Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 3

Ubalulekile KuYehova UThixo Wakho

Ubalulekile KuYehova UThixo Wakho

“Wasikhumbula xa sathotywayo.”​—INDU. 136:23.

INGOMA 33 Lahlela Umthwalo Wakho KuYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Zeziphi iingxaki abanazo abantu bakaYehova abaninzi, ibe zibangela ntoni?

KHAWUCINGE ngaba bantu bathathu: Umzalwana osemtsha uxelelwa ngugqirha ukuba unesifo esiza kumgqiba amandla. Umzalwana oneminyaka engaphezu kweyi-50 uphelelwa ngumsebenzi, ibe uwa evuka ekhangela omnye kodwa akawufumani. Udade osele ekhulile akasakwazi ukumenzela zonke izinto ebekade emenzela zona uYehova.

2 Ukuba unengxaki efana nenye yezi, usenokucinga ukuba akusekho yakho. Loo nto isenokukwenza ungonwabi, uzijongele phantsi uze ungavani nabanye abantu.

3. USathana nabantu abamlinganisayo babenza bacinge ntoni abantu?

3 Abantu beli hlabathi bacinga njengoSathana. USathana usoloko esenza abantu bacinge ukuba ababalulekanga. Wathi kuEva uza kukhululeka, esazi kakuhle ukuba uza kufa xa engamthobelanga uThixo. USathana ulawula ezorhwebo, iipolitiki neenkonzo zeli hlabathi. Ngoko ayisothusi into yokuba oosomashishini, abantu bezepolitiki nabefundisi bebajongela phantsi abantu.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Kwelinye icala, uYehova ufuna sibone ukuba sibalulekile, ibe uyasinceda xa sineengxaki ezinokusenza sicinge ukuba asibalulekanga. (INdu. 136:23; Roma 12:3) Eli nqaku liza kuthetha ngeendlela uYehova asinceda ngazo xa: (1) sigula, (2) sineengxaki zemali, (3) naxa saluphele ibe singakwazi ukumenzela zonke izinto ebesikade simenzela zona uYehova. Okokuqala, makhe sibone ukuba kutheni sinokuqiniseka ukuba sibalulekile kuYehova.

SIBALULEKILE KUYEHOVA

5. Yintoni ekwenza uqiniseke ukuba abantu babalulekile kuYehova?

5 Nangona senziwe ngothuli, sibaluleke kakhulu kunolo thuli. (Gen. 2:7) Makhe sithethe ngezinto ezisenza siqiniseke ukuba sibalulekile kuYehova. Wadala abantu ukuba bakwazi ukuba neempawu ezifana nezakhe. (Gen. 1:27) Ngokwenza le nto, wenza abantu babaluleka ngaphezu kwazo zonke izinto azidalileyo waza wafuna ibe ngabo abakhathalela umhlaba nezilwanyana.​—INdu. 8:4-8.

6. Yintoni enye esenza siqiniseke ukuba sibalulekile kuYehova nangona singafezekanga?

6 Nasemva kokuba uAdam onile, abantu abazange bayeke ukubaluleka kuYehova. Usithanda kakhulu, kangangokuba wanikela ngoNyaka wakhe amthandayo, uYesu, ukuze afele izono zethu. (1 Yoh. 4:9, 10) Kuba uYesu wasifelayo, uYehova uza kuvusa abantu abafa ngenxa yesono sika-Adam, “abangamalungisa nabangengomalungisa.” (IZe. 24:15) ILizwi lakhe liyasibonisa ukuba sibalulekile kuye nokuba siyagula, sineengxaki zemali okanye saluphele.​—IZe. 10:34, 35.

7. Zeziphi ezinye izizathu ezenza abakhonzi bakaYehova baqiniseke ukuba babalulekile kuye?

7 Kukho nezinye izizathu ezisenza siqiniseke ukuba sibalulekile kuYehova. Usitsalele kuye ibe wayibona indlela esazithanda ngayo iindaba ezilungileyo. (Yoh. 6:44) Xa saqalisa ukusondela kuye, naye wasondela kuthi. (Yak. 4:8) Usebenzisa nexesha lakhe ukuze asifundise. Uyasazi ukuba singabantu abanjani ibe uyayazi nendlela esinokuba ngabantu ababhetele ngayo. Kuba esithanda, uyasilungisa. (IMize. 3:11, 12) Zonke ezi zinto zisibonisa indlela esibaluleke ngayo kuYehova.

8. INdumiso 18:27-29 inokusinceda njani xa sineengxaki?

8 Abanye abantu babecinga ukuba uKumkani uDavide akabalulekanga, kodwa wayesazi ukuba uYehova uyamthanda ibe uyamnceda. Loo nto yamnceda wanyamezela. (2 Sam. 16:5-7) Xa sikhathazwa ziingxaki, uYehova angasinceda sizibone ngenye indlela size sizoyise. (Funda iNdumiso 18:27-29.) Xa sincedwa nguYehova akukho nto inokusenza singakonwabeli ukumkhonza. (Roma 8:31) Ngoku makhe sithethe ngeengxaki ezintathu esimele singalibali xa sinazo ukuba uYehova uyasithanda ibe sibalulekile kuye.

XA SIGULA

Ukufunda iLizwi likaYehova eliphefumlelweyo kunokusinceda siyeke ukuba nexhala kakhulu xa sigula (Jonga isiqendu 9-12)

9. Yintoni enokwenzeka kuthi xa sigula?

9 Xa sigula sisenokucinga ukuba akusekho yethu. Sisenokuba neentloni xa abantu bebona ukuba kukho izinto esingakwaziyo ukuzenza okanye xa kufuneka sibacele ukuba basincede. Naxa abanye abantu bengayazi ukuba siyagula, sisenokukhathazeka kuba singasakwazi ukuzenza ezinye izinto. Xa sikhathazeke ngolo hlobo, uYehova uyasikhuthaza. Njani?

10. IMizekeliso 12:25 ithi yintoni enokusinceda xa sigula?

10 Xa sigula, “ilizwi elilungileyo” linokusikhuthaza. (Funda iMizekeliso 12:25.) EBhayibhileni, uYehova unamazwi alungileyo asikhumbuza ukuba sibalulekile kuye nokuba siyagula. (INdu. 31:19; 41:3) Ukuba siyawafunda size siwaphindaphinde loo mazwi ephefumlelweyo, uYehova unokusinceda siyeke ukuba nexhala kakhulu xa sigula.

11. UYehova wamnceda njani omnye umzalwana?

11 Makhe sithethe ngento eyenzeka kumzalwana osemtsha, uJorge. Waba nesifo esimgqiba amandla nesasimenza acinge ukuba akukho yakhe. Uthi: “Ndandingazi ukuba esi sifo siza kundenza ndibe nje, ndingafuni nokujongwa ngabantu. Njengokuba ndandisiya ndigula kakhulu, ndandicinga ngendlela obuza kutshintsha ngayo ubomi bam. Ndandikhathazeke kakhulu, ndicela uYehova andincede.” UYehova wamnceda njani? Uthi: “Kuba ndandingakwazi ukujonga into enye ixesha elide, ndandidla ngokufunda iivesi ezimbalwa ezikwiNdumiso ezibonisa indlela uYehova abakhathalele ngayo abakhonzi bakhe. Ndandidla ngokuzifunda ezo vesi yonke imihla, ibe zazindithuthuzela kakhulu. Ekuhambeni kwexesha abantu babona ukuba ndonwabile. Bade bathi indlela endonwabe ngayo iyabakhuthaza. Ndabona ukuba uYehova uyiphendule imithandazo yam. Wandinceda ndayitshintsha indlela endandicinga ngayo. Ndacinga into ethethwa liLizwi lakhe ngendlela endibaluleke ngayo kuye nangona ndigula.”

12. Yintoni esinokuyenza ukuze uYehova asincede xa sigula?

12 Ukuba uyagula, qiniseka ukuba uYehova uyayazi ingxaki yakho. Mcele ukuba akuncede ukuze uyeke ukukhathazeka kakhulu. Emva koko, funda amazwi akuthuthuzela ngawo aseBhayibhileni. Funda kakhulu iivesi ezithetha ngendlela ababaluleke ngayo abakhonzi bakhe kuye. Loo nto iza kukwenza ubone ukuba uYehova ulungile kubo bonke abantu abathembekileyo kuye.​—INdu. 84:11.

XA SINEENGXAKI ZEMALI

Ukukhumbula ukuba uYehova uthembisa ukuba uza kusixhasa kuza kusinceda xa kunzima ukufumana umsebenzi (Jonga isiqendu 13-15)

13. Ukuphelelwa ngumsebenzi kunokuyenza icinge ntoni intloko-ntsapho?

13 Zonke iintloko-ntsapho ziyafuna ukuzinika izinto ezizidingayo iintsapho zazo. Kodwa masithi umzalwana uphelelwa ngumsebenzi engenzanga nto. Uwa evuka ekhangela omnye kodwa akade awufumane. Loo nto isenokumenza acinge ukuba akukho yakhe. Kunokumnceda njani ukucinga ngezithembiso zikaYehova?

14. Kutheni uYehova ezenza izinto azithembisileyo?

14 UYehova usoloko ezenza izinto azithembisileyo. (Yosh. 21:45; 23:14) Unezizathu ezininzi ezimenza azenze. Esokuqala, kungenxa yegama lakhe okanye indlela aziwa ngayo. UYehova uthembise ukuba uza kubakhathalela abakhonzi bakhe abangagungqiyo ekumkhonzeni, ibe ufuna nyhani ukuyenza loo nto. (INdu. 31:1-3) UYehova uyayazi ukuba singakhathazeka kakhulu xa engasikhathalelanga. Uthembisa ukuba uza kusinikaizinto esizidingayo ukuze siphile nezisincedayo ukuze simkhonze. Usithembisa nokuba akukho nto inokumenza angazenzi izinto azithembisileyo.​—Mat. 6:30-33; 24:45.

15. (a) Yeyiphi ingxaki awaba nayo amaKristu exesha labapostile? (b) Yintoni esiqinisekisa ngayo iNdumiso 37:18, 19?

15 Xa sikhumbula ukuba uYehova uyazenza izinto azithembisileyo, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusinceda xa sineengxaki zemali. Makhe sive into eyenzeka kumaKristu exesha labapostile. Xa kwakutshutshiswa ibandla laseYerusalem, ‘bonke abafundi bathi saa kwashiyeka abapostile bodwa.’ (IZe. 8:1) Inoba kwenzeka ntoni emva koko? Baba neengxaki zemali. Kusenokwenzeka ukuba bashiya amakhaya, imisebenzi namashishini abo. Sekunjalo, uYehova akazange abashiye, kwaye bahlala bonwabile. (IZe. 8:4; Heb. 13:5, 6; Yak. 1:2, 3) UYehova wawanceda loo maKristu athembekileyo, nathi uza kusinceda.​—Funda iNdumiso 37:18, 19.

XA SISALUPHALA

Ukucinga ngezinto esinokukwazi ukuzenza naxa sesaluphele kuza kusiqinisekisa ukuba sibalulekile kuYehova, ibe uyayithanda indlela esimkhonza ngayo (Jonga isiqendu 16-18)

16. Yintoni enokusenza sicinge ukuba akukho nto ingako esinokumenzela yona uYehova?

16 Xa sisaluphala, sisenokucinga ukuba akukho nto ingako sinokumenzela yona uYehova. Kusenokwenzeka ukuba noKumkani uDavide wayecinga loo nto xa wayesaluphala. (INdu. 71:9) UYehova unokusinceda njani?

17. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyenzeka kuJheri?

17 Makhe sithethe ngento eyenzeka komnye udade, uJheri. Wamenywa kwintlanganiso yokulungisa iHolo YoBukumkani, kodwa wayengafuni ukuya. Wathi: “Ndimdala, andinamyeni, andikwazi kwenza nto. Akukho yam.” Ngobusuku bangaphambi kokuya kuloo ntlanganiso, wathandaza kuYehova. Xa wafikayo kwiHolo YoBukumkani ngosuku olulandelayo, wayezibuza ukuba uzokwenza ntoni. Esinye isithethi sathi eyona nto ibalulekileyo esimele siyenze kukuvuma ukusetyenziswa nguYehova. UJheri uthi: “Ndaqonda ukuba ndingakwazi ukuyenza loo nto. Ndathi ndakubona ukuba uYehova uyawuphendula umthandazo wam, ndalila. Wayendiqinisekisa ukuba ikhona into ebalulekileyo endinokukwazi ukuyenza ibe wayefuna ukundifundisa.” Xa ecinga ngala ntlanganiso, uJheri uthi: “Ndafika ndinexhala, ndityhafile ibe ndicinga ukuba akukho yam kodwa ndahamba ndizithembile, ndinesibindi, ndibona nokuba ndibalulekile.”

18. IBhayibhile ibonisa njani ukuba sibalulekile kuYehova naxa sisaluphala?

18 Xa sisaluphala, sinokuqiniseka ukuba ukhona umsebenzi uYehova afuna siwenze. (INdu. 92:12-15) UYesu wasifundisa ukuba nokuba asikwazi ukuzenza zonke izinto esifuna ukuzenza okanye esikwaziyo ukuzenza zibonakala zingabalulekanga kuthi, zibalulekile kuYehova. (Luka 21:2-4) Ngoko cinga ngezinto okwaziyo ukuzenza. Ngokomzekelo, uyakwazi ukuthetha ngoYehova, ukuthandazela abazalwana bakho nokukhuthaza abanye ukuba bangagungqi ekumkhonzeni. UYehova uthi usebenza naye kuba umthobela, hayi kuba unezinto okwaziyo ukuzenza.​—1 Kor. 3:5-9.

19. AmaRoma 8:38, 39 asiqinisekisa ngantoni?

19 Kusivuyisa kakhulu ukukhonza uYehova, uThixo obathandayo abantu abamkhonzayo. Wasidalela ukuba senze ukuthanda kwakhe, ibe kusivuyisa kakhulu ukumkhonza. (ISityhi. 4:11) Nangona abantu beli hlabathi besenokusijongela phantsi, kuYehova sibalulekile. (Heb. 11:16, 38) Xa sityhafiswa kukugula, iingxaki zemali nokwaluphala, simele sikhumbule ukuba akukho nto inokusenza siyeke ukuthandwa nguTata wethu osezulwini.​—Funda amaRoma 8:38, 39.

^ isiqe. 5 Ngaba wakha wehlelwa zizinto ezakwenza wacinga ukuba awubalulekanga? Eli nqaku liza kukukhumbuza indlela obaluleke ngayo kuYehova. Liza kuthetha nangezinto onokuzenza ukuze ungazijongeli phantsi nokuba kwenzeka ntoni ebomini bakho.

INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam