Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 18

Sukuvumela Nantoni na Ikwenze Uyeke Ukulandela UYesu?

Sukuvumela Nantoni na Ikwenze Uyeke Ukulandela UYesu?

“Wonwabile lowo ungakhutyekiswayo ndim.”​—MAT. 11:6.

INGOMA 54 “Nantsi Indlela”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni esenokuba yakothusa xa wawuxelela abantu ngomyalezo oseBhayibhileni?

USAYIKHUMBULA imini owaqiniseka ngayo ukuba uyifumene inyaniso? Wawuziqonda kakuhle zonke izinto ozifunde eBhayibhileni. Wawucinga ukuba bonke abantu baza kuvuya bakuziva. Wawuqinisekile ukuba umyalezo oseBhayibhileni uza kubenza bayazi into abayiphilelayo baze bonwabe, babe nalo nethemba lezinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. (INdu. 119:105) Zange ulibazise, waxelela bonke abahlobo nabantu ozalana nabo ngezinto ozifunde eBhayibhileni. Kwenzeka ntoni? Wothuswa kukuba abaninzi kubo zange bayifune into owawubaxelela yona.

2-3. Ngaba abantu babemthanda uYesu ngexesha wayelapha emhlabeni?

2 Asimele sothuke xa abanye abantu bengafuni ukumamela umyalezo esibaxelela wona. Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wenza imimangaliso eyayibonisa ukuba uncedwa nguThixo, kodwa abantu abaninzi babengamfuni. Ngokomzekelo, wavusa uLazaro. Lowo yayingummangaliso ababengenakukwazi ukuwuphika abantu ababengamfuni. Zona iinkokeli zamaYuda, endaweni yokuba zivume ukuba wayenguMesiya, zavele zafuna ukubulala yena noLazaro!—Yoh. 11:47, 48, 53; 12:9-11.

3 UYesu wayesazi ukuba abantu abaninzi babengazukukholwa ukuba unguMesiya. (Yoh. 5:39-44) Kubafundi bakaYohane wathi: “Wonwabile lowo ungakhutyekiswayo ndim.” (Mat. 11:2, 3, 6) Yintoni eyayisenza abantu abaninzi bangamfuni?

4. Ziintoni esiza kuziva kweli nqaku?

4 Kweli nqaku nakwelilandelayo, siza kuva ukuba ziintoni ezazisenza abantu abaninzi bangakholwa kuYesu. Siza kubona nokuba kutheni bengawufuni umyalezo esibaxelela wona. Eyona nto ibalulekileyo esiza kuyifunda kukuba kutheni kufuneka lungagungqi ukholo lwethu kuYesu ukuze kungabikho nto isenza siyeke ukumlandela.

(1) INDAWO AWAKHULELA KUYO UYESU

Abantu abaninzi babengamfuni uYesu ngenxa yedolophu awakhulela kuyo. Kutheni le nto inokwenza abantu bangamfuni nanamhlanje? (Jonga isiqendu 5) *

5. Yintoni eyayisenza abanye abantu bacinge ukuba uYesu akangoMesiya ekwakuprofetwe ngaye?

5 Abantu abaninzi babengamfuni uYesu ngenxa yendawo awakhulela kuyo. Babengayiphiki into yokuba yayibamangalisa indlela awayefundisa ngayo nokuba wayesenza imimangaliso. Kodwa kubo wayengunyana njee wesihlupheki esasisebenza ngamaplanga. Wayesuka eNazarete, idolophu eyayingabalulekanga nakangako. Nkqu noNataniyeli, owaba ngumfundi wakhe, xa wayeqala ukuva ngaye wathi: “Ikhona na into entle enokuphuma eNazarete?” (Yoh. 1:46) Kusenokwenzeka ukuba wayengayithandi loo dolophu wayehlala kuyo uYesu ngelo xesha. Okanye mhlawumbi wayecinga ngesiprofeto esikuMika 5:2, esasingathethi nto ngeNazarete, kodwa sithetha ngeBhetelehem awayeza kuzalelwa kuyo uMesiya.

6. Yintoni eyayiza kunceda abantu bazi ukuba uYesu wayenguMesiya?

6 Zithini iZibhalo? UIsaya waprofeta esithi iintshaba zikaYesu ‘zazingazukuzixhalabisa ngeenkcukacha zesizukulwana sakhe.’ (Isa. 53:8) Kanti iinkcukacha ezininzi kwakuprofetiwe ngazo. Ukuba ezo ntshaba zaziye zazipha ixesha lokwazi ezo ziprofeto, zaziza kwazi ukuba uYesu wazalelwa eBhetelehem nokuba wayeyinzala kaKumkani uDavide. (Luka 2:4-7) Wazalelwa kwindawo ekwakuprotwe ngayo kuMika 5:2. Yayiyintoni ke ingxaki? Abantu bakhawuleza bagqiba ngoYesu bengekazi yonke into eyinyani ngaye. Loo nto yabenza abamfuna.

7. Ziintoni ezenza abantu abaninzi bangawafuni amaNgqina KaYehova?

7 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Isekhona. AmaNgqina KaYehova amaninzi awazozityebi okanye akukho nto abaluleke ngayo. Loo nto yenza abantu abaninzi bacinge ukuba ngabantu ‘abangafundanga nabaqhelekileyo.’ (IZe. 4:13) Bacinga ukuba abantu bakaThixo abanakukwazi ukufundisa iBhayibhile kuba khange baye kwizikolo ezibalulekileyo zabefundisi. Abanye bona bathi icawa yamaNgqina KaYehova yeyaseMerika. Into abangayiqondiyo kukuba iMerika yenye yeendawo ezingenamaNgqina maninzi. Kanti kukho nabaxelelwe ukuba amaNgqina awakholelwa kuYesu. Bekusoloko kusithiwa ‘aqhekeza iintsapho,’ ‘agqwetha iLizwi LikaThixo’ futhi ‘ayazibaxa izinto.’ Ngenxa yokuba besiva ezi zinto futhi bengayazi inyani ngathi, abaninzi abafuni ukuba ngabakhonzi bakaYehova.

8. IZenzo 17:11 zithi yintoni omele uyenze ukuba ufuna ukwazi ukuba ngoobani abantu bakaThixo namhlanje?

8 Yintoni eza kukwenza ungayeki ukulandela uYesu? Kufuneka uphande ukuze wazi zonke izinto eziyinyani ngamaNgqina KaYehova. Umbhali weVangeli uLuka wazixelela ukuba uza kwenza loo nto. Wazama ngazo zonke iindlela ukuba izinto azifundayo ‘aziphandisise zonke ukususela ekuqaleni.’ Wayefuna abantu abafunda incwadi ayibhalileyo ‘babone indlela eziyinyaniso ngayo izinto’ abazivileyo ngoYesu. (Luka 1:1-4) AmaYuda aseBhereya ayefana noLuka. Ukuqala kwawo ukuva iindaba ezilungileyo ezithetha ngoYesu, akhangela ukuba ezi zinto azivayo ziyafana na nezibhalwe kwiZibhalo zesiHebhere ukuze aqiniseke ukuba ziyinyani. (Funda iZenzo 17:11.) Nawe, kufuneka wazi yonke inyaniso ngabantu bakaYehova. Jonga ukuba izinto bakufundisa izinto ezikwiZibhalo na. Funda nangezinto abazenzileyo kweli xesha lethu. Ukuba uzama ngolo hlobo ukubazi, soze uvumele ikratshi okanye izinto ozivayo zikwenze imfama.

(2) UYESU ZANGE AFUNE UKUZAZISA NGOKWENZA IMIMANGALISO

Abantu abaninzi babengamfuni uYesu kuba zange afune ukuzazisa ngokubenzela imimangaliso. Kutheni le nto inokwenza abantu bangamfuni nanamhlanje? (Jonga isiqendu 9-10) *

9. Kwenzeka ntoni emva kokuba uYesu engavumanga ukwenza ummangaliso ovela ezulwini?

9 Izinto ezazifundiswa nguYesu zange zenze babone bonke abantu ukuba unguMesiya. Babesafuna enze nezinye. Babefuna azazise ukuba unguMesiya ‘ngokubenzela ummangaliso ovela ezulwini.’ (Mat. 16:1) Mhlawumbi isizathu sokuba bafune enze lo mmangaliso yinto ababeyifunde kuDaniyeli 7:13, 14. Kodwa lalingekafiki ixesha uYehova awayefuna senzeke ngalo esi siprofeto. Izinto ezazifundiswa nguYesu zazimele zibenze baqiniseke ukuba unguMesiya. Wathi akungavumi ukwenza loo mmangaliso, abamfuna.—Mat. 16:4.

10. UYesu wayenza njani into eyabhalwa nguIsaya ngoMesiya?

10 Zithini iZibhalo? Umprofeti uIsaya wathetha ngoMesiya esithi: “Akazukukhwaza okanye aphakamise ilizwi lakhe, ibe akazukulenza livakale esitratweni ilizwi lakhe.” (Isa. 42:1, 2) Zonke izinto awayezenza uYesu wayengazenzeli ukuba abonwe okanye azukiswe ngabantu. Zange akhe iitempile ezinkulu, engazange anxibe neempahla ezikhethekileyo zecawa okanye afune ukubizwa ngamagama abalulekileyo. Xa wayesematyaleni, akazange avume ukwenza imimangaliso eyayifunwa nguKumkani uHerode, naxa ukungavumi kwakhe kwakunokumenza abulawe. (Luka 23:8-11) Ikhona yona imimangaliso awayenzayo, kodwa into eyayibalulekile kuye yayikukushumayela iindaba ezilungileyo. Kubafundi bakhe wathi: “Ndizele loo nto.”—Marko 1:38.

11. Yintoni abayicingayo abantu ngathi?

11 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Ewe. Abantu abaninzi bathanda iicawa ezinkulu ezihonjiswe ngemifanekiso ebiza imali. Bathanda nabefundisi ababizwa ngamagama abenza babonakale bebalulekile kunye namatheko awade alibaleka ukuba akananto yokwenza nobuKristu. Kodwa aba bantu akukho nto ingako bayifundiswayo ngoThixo nezinto aza kubenzela zona. Abantu abaya kwiintlanganiso zamaKristu bafundiswa izinto uThixo alindele ukuba bazenze. IiHolo ZoBukumkani esingena kuzo ziklini, azihonjiswanga ngezinto ezibiza imali eninzi. Abazalwana abangabadala abanxibi mpahla zikhethekileyo, bengabizwa nangamagama abenza babonakale bebalulekile. Izinto esizifundisayo nesikholelwa kuzo zibhalwe kwiLizwi LikaThixo. Sekunjalo, abantu abaninzi abafuni ukuwuva umyalezo esibaxelela wona kuba bacinga ukuba indlela esinqula ngayo ayiniki mdla. Asifundisi nezinto abafuna ukuziva.

12. Ngokutsho kwamaHebhere 11:1, 6 yintoni omele uyenze ukuze ukholo lwakho luqine?

12 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukulandela uYesu? Umpostile uPawulos wathi kumaKristu aseRoma: “Umntu uba nokholo emva kokuba evile. Loo nto iviweyo isuka kwilizwi elingoKristu.” (Roma 10:17) Ukholo lwethu siluqinisa ngokufunda iZibhalo. Asiluqinisi ngokuya kumatheko enziwa ezicaweni athandwayo ngabantu nangafunwayo nguThixo. Ngoko ukuba ufuna luqine nyhani ukholo lwakho, kufuneka uzazi kakuhle izinto ozifundayo kuba ‘awunakumvuyisa uThixo ngaphandle kokholo.’ (Funda amaHebhere 11:1, 6.) Loo nto ithetha ukuba, akukho sizathu sokuba kude kufuneke ubone ummangaliso ovela ezulwini ukuze uqiniseke ukuba uyifumene inyaniso. Into efunekayo kukuba ufunde iBhayibhile, uphande ngezinto ozifundayo ukuze ususe nayiphi na into ekwenza uthandabuze.

(3) UYESU WAYENGAWENZI AMASIKO AMANINZI AKWAYUDA

Abantu abaninzi babengamfuni uYesu kuba wayengawenzi amanye amasiko abo. Kutheni le nto inokwenza abantu bangamfuni nanamhlanje? (Jonga isiqendu 13) *

13. Ziintoni ezazisenza abantu abaninzi bangamfuni uYesu?

13 Ngexesha likaYesu, abafundi bakaYohane umBhaptizi babemangaliswa kukuba abalandeli bakaYesu bengazili ukutya. UYesu wathi akukho sizathu sokuba bazile kuba usekunye nabo. (Mat. 9:14-17) Kodwa abaFarisi nabanye abantu ababengamfuni bamgxeka besithi akawenzi amasiko abo. Bacaphuka xa wayephilisa abantu abagulayo ngeSabatha. (Marko 3:1-6; Yoh. 9:16) Kaloku babezingomb’ izifuba besithi bona bayawuthobela uMthetho weSabatha, kodwa kwabona babengaboni ngxaki xa abantu beshishina etempileni. Bavutha ngumsindo xa uYesu wayebathethisa ngaloo nto. (Mat. 21:12, 13, 15) Nabantu awayeshumayela kubo kwindlu awayekhonzela kuyo amaYuda eNazarete bacaphuka kakhulu xa wabenzela umzekelo ngezinto ezazisenzeka kwaSirayeli, efuna babone ukuba babecingela iziqu zabo, bengenalo nokholo. (Luka 4:16, 25-30) Abantu abaninzi babengamfuni kuba zange azenze izinto ababecinga ukuba uza kuzenza.—Mat. 11:16-19.

14. Kwakutheni ukuze uYesu awagxeke amasiko angafunwayo nguThixo awayesenziwa ngabantu?

14 Zithini iZibhalo? Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova wathi: “Aba bantu beza kum nje ngomlomo, bandihlonipha nje ngomlomo, iintliziyo zabo zikude lee kum, bandoyika ngenxa yemithetho yabantu, abayifundisiweyo.” (Isa. 29:13) UYesu wawagxeka amasiko abantu angafunwayo nguThixo. Wayefanele. Abantu ababecinga ukuba imithetho namasiko abantu zizinto ezibaluleke ngaphezu kwento ethethwa ziZibhalo, babebonisa ukuba abamfuni uYehova noMesiya amthumileyo.

15. Ziintoni ezenziwa ngamaNgqina KaYehova ezibacaphukisayo abantu?

15 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Isekhona. Abantu abaninzi bayacaphuka xa amaNgqina KaYehova engabi kunye nabo xa besenza amasiko angafunwayo nguYehova, njengawemihla yokuzalwa neKrismesi. Kanti abanye baba nomsindo xa singafak’ isandla kwimibhiyozo yokuthand’ izwe okanye kumasiko emingcwabo angafunwayo nguYehova. Kusenokwenzeka ukuba aba bantu baqinisekile ukuba bakhonza uThixo ngendlela ayifunayo. Kodwa abamvuyisi xa bekhetha ukwenza amasiko ehlabathi kunezinto eziseBhayibhileni.—Marko 7:7-9.

16. Yintoni omele uyenze, iyintoni omele ungayenzi? (INdumiso 119:97, 113, 163-165)

16 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukulandela uYesu? Kufuneka uye uyithanda kakhulu imithetho nemigaqo kaYehova. (Funda iNdumiso 119:97, 113, 163-165.) Ukuba uyamthanda uYehova, awuzukwenza naliphi na isiko angalifuniyo. Awuzukuvumela nantoni na ibaluleke ngaphezu kwendlela omthanda ngayo.

(4) UYESU ZANGE ATSHINTSHE URHULUMENTE

Abantu abaninzi babengamfuni uYesu kuba zange avume ukungena kwiipolitiki. Kutheni le nto inokwenza abantu bangafuni ukumlandela nanamhlanje? (Jonga isiqendu 17) *

17. Ngexesha likaYesu abantu babecinga ukuba uza kwenza ntoni?

17 Ngexesha likaYesu abantu abaninzi babefuna urhulumente atshintshe. Babecinga ukuba uMesiya uza kubakhulula kurhulumente waseRoma owayebaphethe kakubi. Bazama ukumenza ukumkani wabo, kodwa zange avume. (Yoh. 6:14, 15) Ababingeleli nabanye abantu babenexhala becinga ukuba uza kumsusa urhulumente wamaRoma owayelawula, aze amaRoma acaphuke, ohluthe nelo gunya ayelinike ababingeleli. Loo nto yenza amaYuda amaninzi akamfuna.

18. Zeziphi iziprofeto ezazithetha ngoMesiya ababengazikhathalelanga abantu?

18 Zithini iZibhalo? Iziprofeto ezininzi zathi ekugqibeleni uMesiya uza koyisa, kodwa ezinye zathi ngaphambi kokuba oyise kwakuza kufuneka afele izono zethu. (Isa. 53:9, 12) Yintoni eyayisenza amaYuda acinge izinto ezingekhoyo ngoYesu ekubeni iziprofeto zazithethe ezi zinto ngaye? Abantu abaninzi babekhangela iziprofeto ezazibathembisa ukuba iingxaki abanazo ziza kupheliswa kwangelo xesha, bengazikhathalelanga ezazithetha ngezinye izinto.—Yoh. 6:26, 27.

19. Yintoni abacinga ukuba simele siyenze abantu?

19 Ngaba isekhona nangoku le ngxaki? Isekhona. Nangoku abantu abaninzi abasifuni kuba asifuni kwanto iza kusidibanisa neepolitiki. Bafuna sivote. Asifuni ukuvota kuba siyazi ukuba xa sinokukhetha ukulawulwa ngumntu ofana nathi, sakube sithi asimfuni uYehova. (1 Sam. 8:4-7) Abantu basenokucinga ukuba simele sakhe izikolo nezibhedlele, senze nezinye izinto eziza kunceda abantu. Kodwa eyona nto siyenzayo kukushumayela kunokuzama ukulungisa iingxaki zabantu. Yiloo nto bengafuni ukuwumamela umyalezo esibaxelela wona.

20. Amazwi kaYesu akuMateyu 7:21-23 abonisa ukuba yeyiphi eyona nto umele uzimisele ukuyenza?

20 Yintoni omele uyenze ukuze ungayeki ukulandela uYesu? (Funda uMateyu 7:21-23.) Zimisele ukwenza umsebenzi awathi uYesu masiwenze. (Mat. 28:19, 20) Ungaze uzixakekise ngokuzama ukulungisa iingxaki zeli hlabathi. Uyabathanda abantu futhi iingxaki abanazo ziyakukhathaza, kodwa uyazi ukuba eyona ndlela unokubanceda ngayo kukubafundisa ngoBukumkani BukaThixo ukuze babe ngabahlobo bakhe.

21. Yintoni esifanele sizimisele ukuyenza?

21 Kweli nqaku, sithethe ngezinto ezine ezenza abantu abaninzi bexesha likaYesu abamfuna, nezinokwenza abanye bangabafuni abalandeli bakhe. Ngaba zezi zinto qha? Zikhona nezinye. Inqaku elilandelayo liza kusixelela ngezinye izinto ezine ezinokwenza abantu bangafuni ukulandela uYesu. Thina, masizimisele ukuba singaze siyeke ukumlandela nokuhlala siluqinisa ukholo lwethu.

INGOMA 56 Yenze Eyakho Inyaniso

^ isiqe. 5 UYesu wayengoyena Mfundisi ubodlula bonke abakha baphila emhlabeni, kodwa abantu abaninzi babengamfuni. Kwakutheni? Eli nqaku liza kusichazela izinto ezine ezazibenza bangamfuni. Siza kuva nokuba kutheni abantu abaninzi namhlanje bengazifuni izinto ezithethwa nezenziwa ngabalandeli bakhe. Eyona nto ibaluleke ngaphezu kwazo zonke, siza kuxelelwa ukuba kutheni kufuneka luqine ukholo lwethu kuYesu ukuze singayeki ukumlandela. Eli nqaku nelilandelayo liza kubanceda kakhulu abantu abafundelwayo nabayayo kwiintlanganiso kodwa abangade babe ngamaNgqina.

^ isiqe. 60 INGCACISO YEMIFANEKISO: UFilipu uxelela uNataniyeli ukuba aye kuYesu.

^ isiqe. 62 INGCACISO YEMIFANEKISO: UYesu ushumayela iindaba ezilungileyo

^ isiqe. 64 INGCACISO YEMIFANEKISO: UYesu uphilisa indoda enesandla esigobileyo, abantu abangamfuniyo babukele.

^ isiqe. 66 INGCACISO YEMIFANEKISO: UYesu uya entabeni ehamba yedwa.