Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 2

Unokubathuthuzela Abanye

Unokubathuthuzela Abanye

‘Ngabo endisebenzela uBukumkani bukaThixo nabo, yaye bayandithuthuzela.’​—KOL. 4:11.

INGOMA 90 Khuthazanani

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Zeziphi iingxaki abanazo abakhonzi bakaYehova abaninzi?

ABAKHONZI bakaYehova emhlabeni wonke behlelwa zizinto ezibuhlungu. Bakhona abanjalo kwibandla okulo? Amanye amaKristu agula kakhulu okanye aswelekelwe. Kanti amanye akhathazwa kukubona umhlobo okanye ilungu lentsapho lishiya inyaniso. Kwamanye kusenzima ngenxa yeentlekele. Bonke aba bazalwana noodade behlelwe zezi zinto bafuna ukuthuthuzelwa. Sinokubathuthuzela njani?

2. Yintoni eyayisenza umpostile uPawulos afune ukukhuthazwa ngamanye amaxesha?

2 Zazingapheli izinto ezibuhlungu ezazisenzeka kumpostile uPawulos. (2 Kor. 11:23-28) Kwafuneka anyamezele ‘neliva enyameni,’ ekusenokwenzeka ukuba yayisisigulo. (2 Kor. 12:7) Waphoxwa nanguDemas owayesebenza naye, owamshiy’ apho kuba “ethanda eli hlabathi.” (2 Tim. 4:10) UPawulos wayengumKristu othanjisiweyo owayenesibindi nowayezinikele ekuncedeni abanye, kodwa ngamanye amaxesha wayekhe atyhafe.​—Roma 9:1, 2.

3. UYehova wamxhasa waza wamthuthuzela njani uPawulos?

3 UPawulos waxhaswa waza wathuthuzelwa. Njani? UYehova wamnika umoya wakhe oyingcwele ukuze abe namandla. (2 Kor. 4:7; Fil. 4:13) Wasebenzisa namaKristu ukuze amthuthuzele. UPawulos wathetha ngamanye amaKristu ‘awayemthuthuzela.’ (Kol. 4:11) Amanye awo awawabiza ngamagama nguAristarko, uTikiko noMarko. Amkhuthaza uPawulos aza amnceda wanyamezela. Yintoni eyanceda la maKristu mathathu akwazi ukumthuthuzela uPawulos? Yintoni esinokuyifunda kuwo njengoko sifuna ukuthuthuzela nokukhuthaza abazalwana noodadewethu?

YIBA NGUMHLOBO WENENE NJENGOARISTARKO

Sinokuba ngabahlobo benene njengoAristarko ngokuba kunye nabazalwana noodadewethu “ngamaxesha anzima” (Jonga isiqendu 4-5) *

4. Ziintoni awazenzayo uAristarko ezibonisa ukuba wayengumhlobo wenene kaPawulos?

4 UAristarko, umzalwana waseMakedoni, eTesalonika, wenza izinto ezibonisa ukuba ungumhlobo wenene kaPawulos. Siqala ukuva ngoAristarko xa uPawulos wayese-Efese kuhambo lwakhe lwesithathu engumthunywa wevangeli. Xa uAristarko wayekhapha uPawulos, wabanjwa ngabantu abaninzi. (IZe. 19:29) Wathi akukhululeka, akahamba ukuze akhuseleke kodwa wahlala noPawulos. Kwiinyanga ezimbalwa emva koko, eGrisi, xa iintshaba zikaPawulos zazifuna ukumbulala, uAristarko akazange amshiye. (IZe. 20:2-4) Malunga no-58 C.E. xa uPawulos wayebanjiwe ethunyelwa eRoma eza kuhamba indlela ende, uAristarko wamkhapha baza banyamezela bobabini xa konakala inqanawa endleleni. (IZe. 27:1, 2, 41) Xa bafikayo eRoma, kubonakala ukuba uAristarko wahlala noPawulos ngoxa wayevalelwe kangangexeshana. (Kol. 4:10) Siyabona ukuba kwakutheni ukuze uPawulos akhuthazeke aze athuthuzeleke xa ekunye nomhlobo wakhe.

5. IMizekeliso 17:17 ithi sinokuba ngabo njani abahlobo benene?

5 NjengoAristarko, nathi sinokuba ngabahlobo benene ngokuba kunye nabazalwana noodadewethu, hayi nje xa kumnandi, kodwa ‘nangamaxesha anzima.’ (Funda iMizekeliso 17:17.) Kusenokufuneka simthuthuzele umzalwana okanye udadewethu naxa seyidlulile into ebuhlungu. UFrances, * owaswelekelwa ngutata wakhe ngenxa yomhlaza waza waphinda waswelekelwa ngumama wakhe emva kweenyanga ezintathu kwangenxa yesi sigulo uthi: “Ndicinga ukuba iintlungu ezibangelwa ziingxaki esiba nazo azikhawulezi ukuphela. Ndibabulela kakhulu abahlobo abasoloko bekhumbula ukuba ndisebuhlungu nangona sekudlule ixesha elide abazali bam beswelekile.”

6. Ukuba singabahlobo benene, yintoni esiza kuyenza?

6 Abahlobo benene bancama izinto ukuze bancede abazalwana noodade. Ngokomzekelo, uPeter waxelelwa ngugqirha ukuba unesigulo esasiza kukhawuleza simbulale. Unkosikazi wakhe, uKathryn uthi: “Omnye umzalwana nenkosikazi yakhe basisa kwagqirha apho saxelelwa khona ngesigulo sikaPeter. Bazixelela ngoko nangoko ukuba baza kusinceda kweli xesha linzima, ibe basoloko bekhona xa sibadinga.” Kusithuthuzela nyhani ukuba nabahlobo abasincedayo xa sineengxaki.

YIBA NGUMNTU ONOKUTHENJWA NJENGOTIKIKO

Sinokuba ngabahlobo abanokuthenjwa njengoTikiko xa abanye beneengxaki (Jonga isiqendu 7-9) *

7-8. EyabaseKolose 4:7-9 ithi yintoni eyenziwa nguTikiko ebonisa ukuba wayethembekile kuPawulos?

7 UTikiko, umzalwana waseRoma kwisithili saseAsiya, wayengumhlobo onokuthenjwa kaPawulos. (IZe. 20:4) Malunga no-55 C.E., uPawulos wathi makuqokelelwe imali ukuze kuncedwe amaKristu akwaYuda, ibe kusenokwenzeka ukuba wancediswa nguTikiko kulo msebenzi ubalulekileyo. (2 Kor. 8:18-20) Emva kwexesha, xa uPawulos wayevalelwe okokuqala eRoma, uTikiko wayesisa iileta zikaPawulos ezikhuthazayo kumabandla aseAsiya.​—Kol. 4:7-9.

8 UTikiko wahlala engumhlobo othembekileyo kaPawulos. (Tito 3:12) Ayingawo onke amaKristu awayethembeke njengoTikiko ngela xesha. Malunga no-65 C.E., xa uPawulos wayevalelwe okwesibini, wathetha ngabazalwana abaninzi baseAsiya ababengafuni ukuhlala naye, mhlawumbi kuba besoyika abantu ababechasa. (2 Tim. 1:15) Kodwa wayenokumthemba uTikiko, ibe wamnika nomnye umsebenzi. (2 Tim. 4:12) Ngokuqinisekileyo, kwakumvuyisa nyhani uPawulos ukuba nomhlobo ofana noTikiko.

9. Sinokumlinganisa njani uTikiko?

9 Sinokufana noTikiko ngokuba ngabahlobo abanokuthenjwa. Ngokomzekelo, asibathembisi nje abazalwana noodadewethu ukuba siza kubanceda, kodwa siyayenza loo nto. (Mat. 5:37; Luka 16:10) Xa abantu abafuna ukuncedwa besazi ukuba sinako ukubanceda, bathuthuzeleka nyhani. Ngoba? Omnye udade uthi: “Awubi naxhala kuba uyayazi ukuba lo mntu uthe uza kukunceda, uza kuyenza nyhani loo nto.”

10. IMizekeliso 18:24 ithi abantu abakha behlelwa yinto ebuhlungu okanye baphoxeka banokuncedwa ngubani?

10 Abantu abakha behlelwa yinto ebuhlungu okanye baphoxeka badla ngokuthuthuzeleka xa bethetha nomhlobo abanokumthemba. (Funda iMizekeliso 18:24.) UBijay waphoxeka kakhulu xa unyana wakhe wakhutshelwa ngaphandle, ibe uthi: “Ndandikufuna nyhani ukuthetha nomntu endinokumthemba.” UCarlos wayekiswa ukwenza imisebenzi awayedla ngokuyenza ebandleni ngenxa yempazamo awayenzayo. Uthi: “Ndandifuna umntu endandinokumthemba, endandiza kuthetha naye nongazukundigweba.” UCarlos wabafumana abantu abanjalo kuba wathetha nabadala baza bamnceda. Wayeqinisekile nokuba abadala abazukuhamba bethetha ngengxaki yakhe, ibe loo nto yamthuthuzela.

11. Sinokwenza njani ukuze sibe ngabahlobo abanokuthenjwa?

11 Ukuze sibe ngumhlobo onokuthenjwa, kufuneka sibe nomonde. Xa uZhanna washiywa ngumyeni wakhe, wathuthuzelwa kukuthetha nabahlobo bakhe. Uthi: “Bandimamela kakuhle nangona kwakusenokwenzeka ukuba ndandiziphindaphinda ezinye izinto endandizithetha.” Nawe unako ukuba ngumhlobo wenene ngokumamela kakuhle.

NCEDA NJENGOMARKO

Izinto ezenziwa nguMarko zamnceda uPawulos wakwazi ukunyamezela, ibe nathi sinokubanceda abazalwana bethu bakwazi ukunyamezela (Jonga isiqendu 12-14) *

12. Wayengubani uMarko, ibe wabonisa njani ukuba uyakuthanda ukunceda abanye abantu?

12 UMarko, owayekwabizwa ngokuba nguYohane, wayengumYuda ongumKristu waseYerusalem. Umzala wakhe, uBharnabhas wayengumvangeli wasemazweni owaziwayo. (Kol. 4:10) Kuyabonakala ukuba intsapho kaMarko yayinezinto, kodwa imali nezinto zakowabo zazingazi kuqala ebomini bakhe. Wayekuthanda kakhulu ukunceda abanye abantu, ibe wayenza ubomi bakhe bonke loo nto. Ngokomzekelo, wakhe wasebenza nompostile uPawulos nompostile uPetros xa babesenza imisebenzi yabo, ibe kusenokwenzeka ukuba wayebanceda ngezinto abazidingayo njengokutya nokubafunela indawo yokuhlala. (IZe. 13:2-5; 1 Pet. 5:13) UPawulos wathi uMarko ngomnye wabantu ‘asebenzela uBukumkani bukaThixo nabo’ oye wamkhuthaza.​—Kol. 4:10, 11.

13. Eyesi-2 kuTimoti 4:11 ibonisa njani ukuba uPawulos wayewuvuyela kakhulu umsebenzi owawusenziwa nguMarko?

13 UMarko waba ngumhlobo osondeleyo kaPawulos. Ngokomzekelo, xa uPawulos wayevalelwe okokugqibela eRoma, malunga no-65 C.E., wabhalela uTimoti ileta yesibini. Kuloo leta, wacela uTimoti ukuba aye eRoma, aze angamshiyi uMarko. (2 Tim. 4:11) Ngokuqinisekileyo uPawulos wayewuvuyela kakhulu umsebenzi owawusenziwa nguMarko, yiloo nto wamcela ukuba abe khona ngela xesha libalulekileyo. UMarko wayemnceda uPawulos, mhlawumbi wayemnika ukutya okanye izinto awayezisebenzisa xa ebhala. Indlela awayencedwa nawayekhuthazwa ngayo uPawulos imele ukuba yamenza wanyamezela kwada kwaziintsuku zokugqibela ngaphambi kokubulawa kwakhe.

14-15. Yintoni esiyifundayo kuMateyu 7:12 ngokunceda abanye abantu?

14 Funda uMateyu 7:12. Xa sisehlelwa zizinto ezibuhlungu, kusivuyisa kakhulu ukuba nabantu abasincedayo. URyan owaswelekelwa ngutata wakhe kwingozi yemoto uthi: “Xa usentlungwini, kuba nzima nokwenza izinto odla ngokuzenza yonke imihla. Xa uncedwa, uyathuthuzeleka nokuba uncedwa ngento ebonakala incinci kakhulu.”

15 Ukuba singabantu abaqaphelayo, kunokuba lula ukunceda abanye abantu. Ngokomzekelo, omnye udade wazixelela ukuba uza kunceda uPeter noKathryn, ebekuthethwe ngabo ekuqaleni, qho xa beza kuya kwagqirha. UPeter noKathryn babengasakwazi ukuziqhubela, ngoko lo dade wenza ucwangciso ukuze abazalwana noodade batshintshiselane ngokubasa kwagqirha. Ngaba yabanceda le nto? UKathryn uthi: “Kwakungathi kothulwe umthwalo onzima emagxeni ethu.” Ungaze uyilibale into yokuba unokubathuthuzela kakhulu abanye abantu nangezinto ezincinci ozenzayo.

16. Yintoni ebalulekileyo esiyifundayo kuMarko ngendlela awamthuthuzela ngayo uPawulos?

16 UMarko wayeyindoda exakekileyo. Wayenezinto ezibalulekileyo ekwakufuneka azenzele uYehova, enye yazo yayikukubhala incwadi yeVangeli ebizwa ngegama lakhe. Kodwa wayesoloko enalo ixesha lokunceda uPawulos, ibe noPawulos wayengoyiki ukucela uMarko ukuba amncede. UAngela, owaswelekelwa ngumakhulu wakhe, ubabulela kakhulu abantu abamthuthuzelayo. Uthi: “Xa abahlobo befuna nyhani ukukunceda kuba lula ukuthetha nabo. Ndabona ukuba babefuna nyhani ukundinceda ibe babengoyiki.” Ngoko simele sizibuze, ‘Ngaba mna ndaziwa ndingumntu obancedayo abazalwana noodade?’

ZIMISELE UKUTHUTHUZELA ABANYE ABANTU

17. Ukucinga ngeyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4 kunokusikhuthaza njani ukuba sithuthuzele abanye abantu?

17 Kulula ukubona abazalwana noodade abafuna ukuthuthuzelwa. Sinokubaxelela izinto nathi esathuthuzelwa ngazo. UNino owaswelekelwa ngumakhulu wakhe uthi: “UYehova unokusisebenzisa ukuba sithuthuzele abanye abantu ukuba siyamvumela.” (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 1:3, 4.) UFrances ebesikhe sathetha ngaye ekuqaleni uthi: “Ayinyani amazwi akweyesi-2 kwabaseKorinte 1:4. Sinokuthuthuzela abanye ngendlela nathi esithuthuzelwa ngayo.”

18. (a) Kutheni abanye abantu besenokoyika ukuthuthuzela? (b) Sinokubathuthuzela njani abantu? Yenza umzekelo.

18 Simele sizame iindlela zokunceda abanye abantu nokuba siyoyika. Ngokomzekelo, sisenokuba nexhala kuba singazi ukuba siza kuthini okanye senze ntoni xa sithuthuzela umntu osengxakini. Omnye umdala, uPaul ukhumbula indlela awathuthuzelwa ngayo xa waswelekelwa ngutata wakhe. Uthi: “Ndandibona ukuba akululanga kubo ukuza kuthetha nam. Babengayazi nokuba mabathini. Kodwa kwandivuyisa kakhulu ukubona ukuba babefuna ukundinceda nokundithuthuzela.” Omnye umzalwana ekwenzeka into efanayo kuye xa kwabakho inyikima enkulu nguTajon, uthi: “Xa ndithetha inyani, andiyikhumbuli yonke imiyalezo ababendithumelela yona abantu, kodwa into endiyikhumbulayo yindlela ababendikhathalele ngayo kuba babemane bendikroba.” Sinokukwazi ukubathuthuzela abantu ukuba sibabonisa indlela esibakhathalele ngayo.

19. Kutheni uzimisele ukuthuthuzela abanye abantu?

19 Njengoko ihlabathi sele liza kutshatyalaliswa, izinto ziza kuba mbi kakhulu. (2 Tim. 3:13) Kuza kufuneka sithuthuzelwe kuba asifezekanga, ibe siqhubeka sizenza iimpazamo. Umpostile uPawulos wakwazi ukunyamezela nokuhlala ethembekile wada wasweleka. Enye into eyamnceda wakwazi ukwenza loo nto yindlela awayethuthuzelwa ngayo ngamanye amaKristu. Akwaba singazimisela ukuba ngabahlobo benene njengoAristarko, abahlobo abanokuthenjwa njengoTikiko, size sincede abanye abantu njengoMarko. Xa sizimisele ukuba ngabantu abanjalo sinokubanceda abazalwana noodadewethu bangagungqi ekukhonzeni uYehova.​—1 Tes. 3:2, 3.

^ isiqe. 5 Zininzi iingxaki awayenazo umpostile uPawulos. Xa wayenezi ngxaki, wayethuthuzelwa ngabanye abazalwana. Siza kuthetha ngezinto ezintathu ezanceda aba bazalwana bakwazi ukuthuthuzela abanye. Siza kuthetha nangezinto esinokuzifunda kubo.

^ isiqe. 5 Amanye amagama akweli nqaku atshintshiwe.

INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: Xa konakala inqanawa, uAristarko noPawulos banyamezela kunye.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: UTikiko wayesisa iileta zikaPawulos emabandleni.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: UMarko wayemnceda uPawulos.