Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Thembela NgoYehova Uze Uphile!

Thembela NgoYehova Uze Uphile!

“Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.”​—IMIZE. 3:5.

IINGOMA: 3, 8

1. Kutheni sonke sifuna ukuthuthuzelwa?

SONKE siyakufuna ukuthuthuzelwa. Mhlawumbi kukho izinto ezisixhalabisayo, siyaphoxeka ibe sineentlungu. Kusenokwenzeka ukuba abanye bethu bahlutshwa yimpilo, bagugile okanye baswelekelwe ngumntu abamthandayo. Kanti abanye bona baphethwe kakubi ngabanye abantu. Enye into, nabantu esiphila phakathi kwabo baya bewuthanda ngakumbi umlo. Siqinisekile ukuba la ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo’ asibonisa ukuba siphila ‘kwimihla yokugqibela’ ibe suku ngalunye olugqithayo lusisondeza kwihlabathi elitsha. (2 Tim. 3:1) Kodwa ke, kusenokwenzeka ukuba kudala silindele ukuba uYehova azenze izinto asithembise zona, ibe kwelinye icala neengxaki zethu ziya zisanda. Ngoko, ngubani onokusithuthuzela?

2, 3. (a) Yintoni esiyaziyo ngoHabhakuki? (b) Kutheni siza kuthetha ngencwadi kaHabhakuki?

2 Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sithethe ngencwadi kaHabhakuki. Nakubeni iBhayibhile ingasichazeli kangako ngobomi nangezinto ezazisenziwa nguHabhakuki, incwadi yakhe iyasikhuthaza. Kusenokwenzeka ukuba igama lakhe lithetha “Ukwanga Uqinise.” Lisenokubhekisela kwindlela uYehova asithuthuzela ngayo, okanye kwindlela thina esibambelela nkqi ngayo kuye. UHabhakuki wathetha noThixo, embuza imibuzo. Singathi le mibuzo wayeyibuzela thina, kuba uYehova wamphefumlela ukuba ayibhale le ncoko yabo.​—Hab. 2:2.

3 Ayikho enye into ethethwayo eBhayibhileni ngalo mprofeti ukhathazekileyo ngaphandle kwale ncoko yakhe noYehova. Incwadi yakhe yenye ‘yezinto ezabhalwa kwixesha langaphambili’ zaza zafakwa eLizwini LikaThixo, iBhayibhile, “ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.” (Roma 15:4) Ingasinceda njani le ncwadi kaHabhakuki? Ingasinceda sibone ukuba kuthetha ukuthini ukuthembela ngoYehova. Ngapha koko, le ncwadi kaHabhakuki iyasiqinisekisa ukuba singakwazi ukuzola enoba sineengxaki ezingakanani. Ngoko ke, makhe singene nzulu kule ncwadi kaHabhakuki.

CELA UYEHOVA AKUNCEDE

4. Wayekhathazwa yintoni uHabhakuki?

4 Funda uHabhakuki 1:2, 3. Kwakukubi nyhani ngexesha likaHabhakuki. Wayengonwabanga ngenxa yokuba wayephila nabantu abenza izinto ezimbi nabathanda umlo. Babeza kuyeka nini ukwenza ezi zinto zimbi? UYehova wayebayekele ntoni ixesha elide kangaka? Kuyo yonke indawo, uHabhakuki wayebona amaSirayeli ephethene kakubi. Wayengazi nokuba makathini. Ngenxa yoko, wacela uYehova ukuba ayilungise le nto. Mhlawumbi uHabhakuki wayecinga ukuba uYehova wayengayihoyanga le nto yayisenzeka. Kwakungathi uThixo uyalibazisa. Ngaba nawe wakha waziva njengalo mkhonzi kaThixo?

5. Sisiphi isifundo esibalulekileyo esisifunda kwincwadi kaHabhakuki? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

5 Ngaba uHabhakuki wayengasamthembi uYehova? Ngaba wayephelelwe lukholo? Akunjalo! Kwale yokuba azixelele uYehova iingxaki zakhe kunokuba axelele abanye abantu, ibonisa ukuba wayesamthembile. Kuyabonakala ukuba wayekhathazwa kukungaqondi isizathu sokuba uYehova alinde ixesha elide kwaye amyeke ehlelwe zizinto ezimbi. Ngokuphefumlela uHabhakuki ukuba azibhale phantsi izinto ezazimkhathaza, uYehova wayefuna sifunde esi sifundo sibalulekileyo: Asifanele soyike ukumchazela izinto ezisikhathazayo. Phofu, uthi masimxelele yonke into xa sithandaza kuye. (INdu. 50:15; 62:8). IMizekeliso 3:5 yona yongeza ngelithi, “kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda.” UHabhakuki ufanele ukuba wayewazi la mazwi ibe ewasebenzisa.

6. Kutheni kubalulekile ukuthandaza?

6 UHabhakuki wayethembele ngoYehova, uMhlobo noTata wakhe, ibe wazisondeza kuye. Akazange abe ezixhalabisa ngeengxaki awayekuzo, aze azame ukuzilungisa ngokwakhe. Endaweni yoko, wathandaza, waxelela uYehova ezi zinto zazimkhathaza, ibe nathi sinokufunda kuye. Ngapha koko, uYehova, uMphulaphuli wemithandazo ufuna simthembe ngokuthi simchazele iingxaki zethu. (INdu. 65:2) Xa sisenza njalo, siza kuyibona indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yethu. Kuza kuba ngathi uyasanga xa esithuthuzela naxa esikhokela. (INdu. 73:23, 24) Uza kusinceda siyiqonde indlela azijonga ngayo iingxaki zethu enoba zinjani. Ukuthandaza kuYehova, simchazele yonke into, yenye yezona ndlela sibonisa ngazo ukuba sithembele ngaye.

MMAMELE UYEHOVA

7. Wathini uYehova emva kokuba uHabhakuki emchazele izinto ezazimkhathaza?

7 Funda uHabhakuki 1:5-7. Inoba emva kokuchazela uYehova ezi zinto zazimkhathaza, uHabhakuki wazibuza ukuba uYehova uza kuthini. Kuba enguTata oqondayo nonothando, akazange amngxolise uHabhakuki ngenxa yokukhalaza kwakhe. UThixo wayeyiqonda into yokuba ukhaliswa kukuba sentlungwini kwaye ufuna ukuncedwa. UYehova wamxelela ngento awayesele eza kuyenza kumaYuda angalawulekiyo. Kusenokwenzeka ukuba uHabhakuki waba ngumntu wokuqala ukuva ukuba asifikanga sigalelekile isiphelo saba bantu bathanda ukulwa.

8. Kutheni impendulo kaYehova yayingeyiyo le nto uHabhakuki wayeyilindele?

8 UYehova waxelela uHabhakuki ukuba wayesele eza kuzilungisa izinto. Wayeza kuwatshabalalisa loo maYuda athanda umlo. Ngokuthi “ngemihla yenu,” uYehova wayethetha ukuthi uza kubatshabalalisa abo bantu esaphila lo mprofeti okanye abantu ababephila ngexesha lakhe. UHabhakuki akazange ayilindele tu le ndlela uYehova wamphendula ngayo. Ifanele ukuba yamothusa kakhulu le mpendulo. Le nto uYehova wamxelela yona yayibonisa ukuba zaziza kuya zisiba mbi izinto kwaYuda. * AmaKhaledi (amaBhabhiloni) ayekhohlakele ngeyona ndlela, ethanda umlo ukodlula abantu belizwe awayehlala kulo uHabhakuki, ababeyazi imigaqo kaYehova. Kwakutheni ukuze uYehova asebenzise olu hlanga lukhohlakeleyo nolunqula izithixo ukuze ohlwaye abantu bakhe? Wawuza kuthini wena ukuba wawunguHabhakuki, usiva le nto?

9. Yeyiphi imibuzo ekusenokwenzeka ukuba uHabhakuki wayezibuza yona?

9 Funda uHabhakuki 1:12-14, 17. UHabhakuki wayeyiqonda into yokuba uYehova uza kusebenzisa iBhabhiloni ukuze ohlwaye abantu abenza izinto ezimbi, kodwa ke wayesabhidekile. Wayethobekile ibe akazange ayeke ukuthembela kuYehova, kangangokuba wade wathi uYehova ‘liLiwa’ lakhe. (Dut. 32:4; Isa. 26:4) UHabhakuki akazange ayilibale into yokuba uYehova unothando nobubele. Le nto yamenza akoyika ukubuza uYehova eminye imibuzo. Yintoni eyayinokubangela ukuba uYehova avumele izinto ziye zisiba mbi kwaYuda? Kwakutheni ukuze angazilungisi ngoko nangoko ezi ngxaki? Yintoni eyayinokwenza uSomandla anyamezele nezinye izinto ezimbi? Yintoni eyayinokumenza ‘aqhubeke ethe cwaka’ nakubeni kusenzeka izinto ezimbi? Kaloku “Ungcwele”, ibe ‘usulungeke kakhulu emehlweni ukuba angabona okubi.’

10. Kutheni sisenokuziva njengoHabhakuki ngamanye amaxesha?

10 Ngamanye amaxesha, nathi sisenokuziva njengoHabhakuki. Siyammamela uYehova. Sithembele kuye, siyalifunda iLizwi lakhe, kwaye lisenza sibe nethemba. Ezinye izithembiso zakhe siziva kwintlangano yakhe. Kodwa sisenokuzibuza, ‘Ziza kuphela nini iingxaki zethu?’ Sinokufunda kwinto eyenziwa nguHabhakuki.

LINDELA KUYEHOVA

11. Yintoni awayezimisele ukuyenza uHabhakuki emva kokuncokola noYehova?

11 Funda uHabhakuki 2:1. Emva kokuba uHabhakuki ethethe noYehova wazola. Ngoko wazimisela ukulindela kuYehova. Wayengazimiselanga ukuyenza nje ngaloo mzuzu loo nto, kuba waphinda wathi, “ngokuzola ndilindele imini yokubandezeleka.” (Hab. 3:16) Nabanye abakhonzi bakaYehova balindela kuye. Loo nto iyasikhuthaza ukuba nathi singaze siyeke ukulindela kuYehova.​—Mika 7:7; Yak. 5:7, 8.

12. Sifunda ntoni kuHabhukuki?

12 Ukulindela kukaHabhakuki kuYehova kusifundisa ntoni? Okokuqala, asimele siyeke ukuthandaza kuYehova, enoba iingxaki zethu zinjani. Okwesibini, simele simamele oko uYehova asixelela kona ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe. Okwesithathu, simele silindele kuYehova, simthembe ukuba uza kusinceda kwiingxaki esinazo ngexesha lakhe. Ukuba siyaqhubeka sithetha noYehova, simmamele size silindele kuye njengoHabhakuki, siza kutsho sizole sikwazi nokunyamezela. Ukuba nethemba kuza kusinceda sibe nomonde, ibe loo nto iza kusenza sonwabe nakubeni sineengxaki ezininzi. Ithemba lisinceda siqiniseke ukuba uTata wethu osezulwini uza kuzilungisa iingxaki zethu.​—Roma 12:12.

13. UYehova wamthuthuzela njani uHabhakuki?

13 Funda uHabhakuki 2:3. Siqinisekile ukuba uYehova wavuya kuba uHabhakuki walindela kuye. USomandla wayeyazi kakuhle imeko kaHabhakuki. Ngenxa yoko, uThixo wamthuthuzela lo mprofeti waza wamqinisekisa ukuba uza kuyiphendula imibuzo yakhe. Kungekudala izinto ezazimxhalabisa zaziza kuphela. Kwakungathi uThixo uthi kuHabhakuki: “Sukungxama, ndithembe. Ndiza kuwuphendula umthandazo wakho, nokuba kubonakala ngathi ndiyalibazisa.” UYehova wamkhumbuza ukuba sele ebeke ixesha aza kuzenza ngalo izinto awayezithembisile. Ngoko wakhuthaza uHabhakuki ukuba aqhubeke elindile. Ekugqibeleni, lo mprofeti wayengazuphoxeka.

Kutheni sizimisele ukukhonza uYehova kangangoko sinako? (Jonga isiqendu 14)

14. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza xa sineengxaki?

14 Xa silindela kuYehova, sizimamele izinto asixelela zona, siza kumthemba size sizole nokuba iingxaki zethu zinjani. UYesu wayiveza into yokuba simele simthembe uYehova ukuba uyaligcina ixesha, ibe asimele sizikhathaze ‘ngamaxesha okanye amathuba’ uThixo angekasixeleli ngawo. (IZe. 1:7) Ngoko ke, simele sihlale sithobekile, sinokholo size silindele kuYehova. Njengoko silindile, masilisebenzise kakuhle ixesha lethu, ngokukhonza uYehova kangangoko sinako.​—Marko 13:35-37; Gal. 6:9.

ABO BATHEMBELA KUYEHOVA BAZA KUFUMANA UBOMI NGOKU NAKWIXESHA ELIZAYO

15, 16. (a) Zeziphi izithembiso esizifumana kwincwadi kaHabhakuki? (b) Ezi zithembiso zisifundisa ntoni?

15 UYehova ubathembisa le nto abantu abathembele kuye: “Lowo ulilungisa, ngokuthembeka kwakhe uya kuqhubeka ephila” ibe “umhlaba uya kuzaliswa kukwazi uzuko lukaYehova.” (Hab. 2:4, 14) UYehova ubathembisa ubomi obungunaphakade abantu abahlala bethembele kuye.

16 Isithembiso esikuHabhakuki 2:4 sisenokubonakala singabalulekanga kangako. Kodwa, umpostile uPawulos wasibona sibalulekile esi sithembiso kangangokuba wabhala ngaso kwada kwakathathu! (Roma 1:17; Gal. 3:11; Heb. 10:38) Kungakhathaliseki ukuba iingxaki zethu zinjani, ukuba sihlala sithembekile kuYehova ibe sinokholo kuye, siza kuzibona izinto asithembise zona zisenzeka. UYehova ufuna sihlale sicinga ngezinto aza kusenzela zona kwixesha elizayo.

17. Kwincwadi kaHabhakuki, uYehova usiqinisekisa ngantoni?

17 Incwadi kaHabhakuki isifundisa izinto ezibaluleke kakhulu kule mihla yokugqibela. UYehova uwathembisa ubomi obungunaphakade onke amalungisa anokholo nathembele kuye. Ngoko masiqhubeke siqinisa ukholo lwethu size sithembele kuThixo enoba sineengxaki ezinjani. Izinto uYehova awazixelela uHabhakuki ziyasiqinisekisa ukuba uza kusixhasa aze asisindise. Uyasicela ukuba sithembele kuye size simlinde kuba uyalazi ixesha aza kuzisa ngalo uBukumkani bakhe. Ngelo xesha, umhlaba wonke uza kube ugcwele ngabantu abakhonza uYehova, abonwabileyo nabanoxolo.​—Mat. 5:5; Heb. 10:36-39.

THEMBELA NGOYEHOVA UZE WONWABE

18. Amazwi kaYehova amenza waziva njani uHabhakuki?

18 Funda uHabhakuki 3:16-19. Amazwi kaYehova amnceda kakhulu uHabhakuki. Wacingisisa ngezinto ezimangalisayo uYehova awayesele ezenzele abantu bakhe. Le nto yamenza wamthemba ngakumbi uYehova. Wayeqinisekile ukuba uYehova sele eza kuzilungisa izinto! Oku kwamthuthuzela lo mprofeti, nakubeni wayesazi ukuba iingxaki zakhe zaziseza kuqhubeka kangangexesha elithile. UHabhakuki wayeka ukuthandabuza, kunoko wathembela kuYehova esazi ukuba uza kumsindisa, ibe loo nto yamvuyisa. Into ayithetha kuvesi 18 yenye yezona zinto zingasoze zilibaleke kwezakha zathethwa ngumntu ngokuthembela kuYehova. Abanye abaphengululi bacinga ukuba ngokoqobo uvesi 18 uthetha ukuthi: “Ndiza kuxhuma ndonwabile phambi kweNkosi; Ndiza kudanisa ndivuya phambi koThixo.” Ininzi into esiyifundayo apha! UYehova akasithembisanga nje ngezinto ezimangalisayo kodwa uyasiqinisekisa ukuba ngoku sithethayo, sele elungiselela ukuzenza.

19. Sinokwenza njani ukuze sithuthuzelwe nguYehova njengokuba wenzayo kuHabhakuki?

19 Asiyithandabuzi into yokuba eyona nto siyifunda kwincwadi kaHabhakuki kukuthembela ngoYehova. (Hab. 2:4) Sinokuqhubeka sithembele ngoYehova ukuba siyabuqinisa ubuhlobo bethu naye, ngokuthi (1) siqhubeke sithandaza kuYehova simxelele zonke iingxaki namaxhala esinawo; (2) simamele oko akutshoyo kwiLizwi lakhe size sikwenze oko intlangano yakhe ithi masikwenze; nangokuthi (3)  siqhubeke sithembekile njengoko silindele ukuba uYehova enze izinto asithembise zona. Wenza loo nto kanye uHabhakuki. Nakubeni wayekhathazekile xa wayeqala incwadi yakhe, kodwa iphela ekhuthazekile ibe onwabile. Ukuba sixelisa uHabhakuki, nathi uTata wethu uYehova kuza kuba ngathi uyasanga. Ngubani omnye obenokusithuthuzela kanje kweli hlabathi?

^ isiqe. 8 KuHabhakuki 1:5 kusetyenziswa isininzi ukubonisa ukuba le ntlekele yayiza kwehlela onke amaYuda.