Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 41

Hlala Uthembekile ‘Ngembandezelo Enkulu’

Hlala Uthembekile ‘Ngembandezelo Enkulu’

“Mthandeni uYehova, nonke nina banyanisekileyo bakhe.Abathembekileyo uYehova uyabalondoloza.”—INDU. 31:23.

INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Sesiphi isaziso esiza kwenziwa ziinkokeli zamazwe? (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

MASITHI iinkokeli zamazwe zisandokwenza isaziso ekukudala sisilindile sokuba kukho ‘uxolo nonqabiseko.’ Zisenokuqhayisa zithi ihlabathi alizange libe seluxolweni kangaka. Ziza kufuna sicinge ukuba zinokuzilungisa zonke iingxaki esinazo. Kodwa azizukukwazi ukuyinqanda into eza kwenzeka. Ngoba? Kaloku iBhayibhile yathi ‘intshabalalo yequbuliso iza kuzifikela ngephanyazo, . . . yaye azisayi kuze zisinde.’—1 Tes. 5:3.

2 Nantsi imibuzo ebalulekileyo esiza kuyiphendula: Kuza kwenzeka ntoni ‘ngembandezelo enkulu’? UYehova ufuna senze ntoni ngelo xesha? Yintoni esinokuyenza ngoku ukuze sihlale sithembekile ngembandezelo enkulu?—Mat. 24:21.

KUZA KWENZEKA NTONI ‘NGEMBANDEZELO ENKULU’?

3. ISityhilelo 17:5, 15-18 sithi uThixo uza kuyitshabalalisa njani “iBhabhiloni Enkulu”?

3 Funda iSityhilelo 17:5, 15-18. “IBhabhiloni Enkulu” iza kutshatyalaliswa. Njengokuba sele kutshiwo, akukho nto ziza kukwazi ukuyenza iinkokeli zamazwe ngelo xesha. Ngoba? Kuba uThixo uza ‘kubeka oko ezintliziyweni zabo ukuba ziphumeze ingcamango yakhe.’ Ithetha ukuthini le nto? UThixo ufuna ukuzitshabalalisa zonke iicawa, kwanezi zithi zezamaKristu. Uza kwenza “iimpondo ezilishumi” ‘zerhamncwa elimbala ungqombela’ zicinge njengaye. Iimpondo ezilishumi ngabo bonke oorhulumente abaxhasa “irhamncwa” elimela iZizwe Ezimanyeneyo. (ISityhi. 17:3, 11-13; 18:8) Imbandezelo enkulu iza kuqala xa oorhulumente behlasela iicawa. Kuza kuqhawuk’ ujingi abantwana bedlala.

4. (a) Iinkokeli zamazwe zisenokuthi kutheni zihlasela iBhabhiloni Enkulu? (b) Yintoni abangazukuyifuna abantu ababekade bekhonza kwezi cawa?

4 Asazi ukuba iinkokeli zamazwe ziza kuthi kutheni zihlasela iBhabhiloni Enkulu. Mhlawumbi ziza kuthi iicawa zenza kungabikho xolo ibe zisoloko zizinyanzela kwizinto zikarhulumente. Okanye zithi ezi cawa zinezinto nemali eninzi. (ISityhi. 18:3, 7) Xa iinkokeli zamazwe zihlasela iicawa mhlawumbi akuzukutshatyalaliswa bonke abantu beecawa. Endaweni yaloo nto, ziza kutshabalalisa ezi ndawo bakhonzela kuzo. Xa ezo ndawo zitshatyalalisiwe, abantu ababekade bekhonza kuzo baza kubona ukuba iinkokeli zabo zibaphoxile ibe abazukufuna ukuba nento ebadibanisa nezo cawa.

5. UYehova uthembise ukuba uza kwenza ntoni ngembandezelo enkulu, ibe ngoba?

5 IBhayibhile ayitsho ukuba iza kuhlaselwa ixesha elingakanani iBhabhiloni Enkulu. Into esiyaziyo kukuba ayizukuba lixesha elide. (ISityhi. 18:10, 21) UYehova uthembise ukuba uza ‘kuyinqumla loo mihla’ ukuze ‘abanyuliweyo’ bakhe nonqulo lwenyaniso lusinde. (Marko 13:19, 20) UYehova ufuna senze ntoni xa kuqala imbandezelo enkulu neArmagedon?

MASIZIMISELE UKUKHONZA UYEHOVA

6. Kutheni singamele siphelele nje ekuphumeni kwiBhabhiloni Enkulu?

6 Njengokuba besekutshiwo kwinqaku elidlulileyo, uYehova ufuna abakhonzi bakhe baphume kwiBhabhiloni Enkulu. Kodwa ke akuphelelanga nje apho, ikhona nenye into esimele siyenze. Kufuneka sizimisele ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo. Makhe sithethe ngeendlela ezimbini esinokuyenza ngazo le nto.

Akwaba singaqhubeka sisiya kwiintlanganiso nokuba sekunzima (Jonga isiqendu 7) *

7. (a) Yintoni esinokuyenza ukuze sizimisele ukuziphatha ngendlela uYehova ayifunayo? (b) Kutheni amaHebhere 10:24, 25 esithi kubaluleke kakhulu ngoku ukuya kwiintlanganiso?

7 Okokuqala, simele sizimisele ukuziphatha ngendlela uYehova ayifunayo. Simele singayamkeli indlela abaziphethe ngayo abantu beli hlabathi. Ngokomzekelo, asilwamkeli naluphi na uhlobo lokuziphatha kakubi, njengokutshata okanye uthandana kwendoda nenye indoda okanye ibhinqa nelinye. (Mat. 19:4, 5; Roma 1:26, 27) Okwesibini, simele siqhubeke sikhonza namanye amaKristu. Le nto siyenza naphi na, kwiiHolo ZoBukumkani, emakhayeni abazalwana noodade nakwiindawo esingenakubonwa kuzo. Nokuba kwenzeka ntoni, asinakuyeka ukuya kwiintlanganiso. Ngapha koko, simele siye kwiintlanganiso ‘ngokungakumbi njengoko sibona ukuba imini iyasondela.’—Funda amaHebhere 10:24, 25.

8. Kusenokwenzeka ukuba iza kutshintsha njani into esiza kushumayela ngayo?

8 Kusenokwenzeka ukuba iza kutshintsha into esishumayela ngayo ngembandezelo enkulu. Ngoku sishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ibe sifuna nokwenza abafundi. Kodwa ngelo xesha, sisenokushumayela ngento efana nesichotho. (ISityhi. 16:21) Kusenokufuneka sixelele abantu ukuba ihlabathi likaSathana liza kutshatyalaliswa kungekudala. Ekuhambeni kwexesha, siza kuxelelwa ukuba siza kushumayela ngantoni nokuba siza kushumayela njani. Ngaba siza kushumayela ngeendlela ebesikade sishumayela ngazo kule minyaka ingaphezu kweyi-100 okanye siza kushumayela ngezinye iindlela? Asazi. Nokuba siza kushumayela njani, kuyabonakala ukuba kuza kuba yinto enkulu kuthi ukuxelela abantu ngomgwebo kaYehova.—Hez. 2:3-5.

9. Yintoni ezisenokuyenza iinkokeli zamazwe, ibe siqiniseke ngantoni?

9 Kusenokwenzeka ukuba into esiza kushumayela ngayo iza kwenza iinkokeli zamazwe zisiyekise ukushumayela. Sithembela ngoYehova xa sishumayela ngoku, nangelo xesha kuza kufuneka sithembele ngaye. Siqinisekile ukuba uThixo wethu uza kusinika amandla okwenza ukuthanda kwakhe.—Mika 3:8.

UNOKWENZA NTONI NGOKU NGAPHAMBI KOKUBA KUHLASELWE ABANTU BAKATHIXO?

10. ULuka 21:25-28 uthi abantu baza kuba njani ngembandezelo enkulu?

10 Funda uLuka 21:25-28. Ngembandezelo enkulu, abantu baza kothuka xa bebona yonke into ebebecinga ukuba iza kuhlala ikhona isonakala. Baza ‘kungcungcutheka’ benexhala lokuba basenokubulawa ngelona xesha linzima. (Zef. 1:14, 15) Ngelo xesha, kusenokuba nzima nakubakhonzi bakaYehova. Le nto isenokwenzeka kuba singafuni ukuba nento esidibanisa neli hlabathi. Sisenokungabi nazo nezinye izinto esizidingayo.

11. (a) Kutheni iinkokeli zamazwe ziza kufuna ukuphelisa nolwethu unqulo? (b) Kutheni singamele siyoyike imbandezelo enkulu?

11 Abantu beecawa ezitshatyalalisiweyo basenokuba nomsindo xa bebona ukuba amaNgqina KaYehova asekhona wona. Mhlawumbi baza kuxelela nabanye indlela ebacaphukisa ngayo le nto nakwi-intanethi. Iinkokeli zamazwe nomlawuli wazo uSathana ziza kucaphuka kuba ingamaNgqina KaYehova odwa angatshatyalaliswanga. Ziza kubona ukuba aziziphelisanga zonke iinkonzo emhlabeni. Loo nto ithetha ukuba ziza kufuna ukuphelisa nolwethu unqulo. Ngelo xesha, iinkokeli zamazwe ziza kuba nguGogi wakwaMagogi. * Ziza kudibana zonke zize zihlasele abantu bakaYehova. (Hez. 38:2, 14-16) Sisenokuba nexhala lezinto eziza kwenzeka ngembandezelo enkulu kuba singazazi zonke iinkcukacha. Kodwa nantsi into esiyaziyo: Asimele siyoyike imbandezelo enkulu. UYehova uza kusixelela izinto eziza kusinceda sisinde. (INdu. 34:19) Siza ‘kuma nkqo size siziphakamise iintloko zethu’ kuba sisazi ukuba ‘iyasondela intlangulo yethu.’ *

12. ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ belisoloko lisinceda njani ukuze sihlale sithembekile nangembandezelo enkulu?

12 ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ belisoloko lisinceda ukuze sihlale sithembekile nangembandezelo enkulu. (Mat. 24:45) Le nto beliyenza kangangeminyaka, kodwa ngoku siza kuthetha ngendibano yethu ka-2016 ukuya kutsho kweka-2018. Iintetho zezi ndibano zisincede sabona ukuba simele singagungqi, sinyamezele size sibe nesibindi kakhulu kunakuqala njengoko imini kaYehova isondela. Makhe sithethe ngezi zinto.

UNGAGUNGQI, NYAMEZELA UZE UBE NESIBINDI

Yenza izinto eziza kukunceda usinde ‘kwimbandezelo enkulu’ (Jonga isiqendu 13-16) *

13. Ziintoni esimele sizenze ukuze singagungqi ekukhonzeni uYehova, ibe kutheni simele sizenze ngoku?

13 Ungagungqi: Umxholo wendibano ka-2016 wawusithi “Ungagungqi Ekukhonzeni UYehova!” Iintetho zale ndibano zasifundisa ukuba xa sihlala sisondele kuYehova asizukugungqa ekumkhonzeni. Sakhunjuzwa ukuba sinokusondela kakhulu kuYehova xa sithandaza naxa silifunda iLizwi lakhe. Ukwenza ezi zinto kuza kusinceda naxa sinezona ngxaki zinzima. Njengoko eli hlabathi likaSathana liza kutshatyalaliswa, sinokulindela ukuba zibe ninzi kakhulu izinto eziza kuvavanya ukholo lwethu. Kusenokwenzeka ukuba abantu bahlale bethetha kakubi ngathi. (2 Pet. 3:3, 4) Le nto isenokwenzeka nangenxa yokuba singaxhasi kwanto kweli hlabathi likaSathana. Kufuneka sizimisele ukungagungqi ngoku ukuze sikwazi ukwenza njalo nangembandezelo enkulu.

14. (a) Kuza kwenzeka ntoni xa abathanjiswa beye ezulwini? (b) Kutheni simele sibathobele abazalwana abaza kukhokela?

14 Kuza kukhokela abanye abazalwana apha emhlabeni ngembandezelo enkulu. Bonke abathanjiswa abasesemhlabeni baza kuya ezulwini ukuze bancedise kwimfazwe yeArmagedon. (Mat. 24:31; ISityhi. 2:26, 27) Loo nto ithetha ukuba iQumrhu Elilawulayo alizukuba kunye nathi apha emhlabeni. Kodwa loo nto ayithethi ukuba isihlwele esikhulu siza kuhamba ngesiyibonayo. Kuza kukhethwa abazalwana bezinye izimvu abaza kukhokela. Simele sibonise ukuba asigungqi ekukhonzeni uYehova ngokubathobela aba bazalwana kuba baza kube bethunywe nguThixo. Xa sisenza loo nto, siza kusinda.

15. Yintoni enokusinceda sinyamezele, ibe kutheni kubalulekile ukuba sinyamezele kwangoku?

15 Nyamezela: Umxholo wendibano ka-2017 wawusithi “Unganikezeli!” Iintetho zale ndibano zasinceda sazimisela ukunyamezela iingxaki esinazo. Safunda nokuba asimele nje sinyamezele kuba sicinga ukuba iingxaki zethu ziza kulunga. Sinokunyamezela xa sithembela ngoYehova. (Roma 12:12) Masingaze siyilibale into eyathethwa nguYesu. Wathi: “Lowo unyamezele kwada kwasekupheleni uya kusindiswa.” (Mat. 24:13) Le nto ithetha ukuba simele sihlale sithembekile kuYehova nokuba sineengxaki ezinjani. Xa sinyamezela zonke iingxaki esinazo kwangoku, ukholo lwethu luza komelela kwangaphambi kokuba kuqale imbandezelo enkulu.

16. Yintoni enokusinceda sibe nesibindi, ibe sinokwenza njani ukuze sithembele kakhulu ngoYehova?

16 Yiba nesibindi: Umxholo wendibano ka-2018 wawusithi “Yiba Nesibindi!” Iintetho zale ndibano zasinceda sabona ukuba asinakuba nesibindi ngenxa yezinto esikwazi ukuzenza. Njengokuba simele sithembele ngoYehova ukuze sikwazi ukunyamezela, simele sithembele ngaye naxa sifuna ukuba nesibindi. Sinokwenza njani ukuze sithembele kakhulu ngoYehova? Simele sifunde iBhayibhile yonke imihla size sicinge ngendlela uYehova awabasindisa ngayo abantu bakhe kudala. (INdu. 68:20; 2 Pet. 2:9) Xa iinkokeli zamazwe zihlasela ngembandezelo enkulu, kuza kufuneka sibe nesibindi size sithembele ngoYehova kakhulu kunakuqala. (INdu. 112:7, 8; Heb. 13:6) Xa sithembela ngoYehova ngoku, siza kuba naso isibindi xa uGogi esihlasela. *

UZA KUSINDISWA

UYesu Kristu nomkhosi wakhe wasezulwini bayotshabalalisa iintshaba zikaThixo ngemfazwe yeArmagedon bekhwele amahashe amhlophe (Jonga isiqendu 17)

17. Kutheni singamele siyoyike iArmagedon? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

17 Njengokuba sele kutshiwo kwinqaku elidlulileyo, abantu abaninzi kuthi bazelwe sele iyimihla yokugqibela. Kodwa sinalo ithemba lokusinda kwimbandezelo enkulu. Imfazwe yeArmagedon iza kuliphelisa eli hlabathi likaSathana. Kodwa ke, asimele soyike. Ngoba? Kuba iza kube inguThixo olwayo. (IMize. 1:33; Hez. 38:18-20; Zek. 14:3) UYehova uza kuyalela uYesu Kristu ukuba akhokele umkhosi wakhe. Uza kuncediswa ngabathanjiswa abavusiweyo neengelosi ezininzi kakhulu. Bonke baza kulwa noSathana, iidemon nemikhosi yakhe esemhlabeni.—Dan. 12:1; ISityhi. 6:2; 17:14.

18. (a) UYehova usiqinisekise ngantoni? (b) ISityhilelo 7:9, 13-17 sisinceda njani siqiniseke ukuba siza kusinda?

18 UYehova usiqinisekise ukuba ‘nasiphi na isixhobo esiya kuyilwa nxamnye nathi asiyi kuphumelela.’ (Isa. 54:17) “Isihlwele esikhulu” sabakhonzi bakaYehova siza ‘kuphuma kwimbandezelo enkulu’ siphila. (Funda iSityhilelo 7:9, 13-17.) IBhayibhile isixelela izinto ezininzi ezisenza siqiniseke ukuba siza kusinda kwixesha elizayo. Siyazi ukuba uYehova uyabakhusela abantu abathembekileyo. (INdu. 31:23) Bonke abantu abamthandayo nabamkhonzayo baza kuvuya xa bebona ecoca igama lakhe.—Hez. 38:23.

19. Leliphi ithemba esinalo?

19 Ucinga ukuba ibiza kuthini eyesi-2 kuTimoti 3:2-5 ukuba ibithetha ngabantu abaphila kwihlabathi elitsha elingalawulwa nguSathana? (Funda ibhokisi ethi “ Baza Kuba Njani Abantu Kwihlabathi Elitsha?”) UMzalwan’ uGeorge Gangas, * owayekwiQumrhu Elilawulayo wayichaza ngolu hlobo le nto: “Kuza kuba mnandi nyhani emhlabeni xa bonke abantu bekhonza uYehova. Sele niza kuphila kwihlabathi elitsha. Niza kuphila iminyaka emininzi kakhulu. Asizukufa.” Kumnandi nyhani ukuba nethemba elinjalo.

INGOMA 122 Qinani, Ningashukumi!

^ isiqe. 5 Siyazi ukuba sele kuza kubakho “imbandezelo enkulu.” Kweli nqaku siza kuphendula le mibuzo: Kuza kwenzeka ntoni kubakhonzi bakaYehova ngelo xesha? UYehova uza kufuna ukuba senze ntoni? Kufuneka sibe ngabantu abanjani ukuze sihlale sithembekile ngembandezelo enkulu?

^ isiqe. 11 IGAMA ELICACISIWEYO: UGogi wakwaMagogi (okanye uGogi) liqela lamazwe eliza kuhlasela unqulo lwenyaniso ngembandezelo enkulu.

^ isiqe. 11 Ukuze ufunde ngezinye izinto eziza kwenzeka ngaphambi kweArmagedon, funda isahluko 21 sencwadi ethi UBukumkani BukaThixo Buyalawula! Ukuze uve ezinye izinto ngokuhlasela kukaGogi wakwaMagogi nangendlela uYehova aza kubakhusela ngayo abantu bakhe ngeArmagedon, funda isahluko 17 no-18 sencwadi ethi Ekugqibeleni—UYehova Ukhonzwa Ngendlela Ayifunayo.

^ isiqe. 16 Umxholo wendibano ka-2019 uthi “Uthando Alusoze Luphele.” Iintetho zale ndibano zibonisa ukuba akukho nto inokusenzakalisa xa sikhuselwe nguYehova.—1 Kor. 13:8.

^ isiqe. 19 Funda inqaku elithi, ‘Imisebenzi Yakhe Ilandelana NayekwiMboniselo kaDisemba 1, 1994.

^ isiqe. 64 IMIFANEKISO: Kuba enesibindi, amaNgqina KaYehova aneentlanganiso ehlathini ngembandezelo enkulu.

^ isiqe. 66 IMIFANEKISO: Isihlwele esikhulu sabakhonzi bakaYehova siza kuphuma kwimbandezelo enkulu siphila ibe sivuya.