Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 9

Izinto Abanokuzenza Abazalwana Abasebatsha Ukuze Bathenjwe

Izinto Abanokuzenza Abazalwana Abasebatsha Ukuze Bathenjwe

“Uneqela lakho labafana abanjengamathontsi ombethe.”—INDU. 110:3.

INGOMA 39 Masizenzele Igama Elihle KuThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Singathini ngabazalwana abasebatsha?

BAZALWANA abasebatsha, ininzi into eninokuyenza ebandleni. Abaninzi kuni banamandla futhi bomelele. (IMize. 20:29) Ningabanceda kwizinto ezininzi abazalwana noodade ebandleni. Mhlawumbi niyafuna nokuba zizicaka zolungiselelo. Kodwa nisenokubona ngathi abanye ebandleni bacinga ukuba nisebancinci okanye anikakulungeli ukwenza imisebenzi ebalulekileyo yebandla. Nokuba nisebancinci, zikhona izinto eninokuzenza ukuze banithembe futhi banihloniphe abazalwana noodade.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Kweli nqaku, siza kuthetha ngobomi bukaKumkani uDavide, size sibone izinto ezenzeka kookumkani ababini bakwaYuda, uAsa noYehoshafati. Siza kuva neengxaki awayenazo la madoda mathathu, indlela awazilungisa ngayo nezinto abanokuzifunda kubo abazalwana abasebatsha.

NINOKUFUNDA NTONI KUKUMKANI UDAVIDE?

3. Bazalwana abasebatsha, ningabanceda njani abantu abadala ebandleni?

3 UDavide wafunda ukwenza izinto ababezibona zibalulekile abantu. Asiyithandabuzi into yokuba wayengumhlobo kaYehova. Wasebenza nzima ukuze awazi kakuhle umculo. Wayedla ngokuculela ukumkani owayekhethwe nguThixo, uSawule. (1 Sam. 16:16, 23) Bazalwana abasebatsha, ikhona into enikwazi kakuhle ukuyenza ukuze nincede abazalwana noodade ebandleni? Zikhona izinto abakwazi kakuhle ukuzenza abaninzi benu. Ngokomzekelo, mhlawumbi niyayibona indlela abavuya ngayo abantu abadala xa nibanceda bakwazi ukusebenzisa izixhobo ze-elektroniki xa befunda naxa besesifundweni. Kaloku nina nizazi kakuhle ezi zinto.

UDavide wayezigadile kwaye ezikhathalele iigusha zikatata wakhe kangangokuba wade wazikhusela nakwibhere elalifuna ukuzitya (Jonga isiqendu 4)

4. Zeziphi iimpawu ezifana nezikaDavide abamele basebenzele ukuba nazo abazalwana abasebatsha? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

4 Izinto awayezenza uDavide, zazibonisa ukuba unokuthenjwa. Ngokomzekelo, xa wayesengumfana, wayezalusa kakuhle iigusha zikatatakhe. Kodwa loo msebenzi, wawukhe umfake engozini. Wabalisela uKumkani uSawule into eyakhe yenzeka. Wathi: “Umkhonzi wakho waba ngumalusi womhlambi katata. Kweza ingonyama, ngenye imini kweza ibhere. Zombini zathatha iigusha emhlambini. Ndazilandela ndaza ndazihlasela, ndabe ke ndiyazisindisa iigusha emilonyeni yazo.” (1 Sam. 17:34, 35) Wayesazi ukuba umele azigade iigusha zakowabo, abe naso nesibindi sokuzilwela ukuze azikhusele. Abazalwana abasebatsha banokufana noDavide, bakhuthale kuwo wonke umsebenzi ekuthiwe mabawenze.

5. INdumiso 25:14, ithi yintoni ebalulekileyo enokwenziwa ngabazalwana abasebatsha?

5 UDavide waba ngumhlobo wokwenene kaYehova esemncinci. Ukuba ngumhlobo kaYehova kwakubaluleke ngaphezu kokuba nesibindi okanye kokukwazi kwakhe ukudlala umculo. UYehova wayengengoThixo nje kuDavide, wayengumhlobo wakhe amthanda kakhulu. (Funda iNdumiso 25:14.) Bazalwana abasebatsha, eyona nto ibalulekileyo eninokuyenza kukuba ngabahlobo bakaTata wenu osezulwini. Ukuba niyayenza loo nto, ninokufumana neminye imisebenzi ebandleni.

6. Abanye abantu babecinga ntoni ngoDavide?

6 Enye ingxaki awayenayo uDavide kukuba abanye abantu babecinga ukuba usemncinci okanye akakhathali. Ngokomzekelo, xa wayefuna ukuya kulwa ngoGoliyati, uKumkani uSawule wazama ukumnqanda esithi “useyidyongo.” (1 Sam. 17:31-33) Kanti nomntakwabo wayekhe wathi akakhathali. (1 Sam. 17:26-30) Kodwa yena uYehova wayengacingi ukuba uDavide usemncinci okanye akakhathali. Kaloku wayemazi kakuhle. UDavide waya kulwa noGoliyati ethembe uYehova, nangoku, wambulala.​—1 Sam. 17:45, 48-51.

7. Yintoni eninokuyifunda kwinto eyenzeka kuDavide?

7 Yintoni eninokuyifunda kwinto eyenzeka kuDavide? Ninokufunda ukuba nomonde. Abantu abakwazi usengumntwana, basenokuyibona kade into yokuba sowukhulile ngoku. Qiniseka ukuba uYehova akajongi indlela obonakala ngayo. Ukwazi kakuhle, wazi nezinto onokukwazi ukuzenza. (1 Sam. 16:7) Ungayeki ukumenza oyena mhlobo wakho. Yena uDavide wayenza loo nto ngokubuka indalo kaYehova. Wacinga kakuhle ngezinto eyayimfundisa zona ngoMdali. (INdu. 8:3, 4; 139:14; Roma 1:20) Enye into onokuyenza kukucela uYehova akuphe amandla owadingayo. Ngokomzekelo, ngaba abanye abantwana esikolweni bahlekisa ngawe kuba uliNgqina LikaYehova? Ukuba uthi ewe, cela uYehova akuncede ukwazi ukunyamezela. Wasebenzise amacebiso owafumana eBhayibhileni, kwiincwadi zethu nakwiividiyo. Qho ubona ukuba uYehova ukuncedile kwingxaki obunayo, uza kuya umthemba. Nabanye baza kukuthemba xa bebona indlela omthembe ngayo uYehova.

Abazalwana abasebatsha banokubanceda ngeendlela ezininzi abanye abazalwana noodade ebandleni (Jonga isiqendu 8-9)

8-9. Yintoni eyanceda uDavide wanomonde de lafika ixesha lokuba abekwe esihlalweni, banokufunda ntoni kuye abazalwana abasebatsha?

8 Nantsi enye ingxaki awayenayo uDavide. Emva kokuba ekhethiwe ukuba abe ngukumkani wakwaYuda, zange abekwe esihlalweni ngoko nangoko, kwafuneka alinde iminyaka emininzi. (1 Sam. 16:13; 2 Sam. 2:3, 4) Yintoni eyamnceda wanomonde okanye wakwazi ukulinda? Akazange atyhafe, wayexakekile esenza izinto awayekwazi ukuzenza. Ngokomzekelo, xa wayebalekele kwilizwe lamaFilisti, wayekhusela ubukumkani bamaYuda ngokulwa neentshaba zamaSirayeli.​—1 Sam. 27:1-12.

9 Abazalwana abasebatsha banokufunda ntoni kuDavide? Yenzani yonke into eninokuyenza ukuze nincede abazalwana benu. Khawucinge ngento eyenzeka kumzalwana ekuthiwa nguRicardo. * Esengumfanyana, wayesoloko ecinga ngokuba nguvulindlela othe ngxi. Kodwa abadala bathi akakafaneleki. Kunokuba atyhafe okanye acaphuke, wasebenza ixesha elininzi entsimini. Uthi: “Xa ndicinga ngelo xesha, ndiyabona ukuba kwakusafuneka ndilungise indlela endishumayela ngayo. Ndandiqiniseka ukuba ndiyabuyela kubantu abanomdla, futhi ndandilungiselela qho xa ndiza kuya kubo. Ndaqala ngelo xesha ukuba nesifundo. Njengokuba ndandisiya kakhulu entsimini, lwaya luphela uvalo.” Ngoku uRicardo nguvulindlela othe ngxi, ukwasiso nesicaka solungiselelo.

10. Xa iintshaba zazimke neentsapho zabo, wenza ntoni uDavide ngaphambi kokuba enze isigqibo sendlela yokuzibuyisa?

10 Yiva enye into eyenzeka ebomini bukaDavide. Xa yena namadoda akhe babezimele kwilizwe lamaFilisti, bashiya iintsapho zabo baya emfazweni. Kwafika iintshaba zabo, zagqogqa imizi yabo, zemka neentsapho zabo. UDavide wayenokucinga ukuba kudala walwa iimfazwe, ngoko anganalo icebo lokuzibuyisa. Zange ayenze loo nto, wacela uYehova amncede. Wancedwa ngumbingeleli uAbhiyatare ukuze kwazi ukubuza kuYehova. Wathi: “Ndiwaleqe na la majoni angabaphangi?” UYehova wathi makawaleqe, emqinisekisa ukuba uza kuzisindisa iintsapho zabo. (1 Sam. 30:7-10) Yintoni onokuyifunda kule nto?

Abazalwana abasebatsha bafanele bacele amacebiso kubadala (Jonga isiqendu 11)

11. Yintoni onokuyenza ngaphambi kokuba wenze izigqibo?

11 Qala ngokucela amacebiso ngaphambi kokuba wenze isigqibo. Thetha nabazali bakho. Unokufumana amcebiso aza kukunceda nakubadala. UYehova uwathembile la madoda, nawe umele uwathembe. Kuye ‘azizipho’ ebandleni. (Efe. 4:8) Uza kwenza izigqibo eziza kukunceda xa unokholo njengawo naxa umamela amacebiso awo. Ngoku makhe sibone ukuba singafunda ntoni kuKumkani uAsa.

NINOKUFUNDA NTONI KUKUMKANI UASA

12. Zeziphi iimpawu uKumkani uAsa awayenazo xa wayeqala ukulawula?

12 Esengumfana, uKumkani uAsa wayethobekile, enesibindi. Ngokomzekelo, emva kokusweleka kukatata wakhe uAbhiya waba ngukumkani. Watshabalalisa zonke izithixo zelo lizwe. Waxelela amaYuda ukuba “makafune uYehova uThixo wookhokho bakhe, aze awuthobele uMthetho nomyalelo.” (2 Kron. 14:1-7) Xa uZera waseTiyopiya weza kulwa namaYuda enamajoni ayi-1 000 000, uAsa wacela uYehova amncede. Wathi: “Owu Yehova, ayithethi nto kuwe into yokuba baninzi okanye abanamandla abo ubancedayo. Sincede, Yehova Thixo wethu, kuba sithembele ngawe.” La mazwi amnandi abonisa indlela uAsa awayeqiniseke ngayo ukuba uYehova uza kubasindisa. Wayemthembile uTata wakhe osezulwini. UYehova akazange amdanise, “wawoyisa amaTiyopiya.”​—2 Kron. 14:8-12.

13. Ekuhambeni kwexesha, yintoni eyenzeka kuAsa, kwakutheni?

13 Wawunokoyika kakhulu nawe ukulwa namajoni ayi-1 000 000, kodwa kuba uAsa wayethembe uYehova, wawoyisa. Emva koko, xa wayeza kulwa enye imfazwe, zange amthembe uYehova. Weza kuhlaselwa nguKumkani uBhahasha wakwaSirayeli. Ngelo xesha wacela uncedo kuKumkani waseSiriya. Eso sigqibo samfaka engxakini enkulu. Ngomprofeti uHanani, uYehova wathi kuAsa: “Kuba uye wathembela ngokumkani waseSiriya, awathembela ngoYehova uThixo wakho, umkhosi kakumkani waseSiriya uphuncukile esandleni sakho.” Ukusuka ngelo xesha, uAsa wayehlala esilwa iimfazwe. (2 Kron. 16:7, 9; 1 Kum. 15:32) Yintoni oyifundayo kuAsa?

14. Yintoni onokuyenza ebonisa ukuba umthembile uYehova? U-1 Timoti 4:12 uthi kuza kwenzeka ntoni xa usenza loo nto?

14 Hlala uthobekile, ungayeki ukumthemba uYehova. Xa wawubhaptizwa, wawubonisa ukuba unokholo futhi umthembile uYehova. NoYehova wakwamkela evuya kwintsapho yakhe. Ungayeki ukumthemba uYehova. Kusenokungabi nzima ukumthemba xa kufuneka wenze izigqibo ezibaluleke kakhulu, kodwa ngaba kusoloko kunjalo? Kubalulekile ukumthemba kuzo zonke izigqibo ozenzayo, nokuba ufuna ukwenza isigqibo ngendlela ozonwabisa ngayo, ngendawo oza kuphangela kuyo, nangezinto oza kuzenza ebomini? Sukuzithemba, khangela umgaqo weBhayibhile onokukunceda kwisigqibo ofuna ukusenza, uze wenze loo nto iBhayibhile ithi yenze. (IMize. 3:5, 6) Ukuba wenza loo nto, uza kuvuyisa uYehova, nebandla liza kukuthemba.​—Funda u-1 Timoti 4:12.

NINOKUFUNDA NTONI KUKUMKANI UYEHOSHAFATI

15. Izi-2 Kronike 18:1-3; 19:2, zithi zeziphi iimpazamo ezenziwa nguKumkani uYehoshafati?

15 Njengathi sonke, nawe unesono, uyazenza iimpazamo. Kodwa loo nto mayingakwenzi ungamsebenzeli ngamandla akho onke uYehova. Cinga ngoKumkani uYehoshafati. Wayeneempawu ezininzi ezintle. Xa wayesengumfana, “wafuna uThixo katata wakhe waza walandela umyalelo wakhe.” Wathuma namagosa akhe ukuba aye kufundisa abantu ngoYehova kuzo zonke iidolophu zakwaYuda. (2 Kron. 17:4, 7) Ngamanye amaxesha naye wayezenza izigqibo ezazimfaka engxakini. Esinye sezo zigqibo samenza wathethiswa ngomnye wabantu bakaYehova. (Funda izi-2 Kronike 18:1-3; 19:2.) Yintoni onokuyifunda kwinto eyenziwa nguYehoshafati?

Abazalwana abasebatsha abakhutheleyo nabathembekileyo bayathandwa ebandleni (Jonga isiqendu 16)

16. Yintoni oyifundayo kuRajeev?

16 Yimamele uze uyisebenzise indlela ocetyiswa ngayo. Mhlawumbi nawe uyafana nabafana abaninzi; kunzima ukuba izinto ezifunwa nguYehova ibe zezona zibalulekileyo ebomini bakho. Ungatyhafi. Yiva into eyenzeka kuRajeev esengumfana. Uthi: “Ngelo xesha ndandikhe ndingayazi into endifuna ukuyenza ebomini bam. Ndandifana nabafana abaninzi, ndithanda imidlalo nokonwaba kuneentlanganiso nentsimi.” Wancedwa yintoni? Omnye umdala wathetha naye. URajeev uthi: “Lo mdala wandinceda ndacingisisa ngomgaqo oku-1 Timoti 4:8.” URajeev wathobeka, walisebenzisa icebiso alifumanayo, waza wacinga ngezinto ezibalulekileyo ebomini. Uthi: “Ndazixelela ukuba ngoku, eyona nto ibalulekileyo ebomini bam iza kuba kukukhonza uYehova ngeendlela ezininzi.” Kwenzeka ntoni emva koko? URajeev uthi: “Emva kweminyaka embalwa ndithethe naloo mdala, ndaba sisicaka solungiselelo.”

MENZE ABE NEBHONGO NGAWE UTATA WAKHO OSEZULWINI

17. Baziva njani abantu abadala ngabafana abakhonza uYehova?

17 Bazalwana abasebatsha, abantu abadala banithanda kakhulu xa nikhonza uYehova kunye nabo. (Zef. 3:9) Bayayithanda indlela enizinikela ngayo kwimisebenzi eniyenzayo ebandleni. Bayancuma xa benijongile.​—1 Yoh. 2:14.

18. IMizekeliso 27:11 ithi uYehova uziva njani ngabazalwana abasebatsha abamkhonzayo?

18 Ningaze niyilibale indlela uYehova anithanda nanithembe ngayo. Wathi ngemihla yokugqibela kuza kubakho iqela labafana abaza kuzinikela kuye. (INdu. 110:1-3) Uyazi ukuba niyamthanda futhi nifuna ukumkhonza ngamandla enu onke. Yibani nomonde kwizinto enifuna ukuzenza naxa nisebenza nabantu. Xa niphazamile, vumani ukulungiswa, zixeleleni ukuba nilungiswa nguYehova. (Heb. 12:6) Khuthalani kuyo yonke imisebenzi eniyinikiweyo. Eyona nto ibaluleke kakhulu kukuba kuyo yonke into eniyenzayo, menzeni avuye uTata wenu osezulwini.​—Funda iMizekeliso 27:11.

INGOMA 135 “Yiba Sisilumko Nyana Wam”

^ isiqe. 5 Xa abazalwana abasebatsha besiya bemazi futhi bemthanda uYehova, baye bafune ukumkhonza nangezinye iindlela. Ukuze babe zizicaka zolungiselelo, kufuneka basebenzele ukuhlonitshwa libandla. Yintoni ekufuneka bayenze ukuze libahloniphe?

^ isiqe. 9 Amanye amagama atshintshiwe.