Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Esinokumpha Yona UYehova?

Yintoni Esinokumpha Yona UYehova?

UYESU wathi: “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.” (IZe. 20:35) Loo nyaniso iyasebenza nakuthi bahlobo bakaYehova. Kutheni sisitsho? Zininzi izinto ezisonwabisayo asiphe zona uYehova, kodwa sonwaba kakhulu xa sisipha uYehova. Yintoni esinokumpha yona uYehova? IMizekeliso 3:9 ithi: “Beka uYehova ngezinto zakho zexabiso.” Ezinye ‘izinto zethu zexabiso’ lixesha, iziphiwo, amandla nezinto esinazo. Xa sisebenzisa ezi zinto ukuze sixhase unqulo lwenyaniso, sipha uYehova ibe loo nto isenza sonwabe kakhulu.

Yintoni enokusinceda singakudeleli ukupha uYehova izinto esinazo? Umpostile uPawulos waxelela abaseKorinte ukuba ‘babekele bucala okuthile’ ukuze banikele ngako. (1 Kor. 16:2) Unokwenza ntoni ukuze ufumane enye inkcazelo ngeendlela onokunikela ngazo ezikhoyo kwindawo ohlala kuyo? Funda le bhokisi ingezantsi.

Akhona amazwe ongenakukwazi kuwo ukunikela ngeintanethi. Kodwa ke, inkcazelo ethetha ngezinye iindlela onokunikela ngazo iyafumaneka kwi-intanethi. Kwamanye amazwe, kukho indawo kwi-intanethi ephendula imibuzo edla ngokubuzwa ngokunikela.