Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 20

Ungaze Uphelelwe Ngumdla Wokuya Entsimini

Ungaze Uphelelwe Ngumdla Wokuya Entsimini

“Tyala imbewu yakho . . . ungasiphumzi isandla sakho.”​—INTSHU. 11:6.

INGOMA 70 Funani Abafanelekayo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

Akubuyela ezulwini uYesu abafundi bakhe bashumayela ngamandla eYerusalem nakwezinye iindawo (Jonga isiqendu  1)

1. UYesu wayefuna abalandeli bakhe benze ntoni, benza ntoni ke? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

XA UYESU eye kushumayela, wayehlala enethemba lokuba abantu baza kummamela. Wayefuna nabafundi bakhe bafane naye. (Yoh. 4:35, 36) Xa wayesekunye nabo, babekhuthele kumsebenzi wokushumayela. (Luka 10:1, 5-11, 17) Wathi akubanjwa waza wabulawa, waphela umdla wokushumayela ababenawo. (Yoh. 16:32) Emva kokuba evusiwe, wabakhuthaza ukuba baphinde baqale apho bebeyeke khona. Wathi akubuyela ezulwini, bashumayela ngamandla de iintshaba zabo zakhalaza zisithi: “Jonga! niyigcwalisile iYerusalem ngale mfundiso yenu.”—IZe. 5:28.

2. UYehova uye wawusikelela njani umsebenzi wokushumayela?

2 UYesu wayekhokela kumsebenzi owawusenziwa ngamaKristu exesha labapostile. UYehova wawusikelela kuba abantu abaninzi baba nomdla kumyalezo ababewuva, kangangokuba ngePentekoste ka-33 C.E. kwabhaptizwa abantu abamalunga ne-3 000. (IZe. 2:41) Baya besiba baninzi kakhulu abafundi. (IZe. 6:7) UYesu waprofeta wathi ngexesha lesiphelo babeza kuba baninzi nangaphezu koko abantu ababeza kuba ngabafundi.—Yoh. 14:12; IZe. 1:8.

3-4. Kutheni abanye abavakalisi bephelelwa ngumdla wokuya entsimini, yintoni esiza kuyiva kweli nqaku?

3 Sonke sizama ukuba sihlale sinomdla wokuya entsimini. Kwamanye amazwe, kubavakalisi abaninzi iba ngathi alufiki usuku lwentsimi. Benziwa yintoni? Baninzi abantu abafuna ukufundelwa iBhayibhile kangangokuba abanye kude kufuneke balinde de kubekho iNgqina elinokukwazi ukufunda nabo. Kodwa kwamanye, abavakalisi ababi namdla wentsimi kuba abantu abaninzi bafika bengekho emakhaya, abo babafumanayo ababi namdla wokufunda iBhayibhile.

4 Ukuba uhlala kwindawo enjalo, mhlawumbi amacebiso akweli nqaku aza kukunceda. Siza kuva izinto abazenzileyo abanye abavakalisi ukuze bakwazi ukuthetha nabantu abaninzi kwintsimi yabo. Siza kuva nokuba yintoni enokusenza sihlale sinomdla wokushumayela nokuba abantu bayasimamela okanye abasimameli.

UNGATYHAFI NOKUBA ABANTU ABAFUMANEKI

5. Ziintoni ezenza kube nzima kubavakalisi abaninzi ukufumana abantu emakhaya?

5 Kuya kusiba nzima kumaNgqina amaninzi ukufumana abantu emakhaya. Abanye abavakalisi bahlala kwiindawo ezinabantu abahlala kwizakhiwo ekunzima ukungena kuzo ngenxa yokuba zikhuseleke kakhulu, kanti ezinye zineegeyithi ezinkulu. Kwezinye kukho oonogada abangavumiyo ukuba kungene nje umntu ongaziwayo ngabahlali. Kanti kwiindawo abakwaziyo ukungena emizini kuzo, abantu abekho. Kukho nabavakalisi abashumayela ezilalini okanye kwiindawo ezihlala abantu abambalwa. Kwezi ndawo, omnye umzi ulapha omnye uphayaa. Xa abavakalisi besuka kulo umzi besiya komnye, bahamba ixesha elide, mhlawumbi xa befika apho, akukho mntu. Ukuba sishumayela kwintsimi enje, masingatyhafi. Yintoni esinokuyenza ukuze sifumane abantu abaninzi?

6. Yintoni ofana ngayo umsebenzi wokushumayela nowabalobi?

6 UYesu wafanisa umsebenzi wokushumayela nowabalobi beentlanzi. (Marko 1:17) Kusenokuqengqeleka iintsuku beloba, bangabambisi nenye intlanzi. Kodwa abatyhafi; batshintsha ixesha abaloba ngalo nendawo abaloba kuyo, bade batshintshe nendlela abaloba ngayo. Nathi sinokwenza loo nto kumsebenzi wethu wokushumayela. Makhe sive izinto esinokuzama ukuzenza.

Xa abantu abakwintsimi yethu bengafumaneki emakhaya, masizame ukuya kubo ngelinye ixesha, ukubafumana kwezinye iindawo okanye sisebenzise ezinye iindlela zokushumayela. (Jonga isiqendu 7-10) *

7. Yintoni eza kwenzeka xa sisiya entsimini ngexesha abakho ngalo abantu emakhaya?

7 Zama ukutshintsha amaxesha oya ngawo entsimini. Siza kubafumana abantu xa sisiya entsimini ngexesha abakho ngalo abantu emakhaya. Abantu bayabuya apho bebeye khona. Abazalwana noodade bafumana abantu abaninzi emva kwemini okanye ngorhatya. Ngaloo maxesha abantu sebeziphumlele emizini yabo futhi banomdla wokuncokola. Usenokuzama nokwenza into eyacetyiswa nguDavid ongumdala. Uthi emva kokuba beshumayele iyure okanye ezimbini kuloo ntsimi, baye babuyele kwizindlu ebezingenabantu. Uthi, “Iyamangalisa indlela ababa baninzi ngayo abantu esibafumanayo xa senze loo nto.” *

Xa abantu abakwintsimi yethu bengafumaneki emakhaya, masizame ukuya kubo ngelinye ixesha (Jonga isiqendu 7-8)

8. Sinokuyenza njani into ethethwa kwiNtshumayeli 11:6?

8 Masingatyhafi. Umbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku usixelela loo nto. (Funda iNtshumayeli 11:6.) UDavid, ekuthethwe ngaye kwisiqendu esidlulileyo akazange atyhafe. Kwenye indlu ekwakudala esiya kuyo engafumani mntu, wade wamfumana. Indoda yaloo ndlu yaba nomdla wokuncokola ngeBhayibhile. Yathi: “Kule minyaka iyi-8 ndihlala apha, kuyaqala ukungena iNgqina LikaYehova.” UDavid uthi, “Ndifumanise ukuba xa ude wabafumana abantu emizini yabo, ufika benomdla wokumamela.”

Xa abantu abakwintsimi yethu bengafumaneki emakhaya, masizame ukubafumana kwezinye iindawo (Jonga isiqendu 9)

9. Amanye amaNgqina aye enza ntoni ukuze afumane abantu abangafumanekiyo emakhaya?

9 Zama ukushumayela nakwenye indawo. Ukuze babafumane abantu abangafumanekiyo emakhaya, abanye abavakalisi baye bashumayela nakwezinye iindawo. Ngokomzekelo, xa sishumayela esitratweni okanye ngeetroli, sithetha nabantu ekunzima ukubafumana ezindlini kuba behlala kwiindawo ekungavunywayo ukuba singene kuzo. Abanye abavakalisi bafumanise ukuba kwiipaki, kwiimarike nakwiindawo zamashishini abantu baba nomdla wokuncokola ngeBhayibhile nowokuthatha iincwadi zethu. UFloiran ongumveleli wesiphaluka eBolivia uthi: “Siya kwiimarike nakwiindawo ekuthengiswa kuzo nezamashishini ngo-1:00 nango-3:00 emva kwemini, xa abantu abathengisayo bengaxakekanga kakhulu. Sidla ngokuncokola kamnandi nabo side siqale nezifundo.”

Xa abantu abakwintsimi yethu bengafumaneki emakhaya, masisebenzise ezinye iindlela zokushumayela (Jonga isiqendu 10)

10. Yeyiphi enye indlela onokubafumana ngayo abantu?

10 Zama nezinye iindlela onokubafumana ngazo. Masithi kukho umntu okudala uzama ukudibana naye. Uzame ukuya kwakhe ngamaxesha ahlukeneyo, kodwa awude umfumane. Ngaba zikhona ezinye iindlela onokumfumana ngazo? UKatarína uthi, “Abantu endingabafumaniyo emizini yabo ndibabhalela iileta, ndibachazele into ebendiza kuyincokola nabo xa bendifike bekhona emakhaya.” Yintoni esiyifundayo kule nto ithethwa nguKatarina? Zama ezinye iindlela onokubafumana ngazo abantu abakwintsimi yakho.

SUKUTYHAFA XA ABANTU BENGENAMDLA

11. Yintoni eyenza abanye abantu bangabi namdla kumyalezo esibaphathele wona?

11 Abanye abantu abanamdla wokumamela umyalezo esibaphathele wona. Abakuboni kubalulekile ukwazi uThixo okanye iBhayibhile. Izinto ezininzi ezibuhlungu ezenzeka emhlabeni zibenza bangakholelwa kuThixo. IBhayibhile abafuni nokuyibona ngenxa yokuba abefundisi abathi baphila ngemithetho yeBhayibhile benza izinto ezimbi. Kanti abanye bahlala bexakeke yimisebenzi yabo, ziintsapho neengxaki zabo. Abaqondi ukuba iBhayibhile ingabanceda. Yintoni eza kusivuyisa xa abantu esishumayela kubo bengayiboni ibalulekile into esibaxelela yona?

12. Ngaba amazwi akumaFilipi 2:4 angasinceda xa sishumayela?

12 Abantu mababone ukuba ubakhathalele. Abantu abaninzi ababekade bengenamdla kwiindaba ezilungileyo baye basimamela kuba babone indlela esibakhathalele ngayo. (Funda amaFilipi 2:4.) Ngokomzekelo, uDavid ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi, “Xa umntu esithi akanamdla, sifaka iiBhayibhile neencwadi zethu ezibhegini, sithi: ‘Siqinisekile ukuba ikhona into ekwenze awabi namdla. Ukuba akunangxaki, sinomdla wokuyazi.’” Abantu bayambona umntu obakhathaleleyo. Banokuyilibala into esibaxelele yona, kodwa kusenokwenzeka bangayilibali indlela esiye sabakhathalela ngayo. Nokuba umntu akafuni ukuziva iindaba ezilungileyo esimphathele zona, unokubona indlela esimkhathalele ngayo kubuso bethu nakwindlela esithetha ngayo naye.

13. Sinokwenza ntoni ukuze umninimzi abe nomdla kumyalezo esiwuphetheyo?

13 Xa sitshintsha indlela esishumayela ngayo ukuze sithethe ngento aza kuba nomdla kuyo umninimzi, sibonisa indlela esinomdla ngayo kuye. Ngokomzekelo, ikhona into ebonisa ukuba kukho abantwana kuloo mzi singene kuwo? Abazali banokuba nomdla wokuva ukuba iBhayibhile ithi mababakhulise njani abantwana okanye ithi mabenze ntoni ukuze wonke umntu onwabe ekhaya. Ukuba sibona amaqhaga amakhulu, sisenokuthetha ngendlela ubundlobongela obubenza boyike ngayo abantu. Mhlawumbi umnikazimzi angakuvuyela ukwazi ukuba buza kuphela. Qho uthetha nomntu onomdla wokumamela, mncede abone indlela enokumnceda ngayo iBhayibhile. UKatarína, ekukhe kwathethwa ngaye uthi, “Ndiye ndicinge indlela iBhayibhile endincede ngayo.” Loo nto imenze wakwazi ukuxelela abantu into aqinisekileyo ngayo, nabantu athetha nabo bayayibona loo nto.

14. Yintoni ethethwa yiMizekeliso 27:17 ebonisa indlela abancedana ngayo abantu abahamba kunye entsimini?

14 Cela abanye bakuncede. Ngexesha labapostile, uPawulos wafundisa uTimoti indlela yokushumayela nokufundisa waza wamkhuthaza ukuba naye afundise abanye abazalwana noodade. (1 Kor. 4:17) Nathi sinokufana noTimoti, sifunde kubazalwana noodade abasebandleni abanobuchule bokushumayela nokufundisa. (Funda iMizekeliso 27:17.) Khawuve into eyayisenziwa nguShawn. Lo mzalwana waba nguvulindlela ezilalini ixesha elide. Abantu bezi lali babezithanda iicawa zabo. Yintoni eyamnceda wahlala evuya? Uthi: “Ndandidla ngokuhamba nomntu entsimini. Xa siphuma komnye umzi sisiya komnye, sasicebisana ngendlela esimele sishumayele ngayo ukuze sibe ngabafundisi abaphum’ izandla. Ngokomzekelo, sasidla ngokuthetha ngento ethethwe ngumntu esiphuma kuye nendlela esimphendule ngayo. Emva koko sasiye sicebisane ukuba xa siphinda sidibana nomntu othetha kanje siza kuthini.”

15. Kutheni kubalulekile ukuba sithandaze xa sisentsimini?

15 Cela uYehova akuncede. Qho xa ushumayela, cela uYehova akuncede. Ayikho into esinokuyenza kakuhle singakhange sincedwe ngumoya oyingcwele. (INdu. 127:1; Luka 11:13) Xa uthandaza, chaza eyona nto ufuna akuncede kuyo. Ngokomzekelo, mcele akubonise umntu ofuna ukufundiswa ngaye noza kukumamela. Emva koko, nawe zimisele ukushumayela kubo bonke abantu odibana nabo.

16. Kutheni kufuneka sifundisise ukuze sivuye entsimini?

16 Yiba nexesha lokufunda. ILizwi LikaThixo lithi: ‘Zibonele ngokwakho ukuthanda kukaThixo afuna sikwenze, okulungileyo, okwamkelekileyo kuye nokugqibeleleyo.’ (Roma 12:2) Xa sifunda, siya simazi kakuhle uThixo. Loo nto iza kwenza abantu esibaxelela ngaye babone ukuba siqinisekile ngento esiyithethayo. UKatarína ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi: “Kwiintsukwana nje ezimbalwa ezidlulileyo ndazibona ukuba ingathi andiqinisekanga ngezinto ezifundiswa yiBhayibhile. Ngoko ndafundisisa ngezinto ezenza ndiqiniseke ukuba ukhona uMdali, iBhayibhile liLizwi LikaThixo nokuba unentlangano yakhe namhlanje.” Uthi izinto awazifundayo zalomeleza ukholo lwakhe, zamenza wahlala evuya entsimini.

MASIHLALE SINOMDLA WOKUYA ENTSIMINI

17. Yintoni eyayisenza uYesu angaphelelwa ngumdla wokushumayela?

17 UYesu akazange aphelelwe ngumdla wokushumayela naxa kwakukho abantu ababengafuni ukummamela. Wayesenziwa yintoni? Wayesazi ukuba abantu kufuneka bayazi inyaniso, efuna ukubanceda. Wayesazi nokuba abantu ababengafuni ukummamela babeza kude bammamele. Yiloo nto kanye eyenzekayo kubantakwabo. Kwiminyaka emithathu enehafu eshumayela, akukho nomnye kubo owaba ngumfundi wakhe. (Yoh. 7:5) Kodwa emva kokuba evusiwe, baba ngamaKristu.—IZe. 1:14.

18. Yintoni esenza singayeki ukushumayela?

18 Asazi ukuba ngoobani abaza kuba ngabakhonzi bakaYehova. Abanye abantu bayamkela emva kwexesha elide inyaniso. Nabo bangafuniyo ukusimamela bayayibona indlela esiziphethe ngayo, bayabona nokuba asibancami, sihlala sinomdla wokuncokola nabo. Ekugqibeleni, basenokude “bamzukise uThixo” nabo.—1 Pet. 2:12.

19. Ama-1 Korinte 3:6, 7 athi yintoni eyenzekayo xa sishumayela?

19 Masingalibali ukuba thina siyatyala, sinkcenkceshele, kodwa nguThixo okhulisayo. (Funda ama-1 Korinte 3:6, 7.) Umzalwana ose-Ethiopia, uGetahun uthi: “Iminyaka engaphezu kweyi-20 yayindim qha iNgqina kwindawo esihlala kuyo. Ngoku singabavakalisi abayi-14. Abayi-13 babhaptiziwe, abanye babo ngumfazi nabantwana bam abathathu. Abantu abadla ngokubakho kwiintlanganiso bayi-32.” UGetahun uvuyiswa kukuba waqhubeka eshumayela, elindele kuYehova ukuba atsale abantu abanyanisekileyo babe ngamaNgqina akhe.—Yoh. 6:44.

20. Sifana njani neqela eliye kusindisa abantu emgodini?

20 UYehova uthanda bonke abantu. Ufuna sisebenze noNyana wakhe ukuze sincede abantu bazo zonke iintlanga ngaphambi kokuba alitshabalalise eli hlabathi. (Hag. 2:7) Lo msebenzi unokufaniswa nomsebenzi wokusindisa abantu engozini. Sifana neqela elithunyelwe ukuba liye kusindisa abantu abavaleleke emgodini. Kusenokwenzeka ingabi ngabo bonke abaphuma nabantu abasaphilayo kuloo mgodi, kodwa bonke besebenzile. Unjalo nomsebenzi wethu wokushumayela. Asazi ukuba bangaphi abantu abaza kusindiswa kweli hlabathi likaSathana. Kodwa uYehova angasebenzisa nabani na kuthi ukuba abancede. Omnye umzalwana oseBolivia, uAndreas, uthi: “Ndiyazi ukuba umntu ofunde inyaniso waza wabhaptizwa uncedwe ngabantu abaninzi.” Ngoko masingaze siphelelwe ngumdla wokuya entsimi. UYehova uza kusisikelela size sihlale sikuvuyela ukuya entsimini.

INGOMA 66 Shumayela Iindaba Ezilungileyo

^ isiqe. 5 Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sinomdla wokuya entsimini nokuba asifumani bantu, nabo bambalwa sibafumanayo abafuni ukusimamela? Eli nqaku liza kusicebisa ngezinye iindlela esinokushumayela ngazo ukuze sihlale sikuvuyela ukuya entsimini.

^ isiqe. 7 Abavakalisi bafanele basebenzise ezi ndlela zokushumayela zicetyiswa kweli nqaku ngendlela evumelana nemithetho yelizwe abakulo echaza indlela yokusebenzisa inkcazelo yabanye abantu.

^ isiqe. 60 INGCACISO YOMFANEKISO: (ukusuka phezulu ukuya ezantsi): Indoda nomfazi wayo bashumayela kwintsimi enezindlu ezingenabantu. Umnikazi wendlu yokuqala usemsebenzini, oweyesibini usekliniki, oweyesithathu usevenkileni. Owokuqala bamfumana xa bephinda besiya kuye ukubuya kwakhe emsebenzini. Owesibini badibana naye xa beshumayela kwindawo enabantu abaninzi ngasekliniki. Owesithathu bayamfowunela.