Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kutheni amaKristu emele alumke xa esebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola?

Amanye amaKristu asebenzisa iteknoloji yala maxesha ukuze akwazi ukuncokola neentsapho zawo okanye namanye amaKristu. Kodwa amaKristu athobela uYehova ahlala ecinga ngala mazwi: “Umntu olumkileyo uyibona iseza ingozi ayiphephe, kodwa ongenamava uya ngqo kuyo aze achaneke.”​—IMize. 27:12.

Siyaqonda ukuba uYehova ufuna ukusikhusela. Yiloo nto singazidibanisi nabantu abaqhekeza ibandla, abakhutshelwe ngaphandle okanye abafundisa izinto ezibhek’ ecaleni. (Roma 16:17; 1 Kor. 5:11; 2 Yoh. 10, 11) Ebandleni kusenokubakho abantu abangazenziyo izinto esizixelelwa yiBhayibhile. (2 Tim. 2:20, 21) Masiyicinge loo nto xa sikhetha abahlobo. Kunokuba nzima ke ukubakhetha kakuhle kwiiwebhsayithi zokuncokola.

Ukuba uncokola neqela elikhulu labantu kwiwebhsayithi, kubalulekile ukuba ulumke kakhulu xa ukhetha abahlobo. Amanye amaKristu abencokola neqela elikhulu labantu kwiwebhsayithi aye achaneka kakhulu. Umzalwana okanye udade unokulumka njani xa encokola neqela elikhulu labantu kwiwebhsayithi? Kunokuba nzima ukubazi kakuhle bonke abo bantu, nokwazi ukuba bamthanda kangakanani uYehova. INdumiso 26:4 ithi: “Andihlali nabantu abangamaxoki, ibe ndiyabaphepha abo bazifihlayo into abayiyo.” Lo mbhalo ubonisa ukuba uya kuba ulumkile xa uncokola nabantu obazi kakuhle qha kwezi webhsayithi.

Nokuba aniloqela likhulu kuloo webhsayithi nincokola kuyo, kufuneka ulijonge ixesha olichithayo nento ekuncokolwa ngayo. Masingacingi ukuba kufuneka siphendule kuyo yonke into encokolwayo nokuba kuncokolwa ixesha elide elingakanani. UPawulos walumkisa uTimoti ngabantu ‘abahlebayo nabazifaka ezintweni zabantu.’ (1 Tim. 5:13) Kula maxesha, kulula ukuyenza loo nto ngezinto ze-elektroniki.

UmKristu omthanda nyhani uYehova akanakumgxeka umzalwana wakhe okanye amamele izinto ezimbi ezithethwa ngaye. Engenakumamela naxa kuthethwa izinto eziyimfihlo ngomzalwana okanye udade. (INdu. 15:3; IMize. 20:19) Akanakuhambe ethetha okanye amamele into eyothusayo okanye ekungaqinisekwanga ngayo. (Efe. 4:25) Kwiwebhsayithi yethu u-jw.org nakwiJW Broadcasting, sinokufunda izinto ezininzi ezithetha ngeBhayibhile, nezinto esiqinisekileyo ngazo.

Amanye amaNgqina ayathengisa, athenge, athethe nangemisebenzi anokuyinika abantu kwiiwebhsayithi zokuncokola. Kukushishina oko, akunanto yokwenza nokukhonza uYehova. AmaKristu afuna ‘ukungayithandi imali’ akasoze azame ukwenza imali ngabazalwana bawo.​—Heb. 13:5.

Singazisebenzisa ezi webhsayithi ukuze sicelele abazalwana bethu abadingayo okanye abehlelwe yintlekele imali? Siyabathanda abazalwana noodade futhi sinomdla kwizinto ezenzeka kubo. Loo nto isenza sifune ukubanceda xa besengxakini size sibakhuthaze. (Yak. 2:15, 16) Kodwa ukufuna ukubanceda ngokuthetha ngabo kwiqela elikhulu labantu oncokola nabo kwiwebhsayithi kunokwenza kube nzima kwiofisi yesebe okanye ebandleni ukunceda abazalwana. (1 Tim. 5:3, 4, 9, 10, 16) Asifuni ukwenza abantu bacinge ukuba thina sinikwe umsebenzi okhethekileyo wokuhoya abazalwana noodade.

Sifuna ukuzukisa uYehova. (1 Kor. 10:31) Ngoko xa ucinga ngokusebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, lumka, ucinge ngeengozi onokuzifaka kuzo.