Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukulunga​—Ungaba Nalo Njani Olu Phawu?

Ukulunga​—Ungaba Nalo Njani Olu Phawu?

SONKE sifuna abantu basazi njengabantu abalungileyo. Kodwa ke, kunzima ukuba ngumntu olungileyo namhlanje. Abantu abaninzi ‘abakuthandi ukulunga.’ (2 Tim. 3:3) Abayithobeli imithetho kaYehova. Izinto athi zilungile, bona bathi ‘zimbi’ kanti izinto athi zimbi, bathi ‘zilungile.’ (Isa. 5:20) Enye into eyenza kube nzima ukulunga zizinto esasizenza kudala, nangenxa yokungafezeki. Ngoko, sisenokuziva njengomnye udade owakhonza uYehova kangangeminyaka emininzi. Uthi: “Andiqondi ukuba ndingaba ngumntu olungileyo.”

Okuvuyisayo kukuba sonke sinako ukulunga! Ukulunga sisiqhamo somoya kaThixo. Umoya wakhe unamandla ngaphezu kwayo nantoni na enokusenza singalungi, enoba lihlabathi, abantu esiphila phakathi kwabo, izinto esasizenza kudala, okanye ukungafezeki kwethu. Makhe sifunde ukuba kuyintoni ukulunga nokuba singalubonisa njani olu phawu ngokupheleleyo.

KUYINTONI UKULUNGA?

Umntu olungileyo usoloko esenza izinto ezilungileyo kungekhona ezimbi. Usoloko ekhangela indlela angabanceda ngazo abanye aze abenzele izinto ezintle.

Ukuba ngumntu olunge nyhani emehlweni kaYehova, akumele kuphelele nje ekwenzeleni izinto ezintle abantu esizalana nabo okanye abahlobo. Kakade akekho kuthi onokuhlala elungile ngalo lonke ixesha kuba iBhayibhile ithi, “akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.” (INtshu. 7:20) Umpostile uPawulos wayivuma le nto, wathi: “Kuba ndiyazi ukuba kum, oko kukuthi, kwinyama yam, akuhlali nto ilungileyo.” (Roma 7:18) Ngoko kucacile ukuba simele sifunde kuYehova ukuze sibe ngabantu abalungileyo.

“UYEHOVA ULUNGILE”

NguYehova obonisa ukuba umntu olungileyo umele abe njani. IBhayibhile ithi ngoYehova: “Ulungile yaye wenza okulungileyo. Ndifundise imiyalelo yakho.” (INdu. 119:68) Makhe sithethe ngezinto ezimbini esizifunda ngokulunga kukaYehova ezichazwe kule vesi.

UYehova ulungile. Usoloko elungile, kangangokuba zonke ezinye iimpawu anazo zidibana nokulunga kwakhe. Khawucinge ngento eyenzekayo xa uYehova wathi kuMoses: “Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam phambi kobuso bakho.” UYehova wabonisa uMoses uzuko nokulunga kwakhe. Emva koko uMoses weva amazwi athi: “UYehova, uYehova, uThixo onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso, ogcinela amawaka ububele bothando, oxolela isiphoso nokunxaxha nesono, ongakhe amenze msulwa ofanelwe sisohlwayo.” (Eks. 33:19; 34:6, 7) Ngoko, sinesizathu sokuthi uYehova ulunge kuyo yonke into ayenzayo. Nangona uYesu wayengoyena mzekelo womntu olungileyo, wathi: “Akukho bani ulungileyo, ngaphandle komnye, uThixo.”​—Luka 18:19.

Sibona ukuba uYehova ulungile kwindalo

UYehova wenza izinto ezilungileyo. Yonke into uThixo ayenzayo ilungile. “UYehova ulungile kubo bonke, neenceba zakhe zikuyo yonke imisebenzi yakhe.” (INdu. 145:9) Ngenxa yokuba uYehova elungile kubo bonke abantu, ubanika izinto abazidingayo ukuze baqhubeke bephila. (IZe. 14:17) Enye indlela abonisa ngayo ukuba ulungile kuxa esixolela. Umdumisi wathi: “Wena, Yehova, ulungile yaye ukulungele ukuxolela.” (INdu. 86:5) Sinokuqiniseka ukuba “uYehova akayi kubandeza nantoni na elungileyo kwabo bahamba ngokungenamposiso.”​—INdu. 84:11.

“FUNDANI UKWENZA OKULUNGILEYO”

Sidalwe ngokomfanekiso kaThixo, ngoko sinako ukuba ngabantu abalungileyo size senze izinto ezilungileyo. (Gen. 1:27) Kodwa le nto ayizenzekeli. UYehova uthi ‘masifunde ukwenza okulungileyo.” (Isa. 1:17) Singafunda njani ukwenza izinto ezilungileyo? Makhe sithethe ngeendlela ezintathu esinokukwenza ngayo oku.

Okokuqala, sinokuthandazela umoya oyingcwele, onceda amaKristu abe ngabantu abalungileyo kuThixo. (Gal. 5:22) Umoya kaThixo unokusinceda sithande izinto ezilungileyo size sicaphukele ezimbi. (Roma 12:9) Ngapha koko, iBhayibhile ithi uYehova ‘unokusiqinisa kuso sonke isenzo esilungileyo nelizwi.’​—2 Tes. 2:16, 17.

Okwesibini, simele sifunde iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Xa sifunda iBhayibhile, uYehova usifundisa “ikhondo lokulungileyo liphela” ibe usinceda siwulungele “wonke umsebenzi olungileyo.” (IMize. 2:9; 2 Tim. 3:17) Iintliziyo zethu zifana nebhokisi ofaka kuyo izinto ezixabisekileyo. Xa sifunda iBhayibhile size sicinge ngezinto esizifundayo, sifaka izinto ezilungileyo ezintliziyweni zethu, nto leyo efana nokugcwalisa le bhokisi ngezinto ezilungileyo eziza kusinceda kamva.​—Luka 6:45; Efe. 5:9.

Okwesithathu, sizama ngamandla ethu onke ‘ukuxelisa okulungileyo.’ (3 Yoh. 11) Kukho imizekelo esinokufunda kuyo eBhayibhileni. Kakade ke, abona bantu bayimizekelo nguYehova noYesu. Kodwa sinokucinga nangabanye ababesaziwa ngokulunga. Abantu ababini esinokucinga ngabo nguTabhitha noBharnabhas. (IZe. 9:36; 11:22-24) Unokuncedakala yimizekelo yabo ukuba ufunda izinto iBhayibhile ezithethayo ngabo. Njengoko ufunda, qaphela izinto abazenzayo ukuze bancede abanye. Khawucinge into onokuyenza ukuze uncede abanye kwintsapho yakho okanye ebandleni. Qaphela nezinto ezintle ezenzeka kuTabhitha noBharnabhas ngenxa yokwenza izinto ezilungileyo kwabanye. Nawe unokuncedakala njengabo.

Sinokucinga nangabantu abenza izinto ezilungileyo namhlanje. Ngokomzekelo, unokucinga ngabadala bebandla abasebenza nzima ‘abangabathandi bokulunga.’ Ungabalibali noodade abathembekileyo ‘abafundisa oko kulungileyo,’ ngezinto abazithethayo nabazenzayo. (Tito 1:8; 2:3) URoslyn uthi: “Umhlobo wam uzama kangangoko anako ukunceda nokukhuthaza abanye ebandleni. Uye acinge ngeemeko zabo aze abanike izipho ezincinci okanye abancede ngezinye iindlela. Ungumntu olunge nyhani.”

UYehova ukhuthaza abantu bakhe ukuba ‘bafune okulungileyo.’ (Amosi 5:14) Xa sisenza loo nto, asizukuthanda nje izinto uYehova athi zilungile kodwa siza kufuna nyhani ukuzenza.

Sizama ukulunga nokwenza izinto ezilungileyo

Ukuze senze izinto ezilungileyo, akunyanzelekanga ukuba sibenzele izinto ezinkulu abanye okanye sibanike izipho eziduru. Ngokomzekelo, xa umzobi epeyinta umfanekiso womntu, akayimisi ngendlela enye ibrashi, kunoko uyimisa ngeendlela ezininzi ezahlukeneyo. Usenokuyimisa ngekona okanye ngecala, njalo njalo. Ngokufanayo, ukuba sibenzela izinto ezininzi ezintle abanye, enoba zincinci, loo nto iya kubonisa ukuba singabantu abalungileyo.

IBhayibhile ithi simele ‘sikulungele’ ukwenza izinto ezilungileyo. (2 Tim. 2:21; Tito 3:1) Ukuba siyaziqaphela izinto ezenzekayo kwabanye, sisenokubona iindlela esinokubanceda ngazo ‘koko kulungileyo ukuze bakheke.’ (Roma 15:2) Sisenokubanika nento esinayo. (IMize. 3:27) Sisenokumema umntu ukuze sitye naye loo nto sinayo okanye ukuze sikhuthazane. Ukuba siyazi ukuba kukho umntu ogulayo sisenokumbhalela ileta, siyokumbona okanye simfowunele. Maninzi amathuba esinawo okuthetha ilizwi ‘elilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.’​—Efe. 4:29.

NjengoYehova, sizama ukwenza izinto ezilungileyo kubo bonke abantu. Ngoko sibaphatha ngendlela efanayo abanye. Enye yezona ndlela zokwenza oku kukushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani kubo bonke abantu. Njengoko uYesu wasiyalelayo, sizama ukwenza izinto ezilungileyo nakubantu abasicaphukelayo. (Luka 6:27) Ayonto imbi ukuba nobubele nokwenzela abanye izinto ezintle kuba “akukho mthetho unxamnye nezinto ezinjalo.” (Gal. 5:22, 23) Xa sisenza izinto ezilungileyo nangona siphathwa kakubi okanye sineengxaki, siya kube sizukisa uThixo ibe sisenokwenza abanye abantu bayithande inyaniso.​—1 Pet. 3:16, 17.

SIYANCEDAKALA XA SISENZA IZINTO EZILUNGILEYO

“Umntu olungileyo wanela zizenzo zakhe.” (IMize. 14:14) Zeziphi iindlela esincedakala ngazo xa sisenza izinto ezilungileyo? Xa sibenzela izinto ezilungileyo abanye, kulula ngabo ukusenzela izinto ezilungileyo. (IMize. 14:22) Enoba abasiphathi kakuhle abanye, simele siqhubeke sibenzela izinto ezilungileyo. Xa sisenza njalo, basenokutshintsha baze basiphathe kakuhle.​—Roma 12:20.

Xa sisenza izinto ezilungileyo size siyeke ukwenza izinto ezimbi, sinceda kwathina. Baninzi abazalwana noodade abathi le nto iye yenzeka kubo. Khawucinge ngento eyenzeka kuNancy. Uthi: “Xa ndandisakhula, ndandingumntu ongakhathaliyo, oziphethe kakubi ibe ndingenambeko. Kodwa ke, njengoko ndaqalisa ukufunda ngezinto athi uYehova zilungile ndaza ndamthobela, ndonwaba. Ngoku ndinesidima.”

Esona sizathu sokuba sifune ukuba ngabantu abalungileyo kukuba sivuyisa uYehova. Enoba abanye abayiboni into esiyenzayo, yena uYehova uyayibona. Wazi zonke izinto ezilungileyo esizenzayo nesizicingayo. (Efe. 6:7, 8) Usisikelela njani? “Olungileyo uzuza inkoliseko kaYehova.” (IMize. 12:2) Ngoko masiqhubeke sizama ukuba ngabantu abalungileyo. UYehova uthembisa “uzuko nembeko noxolo kuye wonk’ ubani owenza okulungileyo.”​—Roma 2:10.