Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Thenga Inyaniso, Ungathengisi Ngayo”

“Thenga Inyaniso, Ungathengisi Ngayo”

“Thenga inyaniso ungathengisi ngayo​—ubulumko, ingqeqesho nokuqonda.”​—IMIZE. 23:23.

IINGOMA: 94, 96

1, 2. (a) Yintoni eyona nto siyithandayo nesiyixabise kakhulu? (b) Zeziphi iinyaniso esizixabisileyo, kwaye kutheni? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

YINTONI eyona nto oyixabisileyo noyithandayo onayo? Ngaba ungayincama ngenxa yento engenamsebenzi? Kubakhonzi bakaYehova abathembekileyo kulula ukuphendula le mibuzo. Eyona nto siyithandayo nesiyixabise kakhulu kukuba ngabahlobo bakaYehova, kwaye obu buhlobo asinakubuncamela nantoni na. Siyayithanda inyaniso esiyifumana eBhayibhileni, kuba ibenza buqine ubuhlobo bethu noTata wethu osezulwini.​—Kol. 1:9, 10.

2 Khawucinge ngazo zonke izinto esizifundiswa nguMyaleli wethu Ozukileyo kwiLizwi lakhe iBhayibhile! Usixelela inyaniso ngendlela elibaluleke ngayo igama lakhe nangeempawu zakhe ezithandekayo. Usixelela nangelungiselelo eligqwesileyo lentlawulelo, alenze ngoNyana wakhe uYesu. Usifundisa ngoBukumkani ekuza kulawula uMesiya kubo. Usithembisa nangendlela esiza kuphila ngayo kwixesha elizayo, xa amaKristu athanjisiweyo eza kuphila ezulwini, zize ‘ezinye izimvu’ ziphile emhlabeni oyiParadesi ngonaphakade. (Yoh. 10:16) Uphinda asifundise indlela esimele siziphathe ngayo. Siyazithanda kwaye siyazixabisa ezi nyaniso kuba zisenza sisondele kuMdali wethu. Zenza siyazi into esiyiphilelayo.

3. Ngaba simele siyibhatalele inyaniso?

3 UYehova nguThixo onobubele. Akabavimbi izinto ezilungileyo abantu abafuna inyaniso. Wade wasipha ubomi boNyana wakhe amthandayo. Akasoze afune simbhatale ngenyaniso asixelela yona. Naxa indoda enguSimon yayithembisa umpostile uPetros ngemali ukuze ikwazi ukunika abanye umoya oyingcwele, uPetros wayingxolisa esithi: “Ngamana isilivere yakho ingabhanga kunye nawe, ngenxa yokuba ubucinga ukufumana isipho sesisa sikaThixo ngemali.” (IZe. 8:18-20) Ngoko uthetha ukuthini umyalelo othi: “Thenga inyaniso”?

KUTHETHA UKUTHINI ‘UKUTHENGA’ INYANISO?

4. Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

4 Funda iMizekeliso 23:23. Inyaniso ekwiLizwi LikaThixo asiyifumani nje lula. Kufuneka sizimisele ukuncama nantoni na ukuze siyifumane. Njengokuba umbhali olumkileyo weMizekeliso esitsho, xa ‘siyithengile’ okanye siyifumene “inyaniso,” simele silumke ‘singayithengisi’ okanye siyilahle. Kweli nqaku, siza kufunda ngokuba kuthetha ukuthini ‘ukuthenga’ inyaniso nokuba singayithenga njani? Siza kutsho siyixabise nangakumbi inyaniso size siqiniseke ukuba ‘asiyithengisi.’

5, 6. (a) Sinokuyithenga njani inyaniso singakhuphanga mali? Yenza umzekelo. (b) Isinceda njani inyaniso?

5 Naxa into isimahla kuye kufuneke sisebenze ukuze siyifumane. Igama lesiHebhere elithi “thenga” elikwiMizekeliso 23:23 likwathetha “ukufumana.” Omabini la magama athetha ukuzama okanye ukuncama into ngenxa yento ebalulekileyo. Makhe senze umzekelo. Masithi emarikeni kukho umbhalo omkhulu othi “Iibhanana Zifumaneka Mahala.” Ngaba ziza kusuka ziziyele ezindlini zethu? Soze. Kufuneka thina sisuke ezindlini siye kuzithatha emarikeni. Ngaba zisafumaneka mahala ke? Ewe, kodwa kufuneka sichithe ixesha siye kuzithatha emarikeni. Nenyaniso ayifuni mali. Kodwa kufuneka sisebenze ukuze siyifumane.

6 Funda uIsaya 55:1-3. Amazwi kaYehova akule ncwadi kaIsaya ayenza icace kakhulu into ethethwa kukuthenga inyaniso. Apha uYehova ufanisa ilizwi lakhe namanzi, ubisi newayini. Inyaniso ekwiLizwi LikaThixo ihlaziya njengamanzi abandayo. Njengobisi olunika amandla nolunceda abantwana bakhule, iBhayibhile isinika amandla kwaye isinceda somelele elukholweni. Kwakhona, amazwi kaYehova afana newayini. Njani? IBhayibhile ithi iwayini yenza abantu bonwabe. (INdu. 104:15) Ngoko xa uYehova esithi ‘masithenge iwayini,’ ufuna siqiniseke ukuba xa sisenza izinto eziselizwini lakhe siza konwaba. (INdu. 19:8) Lo ngowona mzekelo ufanelekileyo obonisa indlela okunceda ngayo ukufunda nokusebenzisa iLizwi LikaThixo. Yonke le nto singayifanisa nokuthenga. Ngoku makhe sifunde ngezinto ezintlanu esinokuyithenga ngazo inyaniso.

YINTONI OYINCAMILEYO UKUZE UTHENGE INYANISO?

7, 8. (a) Kutheni kufuneka ixesha ukuze sithenge inyaniso? (b) Yintoni eyancanywa yenye intombi yaseJapan, ibe kwenzeka ntoni?

7 Ixesha. Eli lixabiso elimele libhatalwe nguye nabani na othenga inyaniso. Kufuna ixesha ukumamela umyalezo woBukumkani, ukufunda iBhayibhile neencwadi ezithetha ngayo, ukuzifundela iBhayibhile, ukulungiselela iintlanganiso nokuya kuzo. Elo xesha kufuneka silithenge okanye silithathe kwixesha lezinye izinto ezingabalulekanga kangako. (Funda eyabase-Efese 5:15, 16.) Kuthatha ixesha elingakanani ukwazi iinyaniso aqalwa ngazo umntu xa efundiswa iBhayibhile? Kuxhomekeka kwimeko yomntu. Asoze ziphele izinto esinokuzifunda ngobulumko bukaYehova, iindlela zakhe nemisebenzi yakhe. (Roma 11:33) IMboniselo yokuqala yafanisa inyaniso “nentyatyambo encinci” yaza yathi: “Sukwanela yintyatyambo yenyaniso enye kuphela. Ukuba bekufuneka intyatyambo enye yenyaniso, uThixo ebengasoze azihluphe ngokusixelela iinyaniso ezininzi kangaka. Qhubeka uziqokelela.” Umntu umele azibuze: ‘Zininzi kangakanani iintyatyambo zenyaniso endinazo?’ Naxa sesiphila ubomi obungunaphakade, siza kuqhubeka sifunda izinto ezininzi ngoYehova. Namhlanje, kubalulekile ukulisebenzisa kakuhle ixesha esinalo ukuze sithenge inyaniso eninzi kangangoko sinako. Makhe senze umzekelo ngalo mntu kwakukudala efuna inyaniso.

8 Eny’ intombi yaseJapan, uMariko, * yaya kufunda eNew York City, eMerika. Ngelo xesha, yayihamba icawa eyafika ngo-1959 eJapan. Yadibana nomnye udade onguvulindlela owayeshumayela kwindlu ngendlu. Yathi yakuva inyaniso eseBhayibhileni yavuya kakhulu, kangangokuba yacela kulo dade ukuba bafunde kabini ngeveki. Ngoxa yayixakeke ngumsebenzi wesikolo kwaye isebenza iintsuku, yaqalisa ngoko nangoko ukuya kwiintlanganiso. Yalicutha ixesha lokuzonwabisa yaza yathenga elokufunda inyaniso. Loo nto yenza ukholo lwayo lwaya lusomelela. Kungekapheli nonyaka, yabhaptizwa. Kwiinyanga ezintandathu emva koko, ngo-2006, yaba nguvulindlela ibe isenguye nangoku.

9, 10. (a) Ukuthenga inyaniso kusenza sikujonge njani ukuba nezinto? (b) Yintoni awayincamayo uMaria, ibe ngoku uziva njani?

9 Ukufuna ukuba nezinto. Ukuze sithenge inyaniso kungafuneka sincame imisebenzi ebhatalayo. Xa uYesu wabiza abalobi, uPetros noAndreya, ukuba ‘babengabalobi babantu,’ ‘bayishiya iminatha’ yabo. (Mat. 4:18-20) Yinyani kona ukuba abantu abaninzi namhlanje abafunda inyaniso abanakusuka bashiye imisebenzi yabo. Kufuneka bondle iintsapho njengokuba iBhayibhile isitsho. (1 Tim. 5:8) Kodwa ke, xa umntu efunda inyaniso, umele atshintshe indlela akujonga ngayo ukuba nezinto aze azazi ezona zinto zibalulekileyo ebomini. UYesu wayicacisa le nto ngokuthi: “Musani ukuziqwebela ubuncwane emhlabeni,  . .  Kunoko, ziqwebeleni ubuncwane ezulwini.” (Mat. 6:19, 20) Wenza kanye loo nto uMaria.

10 UMaria wayekuthanda ukudlala igalufa engekaqali nesikolo. Xa wayekumabanga aphakamileyo, waya esiba lichule kulo mdlalo kangangokuba wada wathenjiswa ngokusiwa eyunivesithi. Eyona njongo yakhe yayikukuba abe ngumdlali ophambili wegalufa aze afumane imali eninzi. Waqalisa ukufunda iBhayibhile, ibe wayithanda inyaniso awayeyifunda. Wayithanda indlela inyaniso eyamnceda ngayo watshintsha indlela awayephila ngayo. Uthi: “Yayindonwabisa kakhulu indlela endandiyitshintsha ngayo indlela endicinga nendiphila ngayo ivumelane nento ethethwa yiBhayibhile.” Waqonda ukuba akanakukwazi ukufuna ukuba sisityebi aze kwangaxeshanye enze izinto ngendlela efunwa nguYehova. (Mat. 6:24) Ngoko wagqiba ekubeni ayeke ukufuna ukuba ngumdlali wegalufa ophambili nokuba sisityebi. Ngenxa yokuba wathenga inyaniso, ngoku nguvulindlela kwaye uyabuvuyela ubomi athi xa ethetha ngabo “bobona buvuyisayo nobunenjongo awakha wabuphila.”

11. Xa sithenga inyaniso, yintoni abasenokuyenza abanye abahlobo nabantu esizalana nabo?

11 Intsapho nabahlobo. Xa sikhetha ukuphila ngemithetho eseBhayibhileni, sisenokungavani nabahlobo kunye nabantu esizalana nabo. Ngoba? UYesu wathi xa ethandazela abalandeli bakhe: “Bangcwalise ngayo inyaniso; ilizwi lakho liyinyaniso.” (Yoh. 17:17) Ukuthi “bangcwalise” kusenokuthetha ukuthi “benze bohluke.” Xa umntu eqala ukuphila ngemithetho yeBhayibhile, uyohluka ehlabathini kuba akasazenzi izinto ezithandwa lilo. Abantu bamjonga ngeny’ indlela kuba akasazenzi izinto abazenzayo. Uthobela imithetho yeBhayibhile. Ngoxa sisafuna ukuphila nabo, abanye abahlobo nezalamane basenokubhekela kuthi okanye basichase ngenxa yokholo lwethu. Ayisothusi ke loo nto. UYesu wathi: “Eneneni, iintshaba zomntu ziya kuba ngabantu bendlu yakhe.” (Mat. 10:36) Waphinda wathi xa sithenga inyaniso siya kufumana umvuzo ongenakulinganiswa nanto.​—Funda uMarko 10:28-30.

12. Yintoni eyenzekayo kwenye indoda engumYuda yakuva inyaniso?

12 Esemncinci omnye usomashishini ongumYuda, uAaron, wafundiswa ukuba igama likaThixo alibizwa. Kodwa wayefuna ukwazi inyaniso ngoThixo. Wavuya kakhulu xa elinye iNgqina lamxelela ukuba xa efakela izikhamiso koonobumba abane besiHebhere abamela igama likaThixo, kuphuma igama elithi “Yehova.” Engakwazi ukuzibamba, waya kwindlu yesikhungu esiya kuxelela oorabhi into ayifundileyo. Benza into awayengayilindelanga uAaron. Endaweni yokuba bavuyisane naye kuba eve inyaniso ngegama likaThixo, bamtshicela baza bamgxotha. Zange avane nentsapho yakhe. Engapheli mandla, waqhubeka ethenga inyaniso kwaye ekhonza uYehova ngesibindi ubomi bakhe bonke. Nathi, njengoAaron, simele silindele ukuba asizukuvana nabantu xa sifunda inyaniso.

13, 14. Siyitshintsha njani indlela esiphila ngayo xa sifunda size senze izinto esizifunda eBhayibhileni? Yenza umzekelo.

13 Ukucinga nokuziphatha ngendlela angayifuniyo uThixo. Ukuba sifunda inyaniso kwaye sifuna ukuphila ngendlela iBhayibhile etsho ngayo, simele sikulungele ukutshintsha indlela esicinga nesiziphethe ngayo. UPetros wathi xa ethetha ngolu tshintsho: “Njengabantwana abathobelayo, musani ukumilisa ngokweminqweno enaninayo ngaphambili ekungazini kwenu, kodwa . . . yibani ngcwele nani kuyo yonke ihambo yenu.” (1 Pet. 1:14, 15) Kwisixeko saseKorinte esasinabantu abonakeleyo, abantu ababefuna ukuthenga inyaniso kwakufuneka batshintshe izinto ezininzi kwindlela abaphila ngayo. (1 Kor. 6:9-11) Nanamhlanje, abantu abaninzi baye baziyeka izinto ezingafunwayo nguThixo ukuze bathenge inyaniso. UPetros wathi kumaKristu awayephila nawo: “Lanele ixesha elidluleyo lokuba nisebenze ukuthanda kweentlanga xa naniqhubeka nezenzo zehambo evakalala, ezinkanukweni, ekuzinkcinkceni ngewayini, kwiziyunguma, ezindywaleni, nakunqulo-zithixo olungekho mthethweni.”​—1 Pet. 4:3.

14 Kangangeminyaka uDevynn noJasmine babengamanxila. Nangona uDevynn wayengumgcini-zincwadi ovunyiweyo, indlela awayenxila ngayo yayimenza angahlali kwimisebenzi ayifumanayo. UJasmine wayesaziwa ngomsindo nokuthand’ ukulwa. Ngeny’ imini wadibana nabathunywa bevangeli ababini endleleni enxilile. La maNgqina acela ukufunda naye iBhayibhile, kodwa xa efika kwaDevynn kwiveki elandelayo, uJasmine noDevynn babenxilile. Zange bacinge ukuba aba bathunywa bevangeli babakhathalele kangangokuba bade baye emzini wabo. Xa babesiya kubo okwesibini, bafika uJasmine noDevynn benganxilanga. Bazimisela ukufunda iBhayibhile nokwenza izinto abazifundayo. Kwiinyanga nje ezintathu, babuyeka utywala baza baya kubhalisa umtshato wabo. Indlela abatshintsha ngayo yaziwa ngumntu wonke kwindawo ababehlala kuyo kangangokuba abaninzi baqalisa ukufunda iBhayibhile.

15. Yintoni eyona nto kunokuba nzima ukuba umntu ofuna inyaniso ayiyeke, ibe kutheni?

15 Amasiko nezenzo ezingafunwayo nguThixo. Kwabanye abantu kulula ukuziyeka izinto abaye bafunda ukuba azifunwa nguYehova. Kodwa kwabanye kunzima kakhulu. Bacinga ngento eza kwenziwa ziintsapho, abantu abasebenza nabo nabahlobo. Bayayazi indlela abaluleke ngayo kwabanye abantu amasiko anjengokwenzela abantu abafileyo izinto. (Dut. 14:1) Isibindi esaboniswa ngabanye sinokusinceda sikwazi ukwenza utshintsho. Makhe sithethe ngesibindi esaboniswa ngamaKristu ase-Efese.

16. Yintoni awayincamayo amaKristu ase-Efese?

16 AmaEfese ayedume ngokwenza imilingo. Enza ntoni amaKristu asandul’ ukuguquka ukuze ayeke ukwenza imilingo aze athenge inyaniso? IBhayibhile ithi: “Abaliqela noko kwabo babeqhelisela ubugcisa bomlingo bazizisa ndawonye iincwadi zabo baza bazitshisa phambi kwakhe wonk’ ubani. Yaye bawabala ndawonye amaxabiso azo, bazifumana zixabisa amaqhosha esilivere angamashumi amahlanu amawaka. Ngaloo ndlela ilizwi likaYehova lahlala likhula yaye lisoyisa ngendlela enamandla.” (IZe. 19:19, 20) UYehova wawasikelela la maKristu athembekileyo ngenxa yokuba ancama iincwadi zawo ezibizayo.

17. (a) Zeziphi ezinye izinto esinokuzincamela inyaniso? (b) Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?

17 Yintoni oyincamileyo ukuze wazi inyaniso? Sonke siye sachitha ixesha sifunda inyaniso. Abanye bethu baye bancama amathuba okuba zizityebi. Abanye baye abavana nabahlobo kunye nabantu abazalana nabo. Abanye kuye kwafuneka batshintshe indlela abacinga nabaziphethe ngayo baze bayeke amasiko nezenzo ezingafunwayo nguThixo. Kodwa siqinisekile ukuba inyaniso esiyifumene eBhayibhileni ibaluleke ngaphezu kwazo zonke ezo zinto ekuye kwafuneka sizincame. Isenza sisondele kuYehova. Xa sicinga ngeentsikelelo esizifumanayo ngenxa yokwazi inyaniso, siye singasazi isizathu sokuba umntu ayithengise. Umntu angayithengisa njani inyaniso, ibe sinokuqiniseka njani ukuba asiyenzi loo mpazamo? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

^ isiqe. 8 Amanye amagama atshintshiwe.