Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 10

Lonke Ibandla Linokuzinceda Izifundo Zibhaptizwe

Lonke Ibandla Linokuzinceda Izifundo Zibhaptizwe

“Ilungu ngalinye liwenza ukhule umzimba.”—EFE. 4:16.

INGOMA 85 Yamkelanani

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Ngoobani abanokunceda umntu ofundelwayo azenze izinto azifundayo de abhaptizwe?

UAMY ohlala eFiji uthi: “Ndandiyithanda into endandiyifundiswa eBhayibhileni. Ndandisazi ukuba yinyaniso. Kodwa ndathi ndakuchitha ixesha nabazalwana noodade, ndaqala ukuyeka izinto ezingafunwayo nguThixo, de ndabhaptizwa.” Le nto ithethwa nguAmy isifundisa into ebalulekileyo: Xa nabanye abavakalisi befak’ isandla ekuncedeni umntu oqhutyelwa isifundo, unokuyitshintsha kancinci kancinci indlela aphila ngayo de abhaptizwe.

2 Bonke abavakalisi banokumnceda umntu ofundelwayo ade abe ngumvakalisi naye. (Efe. 4:16) Omnye uvulindlela ohlala eVanuatu, uLeilani uthi: “Kuthiwa wonke umntu elalini ufak’ isandla kwindlela akhula kakuhle ngayo umntwana. Ndicinga ukuba kunjalo nasekwenzeni abantu babe ngabafundi; lonke ibandla lifak’ isandla ekwenzeni umntu abe ngumfundi.” Abazali, abantu azalana nabo, abahlobo nootitshala esikolweni, bonke bafak’ isandla ekuncedeni umntwana abe ngumntu omdala. Basifaka ngokumfundisa izinto ezibalulekileyo nokumkhuthaza ukuba azenze. Nabavakalisi ebandleni banokumnceda umntu ofundelwayo ngokumcebisa, baze bamkhuthaze. Kanti naxa ebabona bezenza ezi zinto afunda ngazo, naye unokuzenza, de abhaptizwe.​—IMize. 15:22.

3. Ufunde ntoni kwizinto ezithethwa nguAna, uDorin, noLeilani?

3 Kutheni emele avuye umvakalisi xa abanye ebandleni benceda umntu amfundelayo? Yiva into ethethwa ngomnye uvulindlela okhethekileyo eMoldova, uAna. Uthi: “Umvakalisi akanakukwazi ukumnceda eyedwa umntu amfundelayo kuzo zonke izinto afuna ukuncedwa kuzo.” Kanti yena uDorin, okwanguvulindlela okhethekileyo kweli lizwe uthi: “Ngalo lonke ixesha abavakalisi baye bathethe into eza kunceda umntu endimfundelayo, ebendingasoze ndiyicinge mna.” ULeilani yena utsho esinye isizathu esimele sisenze sivuye xa abanye abavakalisi benceda abantu esibafundelayo. Uthi: “Xa umntu ofundelwayo ebona indlela abamthanda nabamkhathalele ngayo abavakalisi, utsho abone ukuba singabantu bakaYehova nyhani.”​—Yoh. 13:35.

4. Yintoni esiza kufunda ngayo kweli nqaku?

4 Mhlawumbi uyazibuza, ‘Ndinokumnceda njani umntu ongafundelwa ndim ayeke ukwenza izinto ezingafunwayo nguYehova, abhaptizwe?’ Makhe sifunde ngento onokuyenza xa umvakalisi oza kuya kuqhuba isifundo ecela ukuhamba nawe nento omele uyenze xa loo mntu eqala ukuya esifundweni. Siza kubona nokuba abadala banokumnceda njani umntu ofundelwayo ukuze abhaptizwe.

XA UHAMBA NOMVAKALISI OQHUBA ISIFUNDO

Xa uza kuhamba nomvakalisi oza kuqhuba isifundo, lungiselela kakuhle (Jonga isiqendu 5-7)

5. Ziintoni omele uzenze xa ucelwe ngumvakalisi oza kuya kufundisa umntu ukuba uhambe naye?

5 Ngumvakalisi oqhuba isifundo omele aqiniseke ukuba siyayiqonda into ethethwa liLizwi LikaThixo. Ukuba ucela uhambe naye xa esiya kufundisa, ngamany’ amazwi ucela uye kumncedisa. (INtshu. 4:9, 10) Unokumncedisa njani?

6. Unokuwusebenzisa njani umgaqo okwiMizekeliso 20:18 xa uza kuhamba nomvakalisi oye kuqhuba isifundo?

6 Lungiselela. Cela umvakalisi akuxelele ngalo mntu amfundisayo. (Funda iMizekeliso 20:18.) Usenokumbuza: “Ziintoni ozaziyo ngalo mntu? Niza kufunda ngantoni? Yintoni ofuna simshiye eyazi kwesi sifundo? Ikhona into endifanele ndiyenze okanye ndingayenzi, nendifanele ndiyithethe okanye ndingayithethi xa sifunda? Ndinokumkhuthaza njani ukuba azenze izinto azifundayo?” Umvakalisi oqhuba eso sifundo akanakukuxelela nezinto eziyimfihlo ngalo mntu, kodwa ezo akuxelela zona zinokunceda. Omnye umvangeli wasemazweni, uJoy, uyabaxelela ezi zinto abavakalisi ahamba nabo xa esiya kuqhuba isifundo. Uthi: “Le nto iye yenze abavakalisi endihamba nabo bafune ukumnceda loo mntu, bakwazi nokucinga into abaza kuyithetha.”

7. Kutheni kufuneka ulungiselele xa uza kuhamba nomvakalisi oye kuqhuba isifundo?

7 Ukuba umvakalisi oza kuqhuba isifundo ukucele ukuba uhambe naye, kuhle ukuba ulungiselele. (Ezra 7:10) Umzalwana ekukhe kwathethwa ngaye kwisiqendu esidlulileyo, uDorin, uthi: “Ndivuya kakhulu xa umvakalisi endihamba naye elungiselele. Kaloku loo nto imenza athethe izinto eziza kunceda lo mntu ndimfundisayo.” Enye into, mhlawumbi xa umfundi ebona ukuba nobabini nilungiselele, uza kuqonda ukuba naye kufuneka alungiselele. Nokuba awuzukwazi ukulungiselela kakuhle, ziphe nje ixesha lokujonga ezona zinto zibalulekileyo kuza kufundwa ngazo.

8. Ungenza ntoni ukuze uqiniseke ukuba umthandazo oza kuwenza xa kuza kuqhutywa isifundo uza kumnceda umntu ofundiswayo?

8 Enye into ebalulekileyo xa kuza kuqhutywa isifundo kukuthandaza. Ngaphambi kokuba niye kuqhuba isifundo, cinga ngento oza kuyithetha xa umvakalisi enokucela ukuba uthandaze. Loo nto iza kukwenza ukwazi ukuthandaza ngaloo mntu nangaloo nto niza kuyifunda. (INdu. 141:2) UHanae ohlala eJapan usayikhumbula nangoku imithandazo yomnye udade owayehamba nodade owayemqhubela isifundo. Uthi: “Ndeva ukuba umthanda nyhani uYehova, ndafuna ukufana naye. Ndayibona indlela andithanda ngayo nam xa ndandimva ebiza igama lam emthandazweni.”

9. UYakobi 1:19 uthi yintoni onokuyenza ukuze ukwazi ukuncedisa xa kuqhutywa isifundo?

9 Mncedise umvakalisi xa eqhuba isifundo. Omnye uvulindlela okhethekileyo oseNigeria, uOmamuyovbi uthi: “Umvakalisi ohamba naye umamela kakuhle xa nifunda. Uthetha izinto eziza kumnceda umfundi. Akathethi kakhulu kuba uyazi ayinguye oqhuba isifundo.” Wazi njani ukuba ufanele uthethe xa kutheni futhi yintoni ofanele uyithethe? (IMize. 25:11) Mamela kakuhle. (Funda uYakobi 1:19.) Loo nto iza kukwenza ulazi ixesha onokuthetha ngalo. Kodwa, cinga ngaphambi kokuba uthethe. Ngokomzekelo, awufuni ukuthetha kakhulu de uphazamise kwinto ebicaciswa ngumvakalisi oqhuba isifundo, ungafuni nokuthetha ngento ekungathethwa ngayo. Kodwa unokuyenza icace kakhulu into ekuthethwa ngayo ngamazwi nje ambalwa, ngokwenza umzekeliso okanye ngombuzo. Ngamanye amaxesha unokubona ukuba akho nto ingako onokuyithetha ngaloo nto kufundwa ngayo. Kodwa ukuba uyamncoma umfundi, umenze abone ukuba unomdla kuye, uza kumnceda azenze izinto azifundayo.

10. Ukumbalisela izinto ezenzeke kuwe kunokumnceda njani umntu ofundelwayo?

10 Balisa ngezinto ezenzeke kuwe. Ukuba ucinga ukuba kuza kumnceda ukuva indlela wena obe liNgqina ngayo, indlela ozilungise ngayoe ngayo iingxaki obunazo okanye indlela uYehova akuncede ngayo, mbalisele. (INdu. 78:4, 7) Mhlawumbi zezo zinto kanye ebedinga ukuziva ukuze ancedakale. Zinokuluqinisa ukholo lwakhe okanye zimkhuthaze ukuba abhaptizwe. Ukuba kukho ingxaki anayo, unokubona nendlela anokuyilungisa ngayo. (1 Pet. 5:9) Uvulindlela ohlala eBrazil, uGabriel, uthetha ngento eyamncedayo xa wayefundiswa iBhayibhile. Uthi: “Xa ndandisiva izinto abadlule kuzo abanye abazalwana, ndabona ukuba uYehova uyazazi iingxaki zethu. Ukuba bona badlula ngaphaya kwazo, mna ndinokunqandwa yintoni!”

XA EYE KWIINTLANGANISO

Sonke sinokumkhuthaza umntu ofundelwayo ukuba eze qho kwiintlanganiso (Jonga isiqendu 11)

11-12. Kutheni sifanele simamkele umfundi oze kwiintlanganiso?

11 Ukuze umntu ofundiswa iBhayibhile abhaptizwe, kufuneka aye qho kwiintlanganiso, abone nendlela ezimnceda ngayo. (Heb. 10:24, 25) Umvakalisi omfundelayo uza kummema ukuba aye kwiintlanganiso. Xa eqala ukuya, sonke sifanele simkhuthaze ukuba angayeki. Singayenza njani loo nto?

12 Mamkeleni. (Roma 15:7) Xa umfundi ebona indlela amkeleke ngayo kwiintlanganiso, mhlawumbi uza kuza qho. Mbuliseni ninobubele nimazise kwabanye, kodwa ningamenzi abe neentloni. Sukuzixelela ukuba kukho umntu ahamba naye; mhlawumbi umvakalisi omfundisayo akakafiki okanye usaxakeke zezinye izinto eholweni. Yimamele kakuhle into ayithethayo, abone ukuba unomdla kuye. Loo nto inokumnceda njani lo mntu? Khawuve into eyenzeka kuDmitrii, obhaptizwe kwiminyaka embalwa edlulileyo nosisicaka solungiselelo ngoku. Ubalisa into eyenzekayo xa wayeqala ukuya kwiintlanganiso. Uthi: “Omnye umzalwana wandibona ndimi ngaphandle kweHolo YoBukumkani ndisoyika ukungena, wangena nam. Abantu abaninzi beza kundibulisa. Ndandingayilindelanga noko ke le. Kodwa ndayithanda kakhulu kangangokuba ndandirhalela ukuba zibekho qho ezo ntlanganiso. Kaloku zange ndayibona into enjengale naphi na.”

13. Indlela enizenza ngayo izinto inokumnceda njani umfundi?

13 Makabone izinto enizenzayo. Izinto enizenzayo zinokumnceda umfundi aqiniseke ukuba ningamaKristu nyhani. (Mat. 5:16) UVitalii, onguvulindlela eMoldova ngoku, uthi: “Ndabona indlela abaphila ngayo, abacinga nabaziphethe ngayo abanye ebandleni. Loo nto yandenza ndaqiniseka ukuba amaNgqina KaYehova ahamba noThixo nyhani.”

14. Izinto ozenzayo zinokumnceda njani umntu ofundelwayo abhaptizwe?

14 Ukuze abhaptizwe, umntu ofundelwayo kufuneka azenze izinto azifundayo. Ayisoloko ilula ke le into. Kodwa xa ebona indlela enincedwa ngayo kukwenza izinto ezikwimigaqo yeBhayibhile, unokufuna ukuzenza naye. (1 Kor. 11:1) UHanae ekukhe kwathethwa ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi: “Abazalwana noodade babesenza ezi zinto ndandizifunda. Ndayibona indlela endinokubakhuthaza ngayo abanye, ndibaxolele futhi ndibathande. Babesoloko bethetha kakuhle ngabanye. Nam ndafuna ukwenza loo nto.”

15. IMizekeliso 27:17 isinceda njani sibone isizathu sokuba sifanele simenze abe ngumhlobo wethu umntu ofundelwayo?

15 Menzeni umhlobo wenu. Njengoko esiza kwiintlanganiso, zamani ukumazi. (Fil. 2:4) Ncokolani naye. Mxeleleni indlela enivuya ngayo xa nimbona ezama ukwenza izinto azifundiswayo. Unokumbuza ngesifundo asiqhutyelwayo, ngabantu bakowabo okanye intsapho yakhe nomsebenzi wakhe. Kodwa ulumke, ungambuzi izinto ezinokumenza abe neentloni. Ezi ncoko zinokunenza niqhelane. Xa nimenza umhlobo wenu, niyamnceda azenze izinto azifundayo de abhaptizwe. (Funda iMizekeliso 27:17.) Ngoku uHanae nguvulindlela othe ngxi. Xa ecinga ngeentsuku zakhe zokuqala kwiintlanganiso, uthi: “Yayiba ngathi alude lufike usuku lweentlanganiso, ndandisiya nokuba ndidiniwe kuba ndandisiya ndisiba nabahlobo ebandleni. Ndandikuvuyela ukuba kunye nabo. Ndohlukana nabahlobo abangamkhonziyo uYehova. Ndandifuna ukuba ngumhlobo kaYehova nowabazalwana noodadewethu. Loo nto yandenza ndafuna ukubhaptizwa.”

16. Yeyiphi enye into onokuyenza ukuze uncede umntu ofundelwayo azive esekhaya xa esebandleni?

16 Njengoko umfundi esiya etshintsha indlela aphila ngayo, mncedeni azive esekhaya xa esebandleni. Yibani nobubele. (Heb. 13:2) Xa ecinga ngexesha awayefundelwa ngalo, uDenis okhonza eMoldova uthi: “Mna nomkam sasisoloko simenywa ngabazalwana. Babesibalisela indlela uYehova abancede ngayo. Yasikhuthaza loo nto. Ukusoloko sikunye nabo kwasenza saqiniseka ukuba sifuna ukukhonza uYehova nokuba siza kuphila kamnandi ukuba siyayenza loo nto.” Xa umfundi esiba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, unokumcela niye kunye entsimini. Omnye umvakalisi waseBrazil, uDiego, uthi: “Ndacelwa ngabazalwana abaninzi ukuba ndiye nabo entsimini. Le nto yandenza ndabazi kakuhle. Ndafunda izinto ezininzi kubo, ndaziva ndingumhlobo kaYehova noYesu.”

BANOKUNCEDA NJANI ABADALA?

Badala, xa ninomdla kwizifundo, ninokuzinceda zibhaptizwe (Jonga isiqendu 17)

17. Abadala banokubanceda njani abantu abafundelwayo?

17 Badala, zipheni ixesha lokuncokola nabantu abafundelwayo. Xa nibabonisa ukuba niyabathanda futhi nibakhathalele, ninokubanceda bade babhaptizwe. Ncokolani nabo qho kwiintlanganiso. Baza kubona ukuba nibakhathalele xa niwakhumbula amagama abo, kakhulu xa beqala ukuphendula ezintlanganisweni. Zipheni ixesha lokuhamba nabavakalisi xa besiya kuqhuba izifundo? Ninokumnceda loo mntu ngendlela eningakhange niyicinge. Omnye uvulindlela oseNigeria, uJackie, uthi: “Abantu abaninzi endibafundelayo bayothuka xa ndibaxelela ukuba umzalwana ebendize naye ngumdala. Omnye wade wathi: ‘Owam umfundisi, akasoze ayenze loo nto. Uya kubantu abazizityebi qha, nakhona xa bembhatala!’” Loo mfundi wayethetha loo nto uyaya kwiintlanganiso ngoku.

18. Abadala banokuwenza njani umsebenzi wabo ochazwe kwiZenzo 20:28?

18 Ncedani abavakalisi bawenze kakuhle umsebenzi wokufundisa, nibakhuthaze. Badala, ninomsebenzi obalulekileyo wokunceda abavakalisi bawenze kakuhle umsebenzi wokushumayela nokufundisa. (Funda iZenzo 20:28.) Ukuba umvakalisi uyoyika ukuqhuba isifundo xa uhamba naye, cela ukusiqhuba ngokwakho. UJackie, ekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Abadala bahlala bendibuza ngabantu endibafundelayo. Xa ndinengxaki yokuqhuba isifundo, bayandicebisa ukuba mandenze ntoni.” Ininzi into enokwenziwa ngabadala ukuze bakhuthaze abavakalisi abaqhuba izifundo. (1 Tes. 5:11) UJackie uphinda athi: “Ndiyavuya xa abadala bendikhuthaza futhi bendixelela ukuba ndenza umsebenzi obalulekileyo. Xa ndisiva amazwi afana nala ndiyahlaziyeka, iba ngathi ndisela amanzi abandayo ngemini eshushu. Andenza ndizibone ukuba ndiwenza kakuhle lo msebenzi wokufundisa, nditsho ndivuye.”—IMize. 25:25.

19. Yintoni enokusenza sonke sivuye?

19 Nokuba ngoku asinazo izifundo esiziqhubayo, sinokumnceda umntu ofundelwayo abhaptizwe. Xa silungiselele kakuhle, sinokumncedisa umvakalisi oqhuba isifundo nokuba asithethi kakhulu. Sinokubenza abahlobo bethu abantu abafundelwayo xa beze kwiintlanganiso, basibone sizenza ezi zinto bazifundiswayo. Abadala banokubakhuthaza ngokuzipha ixesha lokuncokola nabo, bakhuthaze nabavakalisi ababafundisayo, babancede bawenze kakuhle umsebenzi wokufundisa baze babancome. Kusivuyisa kakhulu ukunceda umntu amthande aze amkhonze uTata wethu uYehova, nokuba incinci kangakanani into esiyenzileyo.

INGOMA 79 Zifundise Ukuhlala Ziqinile

^ isiqe. 5 Abanye kuthi abanazifundo. Kodwa sonke sinokubanceda abantu abafundelwayo bazenze izinto abazifundayo, babhaptizwe. Eli nqaku liza kusixelela ukuba sinokuyenza njani loo nto.