selifa lethu.” (Efe. 1:13, 14) Ngoko uYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze ayenze icace kula maKristu into yokuba uwakhethile. Ngale ndlela, umoya oyingcwele ‘usisiqinisekiso’ sokuba abazukuphila ngonaphakade emhlabeni kodwa baza kuphila ezulwini.​—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:21, 22.

6. Yintoni amele eyenze umKristu othanjisiweyo ukuze aphile ezulwini?

6 Ukuba umKristu uthanjisiwe, ngaba ngokuqinisekileyo uza kuphila ezulwini? Hayi. Uqinisekile kona ukuba ukhethiwe ukuze aphile ezulwini. Kodwa umele akhumbule la mazwi: “Bazalwana, zamani ngandlela zonke ukuba nihlale nikufanelekela ukubizwa nokukhethwa kwenu, kuba ukuba niyaqhubeka nizenza ezi zinto soze niwe.” (2 Pet. 1:10) Ngoko nokuba umKristu othanjisiweyo ukhethiwe ukuze aphile ezulwini, uza kuya ukuba uhlala ethembekile.​—Fil. 3:12-14; Heb. 3:1; ISityhi. 2:10.

UMNTU WAZI NJANI UKUBA UTHANJISIWE?

7. Umntu uzazi njani ukuba uthanjisiwe?

7 Kodwa umntu uzazi njani ukuba uthanjisiwe? Khawuve into eyathethwa nguPawulos kubazalwana abathanjisiweyo baseRoma, ‘ababekhethwe ukuba babe ngabangcwele.’ Wathi kubo: “Umoya kaThixo awusenzi sibe ngamakhoboka size siphinde soyike, usenza sibe ngoonyana, yaye lo moya usenza sikhwaze sithi kuThixo: ‘Abha, Tata!’ Lo moya usenza siqiniseke ukuba singabantwana bakaThixo.” (Roma 1:7; 8:15, 16) Ngomoya wakhe oyingcwele, uThixo uyenza icace emntwini into yokuba uza kuphila ezulwini.​—1 Tes. 2:12.

8. Eyoku-1 kaYohane 2:20, 27 ibonisa njani ukuba amaKristu athanjisiweyo awadingi mntu umele awaqinisekise ukuba athanjiswe nyhani?

8 UYehova ubenza bangathandabuzi abantu abaza kuphila ezulwini. (Funda eyoku-1 kaYohane 2:20, 27.) AmaKristu athanjisiweyo amele afundiswe nguYehova ebandleni njengamanye amaKristu. Kodwa awadingi mntu umele awaqinisekise ukuba athanjiswe nyhani. UYehova usebenzise owona moya unamandla, umoya wakhe oyingcwele, ukuze ayenze icace kuwo into yokuba athanjisiwe.

‘BAZALWA KWAKHONA’

9. AmaEfese 1:18 athi yintoni etshintshayo emntwini xa ethanjiswa?

9 Abakhonzi bakaThixo abaninzi namhlanje basenokungayiqondi kakuhle into eyenzekayo emntwini xa ethanjiswa nguThixo. Ngoba? Kuba bona abathanjiswanga. UThixo wadala abantu ukuba baphile ngonaphakade emhlabeni, hayi ezulwini. (Gen. 1:28; INdu. 37:29) Kodwa uYehova ukhethe abanye ukuba baphile ezulwini. Ngoko xa ebathambisa, uyalitshintsha ithemba labo nendlela abacinga ngayo ukuze babe nethemba lokuphila ezulwini.​—Funda amaEfese 1:18.

10. Kuthetha ukuthini ‘ukuzalwa kwakhona’? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

10 Xa amaKristu ethanjiswa ngomoya oyingcwele, ‘azalwa kwakhona’ okanye ‘azalwa ngokusuka phezulu.’ * UYesu wabonisa nokuba umKristu othanjisiweyo akanakukwazi ukucacisela omnye umKristu ongathanjiswanga ukuba kunjani kanye kanye ‘ukuzalwa kwakhona’ okanye ‘ukuzalwa ngumoya.’​—Yoh. 3:3-8; umbhalo osemazantsi.

11. Chaza indlela etshintsha ngayo indlela acinga ngayo umKristu emva kokuba ethanjisiwe.

11 Itshintsha njani indlela acinga ngayo amaKristu emva kokuba ethanjisiwe? Ngaphambi kokuba uYehova awakhethe amaKristu athanjisiweyo, ayelivuyela ithemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni. Ayezimisele nyhani ukulibona ixesha uYehova aza kuphelisa ngalo zonke izinto ezimbi emhlabeni aze enze umhlaba ube yiparadesi. Mhlawumbi ayesiba nombono esamkela umntu owaswelekayo entsatsheni okanye umhlobo. Kodwa emva kokuthanjiswa kwawo, aqalisa ukucinga ngenye indlela. Ngoba? Awazange aphelelwe ngumdla wokuphila ngonaphakade emhlabeni. Awazange afune ukuphila ezulwini ngenxa yezinto ezibuhlungu ezenzeka kuwo. Awazange avele acinge ukuba akuzukuba mnandi ukuphila ngonaphakade emhlabeni. Kodwa uYehova wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze atshintshe indlela acinga ngayo nethemba awayelithanda.

12. Eyoku-1 kaPetros 1:3, 4 ibonisa ukuba amaKristu athanjisiweyo aziva njani ngethemba lawo?

12 Umntu othanjisiweyo usenokucinga ukuba akakufanelekeli ukukhethwa nguYehova. Kodwa akayithandabuzi into yokuba ukhethiwe. Uvuya kakhulu aze alibulele ithuba analo lokuphila ezulwini.​—Funda eyoku-1 kaPetros 1:3, 4.

13. Ngaba amaKristu athanjisiweyo ayakuthanda ukuphila apha emhlabeni?

13 Ngaba le nto ithetha ukuba amaKristu athanjisiweyo afuna ukufa? Umpostile uPawulos uyawuphendula lo mbuzo. Wafanisa imizimba yawo nentente. Wathi: “Thina bakule ntente siyancwina, sicinezelekile; ngenxa yokuba asifuni ukuyishiya le ndlu, kodwa siyakufuna ukungena kwenye, ukuze oko kufayo kuginywe bubomi.” (2 Kor. 5:4) La maKristu awadikwanga kukuphila emhlabeni, ibe awakungxamelanga ukusweleka. Afuna ukukhonza uYehova yonke imihla nabahlobo neentsapho zawo, ibe ayakuthanda ukuphila. Kodwa nokuba enza ntoni, asoloko ecinga ngethemba elimangalisayo analo.​—1 Kor. 15:53; 2 Pet. 1:4; 1 Yoh. 3:2, 3; ISityhi. 20:6.

NGABA UYEHOVA UKUTHAMBISILE?

14. Ziintoni ezingaqinisekisi ukuba umKristu uthanjiswe ngomoya oyingcwele?

14 Mhlawumbi uyazibuza ukuba uYehova ukuthambisile na ngomoya oyingcwele. Ukuba kunjalo, cinga ngale mibuzo ibalulekileyo: Ngaba ukufuna nyhani ukwenza ukuthanda kukaYehova? Ucinga ukuba uwukhuthalele kakhulu umsebenzi wokushumayela? Ukuthanda nyhani ukufunda iBhayibhile nokufunda ‘izinto ezinzulu zikaThixo’? (1 Kor. 2:10) Ucinga ukuba uYehova ukuncedile waphumelela kakhulu kumsebenzi wokushumayela? Ngaba eyona nto ibalulekileyo kuwe kukunceda abanye abantu bafunde ngoYehova? Ngaba uye wabona ukuba uYehova ukuncede ngeendlela ezininzi ebomini bakho? Ukuba uphendule ngokuthi ewe kuyo yonke le mibuzo, ngaba loo nto ithetha ukuba uthanjisiwe? Hayi. Ngoba? Kuba bonke abakhonzi bakaThixo banokucinga ngale ndlela nokuba bathanjisiwe okanye abathanjiswanga. UYehova anganika nawuphi na umkhonzi wakhe amandla okwenza ezi zinto esebenzisa umoya wakhe oyingcwele, nokuba unethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni. Phofu ke, ukuba usazibuza ukuba uthanjisiwe okanye awuthanjiswanga, loo nto ithetha ukuba awuthanjiswanga. Abantu abakhethwe nguYehova abayithandabuzi loo nto, baqinisekile.

UYehova wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze anike uAbraham, uSara, uDavide noYohane umBhaptizi amandla okwenza izinto ezimangalisayo, kodwa akazange abathambise ngaloo moya (Jonga isiqendu 15-16) *

15. Sazi njani ukuba asinguye wonke umntu onomoya kaThixo othanjisiweyo?

15 IBhayibhile inemizekelo emininzi yabantu abathembekileyo ababenomoya oyingcwele kaYehova kodwa abangazange baye ezulwini. UDavide wayenomoya oyingcwele. (1 Sam. 16:13) Lo moya wamnceda waqonda izinto ezinzulu ngoYehova waza wamnceda wabhala nezinye iindawo eBhayibhileni. (Marko 12:36) Nangona kunjalo, umpostile uPetros wathi uDavide “akazange aye emazulwini.” (IZe. 2:34) UYohane umBhaptizi naye ‘wafumana umoya oyingcwele.’ (Luka 1:13-16) UYesu wathi akekho umntu owayemkhulu kunoYohane, kodwa wathi akekho kwinani labantu abaza kulawula kunye naye ezulwini. (Mat. 11:10, 11) UYehova wasebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze anike aba bakhonzi bakhe amandla okwenza izinto ezimangalisayo, kodwa akazange abathambise ngaloo moya. Ngaba le nto ithetha ukuba babengathembekanga njengabo babekhethwe ukuba balawule ezulwini? Hayi. Ithetha nje ukuba uYehova uza kubavusela apha emhlabeni baze baphile eParadesi.​—Yoh. 5:28, 29; IZe. 24:15.

16. Yintoni abanethemba layo abakhonzi bakaThixo abaninzi namhlanje?

16 Abakhonzi bakaYehova abaninzi abanalo ithemba lokuphila ezulwini. NjengoAbraham, uSara, uDavide noYohane umBhaptizi namanye amadoda namabhinqa ekuthethwa ngawo eBhayibhileni, baza kuphila apha emhlabeni xa kulawula uBukumkani bukaThixo.​—Heb. 11:10.

17. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kwinqaku elilandelayo?

17 Kukho imibuzo esikhe sibe nayo kuba amaKristu athanjisiweyo esephakathi kwethu. (ISityhi. 12:17) Ngokomzekelo, amaKristu athanjisiweyo amele azijonge njani? Ukuba kukho umntu osebandleni lakho otyayo kwiSikhumbuzo, umele umjonge njani? Siza kuthini xa inani labantu abathi bangabathanjiswa lisanda? Ngaba imele isikhathaze loo nto? Le mibuzo siza kuyiphendula kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 5 Ukususela ngePentekoste ka-33 C.E., uYehova ebesoloko enika amanye amaKristu ithemba elimangalisayo lokulawula noNyana wakhe ezulwini. La maKristu ayazi njani ukuba athanjisiwe? Kwenzeka ntoni xa uYehova ekhetha umntu ukuba aye ezulwini? Kweli nqaku, siza kuphendula le mibuzo, ibe kwakuthethiwe ngayo kwiMboniselo kaJanuwari 2016.

^ isiqe. 2 IGAMA ELICACISIWEYO: Ukuthanjiswa ngomoya oyingcwele: UYehova usebenzisa umoya wakhe oyingcwele ukuze akhethe umntu oza kulawula noYesu ezulwini. Esebenzisa lo moya, uThixo unika umntu ithemba lento eza kwenzeka kwixesha elizayo, okanye ‘isiqinisekiso selifa.’ (Efe. 1:13, 14) La maKristu anokuthi umoya oyingcwele ‘ubenza baqiniseke’ ukuba baza kuphila ezulwini.​—Roma 8:16.

^ isiqe. 5 IGAMA ELICACISIWEYO: Isitampu. Esi sitampu asiqinisekisi ukuba umntu uza kuphila ezulwini. Ukuba uye wahlala ethembekile, siye siqinisekiswe ngaphambi nje kokuba afe okanye ngaphambi kokuba kuqalise imbandezelo enkulu.​—Efe. 4:30; ISityhi. 7:2-4; jonga “Imibuzo Evela KubafundikwiMboniselo kaJanuwari 2007.

^ isiqe. 10 Ukuze ufunde ezinye izinto ezicacisa ukuba kuthetha ukuthini ‘ukuzalwa kwakhona,’ jonga iMboniselo ka-Aprili 1, 2009, iphe. 3-12.

INGOMA 27 Oonyana BakaThixo Baza Kutyhilwa

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: Nokuba sivalelwe ngenxa yokholo lwethu okanye sikhululekile ukuba sishumayele size sifundise abantu inyaniso, sinokuba nethemba lokuphila apha emhlabeni xa kulawula uBukumkani bukaThixo.