Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 19

Ayikho Into Enokwenza Umntu Othanda UYehova Ayeke Ukumkhonza

Ayikho Into Enokwenza Umntu Othanda UYehova Ayeke Ukumkhonza

“Abo bathanda umthetho wakho baseluxolweni; akukho nto inokubakhubekisa.”​—INDU. 119:165.

INGOMA 122 Qinani, Ningashukumi!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Yintoni eyathethwa ngomnye umbhali, yintoni esiza kuthetha ngayo kule veki?

ABANTU abaninzi esiphila nabo bathi bayakholwa kuYesu, kodwa abazifuni izinto awayezifundisa. (2 Tim. 4:3, 4) Omnye umbhali wade wathi: “Ukuba bekunokubakho omnye uYesu ngoku, othetha nathi ngendlela awayethetha ngayo . . . , ngaba besingazukumfuna ngendlela awayengafunwa ngayo uYesu kwiminyaka eyi-2000 eyadlulayo? . . . Impendulo nguewe, besingazukumfuna.”

2 Ngexesha likaYesu, abantu abaninzi baziva izinto awayezithetha, bayibona nemimangaliso awayeyenza, kodwa zange bakholwe kuye. Kwakutheni? Kule veki iphelileyo sithethe ngezinto ezine ezabenza abazifuna izinto awayezithetha nawayezenza. Ngoku makhe sithethe ngezinye ezine. Siza kubona nokuba kutheni abantu bengabafuni abalandeli bakaYesu namhlanje, sifunde nangendlela esinokuqiniseka ngayo ukuba akusoze kubekho nto inokusenza siyeke ukukhonza uYehova.

(1) UYESU WAYENGAKHETHI

Abaninzi babengamfuni uYesu ngenxa yabantu awayechitha ixesha nabo. Kutheni ezi zinto zinokwenza abanye abantu bayeke ukukhonza uYehova nanamhlanje? (Jonga isiqendu 3) *

3. Ziintoni ezenza uYesu akafunwa ngabantu ababecinga ukuba babhetele?

3 UYesu wayechitha ixesha nazo zonke iintlobo zabantu. Wayesitya nezityebi nabantu abanegunya, wayechitha ixesha elininzi nabantu abahluphekayo nabangakwazi kuzenzela nto. Wayebavela abantu ababebizwa ngokuba ‘ngaboni.’ Ezi zinto zazimenza angafunwa ngabantu ababecinga ukuba babhetele kunabanye. Babuza abafundi bakhe bathi: “Kutheni nisitya, nisela nabaqokeleli berhafu naboni?” Khawuve indlela awabaphendula ngayo uYesu: “Abantu abaphile qete abamdingi ugqirha, kodwa udingwa ngabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndizokubiza aboni, ukuze baguquke.”​—Luka 5:29-32.

4. Isiprofeto sikaIsaya sithi amaYuda ayemele alindele ntoni ngoMesiya?

4 Zithini iZibhalo? Iminyaka emininzi ngaphambi kokuba uMesiya afike, umprofeti uIsaya wathi ihlabathi lalingazukumfuna. Waprofeta wathi: “Wayesenyanywa futhi ephetshwa ngabantu . . . Kwaba ngathi ubuso bakhe busithelisiwe kuthi. Wenyanywa yaye thina samphatha njengongabalulekanga.” (Isa. 53:3) Esi siprofeto sithi wayeza kuphetshwa “ngabantu,” ngoko amaYuda ayemele ayilindele into yokuba akazukufunwa.

5. Namhlanje abantu abaninzi babajonga njani abalandeli bakaYesu?

5 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Isekhona. Abefundisi abaninzi bayavuya xa kwiicawa zabo kubhalisa oosaziwayo, izityebi nabantu ekuthiwa balumkile. Abakhathali nokuba aba bantu benza izinto azicaphukelayo uThixo. Kodwa babajongela phantsi abantu abanyanisekileyo kuYehova, abaziphethe ngendlela ayifunayo kuba abadumanga nganto kweli hlabathi. UPawulos wayithetha le nto esithi uThixo ukhethe abantu ‘abajongelwa phantsi.’ (1 Kor. 1:26-29) Bonke aba bantu bajongelwa phantsi, bathandwa kakhulu nguYehova.

6. Wathini uYesu kuMateyu 11:25, 26; unokumlinganisa njani?

6 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukukhonza uYehova? (Funda uMateyu 11:25, 26.) Ungabavumeli abantu beli hlabathi bakwenze ubajonge njengabo abantu bakaThixo. Yiqonde into yokuba uYehova usebenzisa abantu abathobekileyo. (INdu. 138:6) Cinga ngezinto ezininzi azenzileyo esebenzisa aba bantu kuthiwa abazozilumko okanye abafundanga.

(2) UYESU WAVEZA UBUXOKI OBABUFUNDISWA NGABAFARISI

7. Yintoni eyenza uYesu wathi abaFarisi bayazifihla eyona nto bayiyo? Bathini bakuva izinto awayezithetha?

7 UYesu zange oyike ukubagxeka abefundisi becawa kuba babefundisa abantu ubuxoki ngoThixo. Ngokomzekelo, wachaza indlela abaFarisi abazifihla ngayo eyona nto bayiyo. Wathi into ebalulekileyo kubo yindlela abazihlamba ngayo izandla zabo kunokuhoya abazali babo. (Mat. 15:1-11) Inoba yabothusa abafundi bakhe indlela awayethetha ngayo kuba bathi: “Yhazi, abaFarisi abayithandanga laa nto ubuyithetha!” UYesu wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguTata osemazulwini ziza kuncothulwa. Bayekeni benjalo. Baziinkokheli eziziimfama. Ukuba ke umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza kuwela emngxunyeni.” (Mat. 15:12-14) Zabacaphukisa abefundisi izinto awayezithetha, kodwa loo nto zange imenze ayeke ukuthetha inyani.

8. UYesu wayichaza njani into yokuba uThixo akazamkeli zonke izinto abakholelwa kuzo abantu becawa?

8 UYesu waveza nendlela ababefundiswa izinto ezingekhoyo ngayo abantu ecaweni. Zange athi zonke izinto abakholelwa kuzo abantu becawa uThixo uyazamkela. Wathi baninzi abantu ababeza kuhamba kwindlela evulekileyo ebasa entshabalalweni, kodwa bambalwa ababeza kuhamba kwindlela encinci eya ebomini. (Mat. 7:13, 14) Wayenza yacaca into yokuba abanye babeza kubonakala ngathi bakhonza uThixo, babe bengamkhonzi. Walumkisa abantu esithi: “Balumkeleni abaprofeti bobuxoki abeza kuni bembethe ufele lwegusha, kodwa ngaphakathi beziingcuka ezinyolukileyo. Niza kubabona ngeziqhamo zabo.”—Mat. 7:15-20.

Yokuba wayezigxeka izinto ababekholelwa kuzo nababezenza. Kutheni ezi zinto zinokwenza abanye abantu bayeke ukukhonza uYehova nanamhlanje? (Jonga isiqendu 9) *

9. Zeziphi izinto ezibubuxoki ezazifundiswa ecaweni ezavezwa nguYesu?

9 Zithini iZibhalo? Isiprofeto esiseBhayibhileni sabonisa indlela uMesiya awayeza kuyithanda ngayo indlu kaYehova sisithi wayeza kuvutha ngaphakathi kukuyithanda. (INdu. 69:9; Yoh. 2:14-17) Indlela awayeyithanda ngayo yamenza wabuveza ubuxoki obabufundiswa abantu ecaweni nezinto ezazisenziwa ezingafunwayo nguThixo. Ngokomzekelo, abaFarisi babekholelwa ukuba umphefumlo awufi, umntu uyaqhubeka ephila emva kokufa; yena uYesu wafundisa ukuba abantu abafileyo balele, abasaphili. (Yoh. 11:11) AbaSadusi babesithi akukho nto iluvuko. UYesu yena wamvusa umhlobo wakhe uLazaro. (Yoh. 11:43, 44; IZe. 23:8) AbaFarisi babefundisa ukuba uThixo wagqiba kudala ngezinto eziza kwenzeka emntwini naza kuzenza. Yena uYesu wafundisa ukuba abantu bakhululekile ukuba bazikhethele ukuba bayafuna na ukukhonza uThixo okanye abafuni.—Mat. 11:28.

10. Kutheni abantu abaninzi bengasifuni?

10 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Ewe. Abantu abaninzi abasifuni kuba izinto eziseBhayibhileni esibafundisa zona ziveza indlela ezingeyonyani ngayo ezinye izinto abazifundiswa kwiicawa zabo. Abefundisi bafundisa ukuba uThixo wohlwaya abantu esihogweni. Boyikisa abantu ngobo buxoki ukuze benze izinto ababaxelela zona. Thina bakhonzi bakaYehova uThixo othanda abantu, sinceda aba bantu boyikiswayo baqonde ukuba bubuxoki obo. Obunye ubuxoki obufundiswa ngabefundisi kukuba umphefumlo awufi. Sibonisa abantu ukuba ayikho into etshoyo eBhayibhileni. Kaloku ukuba ibikhona, bekuza kuvuswa bani? Kwiicawa ezininzi kufundiswa nokuba yonke into esiyenzayo yagqitywa kudala nguThixo. Thina sifundisa ukuba abantu bakhululekile ukuba bazikhethele ukuba bayafuna na ukumkhonza uThixo. Bathini abefundisi xa sibuveza kangaka ubuxoki ababufundisa abantu? Baba nomsindo.

11. KuYohane 8:45-47 uYesu wathi uThixo ufuna benze ntoni abantu bakhe?

11 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukukhonza uYehova? Ukuba uyayithanda inyaniso, zikholelwe uze uzenze izinto ozixelelwa nguThixo. (Funda uYohane 8:45-47.) Thina asifani noSathana uMtyholi, soze siyeke ukuyithanda inyaniso. Asizenzi izinto eziphikisana nezinto esikholelwa kuzo. (Yoh. 8:44) UThixo ufuna abantu bakhe bafane noYesu, ‘bakwenyanye ukwenza izinto ezimbi, bazimisele ukwenza ezilungileyo.’—Rom. 12:9; Heb. 1:9.

(3) UYESU WAPHATHWA KAKUBI

Yokufela kwakhe esibondeni. Kutheni ezi zinto zinokwenza abanye abantu bayeke ukukhonza uYehova nanamhlanje? (Jonga isiqendu 12) *

12. Kwakutheni ukuze amaYuda amaninzi iwakhathaze indlela awafa ngayo uYesu?

12 Yeyiphi enye into eyayisenza amaYuda angamfuni uYesu? UPawulos wathi: “Sishumayela ngokubethelelwa kukaKristu esibondeni, nto leyo ewakhubekisayo amaYuda.” (1 Kor. 1:23) Kwakutheni ukuze iwakhathaze amaYuda amaninzi indlela awafa ngayo uYesu? Ukufela kwakhe kwisibonda sokungcungcutheka kwamenza wabonakala ngathi ngutsotsi okanye umoni. Loo nto yawenza akakholwa ukuba unguMesiya.—Dut. 21:22, 23.

13. Yintoni eyayingaziwa ngabantu ababengamfuni uYesu?

13 AmaYuda amaninzi awayengamfuni uYesu ayengazi ukuba wayengenatyala, wayetyholwa ngento angayenzanga futhi kwakungenziwanga bulungisa kuye. Abantu ababegweba kwityala lakhe babengakhathalelanga bulungisa. Abagwebi benkundla ephakamileyo yamaYuda bakhawuleza badibana, abalandela nemithetho yendlela amele axoxwe ngayo amatyala. (Luka 22:54; Yoh. 18:24) Endaweni yokuba bamamele izinto atyholwa ngazo nezinto ezithethwa ngamangqina awayelapho, babekhangela ‘ubuxoki ababenokumtyhola ngabo ukuze bambulale.’ Bathi bakungabufumani, bazama ukuba athethe into eza kumenza abonakale enetyala. Yayingekho mthethweni tu ke leyo into. (Mat. 26:59; Marko 14:55-64) Nasemva kokuvuswa kwakhe, abo bagwebi bakhohlakeleyo babhatala amajoni aseRoma awayegade ingcwaba lakhe “isixa samaqhosha esilivere” ukuze athethe nokuba yintoni ebantwini, kodwa angatsho ukuba uvusiwe.—Mat. 28:11-15.

14. Kwaprofetwa kwathiwani kwiZibhalo ngokufa kukaMesiya?

14 Zithini iZibhalo? AmaYuda amaninzi ayengazi ukuba uMesiya kwakufuneka afe, kodwa khawuve into eyayiprofetwe kwiZibhalo. Kwathiwa: “Wabuqongqotha ubomi bakhe de wafa, wabalwa phakathi kwaboni. Wathwala isono sabantu abaninzi, waza wabathethelela aboni.” (Isa. 53:12) Ngoko ukuba ayesazi esi siprofeto, ukutyholwa kwakhe kusithiwa wenze into embi waza wabulawa, kwakungazukuwenza angamfuni.

15. Ziintoni atyholwa ngazo amaNgqina KaYehova ezenza abanye abantu bangawafuni?

15 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Ngokuqinisekileyo. UYesu watyholwa ngento angayenzanga, kwathiwa unetyala. Kuye kwenzeka kanye loo nto kumaNgqina KaYehova. Ngokomzekelo, eUnited States kwiminyaka yoo-1930 neyoo-1940, amaNgqina ayengena ephuma kwiinkundla zamatyala ethethelela inkululeko yawo yokukhonza uThixo. Abanye abagwebi babengayifihli nakancinci into yokuba abawafuni. EQuebec, eKhanada, abefundisi babesebenzisana norhulumente kuzanywa ukuba awuyeke umsebenzi awenzayo. Abavakalisi abaninzi baphoswa etrongweni kuba bethetha nabantu ngoBukumkani BukaThixo. KwiJamani yamaNazi, kwabulawa abazalwana abaninzi abasebatsha kuba bengagungqi kukholo lwabo. Kule minyaka, abazalwana bethu abaninzi baseRashiya kuye kwathiwa banetyala baza bavalelwa ngenxa yokuthetha ngeBhayibhile, kusithiwa “umsebenzi abawenzayo uyingozi.” Kuye kwayekiswa neBhayibhile abayisebenzisayo ethi IZibhalo Ezingcwele-INguqulelo Yehlabathi Elitsha yesiRashiya kusithiwa iimfundiso ezikuyo zibaxiwe kuba isebenzisa igama elithi Yehova.

16. U-1 Yohane 4:1 uthi kutheni umele ungabumameli ubuxoki obuthethwayo ngathi?

16 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukukhonza uYehova? Qiniseka ukuba uyazi yonke inyaniso. KwiNtshumayelo YaseNtabeni, uYesu walumkisa abantu ababemmamele esithi abanye babeza ‘kuthetha yonke into embi ngabo, bexoka.’ (Mat. 5:11) Utata wobo buxoki nguSathana. Ufaka umoya ombi kubantu abangabafuniyo abantu abathanda inyaniso ukuze bahambe bexoka ngabo. (ISityhi. 12:9, 10) Ungabumameli ubuxoki obuthethwa ngabantu abangasifuniyo. Ungaze ubuvumele bukwenze woyike ukukhonza uThixo okanye benze ukholo lwakho lungaqini.—Funda u-1 Yohane 4:1.

(4) UYESU WATHENGISWA WAZA WASHIYWA

Yokuba wathengiswa nguYudas. Kutheni ezi zinto zinokwenza abanye abantu bayeke ukukhonza uYehova nanamhlanje? (Jonga isiqendu 17-18) *

17. Izinto ezenzeka ngaphambi kokuba uYesu afe zazinokubenza bacinge ntoni abanye abantu?

17 Kanye ngaphambi kokuba afe, uYesu wathengiswa ngomnye wabapostile bakhe abayi-12. Omnye yena wamphika kathathu. Kanti kubusuku bokugqibela ngaphambi kokuba afe, bonke abapostile bamshiya. (Mat. 26:14-16, 47, 56, 75) Azizange zimothuse ezi zinto. Kaloku wayeprofetile ngazo esithi ziza kwenzeka. (Yoh. 6:64; 13:21, 26, 38; 16:32) Mhlawumbi abanye abantu ababezibona zisenzeka phambi kwabo babenokucinga ukuba abanakuba ngabafundi bakhe, mhlawumbi babenokude bathi, ‘Ukuba benza ezi zinto abapostile, andifuni kwanto endidibanisa nabo.’

18. Zeziphi iziprofeto ezenzeka ngaphambi kokuba uYesu afe?

18 Zithini iZibhalo? Kwiminyaka emininzi ngaphambi kokuba uYesu eze emhlabeni, eBhayibhileni uYehova wathi wayeza kuthengiswa ngamaqhosha esilivere ayi-30. (Zek. 11:12, 13) Wayeza kuthengiswa ngomnye wabahlobo bakhe awayebathanda. (INdu. 41:9) Umprofeti uZekariya wathi: “Hlasela umalusi, uze uthi saa umhlambi weegusha.” (Zek. 13:7) Ezi zinto zazingazukubenza bangamfuni uYesu abantu ababemthanda nyhani. Kodwa lwaluza kuqina ukholo lwabo xa bebona izinto ekwakuprofetwe ngazo ngoYesu zisenzeka.

19. Yintoni abayaziyo abantu abamthanda nyhani uYehova?

19 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Ewe. Amanye amaNgqina awaziwayo aye ayeka ukukhonza uYehova, angabawexuki, azama nokurhuqa abanye. Aye athetha kakubi ngamaNgqina KaYehova, esasaza amabali akhohlisayo nobuxoki kumaphephandaba, kwiirediyo, kwiTV nakwi-Intanethi. Kodwa abantu abamthanda nyhani uYehova abayeki ukumkhonza. Bona bayazi ukuba iBhayibhile yaprofeta yathi ezi zinto ziza kwenzeka.—Mat. 24:24; 2 Pet. 2:18-22.

20. Yintoni enokukunceda ungalahlekiswa ngabantu abangasamfuniyo uYehova? (2 Timoti 4:4, 5)

20 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukukhonza uYehova? Qinisa ukholo lwakho ngokufunda yonke imihla, uthandaze qho uze uhlale uxakeke ngumsebenzi esiwunikwe nguYehova. (Funda u-2 Timoti 4:4, 5.) Ukuba unokholo, awuzukukhathazeka xa usiva kuthethwa kakubi ngamaNgqina KaYehova. (Isa. 28:16) Indlela omthanda ngayo uYehova, iLizwi lakhe nabazalwana noodade, iza kukunceda ungalahlekiswa ngabantu abangasamfuniyo.

21. Naxa bebaninzi abantu abangawufuniyo umyalezo esibaxelela wona, yintoni esimele siqiniseke ngayo?

21 Ngexesha likaYesu, abantu abaninzi babengamfuni. Kodwa bakhona ababa nokholo kuye. Abanye babo yayiyindoda eyayikwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda kunye ‘nababingeleli abaninzi.’ (IZe. 6:7; Mat. 27:57-60; Marko 15:43) Nangoku, baninzi abantu abaye balandela uYesu. Yintoni ebenze bamlandela? Kukuba bayayazi futhi bayayithanda inyaniso ethethwa ziZibhalo. ILizwi LikaThixo lithi: “Abo bathanda umthetho wakho baseluxolweni; akukho nto inokubakhubekisa.”—INdu. 119:165.

INGOMA 124 Namathela KuYehova

^ isiqe. 5 Kule veki iphelileyo sifunde ngezinto ezine ezenza uYesu akafunwa ngabantu xa wayelapha emhlabeni nezibenza bangabafuni abalandeli bakhe namhlanje. Ngoku siza kuthetha ngezinye ezine. Siza kubona nokuba kutheni abantu abathanda uYehova bengavumeli nantoni na ibenze bayeke ukumkhonza.

^ isiqe. 60 INGCACISO YOMFANEKISO: UYesu utya noMateyu kunye nabaqokeleli berhafu.

^ isiqe. 62 INGCACISO YOMFANEKISO: UYesu ugxotha abantu abathengisa etempileni.

^ isiqe. 64 INGCACISO YOMFANEKISO: UYesu uxwayiswa isibonda sokungcungcutheka.

^ isiqe. 66 INGCACISO YOMFANEKISO: UYudas uthengisa uYesu ngokumphuza.