Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abantu bafanele balumkiswe ‘ngesaqhwithi’ sikaThixo esisondelayo

Imigwebo KaThixo​—Ngaba Usoloko Esilumkisa Kuselithuba?

Imigwebo KaThixo​—Ngaba Usoloko Esilumkisa Kuselithuba?

UMNTU ohlolisisa imozulu ubona ukuba kuza kubakho isaqhwithi esikhulu kwindawo ehlala abantu abaninzi. Ecinga ngengozi abaza kuba kuyo aba bantu, wenza konke anako ezama ukubalumkisa.

Ngoku, ngendlela efanayo, uYehova ulumkisa abantu ngesona ‘saqhwithi’ sikhulu kunazo zonke ezakha zaviwa kwimozulu. Ubalumkisa njani? Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo ubanika ixesha elaneleyo lokubaleka eso saqhwithi? Ukuze siphenduleke, masijonge indlela uYehova awabalumkisa ngayo abantu bakudala.

UTHIXO WABALUMKISA KUSELITHUBA

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile uYehova walumkisa ‘ngezaqhwithi’ okanye ngemigwebo eyayiza kufikela abantu ababengafuni ngabom ukumthobela. (IMize. 10:25; Yer. 30:23) Kuyo yonke le migwebo, wayesoloko ebaxelela kwangethuba abantu ukuba yintoni abafanele bayenze ukuze bamthobele. (2 Kum. 17:12-15; Neh. 9:29, 30) Wayesoloko ethumela abakhonzi bakhe ukuba babalumkise ukuba bakhawuleze batshintshe iindlela zabo ukuze basinde.—Amosi 3:7.

Omnye wabo bakhonzi bakhe yayinguNowa. Kangangeminyaka emininzi, akazange oyike ukulumkisa abantu ababeziphethe kakubi nababethanda ukulwa ngoNogumbe. (Gen. 6:9-13, 17) Wayebaxelela nento ekufuneka bayenze ukuze basinde, kangangokuba wade wabizwa ngokuba ‘ngumshumayeli wobulungisa.’—2 Pet. 2:5.

Kuyo yonke imizamo kaNowa, abantu ababephila ngaphambi koMkhukula abazange bamthobele uThixo. Babengenalo tu ukholo. Wafika ke uMkhukula, “wabatshayela bonke.” (Mat. 24:39; Heb. 11:7) Xa wafikayo, babengenakukhalaza bathi uThixo akabalumkisanga.

Ngamany’ amaxesha, uYehova wayebalumkisa abantu xa sele siza kufika ‘isaqhwithi.’ Nangona kunjalo, wayeqiniseka ukuba ubanika ixesha elaneleyo lokutshintsha. Ngokomzekelo, wabalumkisa kwangethuba abantu baseYiputa xa babeza kufikelwa ziZibetho Ezilishumi. UYehova wathi uMoses noAron mabalumkise uFaro nabakhonzi bakhe ngesibetho sesixhenxe esasiza kuba sisichotho esibulalayo. Njengokuba isichotho sasiza kuba ngosuku olulandelayo, ngaba uThixo wabanika ixesha elaneleyo lokuzikhusela? IBhayibhile ithi: “Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro wabenza basabela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe, kodwa nabani na ongazange azimisele entliziyweni yakhe ukulihlonela ilizwi likaYehova wabashiya abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.” (Eks. 9:18-21) Kucacile ukuba uYehova wabalumkisa ngokwaneleyo ukuze abo bamthobelayo basinde kweso sibetho.

UFaro nabakhonzi bakhe nabo balumkiswa ngaphambi nje kokufika kwesibetho seshumi. Kodwa abazange basimamele eso silumkiso. (Eks. 4:22, 23) Ngenxa yaloo nto, amazibulo abo asweleka. Yaba buhlungu nyhani loo nto. (Eks. 11:4-10; 12:29) Ngaba babeza kukwazi ukusithobela kwangethuba eso silumkiso? Ewe. UMoses wawalumkisa ngokukhawuleza amaSirayeli ngesibetho seshumi waza wawaxelela indlela yokusindisa iintsapho zawo. (Eks. 12:21-28) Bangaphi abantu abammamelayo? Kuqikelelwa ukuba abantu abasindayo baza bayishiya iYiputa babeziimiliyoni ezintathu, amaSirayeli kunye ‘neqela elikhulu elingumxube’ lezinye iintlanga namaYiputa.—Eks. 12:38.

Njengokuba sesibonile kule mizekelo, uYehova wayesoloko eqiniseka ukuba abantu ubanika ixesha elaneleyo lokumthobela. (Dut. 32:4) Wayeyenzela ntoni loo nto? Umpostile uPetros wathi uYehova “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Pet. 3:9) UThixo wayebakhathalele abantu. Wayefuna bamthobele baze batshintshe iindlela zabo ngaphambi kokuba abagwebe.—Isa. 48:17, 18; Roma 2:4.

NANAMHLANJE UTHIXO UFUNA ABANTU BATHOBELE ISILUMKISO

Nanamhlanje, abantu bamele bathobele isilumkiso esishunyayelwa emhlabeni wonke. Xa uYesu wayesemhlabeni, walumkisa ukuba eli hlabathi liza kutshatyalaliswa ‘ngembandezelo enkulu.’ (Mat. 24:21) Waprofeta ngezinto abalandeli bakhe ababefanele bazilindele xa isondela. Zezo zinto kanye esizibona zisenzeka ehlabathini namhlanje.—Mat. 24:3-12; Luka 21:10-13.

Ngenxa yeso siprofeto, uYehova ukhuthaza bonke abantu ukuba bamthobele. Ufuna ukuba abantu abamthobelayo baphile kamnandi ngoku nakwihlabathi elitsha elizayo. (2 Pet. 3:13) Ukuze babe nokholo kwizithembiso zakhe, ubanika umyalezo oza kusindisa ubomi babo. Lo myalezo ‘ziindaba ezilungileyo zobukumkani,’ awathi uYesu ziza ‘kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga.’ (Mat. 24:14) UThixo uthume abakhonzi bakhe ukuba baxelele abantu abakumazwe amalunga ne-240 lo myalezo. Ufuna kusinde abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka ‘kwisaqhwithi’ esizayo somgwebo wakhe.—Zef. 1:14, 15; 2:2, 3.

Ngoku asiyithandabuzi into yokuba uYehova ubalumkisa kusengethuba abantu. Kodwa umbuzo obalulekileyo ngulo: Ngaba baza kumthobela uThixo ngoku ixesha lisabavumelayo? Thina bathunywe nguThixo, ngaba sizimisele ukunceda abantu abaninzi kangangoko kunokwenzeka basinde xa kutshatyalaliswa eli hlabathi?