Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 13

Indlela Asikhusela Ngayo UYehova

Indlela Asikhusela Ngayo UYehova

“INkosi ithembekile, yaye iza kuniqinisa ize inikhusele kumenzi-bubi.”​—2 TES. 3:3.

INGOMA 124 Namathela KuYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kwakutheni ukuze uYesu acele uYehova akhusele abafundi bakhe?

KUBUSUKU bokugqibela ngaphambi kokuba afe, uYesu wayecinga ngeengxaki ababeza kuba nazo abafundi bakhe. Ngenxa yokuba wayebathanda, wacela uYise ukuba ‘abakhusele kuSathana.’ (Yoh. 17:14, 15) Wayesazi ukuba ukubuyela nje kwakhe ezulwini, uSathana uza kulwa nabo bonke abantu abafuna ukukhonza uYehova. Kuyabonakala ukuba abantu bakaYehova kwakuza kufuneka bakhuselwe.

2. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uYehova uza kuyiphendula imithandazo yethu?

2 UYehova wawuphendula umthandazo kaYesu kuba uyamthanda uNyana wakhe. Ukuba sisebenza ngamandla ukuze sivuyise uYehova, nathi uza kusithanda aze ayiphendule imithandazo yethu xa sicela asincede nokuba asikhusele. Akasoze ayeke ukusikhathalela kuba yiNtloko-ntsapho eyithandayo intsapho yayo. Ukuba angayeka, lingangcola igama lakhe, imosheke nendlela aziwa ngayo!

3. Kutheni sifuna nyhani ukukhuselwa nguYehova kule mihla?

3 Sikufuna nyhani ukukhuselwa nguYehova kule mihla. Kaloku uSathana ugxothiwe ezulwini, ngoku uyavutha ngumsindo. (ISityhi. 12:12) Uye wenza abanye abantu bacinga ukuba xa besiphatha kakubi ‘benzela uThixo.’ (Yoh. 16:2) Siphathwa kakubi nangabantu abangakholelwayo kuThixo kuba singazenzi izinto abazenzayo. Nokuba siyintoni isizathu sokuba basiphathe kakubi, asoyiki. Kutheni? ILizwi LikaThixo lithi: “INkosi ithembekile, yaye iza kuniqinisa ize inikhusele kumenzi-bubi.” (2 Tes. 3:3) Usikhusela njani uYehova? Makhe sithethe ngeendlela ezimbini asikhusela ngazo.

UYEHOVA USENZELE IIMPAHLA ZOKUZIKHUSELA

4. AmaEfese 6:13-17 athi uYehova usenzele ntoni?

4 UYehova usenzele iimpahla zokuzikhusela xa uSathana esihlasela. (Funda amaEfese 6:13-17.) Ezi mpahla zomelele futhi ziwenza kakuhle umsebenzi wazo. Kodwa ziza kusikhusela xa sihlala sizinxibile, singakhululi nenye kuzo. Zimela ntoni? Makhe sibone.

5. Limela ntoni ibhanti? Kutheni simele silinxibe?

5 Ibhanti limela inyaniso ekwiLizwi LikaThixo iBhayibhile. Kutheni kufuneka silinxibe? Ngenxa yokuba uSathana ‘ngutata wobuxoki.’ (Yoh. 8:44) Sekuphele amawaka eminyaka exoka, ude walahlekisa ‘nomhlaba wonke.’ (ISityhi. 12:9) Thina sikhuselwa yinyaniso eseBhayibhileni kobo buxoki bakhe. Silinxiba njani ibhanti eliyinyaniso? Ngokufunda ngoYehova, simkhonze “ngomoya nenyaniso” size siziphathe ngokunyaniseka kuzo zonke izinto.—Yoh. 4:24; Efe. 4:25; Heb. 13:18.

Ibhanti: Yinyaniso ekwiLizwi LikaThixo

6. Imela ntoni into yokukhusela isifuba, kutheni kufuneka siyinxibe?

6 Into yokukhusela isifuba, imela imithetho kaYehova yobulungisa. Kutheni kufuneka siyinxibe? Njengokuba into yokukhusela isifuba ikhusela intliziyo yejoni, nabo ubulungisa buyasikhusela ukuze singamoshwa zizinto zeli hlabathi ezingafunwayo nguYehova. (IMize. 4:23) UYehova ulindele ukuba simthande size simkhonze ngentliziyo yethu yonke. (Mat. 22:36, 37) Ngoko uSathana uzama ukusenza sithande izinto zeli hlabathi ukuze singamkhonzi ngentliziyo yonke uYehova. (Yak. 4:4; 1 Yoh. 2:15, 16) Ukuba elo cebo lakhe alisebenzi, uzama ukusiphatha kakubi ukuze side senze into engafunwayo uYehova.

Into yokukhusela isifuba: Yimithetho kaYehova yobulungisa

7. Yintoni ebonisa ukuba sinxibe into yokukhusela isifuba?

7 Sinxiba into yokukhusela isifuba ngokuziphatha ngendlela efunwa nguYehova, senze into athi ilungile, singayenzi athi ayilunganga. (INdu. 97:10) Abanye basenokucinga ukuba imithetho kaYehova isivimba inkululeko. Kodwa xa sinokuyeka ukwenza izinto esizixelelwa yiBhayibhile, sinokufana nejoni elikhulula into ekhusele isifuba salo kanye phakathi emfazweni kuba lisithi inzima. Bubudenge ke obo! Imithetho kaYehova esindisa ubomi “ayikho nzima” kubantu abamthandayo.—1 Yoh. 5:3.

8. Kuthetha ukuthini ukunxibisa iinyawo zethu ukuze silungele ukuthetha iindaba ezilungileyo zoxolo?

8 UPawulos wathi masinxibise iinyawo zethu ukuze silungele ukuthetha iindaba ezilungileyo zoxolo. Ngamany’ amazwi wayesithi simele sihlale silungele ukushumayela iindaba ezilungileyo. Xa sixelela abantu umyalezo oseBhayibhileni, ukholo lwethu luyaqina. Kukhuthaza nyhani ukubona indlela abantu bakaYehova abalisebenzisa ngayo ixesha abalifumanayo lokuxelela abantu iindaba ezilungileyo. Bashumayela emisebenzini, esikolweni, kwiindawo zamashishini, kwindlu ngendlu, xa beyokuthenga, xa beyokubona abantu abazalana nabo abangengomaNgqina, kwabanye abantu ababaziyo kanti naxa bevaleleke ezindlini. Xa sinokuyeka ukushumayela kuba sisoyika, singafana nejoni elikhulula izihlangu xa kusiliwa. Kaloku lingonzakala kwezo nyawo, lingakwazi ukuzikhusela kutshaba. Kunganzima nokulwa ngendlela eliyixelelwe ngumphathi walo.

Izihlangu: Kukulungela ukushumayela iindaba ezilungileyo

9. Kutheni kufuneka siphathe ikhaka elikhulu lokholo?

9 Ikhaka elikhulu lokholo limela indlela esinokholo ngayo kuYehova. Simthembile ukuba uza kuzenza zonke izinto asithembise zona. Olu kholo siza ‘kucima ngalo zonke iintolo ezivuthayo zomenzi-bubi.’ Kutheni kufuneka siliphathe eli khaka likhulu? Lisikhusela kwiimfundiso zabawexuki, lisenza singatyhafiswa nangabantu abagxeka izinto esikholelwa kuzo. Xa singenalo ukholo, asinakukwazi ukumthobela uYehova xa abanye abantu befuna singamthobeli. Kanti qho xa singavumi ukwenza into ayicaphukelayo emsebenzini nasesikolweni, sikhuselwa lukholo lwethu. (1 Pet. 3:15) Xa singawuthathi umsebenzi obhatalayo kuba uza kusenza singamkhonzi kakuhle uYehova, sikhuselwa lukholo lwethu. (Heb. 13:5, 6) Kanti naxa singayeki ukukhonza uYehova nokuba siyachaswa, sikhuselwa kwalolu kholo.—1 Tes. 2:2.

Ikhaka: Lukholo esinalo kuYehova nakwizinto asithembise zona

10. Yintoni umnqwazi wokukhusela intloko, kutheni simele siwunxibe?

10 Umnqwazi wokukhusela intloko lithemba losindiso esilinikwa nguYehova. Usithembisa ukuba, ukuba siyafa, uza kusivusa futhi uza kubanika umvuzo abantu abazenzayo izinto afuna bazenze. (1 Tes. 5:8; 1 Tim. 4:10; Tito 1:1, 2) Njengokuba umnqwazi wejoni ukhusela intloko yalo, ithemba losindiso likhusela indlela esicinga ngayo. Liyikhusela njani? Lenza singahlali sicinga ngeengxaki esinazo de sizilibale izinto esizithenjiswe nguThixo. Siwunxiba njani lo mnqwazi? Ngokuhlala sicinga ngendlela acinga ngayo uThixo. Ngokomzekelo, asithembelanga kubutyebi obungazukuhlala bukhona, sithembele kuThixo.—INdu. 26:2; 104:34; 1 Tim. 6:17.

Umnqwazi: Lithemba lobomi obungunaphakade

11. Yintoni ikrele lomoya, kutheni kufuneka silisebenzise?

11 Ikrele lomoya liLizwi LikaThixo iBhayibhile. Linamandla okuveza bonke ubuxoki, likhulule abantu kwiimfundiso zabo nakwizinto ezibenzakalisayo. (2 Kor. 10:4, 5; 2 Tim. 3:16, 17; Heb. 4:12) Ukuze siyazi kakuhle indlela yokulisebenzisa, kufuneka sifunde iBhayibhile neencwadi esizifumana kwintlangano kaYehova size sivume ukuqeqeshwa yiyo. (2 Tim. 2:15) Ikhona nenye into esikhuselayo esiyinikwe nguYehova. Yintoni leyo?

Ikrele: LiLizwi LikaThixo iBhayibhile

UYEHOVA AKASIYEKI SILWE SODWA

12. Ngoobani abasincedisayo kwimfazwe esiyilwayo, kutheni besincedisa?

12 Ijoni ekudala lisilwa iimfazwe liyazi ukuba alinakukwazi ukulwa nomkhosi omkhulu lilodwa; kufuneka lincediswe ngamanye amajoni. Nathi, asinakukwazi ukulwa noSathana nabantu bakhe sisodwa, kufuneka sincediswe ngabazalwana noodade. UYehova usebenzisa ‘abazalwana’ abakumhlaba wonke ukuba basincedise.—1 Pet. 2:17.

13. AmaHebhere 10:24, 25 athi zisinceda njani iintlanganiso?

13 Olunye uncedo silufumana kwiintlanganiso. (Funda amaHebhere 10:24, 25.) Sonke sikhe sityhafe. Xa sityhafile, sinokufumana amandla kwiintlanganiso. Sikhuthazwa ziimpendulo zabazalwana noodade. Iintetho nemiboniso abayenzayo isenza sizimisele ukungayeki ukukhonza uYehova. Nokuncokola nabo ngaphambi nasemva kweentlanganiso kuyasikhuthaza. (1 Tes. 5:14) Kanti sifumana nexesha lokunceda abantu. Iyasivuyisa ke loo nto. (IZe. 20:35; Roma 1:11, 12) Ikhona nenye into ezisinceda kuyo. Sifundiswa iindlela zokuwenza bhetele kunokuba besiwenza umsebenzi wokushumayela nokufundisa. Ngokomzekelo, sifundiswa ukuzisebenzisa kakuhle Izixhobo Zokufundisa. Ngoko, lungiselela kakuhle xa uza kuya kwiintlanganiso. Xa ziqhubeka, mamela kakuhle. Emva kwazo, zenze izinto ozifundileyo. Xa uzenza ezi zinto, uza kuba ‘lijoni lokwenene likaKristu Yesu.’​—2 Tim. 2:3.

14. Ngoobani abanye abasincedisayo?

14 Sincediswa nangumkhosi omkhulu weengelosi ezinamandla. Khawucinge ngento enokwenziwa yingelosi nje enye! (Isa. 37:36) Ucinga ukuba zinokwenza ntoni ke xa zingumkhosi omkhulu? Akakho umntu okanye idemon enokuwoyisa lo mkhosi unamandla kaYehova. Onke amandla ngakaYehova. Xa ekunye enathi, siza kuhlala sinamandla kuneentshaba zethu nokuba zingakanani. (ABagwe. 6:16) Asiyithandabuzi nakancinci loo nto. Xa utyhafiswe yinto eyenzeke emsebenzini, esikolweni okanye eyenziwe nethethwe ngumntu wakowenu ongeloNgqina, cinga ngabo bonke aba bantu bakunye nawe. Mayingaphumi nakancinci engqondweni yakho into yokuba awuyilwi wedwa le mfazwe. Wenza into athi uYehova yenze.

UYEHOVA UZA KUHLALA ESIKHUSELA

15. UIsaya 54:15, 17 uthi kutheni kungasoze kubekho mntu ubayekisa ukushumayela abantu bakaThixo?

15 Zininzi izizathu zokuba eli hlabathi lilawulwa nguSathana lisicaphukele. Asifak’ isandla kwiipolitiki singalwi nakwiimfazwe. Sishumayela ngegama likaThixo, sixelela abantu ukuba buBukumkani bakhe qha obuza kwenza kubekho uxolo kulo mhlaba futhi siphila ngendlela afuna siphile ngayo. Senza abantu babone ukuba umntu olawula eli hlabathi ulixoki nombulali. (Yoh. 8:44) Sibaxelela nokuba eli hlabathi likaSathana seliza kutshatyalaliswa. Soze USathana nabantu bakhe bakwazi ukusiyekisa ukuxelela abantu ezi ndaba. Siza kuqhubeka sidumisa uYehova ngazo zonke iindlela! USathana unamandla, kodwa akakwazanga ukwenza abantu bakaYehova bayeke ukuxelela bonke abantu abasemhlabeni umyalezo woBukumkani. Isizathu, bakhuselwa nguYehova.—Funda uIsaya 54:15, 17.

16. UYehova uza kubasindisa njani abantu bakhe ngexesha lentlungu engathethekiyo?

16 Yintoni eseza kwenzeka? Ngexesha lentlungu engathethekiyo, uYehova uza kubasindisa ngendlela emangalisayo abakhonzi bakhe abangagungqiyo ekumkhonzeni. Uza kubasindisa kwezi zinto zimbini ziza kwenzeka. Okokuqala, uza kubasindisa xa esenza ookumkani bomhlaba batshabalalise iBhabhiloni Enkulu, eliqela leecawa ezifundisa ubuxoki. (ISityhi. 17:16-18; 18:2, 4) Aphinde abasindise xa elitshabalalisa lonke eli ihlabathi likaSathana, ngeArmagedon.—ISityhi. 7:9, 10; 16:14, 16.

17. Kusinceda njani ukuhlala singabahlobo bakaYehova?

17 Xa sihlala singabahlobo bakaYehova, ayikho into enokwenziwa nguSathana enokusenza singabufumani ubomi obungunaphakade. Nguye oza kutshatyalaliswa ngonaphakade. (Roma 16:20) Ngoko, masihlale sizinxibe zonke iimpahla zokuzikhusela, singakhululi nenye kuzo. Masingazami ukulwa noSathana nehlabathi lakhe sisodwa. Masincede abazalwana noodade size senze izinto uYehova athi masizenze. Ukuba sizenza zonke ezi zinto, siqinisekile ukuba uTata wethu osezulwini uza kusipha amandla aze asikhusele.—Isa. 41:10.

INGOMA 149 Ingoma Yoloyiso

^ isiqe. 5 IBhayibhile isithembisa ukuba uYehova uza kusipha amandla aze asikhusele kwizinto ezinokusahlukanisa naye nezinokusenza singabufumani ubomi obungunaphakade. Nantsi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku: Kutheni sifuna uYehova asikhusele? Usikhusela njani? Simele senze ntoni ukuze asincede?