Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 11

Ukufunda IBhayibhile Kunokukunceda Unyamezele

Ukufunda IBhayibhile Kunokukunceda Unyamezele

‘UThixo usinceda sinyamezele.’​—ROMA 15:5.

INGOMA 94 Siyalixabisa ILizwi LikaThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Zeziphi iingxaki abaye banazo abantu bakaYehova?

NGABA kukho ingxaki onayo? Mhlawumbi kukho umntu okukhathazileyo ebandleni. (Yak. 3:2) Kusenokwenzeka ukuba emsebenzini okanye esikolweni uyahlekwa kuba ukhonza uYehova. (1 Pet. 4:3, 4) Okanye abantu bakowenu bazama ukukuyekisa ukuya kwiintlanganiso nokuthetha nabanye ngokholo lwakho. (Mat. 10:35, 36) Ukuba ingxaki onayo inzima kakhulu, unokucinga ukuba kubhetele uyeke ukukhonza uYehova. Kodwa qiniseka ukuba nokuba ingxaki onayo injani, uYehova uza kukunika ubulumko bokujongana nayo namandla okuyinyamezela.

2. AmaRoma 15:4 athi kuza kukunceda njani ukufunda iBhayibhile?

2 UYehova uye waqiniseka ukuba kwiLizwi lakhe kubhalwa ngendlela abantu abangafezekanga abazinyamezela ngayo iingxaki ezinzima ababenazo. Kwakutheni ukuze afune kubhalwe ngabo? Impendulo siyifumana kumazwi awaphefumlela umpostile uPawulos ukuba awabhale kumaRoma 15:4. (Wafunde.) Xa ufunda ngaba bantu unokuthuthuzeleka, ube nethemba. Kodwa ukuze izinto ozifunda eBhayibhileni zikuncede, kufuneka uzivumele zitshintshe indlela ocinga noziva ngayo. Ngokomzekelo, unokwenza ntoni xa ufuna uThixo akuncede kwingxaki onayo? Nazi izinto ezine onokuzenza: (1) Thandaza, (2) Yiba nombono wento eyayisenzeka, (3) Ziphe ixesha lokucinga kakuhle ngayo uze (4) Uyenze. Makhe sithethe ngendlela onokuzenza ngayo ezi zinto. * Emva koko uza kubona indlela ezinokukunceda ngayo ukuze ufunde kwizinto ezenzeka kuKumkani uDavide nompostile uPawulos.

1. THANDAZA

Ngaphambi kokuba ufunde iBhayibhile, cela uYehova akuncede ubone into eza kukunceda (Jonga isiqendu 3)

3. Yintoni omele uqale uyenze xa uza kufunda iBhayibhile, kutheni usenza loo nto?

3 (1) Thandaza. Qala uthandaze xa uza kufunda iBhayibhile, ucele uYehova akuncede ubone indlela enokukunceda ngayo loo ndawo uza kufunda kuyo. Masithi unengxaki, awazi ukuba mawenzeni, cela uYehova akuncede ufumane imigaqo enokukunceda kuloo ndawo uza kufunda kuyo.—Fil. 4:6, 7; Yak. 1:5.

2. YIBA NOMBONO WENTO EYAYISENZEKA

Yiba ngathi ungulo mntu ufunda ngaye (Jonga isiqendu 4)

4. Yintoni enokukunceda uqiniseke ukuba yenzeka nyhani into oyifundayo?

4 (2) Yiba nombono wento eyayisenzeka. UYehova usiphe into emangalisayo, ukukwazi ukuba nombono wento eyenzekileyo. Ukuze uqiniseke ukuba yenzeka nyhani into oyifundayo, mayibe ngathi iyenzeka ngoku uyifundayo, nawe ube ngathi unguloo mntu ufunda ngaye. Zama ukubona izinto awazibonayo, uzive ngendlela anoba wayeziva ngayo.

3. ZIPHE IXESHA LOKUCINGA KAKUHLE NGAYO

Cingisisa ngale nto uyifundayo nendlela ekunceda ngayo (Jonga isiqendu 5)

5. Yintoni omele ucinge kakuhle ngayo? Ukuze uyiqonde kakuhle into ogqib’ okufunda ngayo, yeyiphi imibuzo omele uzibuze yona?

5 (3) Ziphe ixesha lokucinga kakuhle ngayo. Ukucinga kakuhle ngento ogqib’ okuyifunda kuthetha ukufumana indlela onokuyisebenzisa ngayo. Kukunceda ukwazi ukuyidibanisa ukuze uyiqonde kakuhle. Ukuyifunda nje iBhayibhile ungaziphi ixesha lokucinga kakuhle ngale nto ugqib’ okuyifunda, kufana nokufunda into ongaqondiyo ukuba idibana njani. Xa uzipha ixesha lokucinga ngayo, uyakwazi ukuyidibanisa utsho uyiqonde eyona nto ithethwayo. Ukuze uyiqonde into oyifundayo, kufuneka uzibuze le mibuzo: ‘Lo mntu kuthethwa ngaye wenza ntoni ukuze akhululeke kwingxaki awayenayo? UYehova wamnceda njani? Ndinokuzisebenzisa njani ezi zinto ndizifundileyo ukuze zindincede ndinyamezele?’

4. YENZE

Yisebenzise ukuze ukwazi ukwenza izigqibo eziza kukunceda, eziza kwenza uzole neziza kuqinisa ukholo lwakho (Jonga isiqendu 6)

6. Kutheni kufuneka siyenze into esiyifundayo?

6 (4) Yenze. UYesu wathi ukuba asiyenzi into esiyifundayo sifana nendoda eyakha indlu esantini. Ibil’ isoma kodwa imosha nje ngamandla ayo. Kutheni sisitsho? Kuba xa kufika umoya omkhulu nemvula, loo ndlu iyadilika. (Mat. 7:24-27) Nathi, ukuba siyathandaza ngaphambi kokuba sifunde, sibe ngathi siyayibona isenzeka le nto siyifundayo, sicinge kakuhle ngayo kodwa singayenzi, sakuba simoshe nje ngexesha lethu. Xa sitshutshiswa okanye sineengxaki, ukholo lwethu aluzukuqina. Kodwa xa siyenza into esiyifundayo, siyakwazi ukwenza izigqibo eziza kusinceda, sitsho sizole luze luqine nokholo lwethu. (Isa. 48:17, 18) Makhe sibone ukuba ezi zinto zine sigqib’ okufunda ngazo zinokusinceda njani sifunde kwizinto ezenzeka kuKumkani uDavide.

SINOKUFUNDA NTONI KUKUMKANI UDAVIDE?

7. Libali likabani esiza kufunda ngalo?

7 Ngaba ukhe wajikelwa ngumntu wakowenu okanye ngumhlobo wakho? Ukuba ikhe yenzeka loo nto, uza kuncedwa libali lonyana kaKumkani uDavide, uAbhisalom, owajikela uyise ngokuzama ukumbhukuqa ukuze kulawule yena.​—2 Sam. 15:5-14, 31; 18:6-14.

8. Yintoni omele uyenze ukuze uYehova akuncede?

8 (1) Thandaza. Ucinga ngeli bali, xelela uYehova ukuba uziva njani ngendlela oye waphathwa kakubi ngayo. (INdu. 6:6-9) Sukumfihlela nto, mxelele kanye le ndlela uziva ngayo. Emva koko mcele akuncede ubone imigaqo eza kukunceda.

9. Khawusibalisele ngento eyenzeka kuDavide noAbhisalom.

9 (2) Yiba nombono wento eyayisenzeka. Cinga ngezinto ezazisenzeka uze ube nombono wendlela awayeziva ngayo uKumkani uDavide. Iminyaka emininzi unyana wakhe uAbhisalom usebenzela ukuba abantu bamthande (2 Sam. 15:7) Akuqiniseka ukuba wenze yonke into, uthumela amadoda akhe kwaSirayeli ukuba aye kulungisa iingqondo zabantu ukuze bavume ukuba nguye ukumkani. Ude aqhathe nendoda engumhlobo kaDavide nemcebisayo, uAhitofele, ukuba ibe ngakwicala lakhe. Ngoku, uthi nguye ukumkani. Uzama ukubulala uDavide ekusenokwenzeka ukuba ugula kakhulu. (INdu. 41:1-9) Iyafika ezindlebeni zikaDavide le nto yenziwa nguAbhisalom aze abaleke eYerusalem. Ekugqibeleni, imikhosi yala madoda mabini iyadibana, okanyana kaDavide uyoyiswa, yena uyabulawa.

10. Yintoni awayenokuyenza uKumkani uDavide?

10 Ngoku khawucinge ngendlela amele ukuba wayeziva ngayo uDavide xa kwakusenzeka yonke le nto. Wayemthanda uAbhisalom, emthembile uAhitofele, kodwa wajikelwa ngabo bobabini. Bayenza buhlungu intliziyo yakhe bada bazama nokumbulala. Loo nto yayinokumenza angabathembi nabanye abahlobo bakhe, acinge ukuba nabo bakunye noAbhisalom. Wayesenokucinga ukuba uyedwa, aze azame ukubaleka kwelo lizwe okanye wayenokusuka aphelelwe ngamandla. Kodwa zange azenze zonke ezo zinto. Wakwazi ukulwa nale ngxaki yayinzima. Wancedwa yintoni?

11. UDavide wenza ntoni xa wayenengxaki?

11 (3) Khawucinge kakuhle ngeli bali. Ufumana eyiphi imigaqo kulo? Khawuphendule lo mbuzo, “Wazinceda ngokwenza ntoni uDavide?” Zange atatazele aze akhawuleze enze izigqibo angazicinganga kakuhle. Engazange oyike de angazi nokuba makenzeni. Wacela uYehova ukuba amncede. Wacela uncedo nakubahlobo bakhe. Emva koko wakhawuleza wayenza into awazixelela ukuba uza kuyenza. Intliziyo yakhe yayibuhlungu, kodwa zange ayeke ukubathemba abahlobo bakhe, engazange abe nayo nenzondo. Akazange ayeke nokuthemba uYehova.

12. UYehova wamnceda njani uDavide?

12 UYehova wamnceda njani uDavide? Xa uphanda ngeli bali, uza kubona ukuba wamnika amandla okunyamezela. (INdu. 3:1-8) Wasisikelela nesigqibo esenziwa nguDavide, waza wanceda abahlobo bakaDavide ababelwela ukumkani wabo.

13. Unokumlinganisa njani uDavide xa kukho umntu okukhathazileyo? (Mateyu 18:15-17)

13 (4) Yenze le nto uyifundileyo. Zibuze, ‘Ndingamlinganisa njani uDavide?’ Sukulibazisa xa kufuneka ulungise ingxaki. Kuxhomekeke kwingxaki onayo, unokuwasebenzisa ngendlela abhalwe ngayo amazwi akuMateyu isahluko 18 okanye usebenzise umgaqo okuwo. (Funda uMateyu 18:15-17.) Kodwa sukukhawuleza wenze izigqibo uqhutywa ngumsindo. Cela uYehova akunceda uzole ukuze ukwazi ukucinga kakuhle ngento omawuyenze. Ungayeki ukubathemba abahlobo bakho. Yenze into abakucebisa yona. (IMize. 17:17) Eyona nto ibalulekileyo kukuba uyenze into akuxelela yona uYehova kwiLizwi lakhe.​—IMize. 3:5, 6.

SINOKUFUNDA NTONI KUPAWULOS?

14. Unokukukhuthaza xa kutheni u-2 Timoti 1:12-16; 4:6-11, 17-22?

14 Ngaba uyachaswa ngabantu bakowenu, abafuni ukhonze uYehova? Ngaba eminye imisebenzi yabantu bakaYehova iyekisiwe kwilizwe lakho okanye iyekiswe yonke? Ukuba kunjalo, kungakunceda ukufunda u-2 Timoti 1:12-16 no-4:6-11, 17-22. * Ezi ziivesi uPawulos awazibhala esetrongweni.

15. Yintoni onokuyicela kuYehova?

15 (1) Thandaza. Xelela uYehova ngengxaki onayo nendlela ekwenza uzive ngayo ngaphambi kokuba uzifunde ezi vesi. Ungabe ujikeleza xa uthetha naye. Mcele akuncede ubone imigaqo enokukunceda kweli bali likaPawulos.

16. Khawusibalisele ngento eyenzeka kuPawulos.

16 (2) Yiba nombono wento eyayisenzeka. Khawuzifake ezihlangwini zikaPawulos. Ubotshelelwe ngamatsheyina kwitrongo yaseRoma. Phofu ayikokokuqala engena etrongweni, kodwa ngoku uqinisekile ukuba uza kubulawa. Abanye abahlobo bakhe bamlahlile, ngoku uphelelwe ngamandla.—2 Tim. 1:15.

17. Yintoni awayenokuyenza uPawulos?

17 UPawulos wayesenokucinga ngamaxesha akhe akudala, athi ukuba wayengazange azinikele ngolu hlobo kuThixo, mhlawumbi ngeyingekho setrongweni ngoku. Wayenokude abe nomsindo xa ecinga ngamadoda aseAsiya awamlahlayo, mhlawumbi ayeke nokubathemba abanye abahlobo bakhe. Kodwa zange enze nenye kwezi zinto. Yintoni eyamenza waqiniseka ukuba abahlobo bakhe basamthanda futhi ahlale elindele izinto azithenjiswe nguYehova?

18. UPawulos wancedwa yintoni kwingxaki awayenayo?

18 (3) Cinga kakuhle ngeli bali. Khawuphendule lo mbuzo, “Wazinceda njani uPawulos?” Wayesazi ukuba uza kubulawa, kodwa zange alibale ukuba eyona nto ibalulekileyo kukuzukisa uYehova. Wahlala ecinga ngendlela aza kubakhuthaza ngayo abanye. Wayethandaza qho kuba wayexhomekeke kuYehova. (2 Tim. 1:3) Kunokuba ahlale ecinga ngabantu abamlahlayo, wababulela abahlobo bakhe ababekunye naye, bemnceda. Zange ayeke nokufunda iLizwi LikaThixo. (2 Tim. 3:16, 17; 4:13) Eyona nto ibalulekileyo kukuba wayeqinisekile ukuba uYehova noYesu bayamthanda. Wayeqinisekile ukuba abamlahlanga kwaye baza kumnika umvuzo ngokuba engakhange agungqe ekukhonzeni uYehova.

19. UYehova wamnceda njani uPawulos?

19 UYehova wamxelela uPawulos ukuba wayeza kutshutshiswa ngenxa yokuba engumKristu, ngoko kwakuza kufuneka anyamezele. (IZe. 21:11-13) Wamnceda njani? Wayiphendula imithandazo yakhe waza wamnika amandla. (2 Tim. 4:17) UPawulos wenziwa waqiniseka ukuba uza kuwufumana umvuzo wokuba esebenze nzima. UYehova wenza nabahlobo bakhe bamnceda.

20. Singalulinganisa njani ukholo lukaPawulos oluchazwe kumaRoma 8:38, 39?

20 (4) Yenze le nto uyifundileyo. Zibuze, ‘Ndinokumlinganisa njani uPawulos?’ NjengoPawulos, nathi simele silindele ukuba siza kutshutshiswa kuba sikhonza uYehova. (Marko 10:29, 30) Ukuze singagungqi naxa sineengxaki, masihlale sithandaza, silifunde yonke imihla iLizwi lakhe. Singalibali nokuba eyona nto ibalulekileyo ekufuneka siyeze kukuzukisa uYehova. Masiqiniseke ukuba uYehova akasoze asilahle, kungekho nanto umntu anokuyenza enokumenza ayeke ukusithanda.—Funda amaRoma 8:38, 39; Heb. 13:5, 6.

MASIFUNDE NAKWABANYE ABANTU EKUTHETHWA NGABO EBHAYIBHILENI

21. Yintoni eyanceda uAya noHector bakwazi ukulwa neengxaki ababenazo?

21 Nokuba sinengxaki enjani, kunokusinceda ukufunda ngabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ngokomzekelo, uvulindlela waseJapan, uAya, uthi ukuze ayeke ukoyika ukushumayela phakathi kwabantu abaninzi wancedwa libali likaYona. UHector, umfana waseIndonesia onabazali abangengomaNgqina uthi izinto ezenzeka kuRute zimenza afune ukufunda ngoYehova aze amkhonze.

22. Kungakunceda njani ukubukela iidrama zeBhayibhile okanye ukufunda amanqaku athi “Xelisa Ukholo Lwabo”?

22 Unokwenza ntoni ukuze uve izinto ezinokukomeleza ezenzeka kubantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni? Bukela iividiyo, umamele iidrama ezirekhodiweyo uze ufunde namanqaku athi “Xelisa Ukholo Lwabo.” Ezi zinto zingakunceda uyiqonde kakuhle le nto ufunda ngayo. * Ngaphambi kokuba ubukele, umamele okanye ufunde ngaba bantu, cela uYehova akuncede ufumane izifundo eziza kukunceda. Yiba ngathi ungulo mntu ufunda ngaye. Cinga ngezinto ezenziwa ngaba bakhonzi bakaYehova bathembekileyo nendlela awabanceda ngayo kwiingxaki ababenazo. Zisebenzise ezo zinto uzifundileyo kwingxaki onayo. Mbulele uYehova ngendlela akunceda ngayo. Loo nto yibonise ngokukhangela iindlela onokubakhuthaza uze ubancede ngazo abanye.

23. UIsaya 41:10, 13 uthi uYehova uza kusinceda njani?

23 Kunokuba nzima ukuphila kweli hlabathi likaSathana, side singazi nokuba masenze ntoni ngamanye amaxesha. (2 Tim. 3:1) Kodwa masingabi nexhala okanye soyike. UYehova uyazazi iingxaki esinazo. Xa sidinga uncedo, usithembisa ukuba uza kusibamba ngesandla sakhe sasekunene esomeleleyo. (Funda uIsaya 41:10, 13.) Siqinisekile ukuba uza kusinceda, nezinto esizifunda eBhayibhileni zisinika amandla okunyamezela iingxaki esinazo nokuba zinjani.

INGOMA 96 Incwadi KaThixo Ixabisekile

^ isiqe. 5 Izinto ezininzi ekuthethwa ngazo eBhayibhileni zibonisa ukuba uYehova uyabathanda abakhonzi bakhe, uza kubanceda bakwazi ukuzinyamezela iingxaki abadibana nazo nokuba zinjani. Kweli nqaku siza kuboniswa indlela esinokuyifunda ngayo iBhayibhile ukuze isincede.

^ isiqe. 2 Le yenye yeendlela zokufunda onokuzisebenzisa. Ezinye unokuzifumana kwiSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova, kumxholo othi “IBhayibhile,” phantsi komxholwana othi “Ukufunda Nokuqonda IBhayibhile.”

^ isiqe. 14 Mazingafundwa xa kuqhutywa iSifundo SeMboniselo ezi vesi.

^ isiqe. 22 Jonga indawo ethi “Xelisa Ukholo Lwabo—Amadoda Namabhinqa AseBhayibhileni” ku-jw.org (Yiya kwindawo ethi IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE > UKUKHOLWA KUTHIXO.)