Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngubani Okufundisa Indlela Yokucinga?

Ngubani Okufundisa Indlela Yokucinga?

“Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto.”​—ROMA 12:2.

IINGOMA: 88, 45

1, 2. (a) Wathini uYesu kuPetros xa lo mpostile wamcebisa ukuba abe nobubele kwisiqu sakhe? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.) (b) Kwakutheni ukuze amphendule ngolo hlobo?

KWAKUNGATHI abafundi bakaYesu bayaphupha! Kaloku babecinga ukuba uza kubuyisela uBukumkani kuSirayeli, suka yena wabaxelela ukuba kungekudala uza kuphathwa kakubi aze abulawe. Umpostile uPetros wazama ukumnqanda esithi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi; akuyi kuba nesi siphelo konke konke.” Kodwa ke uYesu wamluleka wathi: “Suka uye emva kwam, Sathana! Usisikhubekiso kum, ngenxa yokuba ucinga, kungekhona iingcamango zikaThixo, kodwa ezabantu.”​—Mat. 16:21-23; IZe. 1:6.

2 Ngala mazwi, uYesu wawenza wacaca umahluko phakathi kwezinto ezicingwa nguThixo nezinto ezicingwa leli hlabathi lilawulwa nguSathana. (1 Yoh. 5:19) Into eyathethwa nguPetros yayibonisa indlela abacinga ngayo abantu beli hlabathi abacingela iziqu zabo. Kodwa ke uYesu wayesazi ukuba uYise akacingi ngolo hlobo. Wayesazi ukuba uThixo ufuna azilungiselele ukuphathwa kakubi nokufa okwakuza kufika kungekudala. Ngendlela awamphendula ngayo uPetros, uYesu wenza kwacaca ukuba akafuni nokuyibona indlela elicinga ngayo eli hlabathi kodwa ukhetha ekaYehova.

3. Kutheni kunzima ukucinga njengoYehova kodwa kulula ukucinga njengeli hlabathi?

3 Thina, ngaba sicinga njengoThixo okanye sesicinga njengeli hlabathi? Ewe kona, sisenokuba senza izinto ezifunwa nguThixo. Kodwa ke, yintoni esiyicingayo? Ngaba sicinga kwaye sizibona izinto njengoYehova? Le nto ayivele nje izenzekele, kodwa umntu kufuneka azixelele ukuba uza kuyenza. Kwelinye icala, kulula ukuzibhaqa sele ucinga njengeli hlabathi. Kaloku umoya weli hlabathi ukho kuyo yonke indawo. (Efe. 2:2) Enye into ebangela sikuthande ukucinga njengeli hlabathi kukuba lisikhuthaza ukuba sicingele iziqu zethu. Bazalwana, kunzima ukucinga njengoYehova, kodwa kulula gqitha ukucinga njengeli hlabathi.

4. (a) Kuza kwenzeka ntoni xa sivumela eli hlabathi lisifundise indlela yokucinga? (b) Liza kusinceda ngantoni eli nqaku?

4 Kodwa, ukuba sivumela eli hlabathi lisifundise indlela yokucinga, siza kucingela iziqu zethu kuphela size sifune ukwenza unothanda. (Marko 7:21, 22) Kubalulekile ke ngoko ukuba sizifundise ‘ukucinga njengoThixo’ kungekhona ‘abantu.’ Libhalelwe loo nto ke eli nqaku. Liza kusichazela ukuba kutheni ukucinga njengoYehova ingekokuzifaka ejele kodwa kusinceda. Liza kuphinda lisibonise ukuba singenza njani ukuze singavumi ukucinga njengeli hlabathi. Elilandelayo liza kuthetha ngendlela esinokucinga ngayo njengoYehova kwizinto ezahlukahlukeneyo.

INDLELA ACINGA NGAYO UYEHOVA ILUNCEDO

5. Kutheni abanye abantu bengafuni kuxelelwa ukuba benze ntoni?

5 Abanye abantu abafuni kuxelelwa ukuba bacinge ntoni. Bathi: “Akho mntu undixelela into emandiyenze.” Mhlawumbi bazixelela ukuba bona abenzelwa mntu izigqibo ibe banelungelo lokuzenzela izigqibo zabo. Abantu abanjalo abafuni kulawulwa. *

6. (a) Yeyiphi inkululeko asinika yona uYehova? (b) Ngaba le nkululeko ayinamida?

6 Kodwa ke into esimele siqiniseke ngayo kukuba ukucinga njengoYehova akuthethi kuthi asinakukwazi ukuba neembono ezizezethu. Eyesi-2 kwabaseKorinte 3:17 ithi, “apho ukhoyo umoya kaYehova, kukho inkululeko.” Mntu ngamnye uvumelekile ukuba nobuntu bakhe. Umntu uyazikhethela into anomdla kuyo. Phofu nguYehova owasidala sanjalo. Kodwa ke le nkululeko yethu inemida. (Funda eyoku-1 kaPetros 2:16.) UYehova ufuna siyive ngaye into elungileyo nengalunganga, njengoko esichazela kwiLizwi lakhe. Ngaba usibandeza inkululeko okanye uyasinceda?

7, 8. Kutheni ukucinga njengoYehova ingekokuzivimba inkululeko? Yenza umzekelo.

7 Makhe senze umzekelo. Abazali bazama ukubaqeqesha kakuhle abantwana babo. Basenokubafundisa ukunyaniseka, ukukhuthala nokuba nembeko. Le nto ayibavimbi inkululeko abantwana. Kunoko abazali babakhulisa kakuhle ukuze baphumelele xa bebadala. Xa abantwana bebadala kwaye bengasahlali ekhaya, baza kuzenzela izigqibo zabo. Ukuba baziphatha ngendlela abakhuliswe ngayo, baza kwenza izigqibo abangayi kuzisola ngazo. Abayi kuzifaka kwiingxaki nakumaxhala angeyomfuneko.

8 Njengaye nawuphi na umzali olungileyo, uYehova ufuna abantwana bakhe bonwabe. (Isa. 48:17, 18) Yiloo nto esichazela imigaqo esimele siyithobele ukuze siziphathe kakuhle size siphathe nabanye kakuhle. Ukuze senze le nto, uthi masizame ukucinga njengaye size siziphathe ngendlela asiyalela ngayo. Le nto ayisivimbi inkululeko kodwa iyayiphucula indlela esicinga ngayo ize isivule ingqondo. (INdu. 92:5; IMize. 2:1-5; Isa. 55:9) Sitsho senze izigqibo ezisinceda sonwabe ngoxa sigcina ubuntu bethu obahlukahlukeneyo. (INdu. 1:2, 3) Kunceda nyhani ukucinga njengoYehova!

INDLELA ACINGA NGAYO UYEHOVA IBHETELE KUNEYEHLABATHI

9, 10. Yintoni eyenza kucace ukuba indlela acinga ngayo uYehova ibhetele gqitha kuneyeli hlabathi?

9 Esinye isizathu sokuba abakhonzi bakaYehova befuna ukucinga njengaye kukuba indlela acinga ngayo ikude lee kweyeli hlabathi. Abanye abantu beli hlabathi baye bacebisa abantu ngendlela yokuziphatha, iintsapho, ukonwaba emsebenzini nangezinye izinto. Amaninzi kula macebiso ayaphikisana nendlela acinga ngayo uYehova. Ngokomzekelo, kuthiwa abantu mabenze into abayithandayo. Nokuziphatha okubi ngokwesondo akubonwa kukubi. Nabantu bakhe bacetyiswe ukuba bohlukane okanye baqhawule umtshato ngezizathu ezingavakaliyo kuba kusithiwa baza konwaba. Amacebiso anjalo ayaphikisana neZibhalo. Ngaba amanye awo abhetele kunaweBhayibhile?

10 UYesu wathi: “Ubulumko bungqineka bububulungisa ngemisebenzi yabo.” (Mat. 11:19) Eli hlabathi lihambele phambili gqitha kwiteknoloji; kodwa alikwazanga ukulungisa iingxaki ezinkulu ezibangela abantu bangonwabi, njengemfazwe, ucalucalulo nolwaphulo-mthetho. Kuthekani ngokuvumela yonke into kumba wokuziphatha? Abantu abaninzi bayavuma ukuba le nto ayiziqinisi iintsapho kodwa iyazahlukanisa, ibangela izifo nezinye iingxaki. Kodwa wona amaKristu acinga njengoThixo ahleli kakuhle neentsapho zawo, asempilweni kuba aziphethe ngendlela ecocekileyo kwaye ahleli ngoxolo namanye amaKristu emhlabeni wonke. (Isa. 2:4; IZe. 10:34, 35; 1 Kor. 6:9-11) Ngaba le nto ayenzi kucace ukuba indlela acinga ngayo uYehova ibhetele kuneyeli hlabathi?

11. UMoses wazama ukucinga njengabani ibe waba yintoni umphumo?

11 Abakhonzi bakaThixo ekuthethwe ngabo eBhayibhileni babeqonda ukuba indlela acinga ngayo uYehova ibhetele. Ngokomzekelo, nangona uMoses wayefundiswe “bonke ubulumko bamaYiputa,” wacela uThixo ukuba amnike “intliziyo yobulumko.” (IZe. 7:22; INdu. 90:12) Waphinda wathi kuYehova: “Nceda undazise iindlela zakho.” (Eks. 33:13) Ukuzama ukucinga njengoYehova kwamenza wasebenza naye ukuze kwenzeke ukuthanda kwakhe, ibe iZibhalo zithetha kakuhle ngaye zisithi wayeyindoda enokholo.​—Heb. 11:24-27.

12. Yintoni eyayibangela uPawulos acinge kakuhle?

12 Umpostile uPawulos wayefundile kwaye ekrelekrele, ethetha ubuncinane iilwimi ezimbini. (IZe. 5:34; 21:37, 39; 22:2, 3) Kodwa akazange abuthande ubulumko beli hlabathi. Kunoko, wavumela iZibhalo zimfundise indlela yokucinga. (Funda iZenzo 17:2; 1 Korinte 2:6, 7, 13.) Loo nto yanceda uPawulos wafundisa abantu abaninzi inyaniso waza wanethemba lokuphila ngonaphakade.​—2 Tim. 4:8.

13. Ngaba siyanyanzelwa okanye siyazikhethela ukucinga njengoYehova?

13 Kucace mhlophe ukuba indlela acinga ngayo uYehova ibhetele gqitha kuneyeli hlabathi. Xa sizama ukucinga njengaye siza konwaba size siphumelele. Kodwa ke uYehova soze asinyanzele ukuba sicinge njengaye. ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ kunye nabadala abanyanzeli abantu ukuba bacinge njani. (Mat. 24:45; 2 Kor. 1:24) MKristu ngamnye umele aziqeqeshe ukuze acinge njengoThixo. Singayenza njani loo nto?

UNGAFUNDISWA UKUCINGA LELI HLABATHI

14, 15. (a) Yintoni esifanele sisoloko sicinga ngayo ukuba sifuna ukucinga njengoYehova? (b) Xa sicinga ngento ethethwa kumaRoma 12:2, kutheni sifanele sikulumkele ukumamela izinto ezifundiswa leli hlabathi? Khawenze umzekelo.

14 EyabaseRoma 12:2 ithi: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto, kodwa guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu, ukuze nikungqine ngokwenu ukulunga nokwamkeleka nokugqibelela kokuthanda kukaThixo.” La mazwi aphefumlelweyo abonisa ukuba sinako ukucinga njengoThixo, enoba sasikhe sacinga njengeli hlabathi ngaphambi kokuba sifunde inyaniso. Kuyinyaniso kona ukuba imfuza nezinto ezikhe zenzeka kuthi zinefuthe kwindlela esicinga ngayo. Kodwa ke ingqondo iyakwazi ukutshintsha. Ubukhulu becala olo tshintsho lubangelwa zizinto esizifaka engqondweni nezinto esihlala sicinga ngazo. Ukuba sichitha ixesha elininzi sicinga ngezinto ezithethwa nguYehova, siza kuzibonela ngokwethu ukuba indlela acinga ngayo ichanile. Xa kunjalo, iza kusuka nje izenzekele into yokuba sicinge njengaye.

15 Kodwa ke, ukuze sitshintshe ingqondo yethu size sicinge njengoYehova kufuneka siqale ‘siyeke ukumilisa okwale nkqubo yezinto.’ Kufuneka siyeke ukufunda, ukumamela nokubukela izinto eziphikisana noThixo. Ukubaluleka kwale nto singakuzekelisa ngokutya. Umntu usenokufuna ukuphucula impilo yakhe ngokutya ukutya okunesondlo. Kodwa loo nto iza kumnceda ngantoni ukuba uphinda azifikisele nakukutya okubolileyo? Nokufunda ngeengcinga zikaYehova akuzukusinceda kangako ukuba siphinda singcolise iingqondo zethu ngezinto zeli hlabathi.

16. Yintoni esifanele sizikhusele kuyo?

16 Ngaba ingenzeka into yokuba singeva kwanto ithethwa kweli hlabathi? Hayi, kaloku asikwazi ukuphuma kulo ngokupheleleyo okwangoku. Asikwazi kungaziva zonke izinto zalo. (1 Kor. 5:9, 10) Kaloku kwaukushumayela oku kusenza sive ezinye zezinto ezibhek’ ecaleni ezithethwa ngabantu beli hlabathi. Noko ke, asifanele sizimamele okanye sizamkele ezo zinto ziphikisana noThixo. Nathi, njengoYesu sifanele sizikhabe ngoko nangoko izinto ezivela kuSathana. Enye into, sinako ukuzikhusela ukuze singaziva ezinye zezinto ezicingwa leli hlabathi.​—Funda iMizekeliso 4:23.

17. Yintoni esinokuyenza ukuze singaziva ezinye zezinto zeli hlabathi?

17 Ngokomzekelo, sifanele silumke xa sikhetha abahlobo. IBhayibhile ithi, ukuba sihlala nabantu abangamkhonziyo uYehova siza kuzibhaqa sesicinga njengabo. (IMize. 13:20; 1 Kor. 15:12, 32, 33) Sifanele sizikhethe kakuhle nezinto esizonwabisa ngazo. Xa singazonwabisi ngezinto ezifundisa ukuba izinto zazivelela zingadalwanga nguThixo, ubundlobongela okanye ukuziphatha okubi, soze iingqondo zethu zityhefwe zizinto ‘ezinxamnye nolwazi lukaThixo.’​—2 Kor. 10:5.

Ngaba siyabanceda abantwana bethu bangazonwabisi ngezinto eziyingozi? (Jonga isiqendu 18, 19)

18, 19. (a) Kutheni sifanele silumkele izinto ezifundiswa leli hlabathi enoba azicacanga ncam? (b) Yeyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona ibe kutheni?

18 Kuhle nokuba sizibone size singazamkeli izinto ezicingwa leli hlabathi naxa zisiza ngeendlela ezingacacanga ncam. Ngokomzekelo, iindaba zinokubhalwa ngendlela yokuba zixhase iqela elithile lezopolitiko. Ibali elingomntu othile linokwenza kubonakale ngathi abantu beli hlabathi nyhani bayaphumelela. Ezinye iimuvi neencwadi ziyenza ibe ngathi yinto efanelekileyo nentle into yokuba umntu abeke isiqu sakhe nentsapho yakhe phambili. Ezo muvi neencwadi aziyihoyanga into yokuba iZibhalo zisithi thina kunye neentsapho zethu sonwaba kuphela xa sithanda uYehova ngaphezu kwayo nantoni na enye. (Mat. 22:36-39) Namanye amabali abantwana, nangona engekho mabi, asenokuyifaka ngeendlela ezingaqondakaliyo into yokwamkela ukuziphatha okubi.

19 Le nto ayithethi kuthi kuphosakele ukuzonwabisa. Kodwa ke kuhle sizibuze le mibuzo: ‘Ngaba ndiyakwazi ukuzibona iimfundiso zeli hlabathi naxa zingacacanga? Ngaba thina kunye nabantwana bethu asizibukeli ezinye iinkqubo kwaye asizifundi ezinye iincwadi? Xa abantwana beve okanye babona into efundiswa leli hlabathi, ngaba siye sibafundise ukuba uthini yena uYehova?’ Ukuba siyawubona umahluko phakathi kwendlela elicinga ngayo eli hlabathi nendlela acinga ngayo uThixo, soze ‘similise okwale nkqubo yezinto.’

NGUBANI KE NGOKU OKUFUNDISA INDLELA YOKUCINGA?

20. Yintoni eza kugqiba enoba sicinga njengoThixo okanye njengeli hlabathi?

20 Bazalwana noodade, ulwazi lufumaneka ngeendlela ezimbini—luvela kuYehova okanye kwihlabathi likaSathana. Wena, ngubani okufundisa le ndlela ucinga ngayo? Impendulo ilula, ngulo ufumana kuye ulwazi. Ukuba sifunda izinto zeli hlabathi, liza kusifundisa indlela yokucinga, size sicinge kwaye siziphathe njengalo. Yiloo nto kubalulekile ukuba singafundi, sibukele okanye simamele yonk’ into le!

21. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

21 Njengoko kutshiwo kweli nqaku, ukuze sicinge njengoYehova akwanelanga ukulumkela nje izinto ezingcolisa ingqondo. Kufuneka sibe ngathi siyaqina apha ekufundeni iingcinga zikaThixo ukuze nathi sicinge njengaye. Inqaku elilandelayo liza kusibonisa nezinye iindlela zokwenza kanye loo nto.

^ isiqe. 5 Inyaniso kukuba akakho umntu ekunokuthiwa yonke into ayicingayo isuka kuye. Enoba umntu ugqiba ngombandela obalulekileyo njengokuba ubomi baqala njani okanye uza kunxiba ntoni, abanye abantu badla ngokuba nefuthe kweso sigqibo.