Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 21

UYehova Uza Kusinika Amandla

UYehova Uza Kusinika Amandla

“Xa ndingenamandla, kuxa kanye ndinamandla.”—2 KOR. 12:10.

INGOMA 73 Sinike Isibindi

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. Zeziphi iingxaki anazo amanye amaNgqina?

UMPOSTILE UPAWULOS wakhuthaza uTimoti nawo onke amaKristu ukuba awenze ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela. (2 Tim. 4:5) Sizimisele ukwenza kanye loo nto. Kodwa kukhe kube nzima. Abanye abazalwana noodade bayoyika ukushumayela. (2 Tim. 4:2) Ngokomzekelo, khawucinge ngabazalwana abahlala kumazwe oyekisiweyo kuwo umsebenzi wethu. Bashumayela besazi ukuba xa benokubhaqwa, basenokuvalelwa.

2 Abantu bakaYehova baneengxaki ezinokubatyhafisa. Ngokomzekelo, abanye kufuneka basebenze nzima ukuze babeke isonka etafileni. Bayafuna ukushumayela ngaphezu kokuba besenza, kodwa ithi iphela iveki, babe bephelile kukudinwa. Abanye abakwazi ukukhonza uYehova ngendlela abafuna ngayo ngenxa yempilo okanye yokwaluphala; mhlawumbi abasakwazi nokuphuma ezindlini. Kanti abanye babona ngathi ababalulekanga kuYehova. Udade ohlala kuMbindi Mpuma, uMary, * uthi: “Xa umoya wam uphantsi kuye kufuneke ndizame ngamandla ukulungisa ingqondo yam, de ndizive ndidiniwe. Loo nto indenza ndingabi namandla okuya entsimini, ndizive ndinetyala.”

3. Ziintoni esiza kuthetha ngazo kweli nqaku?

3 Nokuba zeziphi iingxaki esinazo, uYehova unokusomeleza ukuze siqhubeke simkhonza ngawo onke amandla esinawo. Ngaphambi kokuba sithethe ngendlela anokusinceda ngayo, makhe sibone indlela awamomeleza ngayo uPawulos noTimoti ukuze bawenze kakuhle umsebenzi wokushumayela naxa babeneengxaki.

UYEHOVA WABANIKA AMANDLA UKUZE BANGAYEKI UKUSHUMAYELA

4. Zeziphi iingxaki awayenazo uPawulos?

4 UPawulos wayeneengxaki ezininzi. Xa wayebethwa, egityiselwa ngamatye, evalelwa nasetrongweni wayekudinga nyhani ukomelezwa nguYehova. (2 Kor. 11:23-25) Zange abe nantloni zokuyitsho into yokuba wayekhe atyhafe. (Roma 7:18, 19, 24) Wanyamezela nengxaki yempilo eyayifana ‘neliva enyameni,’ awayefuna nyhani ukuba uThixo ayiphelise.—2 Kor. 12:7, 8.

Yintoni eyanceda uPawulos waqhubeka nomsebenzi wokushumayela? (Jonga isiqendu 5-7) *

5. Xa wayevalelwe eRoma, ziintoni awayezenza uPawulos?

5 UYehova wamnika amandla uPawulos ukuze akwazi ukwenza izinto ezininzi kumsebenzi wokushumayela naxa wayeneengxaki. Ngokomzekelo, xa wayevalelwe endlini eRoma, washumayela kubefundisi becawa mhlawumbi nakumagosa karhulumente. (IZe. 28:17; Fil. 4:21, 22) Washumayeza iqela Loonogada Bakomkhulu nabantu ababeyokumbona. (IZe. 28:30, 31; Fil. 1:13) Kanye ngelo xesha, uYehova wamphefumlela ukuba abhale iileta ezanceda amaKristu. Ezo leta ziyasinceda nathi namhlanje. Zonke izinto awayezenza zawomeleza amaKristu aseRoma, zenza abazalwana bakhe ‘bazimisela gqitha ukushumayela ilizwi likaThixo bengoyiki.’ (Fil. 1:14) Wayengakwazi ukwenza zonke izinto awayefuna ukuzenza, ngenxa yezo wayekwazi ukuzenza, ‘iindaba ezilungileyo zahambela phambili.’—Fil. 1:12.

6. Ama-2 Korinte 12:9, 10 athi yintoni eyanceda uPawulos wakwazi ukuwenza ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela?

6 UPawulos wayeqonda ukuba amandla okwenza zonke izinto azenzileyo uwafumene kuYehova. Wathi amandla kaThixo “abonakala ngokupheleleyo xa wena ungenamandla.” (Funda ama-2 Korinte 12:9, 10.) Wayephethwe kakubi, evalelwa ezitrongweni, enazo nezinye iingxaki, kodwa uYehova wasebenzisa umoya oyingcwele ukuze amnike amandla okuwenza ngokupheleleyo umsebenzi wokushumayela.

Yintoni eyanceda uTimoti waqhubeka nomsebenzi wokushumayela? (Jonga isiqendu 7) *

7. Zeziphi iingxaki awayenazo uTimoti ezazinokumenza angakwazi ukuwenza kakuhle umsebenzi wakhe?

7 Umfana owayesebenza noPawulos, uTimoti, naye kwakufuneka afumane amandla kuThixo ukuze awenze kakuhle umsebenzi wokushumayela. Wayehamba noPawulos xa esiya kushumayela. UPawulos wayekhe amthume ukuba aye kukhuthaza amabandla. (1 Kor. 4:17) Mhlawumbi lo mfana wayebona ngathi awumfanelanga lo msebenzi. Kusenokwenzeka ukuba yiloo nto eyenza uPawulos wathi kuye: “Makungabikho mntu ukujongela phantsi kuba umncinci.” (1 Tim. 4:12) Ngelo xesha noTimoti wayehlutshwa liliva enyameni, ‘ekhathazwa yimpilo.’ (1 Tim. 5:23) Kodwa wayesazi ukuba umoya oyingcwele kaYehova uza kumnika amandla okukwazi ukushumayela iindaba ezilungileyo nokunceda abazalwana.—2 Tim. 1:7.

USINIKA AMANDLA OKUHLALA SITHEMBEKILE NOKUBA SINEENGXAKI

8. UYehova ubomeleza njani abantu bakhe namhlanje?

8 Namhlanje, uYehova unika abantu bakhe ‘amandla angaqhelekanga’ ukuze bahlale bethembekile kuye. (2 Kor. 4:7) Ngoku siza kuthetha ngezi ndlela ezine abomeleza ngazo: Umthandazo, iBhayibhile, abazalwana noodade nokushumayela.

UYehova usomeleza ngomthandazo (Jonga isiqendu 9)

9. Unokusinceda njani umthandazo?

9 Umthandazo. KumaEfese 6:18 uPawulos uthi masithandaze “ngawo onke amaxesha.” UThixo uza kuyiphendula loo mithandazo ngokusinika amandla. Xa uJonnie ohlala eBolivia wayeneengxaki, wayibona indlela uYehova awamomeleza ngayo. Umfazi nabazali bakhe bobabini bagula kakhulu ngexesha elinye. Kwakunzima kakhulu kuJonnie ukwenzela abantu abathathu zonke izinto abazidingayo. Umama wakhe wasweleka. Yena umfazi notata wakhe bagula ixesha elide. Xa ethetha ngelo xesha lalinzima kakhulu kuye uthi: “Ndandisithi xa ndingazi ukuba mandenzeni, ndithethe noYehova, ndimxelele indlela endiziva ngayo.” UYehova wamnika amandla ukuze akwazi ukunyamezela. Omnye umdala waseBolivia, uRonald, weva ukuba umama wakhe unomhlaza. Kwadlula nje inyanga emva kokuba evile, wasweleka umamakhe. Wancedwa yintoni ukuze akwazi ukunyamezela loo ntlungu? Uthi: “Xa ndithandaza, ndimxelela indlela endiziva ngayo uYehova. Ndiyazi ukuba akakho umntu ondazi njengaye, undazi ngaphezu kokuba nam ndizazi.” Ngamanye amaxesha sisenokucinga ukuba asinakukwazi ukuzinyamezela iingxaki esinazo, mhlawumbi side singayazi neyona nto masimxelele yona uYehova. Kodwa uYehova uthi masithethe naye nokuba asikwazi ukuyichaza indlela esiziva ngayo.—Roma 8:26, 27.

UYehova usomeleza ngeBhayibhile (Jonga isiqendu 10)

10. AmaHebhere 4:12 athi kutheni kubalulekile ukufunda iLizwi LikaThixo nokucingisisa ngezinto esizifundayo?

10 IBhayibhile. Ukuze afumane amandla futhi athuthuzeleke, uPawulos wayefunda iZibhalo. Nathi kufuneka senze loo nto. (Roma 15:4) Xa sifunda iLizwi LikaThixo size sicingisise ngento esiyifundayo, uYehova unokusinceda sibone indlela ezisinceda ngayo iZibhalo. (Funda amaHebhere 4:12.) URonald ekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ndiyavuya kuba ndide ndakwazi ukufunda iBhayibhile qho ebusuku. Ndicinga kakhulu ngeempawu zikaYehova nendlela abakhathalele ngayo abantu bakhe. Loo nto iyandomeleza.”

11. IBhayibhile yamnceda njani udade owayesentlungwini yokuswelekelwa ngumyeni?

11 Xa sicingisisa ngezinto esizifunda kwiLizwi LikaThixo, iingxaki esinazo soze zisityhafise. Khawuve indlela elamnceda ngayo umhlolokazi owayesentlungwini yokuswelekelwa ngumyeni. Omnye umdala wamcebisa ukuba akhe afunde incwadi kaYobhi, iza kumnceda. Xa wayeyifunda, ekuqaleni wayeyigxeka indlela awayecinga ngayo uYobhi. Ngaphakathi wayede athi: “Yobhi! sukucinga ngesiqu sakho qha mfondini!” Ekuhambeni kwexesha wazibona ukuba naye uyafana noYobhi. Loo nto yamnceda wayeka ukuhlala ecinga ngeengxaki zakhe, wacinga kakhulu ngoYehova nangezinto asithembisa zona. Emva koko wakwazi ukunyamezela intlungu yokuswelekelwa ngumyeni.

UYehova usomeleza ngabazalwana noodade (Jonga isiqendu 12)

12. UYehova ubasebenzisa njani abazalwana noodade xa esomeleza?

12 Abazalwana noodade. UYehova usebenzisa abazalwana noodade xa efuna ukusomeleza. UPawulos wathi ufuna ‘ukukhuthazana’ nabazalwana noodadewabo. (Roma 1:11, 12) UMary, ekuthethwe ngaye ekuqaleni uyakuthanda ukuba kunye nabazalwana noodade. Uthi: “UYehova uye wasebenzisa abazalwana noodade abebengandazi nokuba ndineengxaki. Bebethetha izinto ezindikhuthazayo, bethumela namakhadi. Yiloo nto kanye ebendiyifuna. Kuyanceda nokuthetha noodade abakhe banengxaki efana neyakho, uve ukuba bona baye benza ntoni. Nabadala bandenza ndizive ukuba ndiyathandwa ngabazalwana noodade ebandleni.”

13. Sinokomelezana njani kwiintlanganiso?

13 Iintlanganiso yeyona ndawo sikhuthazana kuyo. Xa usezintlanganisweni, zama ukomeleza amanye amaKristu, uwaxelele indlela owathanda ngayo nokuba uyayibulela into ayenzayo. Ngokomzekelo, ngenye imini ngaphambi kokuba kungene iintlanganiso, uPeter ongumdala wathi komnye udade owayenomyeni ongeloNgqina: “Ukukubona kwiintlanganiso kuyandikhuthaza. Uhlala ukunye nabantwana bakho abayi-6 abanxibe kakuhle nabazilungiselele kakuhle iimpendulo zabo.” Amehlo alo dade avele agcwal’ iinyembezi, wathi: “Enkosi mzalwana wam, ingathi ubuyazi indlela ebendiyidinga ngayo into eza kundikhuthaza.”

UYehova usomeleza nangokushumayela (Jonga isiqendu 14)

14. Ngaba ukushumayela kuyasinceda?

14 Ukushumayela. Xa sixelela abantu into ethethwa yiBhayibhile, kuba mnandi nokuba bayasimamela okanye abasimameli. (IMize. 11:25) Udade ekuthiwa nguStacy wayibona indlela okomeleza ngayo ukushumayela. Xa omnye umntu wakowabo wakhutshelwa ngaphandle, wakhathazeka kakhulu. Wayehlala ezibuza, ‘Ndizizame zonke iindlela ebendimele ndimncede ngazo?’ Le nto yayingade iphume engqondweni yakhe. Wancedwa yintoni? Kukushumayela. Xa esentsimini, wayecinga ngabantu athetha nabo abadinga uncedo. Uthi: “Kanye ngelo xesha, uYehova wandipha isifundo esakhawuleza sazenza izinto esasizifunda. Yandikhuthaza nyhani loo nto. Eyona nto indincede kakhulu kukushumayela.”

15. Into ethethwa nguMary ikufundisa ntoni?

15 Iimeko zabanye zibenza bacinge ukuba abanakukwazi ukushumayela ngendlela abafuna ngayo. Ukuba ucinga njalo nawe, sukulibala ukuba eyona nto ayivuyelayo uYehova kukuba ushumayela ngentliziyo namandla akho onke. Khawuve into eyenzeka kuMary ebekukhe kwathethwa ngaye. Xa wasiwa kwindawo enabantu abathetha olunye ulwimi, wabona ngathi akaloncedo. Uthi, “Kwahamba ixesha ndiphendula njee izinto ezilula, okanye ndifunde ivesi yeBhayibhile, okanye ndivele ndinike umntu iphecana.” Le nto yamenza wazibona engeloncedo xa ezithelekisa nabantu abalaziyo olo lwimi. Wayeka ukuzibona engeloncedo mhla wacinga ukuba uYehova unokumsebenzisa nokuba akakwazi ukuluthetha kakuhle ulwimi. Uthi: “Izinto ezifundiswa yiBhayibhile zicacile futhi zinokuyitshintsha indlela abaphila ngayo abantu.”

16. Banokushumayela koobani abazalwana noodade abangasakwaziyo ukuphuma endlini?

16 UYehova uyayibona indlela abanye abazalwana noodade abangasakwaziyo ukuphuma endlini abakufuna ngayo ukushumayela, uyixabisa kakhulu loo nto. Unokubanceda bashumayele kubantu abahoye impilo yabo, njengoogqirha noonesi. Inokusityhafisa into yokuthelekisa izinto esikwaziyo ukuzenza ngoku nezo sasikade sizenza. Kodwa ukuba siyayibona indlela uYehova asinceda ngayo ngoku, siza kuba namandla okunyamezela nayiphi ingxaki esinayo, sivuya.

17. INtshumayeli 11:6 ibonisa njani ukuba simele singayeki ukushumayela nokuba aside sifumane mntu unomdla?

17 Asazi ukuba yeyiphi imbewu esiyityalayo eza kumila iingcambu ize ikhule. (Funda iNtshumayeli 11:6.) Ngokomzekelo, omnye udade oneminyaka engaphezu kweyi-80, uBarbara, ushumayela ngefowuni okanye abhale iileta. Kwenye ileta wafaka iMboniselo kaMatshi 1, 2014, eyayinenqaku elithi “Oko Akwenzele Kona UThixo,” wayiposa. Wayengazi ukuba uyithumela kwindoda nomfazi wayo ababekhutshelwe ngaphandle. Bayifunda kaninzi, beyiphindaphinda. Le ndoda yaziva ngathi uYehova uthetha nayo. Baya kwiintlanganiso. Emva kweminyaka engaphezu kweyi-27, baphinda bangamaNgqina. Khawuyicinge indlela enoba yamkhuthaza yaza yamomeleza ngayo uBarbara into eyenziwa yileta awayiposayo.

UYehova usomeleza (1) ngomthandazo, (2) ngeBhayibhile, (3) ngabazalwana noodade (4) nangokushumayela (Jonga isiqendu 9-10, 12, 14)

18. Yintoni esimele siyenze ukuze uYehova asomeleze?

18 Zininzi iindlela uYehova asinika ngazo amandla. Ngumthandazo, iBhayibhile, abazalwana noodade nokushumayela. Xa sizisebenzisa, sibonisa ukuba siyamthemba ukuba uyafuna ukusinceda futhi uza kuyenza loo nto. Singaze siyeke ukumthemba uTata wethu osezulwini, ovuyiswa kukubonisa “amandla akhe ngenxa yabo bantliziyo zipheleleyo kuye.”—2 Kron. 16:9.

INGOMA 61 Phambili MaNgqina!

^ isiqe. 5 Zininzi iingxaki esinazo kule mihla, kodwa uYehova uyasinceda sikwazi ukuzinyamezela. Kweli nqaku, siza kuva indlela awamnceda ngayo umpostile uPawulos noTimoti abayeka ukumkhonza naxa babeneengxaki. Siza kuthetha nangeendlela ezine asinceda ngazo ukuze sikwazi ukunyamezela.

^ isiqe. 2 Amanye amagama atshintshiwe.

^ isiqe. 53 INGCACISO YOMFANEKISO: UPawulos uvalelwe endlini eRoma, kodwa ubhalela amabandla iileta futhi ushumayeza abantu abaze kumbona.

^ isiqe. 55 INGCACISO YOMFANEKISO:UTimoti ukhuthaza abazalwana abakumabandla aye kuwo.