IMBONISELO—EFUNDWAYO Oktobha 2019

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngo-Disemba 2-29, 2019.

1919—Kwiminyaka Elikhulu Eyadlulayo

Ngo-1919, yatshintsha indlela owawusenziwa ngayo umsebenzi wokushumayela xa uYehova wanceda abantu bakhe bashumayela ngendlela ababengazange bashumayela ngayo ngaphambili. Kodwa ngaphambi kokuba yenzeke loo nto, kukho into ebalulekileyo ekwakufuneka itshintshe kuBafundi BeBhayibhile.

Imigwebo KaThixo​—Ngaba Usoloko Esilumkisa Kuselithuba?

UYehova uThixo ulumkisa abantu ngesona ‘saqhwithi’ sikhulu kunazo zonke ezakha zaviwa kwimozulu. Ubalumkisa njani?

Hlala Uxakekile ‘Ekupheleni Kwale Mihla’ Yokugqibela

Kuza kwenzeka ntoni xa kuphela ‘imihla yokugqibela’? Ngoxa silindele ukuba zenzeke ezo zinto, uYehova ufuna senze ntoni?

Hlala Uthembekile ‘Ngembandezelo Enkulu’

UYehova ufuna senze ntoni ‘ngembandezelo enkulu’? Yintoni esinokuyenza ngoku ukuze sihlale sithembekile?

Uza Kukusebenzisa Njani UYehova?

UYehova wenza abakhonzi bakhe bakudala bafuna ukumkhonza waza wabanika namandla okuyenza loo nto. UYehova usinika njani izinto esizidingayo ukuze simkhonze?

Zinikele KuYehova Yedwa

Khawufunde ngezinto ezimbini eziza kukunceda ubone ukuba uzinikele kuYehova yedwa na.