Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ucinga NjengoYehova?

Ngaba Ucinga NjengoYehova?

“Guqukani ngokutshintsha ingqondo yenu.”​—ROMA 12:2.

IINGOMA: 56, 123

1, 2. Njengoko sisiba ngabahlobo bakaYehova, yintoni esiye sifunde ukuyenza? Yenza umzekelo.

MASITHI umntwana uphiwa into ethile. Abazali bakhe bathi kuye, “Yithi enkosi.” Umntwana uyatsho kuba nje abazali bakhe besitsho. Kodwa njengoko ekhula, uyasiqonda isizathu sokuba abazali bacinge ukuba kubalulekile ukubulela xa wenzelwe into. Ngoku akabuleli nje kuba exelelwa, kodwa ubulela nyhani. Ngoba? Kaloku seyisegazini kuye into yokubulela.

2 Kwenzeka into efanayo nakuthi. Ukuqala kwethu ukuva inyaniso, safunda ukubaluleka kokuthobela imithetho kaYehova. Kodwa njengoko sisiba ngabahlobo bakaYehova, siya siyazi nangakumbi indlela acinga ngayo, izinto azithandayo nangazithandiyo nendlela azijonga ngayo izinto. Xa sifunda indlela acinga ngayo size sisebenzise olo lwazi xa sisenza izigqibo, sibonisa ukuba siyayithanda indlela acinga ngayo uYehova.

3. Kutheni kukhe kube nzima ukucinga njengoYehova?

3 Nangona kumnandi ukufunda ukucinga njengoYehova, kukhe kube nzima kuba kaloku asifezekanga. Ngokomzekelo, kusenokuba nzima ukuqonda isizathu sokuba uYehova esithi masiziphathe kakuhle, singathandi izinto, sishumayele, singalisebenzisi kakubi igazi, nezinye izinto. Sifanele senze ntoni? Sinokwenza ntoni ukuze siqhubeke siyithanda indlela acinga ngayo uThixo? Ibe loo nto imele ibe naliphi ifuthe kwizinto esizenza ngoku nesiza kuzenza kwixesha elizayo?

INDLELA ESINOKUCINGA NGAYO NJENGOTHIXO

4. Wayetheth’ ukuthini uPawulos xa wayesithi: ‘Masitshintshe ingqondo yethu’?

4 Funda eyabaseRoma 12:2. Umpostile uPawulos apha uchaza into ekufuneka siyenze ukuze sicinge njengoYehova. Inqaku elingaphambi kweli lisincede saqonda ukuba ukuze ‘siyeke ukumilisa okwale nkqubo yezinto,’ sifanele singafundi, simamele okanye sibukele izinto ezifundiswa leli hlabathi. Kodwa ke uPawulos waphinda wathi kufuneka ‘sitshintshe ingqondo yethu.’ Le nto ithetha ukuba kufuneka sifunde iLizwi LikaThixo, siliqonde, sicinge nzulu ngoko likuthethayo, siyiqonde kakuhle indlela acinga ngayo size sizame ukucinga njengaye.

5. Kutheth’ ukuthini ukuyifunda nyhani into?

5 Ukufunda asikokwazi nje ukuba kuthiwani okanye ukukrwelela iimpendulo zemibuzo. Kufuneka siyive kakuhle le nto siyifundayo ukuba ithini ngoYehova nangendlela acinga ngayo. Kufuneka sizame ukuqonda isizathu sokuba uThixo esithi singayenzi le kodwa siyenze leya. Kufuneka sicinge nangezinto ekufuneka siyeke ukuzenza nokutshintsha indlela esicinga ngayo. Nangona sisenokungayenzi le nto qho sifunda, kuyanceda ukuzipha ixesha lokucinga nzulu ngento osandul’ ukuyifunda. Ixesha ozipha lona lokucinga nzulu emva kokuba ufundile lisenokude lilingane nexesha obufunda ngalo.​—INdu. 119:97; 1 Tim. 4:15.

6. Kwenzeka ntoni kuthi xa sicinga nzulu ngeLizwi LikaThixo?

6 Xa sisoloko sicinga nzulu ngeLizwi likaThixo, kwenzeka into engaqhelekanga. Sitsho sizibonele okanye ‘sikungqine ngokwethu’ ukuba indlela acinga ngayo uYehova igqwesile. Nathi sitsho siqalise ukucinga njengaye size siyithande loo nto. Iingqondo zethu ‘ziyatshintsha’ ize itshintshe nendlela esicinga ngayo. Ekuhambeni kwexesha, side sicinge njengoYehova.

SIDLA NGOKUYENZA INTO ESIYICINGAYO

7, 8. (a) UYehova ukujonga njani ukuphumelela kweli hlabathi? (Jonga imifanekiso esekuqaleni.) (b) Ukuba sicinga njengaye, yintoni eza kusoloko ibalulekile kuthi?

7 Asimele sizixelele ukuba ukucinga yinto nje ephelela engqondweni. Iingcinga zidla ngokulandelwa zizenzo. (Marko 7:21-23; Yak. 2:17) Makhe sithethe ngemizekelo embalwa eyenza icace le nto. Iincwadi zeVangeli zisenza sibone indlela uYehova akujonga ngayo ukuba nezinto zeli hlabathi. UThixo wabakhetha ngokwakhe abantu ababeza kukhulisa uNyana wakhe, ibe wakhetha abazali ababengenazinto. (Lev. 12:8; Luka 2:24) Emva kokuba uMariya ezele uYesu, “wambeka emkhumbini, ngenxa yokuba kwakungekho ndawo yabo kwigumbi lokulalisa.” (Luka 2:7) Ukuba uYehova wayefuna, wayeza kuqiniseka ukuba uNyana wakhe uzalelwa kweyona ndawo yakha yantle. Kodwa eyona nto yayibalulekile kuye yayikukuba uNyana wakhe azalwe aze akhuliswe ngabantu abanokholo.

8 Eli bali lokuzalwa kukaYesu lisenza siyiqonde kakuhle indlela uYehova azijonga ngayo izinto zeli hlabathi. Abanye abazali bafuna abantwana babo bafumane ezona zinto ziphambili kweli hlabathi, enoba loo nto iza kuphazamisa ubuhlobo babo noYehova. Kodwa ke kuyacaca ukuba eyona nto ibalulekileyo kuYehova kukuba abantu babe nobuhlobo obuhle naye. Ngaba nawe ucinga njengoYehova? Ngaba ke loo nto iyabonakala kwizinto ozenzayo?​—Funda amaHebhere 13:5.

9, 10. Sibonisa njani ukuba sikujonga njengoYehova ukukhubekisa abanye?

9 Omnye umzekelo ngowendlela uYehova akujonga ngayo ukukhubekisa abanye. UYesu wathi: “Nabani na okhubekisa omnye waba bancinane bakholwayo, ngekumlungele kanye ukuba ubegangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe njengelo lijikeleziswa nge-esile waza okunene waphoswa elwandle.” (Marko 9:42) Loo mazwi kaYesu ayoyikisa! Ekubeni uYesu efana nqwa noYise, sinokuqiniseka ukuba uYehova ucaphuka gqitha xa kukho umntu owenza nje ngokungakhathali aze akhubekise omnye wabalandeli bakaYesu.​—Yoh. 14:9.

10 Ngaba nathi sicinga njengoYehova noYesu? Ngaba loo nto icacile kwizinto esizenzayo? Ngokomzekelo, masithi kukho indlela yokunxiba okanye yokuzilungisa esiyithandayo kodwa esenokubakhathaza abanye okanye ibenze basikhanuke. Ngaba ukuthanda kwethu abazalwana kuza kusenza siyiyeke loo mpahla nendlela yokuzilungisa enoba siyithanda kangakanani?​—1 Tim. 2:9, 10.

11, 12. Xa sibujonga njengoYehova ububi kwaye sizibamba, siza kuncedakala njani?

11 Nanku umzekelo wesithathu: UYehova uyabucaphukela ubungendawo. (Isa. 61:8) Nangona esazi ukuba kulula kuthi ukwenza izinto ezingalunganga kuba sizalelwe esonweni, uthi masilwe nzima ukuze sibucaphukele ubungendawo. (Funda iNdumiso 97:10.) Ukucingisisa nzulu ngesizathu sokuba uYehova ebucaphukela ububi kuza kusinceda nathi sicinge njengaye size silwe nzima ukuze singoni.

12 Ukubujonga njengoYehova ubungendawo kuza kusenza sizibone izinto ezingendawo noba azichazwanga ngqo kwiLizwi LikaThixo. Ngokomzekelo, iya ixhaphaka kweli hlabathi into yokuba umntu onxibe nje ipenti adanise ehleli kwithanga lomnye ngokumane eshukumisa isinqe. Abanye basenokuthi le nto ayifani ncam nokuziphatha kakubi ngokwesondo. * Kodwa ngaba ukwenza le nto kuyavumelana nendlela acinga ngayo uThixo, owenyanya lonke uhlobo lobubi? Masihambele kude nezono, ngokuzibamba nangokwenyanya yonke into ayenyanyayo uYehova.​—Roma 12:9.

CINGA KWANGOKU NGEZIGQIBO EKUSENOKUFUNEKA UZENZE

13. Kutheni kufuneka sicinge kwangoku ngendlela uYehova azijonga ngayo izigqibo ekusenokufuneka sizenze ngeny’ imini?

13 Xa sifunda, simele sijonge indlela uYehova acinga ngayo ngezinto esicinga ukuba zisenokwenzeka kuthi ngeny’ imini. Ukuba senza loo nto, nokuba kungavela ntoni na efuna senze isigqibo esikhawulezileyo, asinakuxakwa. (IMize. 22:3) Nantsi eminye imizekelo eseBhayibhileni.

14. Kusifundisa ntoni ukungavumi kukaYosefu ukulala nomfazi kaPotifare?

14 Xa umfazi kaPotifare wayefuna ukulala noYosefu, uYosefu wabaleka. Loo nto ibonisa ukuba wayecingile ngendlela uYehova akujonga ngayo ukuthembeka emtshatweni. (Funda iGenesis 39:8, 9.) Wabonisa ukuba wayecinga njengoThixo xa waphendula umfazi kaPotifare esithi: “Ndingathini ukwenza obu bubi bukhulu kangaka ndize eneneni ndone kuThixo?” Loo nto ibonisa ukuba wayezijonga njengoThixo izinto. Ngaba nathi sinjalo? Masithi umntu osebenza naye uyakuncwasa, okanye kuthunyelwa umyalezo okanye umfanekiso wamanyala efowunini yakho. * Asinakuxakwa ukuba senze ntoni ukuba siye safunda ukuyamkela indlela acinga ngayo uYehova saza sagqiba kwangaphambili ukuba siza kwenza ntoni xa kuvela iimeko ezinjalo.

15. Sinokuhlala njani sithembekile kuYehova njengala maHebhere mathathu?

15 Makhe sithethe ngomzekelo wamaHebhere amathathu, uShadraki, uMeshaki noAbhednego. Ukungavumi kwawo ukunqula umfanekiso wegolide owawenziwe nguKumkani uNebhukadenetsare, nokumphendula kwawo ngendlela ecacileyo lo kumkani, kubonisa ukuba ayecingile ngendlela aza kuhlala ngayo ethembekile kuYehova. (Eks. 20:4, 5; Dan. 3:4-6, 12, 16-18) Masithi umntu okuqeshileyo ukucela ukuba unikele ngemali kumbhiyozo oza kwenziwa wonqulo lobuxoki. Uza kuthini? Kunokuba ulindele ukuba kude kwenzeke loo nto, kutheni ungacingi kwangoku ngendlela uYehova acinga ngayo ngezi zinto? Ukuba wenza loo nto, awuyi kuxakwa yinto omawuyenze, kanye njengala maHebhere mathathu.

Ngaba uye waphanda, wagcwalisa ikhadi legazi waza wathetha nogqirha wakho? (Jonga isiqendu 16)

16. Ukuyiqonda ngokucacileyo indlela uYehova acinga ngayo kunokusinceda njani silungele imeko engxamisekileyo yezonyango?

16 Ukucinga kwangoku ngokuhlala uthembekile kuYehova kunokukunceda naxa kuvela imeko engxamisekileyo yezonyango. Ngoxa singavumi ngokupheleleyo ukutofelwa igazi okanye iinxalenye zalo ezine eziphambili, ezinye iindlela zonyango ezisebenzisa igazi zifuna umntu enze isigqibo ecinga ngemigaqo yeBhayibhile ebonisa indlela uYehova acinga ngayo. (IZe. 15:28, 29) Ngokuqinisekileyo asinakucinga ngezi zinto xa sele sisesibhedlele, mhlawumbi sisezintlungwini kwaye sekufuneka sikhawuleze senze isigqibo. Yenza uphando kwangoku, ugcwalise ikhadi legazi elibonisa izinto obungathanda zenziwe kuwe, uze uthethe nogqirha wakho. *

17-19. Kutheni sifanele sizifundise kwangoku ukucinga njengoYehova? Yenza umzekelo wemeko ekufuneka siyilungiselele.

17 Okokugqibela, khawucinge ngendlela uYesu awakhawuleza ngayo ukuphendula uPetros xa wayesithi: “Yiba nobubele kuwe, Nkosi.” Kuyabonakala ukuba uYesu kwakukudala ecingile ngento uThixo awayefuna yenzeke kuye, nangeZibhalo ezithetha ngobomi nokufa kwakhe emhlabeni. Loo nto yamenza wabambelela kwisigqibo sakhe sokuhlala ethembekile nesokunikela ngobomi bakhe.​—Funda uMateyu 16:21-23.

18 Namhlanje, uThixo ufuna sibe ngabahlobo bakhe size sizinikele ngokupheleleyo emsebenzini wakhe. (Mat. 6:33; 28:19, 20; Yak. 4:8) Njengokuba uPetros wenzayo kuYesu, kusenokubakho abantu abasityhafisayo ekwenzeni le nto, beneenjongo ezintle. Ngokomzekelo, uza kuthini xa umqeshi wakho ekunyusela emsebenzini, kodwa loo nto iza kwenza ungabi naxesha laneleyo lokuzenza kakuhle izinto ezifunwa nguThixo? Okanye ukuba usesesikolweni, masithi unikwa ithuba lokuya kufumana imfundo engakumbi kude nekhaya. Ngaba uza kuqala ngelo xesha ukuphanda ngale nto, uthethe nentsapho yakho mhlawumbi nabadala, uze wenze isigqibo? Kutheni ungafundi ngendlela uYehova acinga ngayo kwangoku uze uzimisele ukucinga njengaye? Ukuba uyenzile loo nto, nokuba amathuba anjalo angavela, awuzukulingeka lula. Uza kuyazi into omawuyenze kuba sowusenzile isigqibo.

19 Mhlawumbi zikho nezinye iimeko ocinga ngazo ezinokuthi gqi zingalindelwanga. Yinyaniso kona ukuba soze siyazi yonke into eza kwenzeka. Kodwa ukuba xa sifunda siye sicinge nzulu ngendlela acinga ngayo uYehova, kuza kuba lula ukukhumbula nokusebenzisa izinto esizifundileyo ukuze senze izigqibo xa kusenzeka nantoni na. Ngoko ke, masisoloko sikhangela indlela acinga ngayo uYehova, sicinge njengaye size siqonde nefuthe okumele kube nalo ukucinga njengoYehova kwizigqibo esizenza namhlanje, nesiza kuzenza kwixesha elizayo.

KUZA KUKUNCEDA NGANTONI UKUCINGA NJENGOYEHOVA?

20, 21. (a) Kutheni kuza kuba mnandi kwihlabathi elitsha nakuba inkululeko yethu iza kuba nemida?(b) Yintoni eza kusinceda sonwabe kwangoku?

20 Silijonge ngamehlo abomvu ihlabathi elitsha. Abaninzi kuthi baza kuphila ngonaphakade eparadesi. Xa kulawula uBukumkani, abantu baza kukhululeka kwiingxaki ezikhoyo kweli hlabathi. Phofu nangelo xesha abantu baza kube besenenkululeko yokuzikhethela. Mntu ngamnye uza kuzikhethela into ayithandayo.

21 Phofu ke loo nkululeko iza kuba nemida. Abantu abalulamileyo baza kuqhubeka beyiva ngoYehova into elungileyo nengalunganga. Loo nto iza kuba mnandi ize ibenze bavuye baze babe noxolo. (INdu. 37:11) Okwangoku, sinako ukonwaba njengoko sifunda ukucinga njengoYehova.

^ isiqe. 12 Esi isenokuba sisono sokuziphatha okubi ngokwesondo esifuna ikomiti egwebayo, kuxhomekeke kwiinkcukacha zoko kwenzekileyo. UmKristu oyenzileyo le nto umele acele uncedo kubadala.​—Yak. 5:14, 15.

^ isiqe. 14 Ukuthumela imiyalezo ethetha phandle ngesondo, neefoto okanye iividiyo ngefowuni kusenokufuna ikomiti egwebayo, kuxhomekeka kwiinkcukacha zoko kwenzekileyo. Ngamany’ amaxesha, abantwana abenza le nto baye babekwa ityala lokuxhaphaza abanye abantwana ngokwesondo. Ukuze ufumane enye inkcazelo ngale nto, yiya kwiwebhsayithi u-jw.org/xh, ufunde inqaku elithi “Ulutsha Luyabuza​—Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokuthumelelana Imiyalezo Ngefowuni?” (Jonga indawo ethi IZINTO EZIFUNDISWA YIBHAYIBHILE > ABAFIKISAYO.) Okanye funda inqaku elithi “Ukuthetha Nomntwana Wakho Ngamanyala Athunyelwa Ngefowuni” kuVukani! kaNovemba 2013, iphe. 4-5.

^ isiqe. 16 Ukuze ufumane eminye imigaqo yeBhayibhile enokukunceda, yiya kwincwadi ethi Zigcineni Kuthando LukaThixo, iphe. 215-217.