Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 11

Mamela UYehova

Mamela UYehova

“Lo nguNyana wam . . . Mphulaphuleni yena.”​—MAT. 17:5.

INGOMA 89 Mamela, Uthobele Uze Usikelelwe

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) UYehova wayethetha njani nabantu? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

UYEHOVA uyathanda ukuthetha nathi. Kudala wayethetha nabantu esebenzisa abaprofeti, iingelosi noNyana wakhe, uYesu Kristu. (Amosi 3:7; Gal. 3:19; ISityhi. 1:1) Namhlanje, uthetha nathi esebenzisa iLizwi lakhe, iBhayibhile. Wasinika lona ukuze sifunde indlela acinga nazenza ngayo izinto.

2 Xa uYesu wayesemhlabeni, uYehova wathetha kathathu esezulwini. Makhe sithethe ngezinto awazithethayo, izinto esizifundayo kwezo zinto nendlela ezisinceda ngayo.

“UNGUNYANA WAM, OYINTANDA”

3. KuMarko 1:9-11, wathini uYehova xa uYesu wayebhaptizwa, ibe abonisa ntoni la mazwi?

3 Amazwi okuqala uYehova awawathetha esezulwini akuMarko 1:9-11. (Yifunde.) Wathi: “UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe [okanye ndiyavuyiswa] nguwe.” Kumele ukuba wachukumiseka nyhani uYesu xa weva indlela uTata wakhe amthanda namthemba ngayo! Amazwi kaYehova abonisa izinto ezintathu ezibalulekileyo ngoYesu. Okokuqala, uYesu nguNyana wakhe. Okwesibini, uYehova uyamthanda uNyana wakhe. Okwesithathu, uyavuyiswa nguNyana wakhe. Makhe sithethe ngezi zinto zintathu.

4. UYesu waba nguNyana kaThixo ngayiphi indlela eyahlukileyo xa wayebhaptizwa?

4 “UnguNyana wam.” Ngala mazwi uYehova wayebonisa ukuba uNyana wakhe amthandayo, uYesu, waba nguNyana wakhe ngendlela eyahlukileyo. Xa uYesu wayesezulwini wayesele enguNyana kaThixo. Kodwa xa wayebhaptizwa waba nguNyana kaThixo ngendlela eyahlukileyo. Wathanjiswa ngomoya oyingcwele ibe waba nethemba lokubuyela ezulwini ukuze abe nguKumkani noMbingeleli Omkhulu. (Luka 1:31-33; Heb. 1:8, 9; 2:17) Ngoko, xa uYesu wayebhaptizwa, uTata wakhe wayefanele ukuthi: “UnguNyana wam.”​—Luka 3:22.

Sizimisela ngakumbi xa sinconywa naxa sikhuthazwa (Jonga isiqendu 5) *

5. Singabonisa njani ukuba siyabathanda abanye ibe siyavuyiswa ngabo njengoYehova?

5 “UnguNyana wam, oyintanda.” Indlela uYehova awabonisa ngayo ukuba uyamthanda ibe uyavuyiswa nguYesu, isifundisa ukuba nathi simele sibakhuthaze abanye. (Yoh. 5:20) Siyomelela xa umntu esimthandayo ebonisa ukuba uyasithanda aze asincome ngento entle esiyenzayo. Ngokufanayo, kufuneka sibathande size sibakhuthaze abazalwana noodadewethu abasebandleni namalungu eentsapho zethu. Xa sibancoma abanye, siqinisa ukholo lwabo ibe sibanceda bangagungqi ekukhonzeni uYehova. Abazali ngabona bamele babakhuthaze abantwana babo. Xa abazali bebancoma nyhani abantwana babo baze babathande, babanceda baphumelele.

6. Kutheni simele simthembe uYesu Kristu?

6 “Ndikholisiwe [okanye ndiyavuyiswa] nguwe.” La mazwi abonisa ukuba uYehova wayeqinisekile ukuba uYesu uza kukwenza ukuthanda kwakhe. UYehova umthembile uNyana wakhe, ngoko nathi simele simthembe uYesu ukuba uza kuzenza zonke izinto azithembisileyo uYehova. (2 Kor. 1:20) Xa sicinga ngomzekelo kaYesu, siye sifune ukufunda ngakumbi kuye size senze izinto ngendlela awazenza ngayo. Njengoko uYehova wayemthemba uYesu, ngoko nanamhlanje usabathemba bonke abakhonzi bakhe ukuba baza kuqhubeka befunda kuNyana wakhe.​—1 Pet. 2:21.

“MPHULAPHULENI YENA”

7. Ngokutsho kukaMateyu 17:1-5, uYehova wathetha esezulwini xa kwakusenzeka ntoni, ibe wathini?

7 Funda uMateyu 17:1-5. UYehova wathetha okwesibini esezulwini xa uYesu “wenziwa kumila kumbi.” UYesu wahamba noPetros, uYakobi noYohane baya kwintaba ephakamileyo. Bathi bakufika, babona umbono omangalisayo. Ubuso bukaYesu bakhanya, zaza iimpahla zakhe zamenyezela. Abapostile babona ngathi uYesu uncokola namadoda amabini, uMoses noEliya, ngokufa nangokuvuswa kwakhe. Nangona aba bapostile bathathu “babesindwa bubuthongo,” bathi bakuvuka babona lo mbono umangalisayo. (Luka 9:29-32) Emva koko, bagqunywa lilifu eliqaqambileyo baza beva ilizwi likaThixo! UYehova wabonisa ukuba uyamthanda ibe uyavuyiswa nguNyana wakhe njengokuba wenzayo xa uYesu wayebhaptizwa. Wathi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye.” Kodwa ngoku wathetha namazwi athi: “Mphulaphuleni yena.”

8. Lo mbono wabanceda njani uYesu nabafundi?

8 Lo mbono waveza indlela uYesu awayeza kuba nozuko namandla ngayo njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. Ngokuqinisekileyo uKristu wakhuthazeka waza womelela njengoko kwakuza kufuneka anyamezele ukuphathwa kakubi aze abulawe kabuhlungu. Lo mbono waqinisa nokholo lwabafundi. Le nto yabanceda bazi ukuba baza kuthini xa beneengxaki baze bakwazi nokwenza umsebenzi onzima ekwakuza kufuneka bawenze. Kwiminyaka eyi-30 eyalandelayo, umpostile uPetros wathetha ngalo mbono, nto leyo ebonisa ukuba wayesawukhumbula kakuhle.​—2 Pet. 1:16-18.

9. Ngawaphi amacebiso uYesu awawanika abafundi bakhe?

9 “Mphulaphuleni yena.” UYehova wayenza yacaca into yokuba ufuna simmamele size simthobele uNyana wakhe. Zeziphi izinto uYesu awazithethayo xa wayesemhlabeni? Wathetha izinto ezininzi ezibalulekileyo! Ngokomzekelo, wafundisa abafundi bakhe indlela yokushumayela iindaba ezilungileyo waza wayiphindaphinda nento yokuba bamele bahlale belindile. (Mat. 24:42; 28:19, 20) Waphinda wathi mabazinikele, ibe wabakhuthaza ukuba banganikezeli. (Luka 13:24) UYesu wayibethelela into yokuba abafundi bakhe bamele bathandane, bamanyane baze bathobele imiyalelo yakhe. (Yoh. 15:10, 12, 13) Abafundi bancedwa ngala macebiso bawanikwa nguYesu! La macebiso asabalulekile nanamhlanje.

10-11. Singabonisa njani ukuba siyammamela uYesu?

10 UYesu wathi: “Wonk’ ubani ongakwicala lenyaniso uyaliphulaphula ilizwi lam.” (Yoh. 18:37) Sibonisa ukuba siyalimamela ilizwi lakhe xa ‘siqhubeka sinyamezelana yaye sixolelana ngesisa.’ (Kol. 3:13; Luka 17:3, 4) Sikwabonisa ukuba siyalimamela ilizwi lakhe ngokuzimisela xa sishumayela iindaba ezilungileyo “ngexesha elilungileyo nangexesha lenkathazo.”​—2 Tim. 4:2.

11 UYesu wathi: “Izimvu zam ziyaliphulaphula ilizwi lam.” (Yoh. 10:27) Abalandeli bakaKristu babonisa ukuba bayammamela uYesu ngokungapheleli nje ekuzimameleni izinto azithethayo kodwa nangokuzenza. Abaphazanyiswa “ngamaxhala obomi.” (Luka 21:34) Eyona nto ibalulekileyo kubo kukuthobela imiyalelo kaYesu, noba sekunzima. Abazalwana bethu abaninzi banyamezele izinto ezibuhlungu, ezifana nokuhlaselwa ngabachasi, ukusokola kakhulu neentlekele zemvelo. Kuyo yonke loo nto, bahlala bethembekile kuYehova enoba kwenzeka ntoni. UYesu ubaqinisekisa ngala mazwi: “Lowo unemiyalelo yam aze ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo undithandayo uya kuthandwa nguBawo.”​—Yoh. 14:21.

Umsebenzi wethu wokushumayela usinceda siqhubeke simamela ilizwi likaYesu (Jonga isiqendu 12) *

12. Yeyiphi enye indlela esingammamela ngayo uYesu?

12 Nantsi enye indlela esingabonisa ngayo ukuba siyammamela uYesu: ngokusebenzisana nabo abakhethileyo ukuba bakhokele. (Heb. 13:7, 17) Zininzi izinto eziye zatshintshwa yintlangano kaThixo kule minyaka imbalwa idlulileyo. Ngokomzekelo, kukho izixhobo neendlela ezintsha zokushumayela, indlela eziqhutywa ngayo iintlanganiso zaphakathi evekini itshintshile nendlela esizakha, esizilungisa nesizigcina zikwimeko entle ngayo iiHolo zethu zoBukumkani nayo itshintshile. Sinombulelo ngolu tshintsho lucingisiswe kakuhle. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusisikelela xa sizama ukuthobela imiyalelo yentlangano.

13. Kusinceda njani ukumamela uYesu?

13 Kuyasinceda ukumamela izinto ezafundiswa nguYesu. UYesu wathembisa abafundi bakhe ukuba iimfundiso zakhe zaziza kubahlaziya. Wathi: “Niya kuyifumanela ukuhlaziyeka imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam yeyobubele nomthwalo wam ukhaphukhaphu.” (Mat. 11:28-30) Iincwadi zeVangeli ezine ezithetha ngobomi bukaYesu nokushumayela kwakhe ziyasihlaziya ibe zisenza sibe nobulumko. (INdu. 19:7; 23:3) UYesu wathi: “Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baze baligcine!”​—Luka 11:28.

‘NDIZA KULIZUKISA IGAMA LAM’

14-15. (a) Ngokutsho kukaYohane 12:27, 28, kwakusenzeka ntoni xa uYehova wathetha okwesithathu esezulwini? (b) Kutheni sinokuthi amazwi kaYehova amele ukuba amqinisa uYesu?

14 Funda uYohane 12:27, 28. UYehova waphinda wathetha okwesithathu esezulwini ibe into awayithethayo ikwincwadi kaYohane. Kwiintsuku ezimbalwa ngaphambi kokuba afe, uYesu wayeseYerusalem ukuze abhiyozele iPasika okokugqibela. Wathi: ‘ndikhathazekile.’ Emva koko wathandaza wathi: “Bawo, lizukise igama lakho.” UTata wakhe waphendula esezulwini wathi: “Ndilizukisile yaye ndiza kulizukisa kwakhona.”

15 UYesu wayekhathazekile ngenxa yento ekwakufuneka ayenze. Kwakufuneka ahlale ethembekile kuYehova. UYesu wayesazi ukuba uza kuphathwa kakubi aze abulawe kabuhlungu. (Mateyu 26:38) Eyona nto yayibalulekile kuye yayikukuzukisa igama likaTata wakhe. UYesu watyholwa ngokunyelisa ibe wayekhathazwa yinto yokuba ukufa kwakhe kwakuza kungcolisa igama likaThixo. Ngokuqinisekileyo, amazwi kaYehova amqinisa uYesu! Wayenokutsho aqiniseke ukuba igama likaYehova liza kuzukiswa. Amazwi kaTata wakhe amele ukuba amqinisa nyhani uYesu aza amnceda wakwazi ukunyamezela izinto ezimbi ezaziza kwenzeka kuye. Nangona kusenokwenzeka ukuba nguYesu yedwa owakuqondayo oko kwakuthethwa nguTata wakhe ngela xesha, uYehova waqinisekisa ukuba amazwi akhe abhalwa phantsi ukuze nathi siwave.​—Yoh. 12:29, 30.

UYehova uza kulizukisa igama lakhe aze abasindise abantu bakhe (Jonga isiqendu 16) *

16. Kutheni isenokusikhathaza into yokungcoliswa kwegama likaThixo?

16 NjengoYesu, nathi isenokusikhathaza into yokubona igama likaYehova lingcoliswa. Kusenokwenzeka ukuba nathi siphethwe kakubi. Okanye sisenokukhathazwa bubuxoki obuthethwa ngabantu abasichasayo. Sisenokucinga ngendlela obu buxoki obulingcolisa ngayo igama likaYehova nentlangano yakhe. Ngaloo maxesha, amazwi kaYehova aye asiqinise nyhani. Asimele sibe nexhala kakhulu xa kungcoliswa igama likaYehova nentlangano yakhe. Sinokuqiniseka ukuba ‘uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zethu namandla ethu engqondo ngoKristu Yesu.’ (Fil. 4:6, 7) UYehova uza kusoloko elizukisa igama lakhe. Uza kusebenzisa uBukumkani bakhe ukuze alungise wonke umonakalo owenziwe nguSathana neli hlabathi kubakhonzi bakhe abathembekileyo.​—INdu. 94:22, 23; Isa. 65:17.

KUYANCEDA UKUMAMELA UYEHOVA NANAMHLANJE

17. Ngokutsho kukaIsaya 30:21, uYehova uthetha njani nathi namhlanje?

17 UYehova usathetha nathi nanamhlanje. (Funda uIsaya 30:21) Yinyani kona into yokuba asimva uThixo ethetha nathi esezulwini. Kodwa ke, uye wasinika imiyalelo yakhe ngeLizwi lakhe iBhayibhile. Ukongezelela, umoya wakhe unceda ‘igosa elithembekileyo’ ukuba liqhubeke linika abakhonzi bakhe izinto eziqinisa ukholo. (Luka 12:42) Zininzi izinto eziprintwayo nezikwi-intanethi, njengeevidiyo nezinto ezirekhodiweyo eziqinisa ukholo lwethu!

18. Amazwi kaYehova asinceda njani sibe nokholo nesibindi?

18 Masihlale siwakhumbula amazwi awathethwa nguYehova kuNyana wakhe xa wayelapha emhlabeni. Kwanga amazwi kaThixo aseBhayibhileni angasenza siqiniseke ukuba akukho nto angenakuyilungisa ibe uza kuwulungisa wonke umonakalo owenziwe nguSathana nehlabathi lakhe. Kwanga singazimisela ukummamela uYehova. Ukuba siyayenza loo nto, siza kukwazi ukunyamezela naziphi na iingxaki esinazo ngoku nesiseza kuba nazo. IBhayibhile ithi: “Kufuneka ninyamezele, ukuze, nakuba nikwenzile ukuthanda kukaThixo, namkele inzaliseko yesithembiso.”​—Heb. 10:36.

INGOMA 4 “UYehova NguMalusi Wam”

^ isiqe. 5 Xa uYesu wayelapha emhlabeni, uYehova wathetha esezulwini kathathu. Ngenye imini, uYehova wathi kubafundi bakaKristu mabamamele uNyana wakhe. Namhlanje, uYehova uthetha nathi esebenzisa iLizwi lakhe iBhayibhile, elinezinto ezazifundiswa nguYesu nangentlangano yakhe. Eli nqaku liza kuthetha ngendlela ekusinceda ngayo ukumamela uYehova noYesu.

^ isiqe. 52 IMIFANEKISO: Umdala ubona isicaka solungiselelo sicoca kwiHolo yoBukumkani aze aphinde asibone sisebenza ezincwadini. Lo mdala uyasincoma.

^ isiqe. 54 IMIFANEKISO: ESierra Leone, umzalwana nenkosikazi yakhe bamemela umlobi ezintlanganisweni.

^ isiqe. 56 IMIFANEKISO: AmaNgqina akwilizwe apho umsebenzi wethu ubekelwe imithetho aqhuba iintlanganiso kwikhaya lomnye umKristu. Awanxibanga iimpahla aqhele ukuzinxiba kwiintlanganiso ukuze angabhaqwa.