Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 25

Ningabakhathazi ‘Aba Bancinci’

Ningabakhathazi ‘Aba Bancinci’

“Ningadeleli namnye kwaba bancinci.”—MAT. 18:10.

INGOMA 113 Siseluxolweni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni uYehova ayenzileyo kuthi?

SONKE sitsalwe nguYehova. (Yoh. 6:44) Inoba ithetha ukuthini le nto? Xa uYehova wayejonga abantu abasemhlabeni, wajonga intliziyo yakho, wabona ukuba unokumthanda. (1 Kron. 28:9) Uyakwazi, uyakuqonda ukuba ungumntu onjani futhi uyakuthanda. Kuvuyisa nyhani ukwazi loo nto.

2. UYesu wayizekelisa njani indlela uYehova asithanda ngayo?

2 UYehova ukuthanda kakhulu, uyabathanda nabanye abazalwana noodade. Kumzekeliso wakhe, uYesu wafanisa uYehova nomalusi. Yintoni ayenzayo umalusi xa kulahleke igusha enye kweziyi-100? ‘Ushiya ezo ziyi-99 ezintabeni, ayokukhangela leyo ilahlekileyo.’ Xa eyifumene, akacatshukiswa kukuba ibilahlekile. Uvuyela ukuba eyifumene. Into esiyifunda kulo mzekeliso kukuba kuYehova zonke izimvu zibalulekile. UYesu wathi: ‘UTata osezulwini, akafuni kulahleke nokuba abe mnye kwaba bancinci.’—Mat. 18:12-14.

3. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

3 Ngokuqinisekileyo, asifuni ukwenza nantoni na enokukhathaza abazalwana noodade. Yintoni ke esinokuyenza ukuze singabakhathazi? Yintoni esinokuyenza xa sikhathaze omnye wabo? Le mibuzo siza kuyiphendula kweli nqaku. Kodwa makhe siqale sive ukuba ngoobani “aba bancinci” kuthethwa ngabo kuMateyu isahluko 18.

NGOOBANI ‘ABA BANCINCI’?

4. Ngoobani ‘aba bancinci’?

4 ‘Aba bancinci’ ngabo bonke abalandeli bakaYesu. Nokuba baneminyaka emingaphi, bafana ‘nabantwana abancinci’ kuba banomdla wokufundiswa nguYesu. (Mat. 18:3) Aba ngabantu abasuka kwiindawo ezahlukahlukeneyo, abakhule ngeendlela ezingafaniyo nabaneempawu ezingafaniyo, kodwa banokholo kuKristu. Naye uKristu ubathanda kakhulu.—Mat. 18:6; Yoh. 1:12.

5. UYehova uba njani xa kukho umntu okhathaza abantu bakhe?

5 Bonke ‘aba bancinci’ bayathandwa nguYehova. Ukuze siyiqonde kakuhle le nto, makhe sicinge ngendlela esibathanda ngayo abantwana. Sifuna ukubakhusela kuba bona abafani nabantu abadala; abomelelanga, abakabazi ubomi futhi abalumkanga. Asithandi ukubona umntu esenziwa into ebuhlungu, kodwa sicaphuka kakhulu xa loo nto isenziwa emntwaneni. NoYehova ufuna ukusikhusela, ucaphuka kakhulu xa kukho umntu okhathaza abantu bakhe.—Isa. 63:9; Marko 9:42.

6. Ama-1 Korinte 1:26-29 athi eli hlabathi libajonga njani abalandeli bakaYesu?

6 Yeyiphi enye indlela abafana nabantwana ‘abancinci’ ngayo abalandeli bakaYesu? Kaloku cinga, ngabaphi abona bantu babalulekileyo kweli hlabathi? Zizityebi, oosaziwayo nabantu abanegunya. Kodwa bona abalandeli bakaYesu akukho nto babaluleke ngayo kweli hlabathi. (Funda ama-1 Korinte 1:26-29.) KuYehova babalulekile.

7. UYehova ufuna sibaphathe njani abazalwana noodade?

7 UYehova uyabathanda abakhonzi bakhe, nokuba sebemkhonze ixesha elide okanye basand’ umkhonza. Babalulekile kuye, nakuthi bafanele babaluleke. Sifuna ‘ukubathanda bonke abazalwana,’ singakhethi. (1 Pet. 2:17) Sifanele sizame ukubakhathalela nokubakhusela. Ukuba sikhathaze umntu, mayingabi ngathi akwenzekanga nto, sifune ukuba naye alibale ngaloo nto. Yintoni enokwenza abantu bakhathazeke zizinto esizithethayo nesizenzayo? Abanye abazalwana noodade banokuzijongela phantsi ngenxa yendlela abakhule ngayo. Abanye basand’ umazi uYehova; abakafundi ukuba bafanele babaxolele abantu xa benze iimpazamo. Nokuba sesiphi isizathu esinaso, sifanele sizame ukuhlalisana ngoxolo nabanye. Nomntu okhathazwa yiyo yonke into le, ufanele azame ukutshintsha. Uza kutsho onwabe aze avane nabazalwana noodade.

ABANTU BAJONGE NJENGABABHETELE KUNAWE

8. Yintoni eyayithandwa ngamaYuda ngexesha likaYesu?

8 Kwakutheni ukuze uYesu athethe ngaba “bancinci”? Kungenxa yento awayibuzwa ngabafundi bakhe. Bathi: “Ngubani kanye kanye oyena mkhulu eBukumkanini bamazulu?” (Mat. 18:1) Ngaloo mihla, amaYuda amaninzi ayethanda izikhundla. Omnye umphengululi uthi: “Eyona nto babesebenzela yona abantu kukuhlonitshwa nokuduma.”

9. Yintoni ekwakufuneka bayenze abalandeli bakaYesu?

9 UYesu wayesazi ukuba abafundi bakhe kwakuza kufuneka basebenze nzima ukuze bakhuphe umoya owawuhlohlwa kwaYuda wokucinga ukuba babalulekile kunabanye. Wathi kubo: “Nabani na omkhulu phakathi kwenu makabe njengoyena mncinci, nalowo ukhokelayo mayibe nguye osebenzela abanye.” (Luka 22:26) Siziphatha ‘njengabancinci’ xa abanye sibabona ‘bebhetele kunathi.’ (Fil. 2:3) Ukuba sinjalo, asinakufane sikhathaze mntu.

10. Yintoni eyathethwa nguPawulos esifanele sicinge ngayo?

10 Bonke abazalwana noodade babhetele kunathi ngezinto ezahlukeneyo. Soze ungayiboni loo nto xa uqwalasela iimpawu zabo ezintle. Sifanele sicinge ngento eyathethwa ngumpostile uPawulos kwibandla laseKorinte. Wathi: “Yintoni ekwenza wahluke kwabanye abantu? Yintoni onayo ongayiphiwanga? Ukuba ke uyiphiwe, kutheni uqhayisa ngokungathi awuyiphiwanga?” (1 Kor. 4:7) Masilumkele ukwenza nantoni na eza kwenza abantu bacinge ukuba sibhetele kunabo. Nathi masingacingi ukuba sibhetele kunabo. Ukuba umzalwana unikela iintetho ezimnandi okanye udade unesiphiwo sokuqala izifundo zeBhayibhile, bafanele bambulele uYehova ngeziphiwo abanike zona.

XOLELA ‘NGENTLIZIYO YAKHO YONKE’

11. UYesu usifundisa ntoni kumzekeliso kakumkani nekhoboka?

11 Emva kokuba uYesu exelele abalandeli bakhe ukuba bangabakhathazi abantu, wenza umzekeliso kakumkani nekhoboka. Ukumkani walicima ityala lemali eninzi elalingakwazi ukuyibhatala. Kodwa lona zange lifune ukucima ityala lemali encinci elalingekakwazi ukuyibhatala elinye ikhoboka. Ukumkani wathi malivalelwe etrongweni elo khoboka lingenanceba. Yintoni esiyifundayo apha? UYesu wathi: “UTata osemazulwini uza kwenza loo nto nakuni ukuba anibaxoleli ngentliziyo yenu yonke abazalwana benu.”—Mat. 18:21-35.

12. Kwenzeka ntoni xa ungamxoleli umzalwana okanye udade okukhathazileyo?

12 Into eyenziwa leli khoboka yawakhathaza amanye amakhoboka. Okokuqala, zange libe nenceba kwikhoboka elalinetyala lalo. Lasuka “laliphosa ejele ukuze livalelwe de lilibhatale elo tyala.” Okwesibini, lakhathaza namanye amakhoboka awayebukele. Athi “akubona loo nto, akhathazeka kakhulu, aza aya kuxelela inkosi yawo yonke into eyenzekileyo.” Nawe, izinto ozenzayo ziyabakhathaza okanye zibakhubekise abantu. Kwenzeka ntoni xa ungamxoleli umzalwana okanye udade okukhathazileyo? Okokuqala, uza kukhathazeka xa ungamxoleli, mhlawumbi ebona nokuba awumhoyanga futhi awumthandi. Okwesibini, ubenzela nzima nabanye ebandleni, kuba baza kubona ukuba anivani.

Ngaba uza kuhlala umqumbele umntu okukhathazileyo okanye uza kumxolela ngentliziyo yakho yonke? (Jonga isiqendu 13-14) *

13. Ufunda ntoni kwinto eyenzeka kuCrystal?

13 Xa ubaxolela abazalwana noodade uyonwaba, wenza nabanye bonwabe. Kwenzeka loo nto komnye uvulindlela esiza kumbiza ngokuba nguCrystal. Wayekhathazwe ngomnye udade ebandleni. Uthi: “Wayekhe athethe rhabaxa ngendlela ehlabayo. Ndandingafuni nokuhamba naye entsimini. Kwakungasemnandanga kum, ndiphelelwa nangumdla wokuya entsimini.” UCrystal wayeyibona icaphukisa nyhani into eyenziwa ngulo dade. Kodwa zange ahlale ecaphuka okanye ecinga ngendlela aziva ngayo. Wasebenzisa icebiso elikwinqaku leMboniselo kaOktobha 15, 1999 elinomxholo othi, “Xolela Ngokusuka Entliziyweni.” Wamxolela lo dade. Uthi: “Ngoku ndiyabona ukuba sonke siyazama ukutshintsha indlela esiphila ngayo futhi uYehova usixolela yonke imihla. Ingathi kothulwe umthwalo osindayo emagxeni am. Nditsho ndonwaba.”

14. (a) UMateyu 18:21, 22 uthi yintoni ekusenokwenzeka ukuba yayiyingxaki kampostile uPetros, futhi sifunda ntoni kwindlela uYesu awamphendula ngayo? (b) Yintoni enokusinceda ukuze kungabi nzima ukuxolela?

14 Onke amaKristu ayazi ukuba kufuneka axolele; kodwa kusenokuba nzima. Mhlawumbi kwakukhe kube nzima nakumpostile uPetros. (Funda uMateyu 18:21, 22.) Yintoni enokusinceda xa kunzima ukuxolela? Okokuqala, masicinge ngendlela uYehova asixolele ngayo. (Mat. 18:32, 33) Akanyanzelekanga ukuba asixolele, kodwa uyasixolela. (INdu. 103:8-10) Enye into, “simele sithandane.” Ukuze sikwazi ukuthandana, kufuneka sixolele. Kufuneka sibaxolele abazalwana noodade. (1 Yoh. 4:11) Okwesibini, yintoni eyenzekayo xa sixolela? Sinokumnceda loo mzalwana okanye udade usikhathazileyo, ibandla liyamanyana, sihlala singabahlobo bakaYehova futhi kuba mnandi. (2 Kor. 2:7; Kol. 3:14) Okokugqibela, masithethe noYehova ofuna sixolele. Masingamvumeli uSathana asixabanise nabazalwana noodade. (Efe. 4:26, 27) Ukuze sikwazi ukuyenza loo nto, masicele uYehova asincede.

ZAMA UKUBAXOLELA ABANTU ABAKUKHATHAZILEYO

15. AmaKolose 3:13 athi umele wenze ntoni xa ukhathazwe ngomnye umKristu?

15 Uza kwenza ntoni xa omnye umKristu esenza into ekukhathazayo? Zama ukumxolela. Xelela uYehova indlela oziva ngayo. Mcele amncede, nawe akuncede ubone iimpawu ezintle kuloo mKristu, ezimenza athandwe nguYehova. (Luka 6:28) Ukuba awukwazi ukuyilibala into ayenzileyo, cinga ngendlela oza kuthetha ngayo naye. Kuza kukunceda nokucinga ukuba ebengazimiselanga ukukukhathaza. (Mat. 5:23, 24; 1 Kor. 13:7) Xa uthetha naye, zixelele ukuba ebecinga ukuba uyakunceda. Ufanele wenze ntoni xa engaziboni ukuba ukukhathazile? ‘Mnyamezele.’ Sukumncama umzalwana okanye udadewenu. (Funda amaKolose 3:13.) Eyona nto ibalulekileyo, sukuhlala umqumbele kuba loo nto inokwenza uYehova ayeke ukuba ngumhlobo wakho. Zama ukumxolela umntu okukhathazileyo. Xa usenza loo nto, ubonisa uYehova ukuba uthanda yena ngaphezu kwayo nantoni na.—INdu. 119:165.

16. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

16 Siyavuya kuba sikhonza uYehova ‘singumhlambi omnye onomalusi omnye.’ (Yoh. 10:16) Incwadi ethi Ukwenza Ukuthanda KukaYehova Ngolungelelwano, iphepha 165 ithi: “Indlela olukunceda ngayo olu manyano ibangela ukuba uzimisele ukulugcina.” Ngoko simele ‘siziqeqeshe ukuze sijonge abazalwana noodade ngendlela uYehova abajonga ngayo.’ KuYehova sonke singabantwana ‘abancinci’ abathandayo. Uyabathanda wena abazalwana noodade? UYehova uyazibona futhi uzithanda zonke iindlela obanceda ngazo ezibonisa ukuba ubakhathalele.—Mat. 10:42.

17. Yintoni esizimisele ukuyenza?

17 Siyabathanda abazalwana noodade. Yiloo nto ‘sizimisele ukungamkhubekisi umzalwana okanye simenze aphume endleleni.’ (Roma 14:13) Masibabone bebhetele kunathi abazalwana noodade, sibaxolele ngentliziyo yethu yonke. Masizame ukubaxolela abantu abasikhathazileyo, ‘sizimisele ukwenza nantoni na eyenza kubekho uxolo neyakhayo.’—Roma 14:19.

INGOMA 130 Xolela

^ isiqe. 5 Kuba sinesono, sinokwenza okanye sithethe izinto ezibakhathazayo abazalwana noodade. Simele senze ntoni xa sibakhathazile? Ngaba siye sizame ukwenza yonke into enokubaxolisa? Siyakhawuleza ukuthi uxolo? Okanye siye sithi ukuba bakhathazekile yingxaki yabo leyo, thina sigqithile apho? Okanye ngaba sikhathazwa yiyo yonke into le ethethwa neyenziwa ngabanye abantu? Ngaba siye sizithethelele sisithi sinje? Okanye siyaqonda ukuba kuza kufuneka siyeke ukuzithethelela ngolu hlobo?

^ isiqe. 53 INGCACISO YOMFANEKISO: Udade ukhathazwe ngomnye udade ebandleni. Emva kokuba beyilungisile loo nto, bayaxolelana, baze bakhonze kunye bevuya.