Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ibali Lobomi

“Ndifunde Izinto Ezininzi Kwabanye!”

“Ndifunde Izinto Ezininzi Kwabanye!”

NDANDISENGUMFANYANA, ndikumkhosi waseFransi. Sasimise iinkampu kwiintaba zaseAlgeria. Imfazwe yayishushu ngelo xesha eAlgeria. Ngobunye ubusuku, ndandigade ndodwa ndisithele ngaphaya kweengxowa zesanti, ndiphethe umpu. Ndeva izingqi, ndangcangcazela kukoyika. Ndandingafuni kubulala mntu, ndingafuni nokubulawa. Ndakhala ndisithi: “Thixo Ndincede.”

Le nto yenzeka ngaloo mini yabutshintsha ubomi bam kuba ndaqala ngelo xesha ukufuna ukwazi uMdali. Ngaphambi kokuba ndikubalisele into eyenzeka ngobo busuku, makhe ndikuxelele izinto ezenzeka ndisengumntwana nezandenza ndafuna ukufunda ngoThixo.

IZINTO ENDAZIFUNDA KUTATA

Ndazalwa ngo-1937 eGuesnain, idolophu enemigodi kumantla eFransi. Utata wayesebenza kumgodi wamalahle. Wandifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukusebenza nzima. Wandifundisa nokukucaphukela ukungabikho kobulungisa. Wathi akubona ukuba abasebenzi abaninzi emgodini abaphathwanga kakuhle, neemeko abasebenza kuzo azikho ntle, wafuna ukubanceda. Wangena kwimibutho yabantu abalwa amalungelo abantu abasebenza emigodini. Wayeyicaphukela indlela abefundisi basekuhlaleni abazenza amalungisa ngayo. Abanye babo babenayo yonke into, kodwa befuna imali nokutya kubasebenzi basemigodini ababezisokolela. Wayengafuni nokubabona, kangangokuba zange andifundise kwanto edibene necawe. Phofu zange khe sithethe nangoThixo.

Ukukhula kwam, nam ndakucaphukela ukungabikho kobulungisa. Enye yezinto endandicinga ukuba kukungabi nabulungisa kukucatshukelwa kwabantu ababengengomaFrentshi. Ndandidlala isoka nabantwana baba bantu futhi ndandisonwaba xa ndikunye nabo. Nomama wam wayengengomFrentshi, wayengowasePoland. Ndandihlala ndirhalela ukuba abantu beentlanga ezingafaniyo bahlale kunye ngoxolo futhi baphathwe ngendlela efanayo.

NDACINGA KAKHULU NGOBOMI

Ndandilijoni

Ngo-1957 urhulumente wafuna ndibe lijoni. Yiloo nto eyandenza ndakwiintaba zaseAlgeria ebusuku. Emva kokuba ndikhalele uThixo ndisithi “Thixo Ndincede,” ndabona idonki yasendle endaweni yejoni elize kulwa nam! Kwathi huu emva koko! Loo nto kunye nemfazwe endandikuyo yandenza ndacinga kakhulu ngobomi. Kutheni silapha? Ngaba uThixo usikhathalele? Siya kuze sikwazi ukuphilisana ngoxolo?

Ngenye imini ndiye kubona abazali, ndadibana neNgqina LikaYehova. Landinika iBhayibhile. Zange ndiqale ngelo xesha ukuyifunda, ndayifunda ndakubuyela eAlgeria. Isibhalo esandenza ndacinga kakhulu siSityhilelo 21:3, 4. Sithi: “Intente kaThixo iphakathi kwabantu . . . Uza kuzosula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu.” * Ndazibuza, ‘Iza kwenzeka nyhani bethu le nto ndiyifunda apha?’ Ngelo xesha, kwakungekho nto ingako ndiyaziyo ngoThixo neBhayibhile.

Ukumka kwam emkhosini ngo-1959, ndadibana noFrançois oliNgqina. Wandifundisa izinto ezininzi eziseBhayibhileni. Ngokomzekelo, wandibonisa igama LikaThixo elinguYehova eBhayibhileni. (INdu. 83:18) Wandixelela nokuba uYehova uza kwenza kubekho ubulungisa emhlabeni, umhlaba ube yiparadesi kuze kwenzeke into ethethwa siSityhilelo 21:3, 4.

Zonke izinto awayendifundisa zona zazinengqondo, ndazithanda kakhulu. Kodwa ndandisabacaphukela abefundisi, ndibagxeka ngenxa yokuba befundisa abantu izinto ezingekhoyo eBhayibhileni. Ingathi ndandisacinga njengotata, ndingenamonde. Ndandifuna ukwenza into ngokukhawuleza!

UFrançois nezinye iitshomi endandisandoba nazo ezingamaNgqina bandinceda ndazola. Bandixelela ukuba thina maKristu asigwebi bantu, kodwa sibaxelela iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo ezibenza babe nethemba. Yiloo nto uYesu awayeyenza, wayalela nabalandeli bakhe ukuba bayenze. (Mat. 24:14; Luka 4:43) Kwafuneka ndifunde ukuthetha kakuhle nangobuchule nabantu, nokuba bakholelwa entwenini. IBhayibhile ithi: “Akufuneki ukuba ikhoboka leNkosi lilwe, kodwa kufuneka liphathe wonke umntu ngobubele.”—2 Tim. 2:24.

Ndaziyeka izinto endandizenza ezingafunwayo nguYehova ndaza ngo-1959 ndabhaptizwa kwindibano yesiphaluka. Kuloo ndibano ndadibana noAngèle, ndamthanda. Emva koko ndamana ndisiya kwibandla lakhe, satshata ngo-1960. UAngèle ngulo mfazi ufunekayo nendimthandayo. Usisipho esihle endisinikwe nguYehova.—IMize. 19:14.

Sasitshata

ZININZI IZINTO ENDIZIFUNDE KUMADODA ANOBULUMKO NEKUDALA EKHONZA UYEHOVA

Kuyo yonke le minyaka ndifunde izinto ezininzi ezibalulekileyo kubazalwana abazizilumko nekudala bekhonza uYehova. Enye yazo yile: Akukho msebenzi sinokungakwazi ukuwenza nokuba unzima kangakanani ukuba sithobekile futhi siyayenza into ethethwa kwiMizekeliso 15:22. Ithi: “Ininzi into ephunyezwayo xa bebaninzi abacebisi.”

Sikumsebenzi wesiphaluka eFransi ngo-1965

Ndaqala ukubona indlela anyanise ngayo loo mazwi ngo-1964. Kuloo nyaka ndaba ngumveleli wesiphaluka, ndihambela amabandla, ndikhuthaza abazalwana, ndibanceda ukuba babe ngabahlobo bakaYehova. Ngelo xesha ndandineminyaka eyi-27, ndingekazazi kakuhle zonke izinto. Ndandisenza iimpazamo, kodwa ndazama ukufunda kwezo mpazamo. Ndafunda izinto ezininzi ezibalulekileyo ‘nakubacebisi’ abafanelekileyo nekudala bekhonza uYehova.

Ndikhumbula into eyenzeka xa ndandifika kwesinye isiphaluka. Ndikwelinye ibandla eParis, omnye umzalwana ekudala esentlanganweni nothanda uYehova wacela ukuthetha nam ecaleni. Ndavuma.

Wathi, “Louis, xa ugqirha esiza ekhaya uze kubona bani kanene?”

Ndathi: “Umntu ogulayo.”

Wathi: “Unyanisile. Kodwa into endiyibonileyo kuwe kukuba uchitha ixesha elininzi nabantu abamkhonza kakuhle uYehova, njengomveleli webandla. Apha ebandleni baninzi abazalwana noodade abangamkhonzi kakuhle uThixo, abatsha nabaneentloni. Banokuvuya kakhulu xa unokuchitha ixesha nabo, uye kutya nabo nasemizini yabo.”

Ndambulela kakhulu lo mzalwana ngecebiso awandinika lona. Yandivuyisa kakhulu indlela azithanda ngayo izimvu zikaYehova. Ngoxa ndandingaboni nto ingafanelekanga endiyenzileyo, ndayenza ngoko nangoko into awayendicebisa yona. Ndiyambulela uYehova ngokusinika abazalwana abafana nalo.

Ngo-1969 nango-1973 ndaba ngumveleli kwiSebe Lokutya kwiindibano ezimbini zezizwe ngezizwe, eColombes, eParis. Kweka-1973, kwakufuneka silungiselele abantu abamalunga ne-60 000 ukutya kweentsuku ezintlanu. Yayingathi asinakukwazi tu ukuyenza le nto. Kwafuneka ndiphinde ndisebenzise icebiso elikwiMizekeliso 15:22, ndicele amacebiso kwabanye. Ndacela amacebiso kubazalwana ekudala bewenza lo msebenzi. Kwaba bazalwana kwakukho abanezilarha, abalimi, abapheki nabathengi. Sabambisana kulo msebenzi futhi wenzeka kakuhle.

Ngo-1973 mna nomfazi wam sacelwa ukuba siye kusebenza eBheteli eFransi. Umsebenzi endafika ndawenza apho wawunzima kakhulu. Kwakufuneka ndizame iindlela zokuthumela iincwadi kubazalwana bethu abaseCameroon. Kwiminyaka ephakathi ko-1970 no-1993 umsebenzi wethu wawuvaliwe kwelo lizwe. Nale into ndandingaqinisekanga ukuba ndiza kukwazi ukuyenza. Umzalwana owayevelela umsebenzi owenziwa eFransi wayibona ingxaki endikuyo, wandikhuthaza esithi: “Abazalwana bethu abaseCameroon bazidinga nyhani iincwadi. Masizame iindlela zokuba bazifumane.” Yiloo nto kanye esayenzayo.

Ndikunye namaNgqina aseCameroon kwintlanganiso ekhethekileyo eyayiseNigeria ngo-1973

Ndandimane ndisiya kudibana nabazalwana baseCameroon kumazwe akufutshane nelizwe labo. Abo bazalwana babenesibindi futhi belumkile. Bandinceda ndafumana iindlela zokuthumela iincwadi eCameroon ukuze abazalwana bazifumane qho. UYehova wazisikelela iinzame esasizenza. Iminyaka emalunga neyi-20 abantu bakhe abakwelo lizwe zange baphoswe nayenye iMboniselo neNkonzo Yethu YoBukumkani eyayiphuma qho ngenyanga.

Ngo-1977, mna noAngèle siseNigeria kunye nabaveleli beziphaluka zaseCameroon nabafazi babo

ININZI INTO ENDAYIFUNDA KUMFAZI WAM ENDIMTHANDAYO

Ndambona siqala nje ukuthandana uAngèle ukuba ungumhlobo kaYehova. Loo nto yabonakala kakhulu emva kokuba sitshatile. Ngokomzekelo, ngobusuku bokuqala sitshatile, wandicela ukuba ndithandazele ukuba sikhonze uYehova kunye kangangoko sinako. Yeyona nto sasiyifuna leyo. UYehova wawuphendula loo mthandazo.

Lo mfazi uye wandinceda ndamthemba ngaphezu kokuba bendimthemba uYehova. Ngokomzekelo, ngo-1973 xa sacelwa ukuba siye kusebenza eBheteli, ndandingaqinisekanga ukuba ndiyafuna ukuya kuba ndandiwuthanda kakhulu umsebenzi wesiphaluka. UAngèle wandikhumbuza ukuba sizinikele kuYehova, ngoko simele senze nantoni na intlangano yakhe esicela siyenze. (Heb. 13:17) Zange ndikwazi ukuwaphikisa loo magama. Saya eBheteli. Umfazi wam sisilumko, zonke izinto uzenza ngengqondo futhi uyamthanda uYehova. Ezo mpawu anazo ziwuqinisile umtshato wethu, zasinceda sakwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo kuyo yonke le minyaka.

Ndikunye noAngèle kwigadi yaseBheteli eFransi

Nangoku sesibadala, uAngèle usengulo mfazi ufunekayo nohleli esecaleni kwam. Ngokomzekelo, ukuze sikwazi ukuya kwizikolo zentlangano, kwakufuneka mna noAngèle sizame kakhulu ukwazi isiNgesi kuba kwizikolo ezininzi kusetyenziswa sona. Ngoko saye sangena kwibandla lesiNgesi, nangona sasesibadala, sineminyaka engaphezu kweyi-70. Ngenxa yokuba ndikwiKomiti Yesebe LaseFransi, kwakunzima ukufumana ixesha lokufunda olunye ulwimi. Kodwa sasincedana noAngèle. Ngoku sineminyaka engaphezu kweyi-80, sisazilungiselela ngesiNgesi nangesiFrentshi iintlanganiso. Sizama kangangoko ukubakho kwiintlanganiso nokuya entsimini nebandla. UYehova uye wazisikelela iinzame zethu zokufunda isiNgesi.

Ngo-2017 sasikelelwa ngendlela esingasoze siyilibale. Samenyelwa kwiSikolo Samalungu EKomiti Yesebe Nabafazi Bawo esasikwiZiko Lemfundo LeWatchtower, ePatterson, eNew York.

Nyhani uYehova nguMyaleli Ozukileyo. (Isa. 30:20) Ayothusi into yokuba bonke abantu bakhe, abancinci nabadala, ebafundisa ngeyona ndlela izodlula zonke. (Dut. 4:5-8) Ndibonile ukuba abazalwana noodade abasebatsha abamamela uYehova nabazalwana noodade abamthandayo bangakwazi ukwenza izigqibo ezibalulekileyo ebomini baze bamkhonze bethembekile uYehova. IMizekeliso 9:9 ithi: “Fundisa umntu osisilumko, uza kulumka ngakumbi.Fundisa ilungisa, ukuze longeze kwizinto elizaziyo.”

Ngamanye amaxesha ndikhe ndicinge ngalaa nto yandoyikisa ngoba busuku ndandikwiintaba zaseAlgeria kwiminyaka emalunga neyi-60 edlulileyo. Ngobo busuku, ndandingazi ukuba ndandiseza konwaba kangaka. Ndifunde izinto ezininzi kwabanye abantu. Mna noAngèle, uYehova usenze sonwaba. Sizimisele ukungaze siyeke ukufunda kuTata wethu osezulwini nakubazalwana noodade abamthandayo nekudala bekule ntlangano.

^ isiqe. 11 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha.