Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 42

Uza Kukusebenzisa Njani UYehova?

Uza Kukusebenzisa Njani UYehova?

“UThixo . . . aninike amandla okunqwenela nawokwenza, ngokokuthanda kwakhe.”—FIL. 2:13.

INGOMA 104 Isipho SikaThixo Somoya Oyingcwele

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Yintoni anokuyenza uYehova ukuze kwenzeke into ayithandayo?

UYEHOVA unokuba yiyo nantoni na efunekayo ukuze kwenzeke into ayithandayo. Ngokomzekelo, xa sicinga nje ngezinto ezimbalwa, uye wanguMfundisi, uTata othuthuzelayo noMshumayeli weendaba ezilungileyo. (Isa. 48:17; 2 Kor. 7:6; Gal. 3:8) Kodwa usoloko esebenzisa nabantu xa efuna kwenzeke into ayithandayo. (Mat. 24:14; 28:19, 20; 2 Kor. 1:3, 4) UYehova unokusinika ubulumko namandla esiwadingayo ukuze senze nantoni na ayifunayo ukuze kwenzeke into ayithandayo. Igama lakhe lithetha kanye loo nto, batsho njalo nabaphengululi abaninzi.

2. (a) Kutheni abanye besenokungayiqondi into yokuba uYehova uyabasebenzisa? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Sonke siyafuna ukusetyenziswa nguYehova, kodwa abanye basenokungayiqondi into yokuba uyabasebenzisa. Kutheni besenokungayiqondi? Kuba bacinga ukuba akanakubasebenzisa ngenxa yeminyaka, iimeko zabo okanye kuba bengakwazi ukwenza ezinye izinto. Abanye basenokucinga ukuba sebemenzele yonke into uYehova. Kweli nqaku, siza kuthetha ngendlela anokusinika ngayo izinto esizidingayo ukuze kwenzeke into ayithandayo. Emva koko siza kuthetha ngamadoda nabafazi abaseBhayibhileni awabenza bafuna ukwenza izinto azithandayo waza wabanika namandla okuzenza. Siza kuthetha nangendlela esinokuvuma ngayo ukusetyenziswa nguYehova.

UYEHOVA USINIKA IZINTO ESIZIDINGAYO

3. AmaFilipi 2:13 athi uYehova unokusenza njani sifune ukwenza into ayithandayo?

3 Funda abaseFilipi 2:13. * UYehova unokusenza sifune ukwenza into ayithandayo. Unokuyenza njani loo nto? Mhlawumbi siva ukuba kukho into efuna ukwenziwa ebandleni okanye kufundwa ileta evela kwiofisi yesebe ethi kufunwa abantu abaza kunceda kwelinye ibandla. Usenokuzibuza, ‘Ndinokunceda njani mna?’ Mhlawumbi ucelwa ukuba wenze umsebenzi onzima, kodwa ucinga ukuba awunakukwazi ukuwenza kakuhle. Okanye emva kokuba ufunde iivesi zeBhayibhile uyazibuza, ‘Ndinokuzisebenzisa njani ezi vesi ukuze ndincede abanye?’ UYehova soze asinyanzele ukuba senze nantoni na. Kodwa xa ebona ukuba kukho into esicinga ukuyenza, unokusinceda sifune ukuyenza.

4. UYehova unokusinika njani amandla okwenza into ayithandayo?

4 UYehova unokusinika namandla okwenza into ayithandayo. (Isa. 40:29) Unokusinika umoya wakhe oyingcwele ukuze siphucule izinto esikwaziyo ukuzenza. (Eks. 35:30-35) Unokusifundisa eminye imisebenzi esebenzisa intlangano yakhe. Ukuba awuqinisekanga ukuba unokuwenza njani umsebenzi owunikiweyo, cela abazalwana bakuncede. Kwakhona, sukoyika ukucela “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” kuTata wethu osezulwini onobubele. (2 Kor. 4:7; Luka 11:13) IBhayibhile ithetha ngamadoda nabafazi abaninzi uYehova awabancedayo bafuna ukwenza into ayithandayo waza wabanika namandla okwenza loo nto. Njengokuba siza kuthetha ngala madoda nabafazi, khawucinge iindlela anokukusebenzisa ngazo uYehova ukuze wenze izinto ezifanayo nezo bazenzayo.

AMADODA AWASETYENZISWA NGUYEHOVA

5. Yintoni esiyifundayo kwindlela nexesha uYehova awamsebenzisa ngalo uMoses ukuze asindise abantu bakhe?

5 UYehova wenza uMoses wasindisa amaSirayeli. Wamsebenzisa nini? Ngaba wamsebenzisa xa uMoses wayezibona ukuba uyafaneleka emva kokuba ‘efundiswe bonke ubulumko bamaYiputa’? (IZe. 7:22-25) Zange amsebenzise ngelo xesha. Kodwa waqala wamnceda wayindoda ethobekileyo nengakhawuleziyo ukucaphuka. (IZe. 7:30, 34-36) UYehova wamnika isibindi sokuthetha noyena mlawuli waseYiputa wayesoyikwa. (Eks. 9:13-19) Yintoni esiyifundayo kwindlela nexesha uYehova awamsebenzisa ngalo uMoses? UYehova usebenzisa abantu abaneempawu ezifana nezakhe nabamthembayo ukuba uza kubanika amandla.—Fil. 4:13.

6. Yintoni esiyifundayo kwindlela uYehova awamsebenzisa ngayo uBharzilayi ukuze ancede uKumkani uDavide?

6 Kwiminyaka emininzi emva koko, uYehova wasebenzisa uBharzilayi ukuba ancede uKumkani uDavide. Xa babebaleka uAbhisalom, uDavide nabanye abantu ‘babelambile, bediniwe yaye benxaniwe.’ Indoda eyayiseyikhulile, uBharzilayi, ikunye namanye amadoda, yanceda uDavide nabo bantu nangona loo nto yayinokuyifaka engozini. Ayizange icinge ukuba ayinakusetyenziswa nguYehova kuba seyikhulile. Kodwa yasebenzisa nantoni na eyayinayo ukuze incede abakhonzi bakaThixo. (2 Sam. 17:27-29) Yintoni esiyifundayo apha? Nokuba sineminyaka emingaphi, uYehova unokusisebenzisa xa efuna ukunceda abazalwana noodadewethu, abakwiindawo esihlala kuzo nabakwamanye amazwe. (IMize. 3:27, 28; 19:17) Nokuba asinakukwazi ukubanceda ngokwethu, sinokunikela kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke ukuze ihlale ikhona imali yokunceda abazalwana noodade.—2 Kor. 8:14, 15; 9:11.

7. UYehova wamsebenzisa njani uSimeyon, yaye isinceda njani loo nto?

7 UYehova wathembisa indoda yaseYerusalem eyayithembekile kuye neyayisele ikhulile, uSimeyon, ukuba yayingazukufa ingambonanga uMesiya. Inokuba yamvuyisa nyhani uSimeyon loo nto kuba kwakukudala efuna ukumbona uMesiya. UYehova wamvuza ngenxa yokholo nokunyamezela kwakhe. Ngenye imini waya etempileni “esemandleni omoya.” Apho wabona usana olunguYesu, yaye uYehova wamenza waprofeta ngolu sana lwaluza kuba nguKristu. (Luka 2:25-35) Nangona kusenokwenzeka ukuba uSimeyon wafa engekayiboni imisebenzi eyenziwa nguYesu emhlabeni, wambulela uYehova ngokuba eye wamsebenzisa ngolu hlobo. Zininzi izinto aseza kuzibona kwihlabathi elitsha. Uza kubona indlela abantu abaza konwaba ngayo xa belawulwa nguYesu. (Gen. 22:18) Nathi siyibulela kakhulu indlela uYehova asisebenzisa ngayo.

8. UYehova unokusisebenzisa njani njengoBharnabhas?

8 Ngexesha labapostile, indoda eyayinesandla esivulekileyo, uYosefu, yavuma ukusetyenziswa nguYehova. (IZe. 4:36, 37) Kusenokwenzeka ukuba ngenxa yokuba yayikwazi kakhulu ukuthuthuzela abantu, abapostile bathi nguBharnabhas. Eli gama lithetha “uNyana weNtuthuzelo.” Ngokomzekelo, emva kokuba uSawule engumKristu, abazalwana abaninzi babemoyika ngenxa yokuba ngaphambi kokuba aguquke, wayewatshutshisa amaKristu. Kodwa uBharnabhas wamnceda, ibe uSawule wambulela kakhulu ngaloo nto. (IZe. 9:21, 26-28) Emva koko, abadala baseYerusalem babona ukuba abazalwana bakwa-Antiyokwe yaseSiriya bafuna ukukhuthazwa. Bathuma bani? UBharnabhas. Bathuma oyena mntu wayeza kuwenza kakuhle lo msebenzi. IBhayibhile ithi uBharnabhas “wabakhuthaza bonke ukuba baqhubeke eNkosini ngokusuk’ entliziyweni.” (IZe. 11:22-24) Nanamhlanje, uYehova unokusinceda sikwazi ukuthuthuzela abazalwana noodadewethu. Ngokomzekelo, unokusisebenzisa xa efuna ukuthuthuzela abazalwana noodadewethu abaswelekelweyo. Unokusinceda siye kubona okanye sifowunele umntu ogulayo okanye okhathazeke kakhulu size simthuthuzele. Ngaba uza kumvumela uYehova akusebenzise njengoBharnabhas?—1 Tes. 5:14.

9. Sifunda ntoni kwindlela uYehova awamnceda ngayo uVasily wakwazi ukwalusa amaKristu?

9 UYehova wanceda umzalwana ekuthiwa nguVasily ukuba akwazi ukwalusa amaKristu. Waba ngumdala eneminyaka eyi-26. Wayesoyika ukuba wayengazukwazi ukunceda abazalwana noodade bamkhonze kakuhle uYehova, ingakumbi ababeneengxaki. Wancedwa ngabanye abadala nasiSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani. UVasily wazimisela ukufunda. Ngokomzekelo, wabhala izinto ezincinci awayefuna ukukwazi ukuzenza. Qho eyenza kakuhle enye yazo, wayezithemba. Uthi: “Izinto endandisoyika ukuzenza ngelo xesha, ngoku ndiyakuvuyela ukuzenza. Ndivuya kakhulu xa uYehova endinceda ndifumane isibhalo esiza kukhuthaza umzalwana okanye udade.” Bazalwana, ukuba nani niyavuma ukusetyenziswa nguYehova njengoVasily, unokuninika amandla okukwazi ukwenza imisebenzi emininzi ebandleni.

ABAFAZI ABASETYENZISWA NGUYEHOVA

10. Wenza ntoni uAbhigali, ibe sifunda ntoni kuye?

10 UDavide namadoda akhe babeleqwa nguKumkani uSawule, befuna ukuncedwa. Amadoda kaDavide acela ukutya kwindoda yakwaSirayeli eyayisisityebi, uNabhali. Zange oyike ukucela kuye kuba ayekhusela umhlambi wakhe endle. Kodwa uNabhali owayengenaxesha lamntu zange abanike nentwana yokutya. Yamcaphukisa loo nto uDavide kangangokuba wafuna ukumcim’ igama yena nawo onke amadoda awayehlala nawo. (1 Sam. 25:3-13, 22) Kodwa umfazi kaNabhali, uAbhigali owayemhle kakhulu, wayelumkile. Waba nesibindi, waguqa ezinyaweni zikaDavide, wamcela ukuba angazenzeli ityala legazi ngokuziphindezela kuNabhali. Ngobuchule wamcela ukuba yonke into ayiyekele kuYehova. Into awayithethayo nawayenzayo uAbhigali yamenza uDavide wacinga. Waqonda ukuba lo mfazi uthunywe nguYehova. (1 Sam. 25:23-28, 32-34) UAbhigali wayeneempawu ezamenza wasetyenziswa nguYehova. Noodade abangamaKristu abakwaziyo ukucebisa kakuhle nabalumkileyo banokusetyenziswa nguYehova xa efuna ukomeleza iintsapho zabo nabanye ebandleni.—IMize. 24:3; Tito 2:3-5.

11. Zenza ntoni iintombi zikaShalum, ibe ngoobani abafana nazo namhlanje?

11 Kwiminyaka emininzi emva koko, uYehova wasebenzisa iintombi zikaShalum ukuba zincedise xa kwakulungiswa iindonga zaseYerusalem. (Neh. 2:20; 3:12) Utata wezo ntombi wayeyinkosana, kodwa zazikuvuyela ukwenza loo msebenzi unzima noyingozi. (Neh. 4:15-18) Zazingafani tu namadoda adumileyo angamaTekowa ‘awayengazange afake sandla’ kuloo msebenzi. (Neh. 3:5) Khawucinge indlela ezavuya ngayo ezo ntombi xa umsebenzi wagqitywa kwiintsuku nje eziyi-52. (Neh. 6:15) Nanamhlanje bakhona oodade abakuvuyelayo ukuncedisa kumsebenzi wokwakha nokulungisa izakhiwo ezinikelwe kuYehova. Izinto abakwaziyo ukuzenza, indlela abakhuthele ngayo nokunyaniseka kwabo, zonke ezi zinto zenza lo msebenzi wenziwe kakuhle.

12. UYehova unokusisebenzisa njani njengoTabhitha?

12 UYehova wanceda uTabhitha wenza izinto ezininzi “ezilungileyo,” wapha nabantu ‘izipho zenceba.’ Kakhulu ezi zinto wayezenzela abahlolokazi. (IZe. 9:36) Ngenxa yokuba wayesivule kakhulu isandla sakhe, abantu abaninzi baba buhlungu akusweleka. Kodwa bavuya kakhulu akuvuswa ngumpostile uPetros. (IZe. 9:39-41) Yintoni esiyifundayo kuTabhitha? Nokuba sibancinci okanye sibadala, singamadoda okanye amabhinqa, sonke sinokubanceda abazalwana noodadewethu.—Heb. 13:16.

13. UYehova wamsebenzisa njani uRuth, ibe wathini?

13 Omnye udade owayeneentloni, uRuth, wayefuna ukuba ngumthunywa wevangeli. Wakuthanda ukushumayela esemncinci, enika abantu amaphecana. Uthi: “Ndandiwuthanda kakhulu lo msebenzi.” Kodwa kwakunzima kuye ukuxelela abantu ngoBukumkani BukaThixo ezindlini zabo. Eneentloni enjalo, waba nguvulindlela othe ngxi eneminyaka eyi-18. Ngo-1946, waya kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, waza waya kushumayela eHawaii naseJapan. UYehova wamsebenzisa ukuba ashumayele kubantu abaninzi baloo mazwe. Emva kweminyaka ephantse ibe yi-80 eshumayela, wathi: “UYehova ebesoloko endinika amandla. Uye wandinceda ndayeka ukuba neentloni. Ndiqinisekile ukuba uYehova angasebenzisa nabani na omthembayo.”

MVUMELE UYEHOVA AKUSEBENZISE

14. AmaKolose 1:29 athi simele senze ntoni ukuze uYehova asisebenzise?

14 UYehova ebesoloko esebenzisa abakhonzi bakhe ukuze benze izinto ezahlukahlukeneyo. Uza kukusebenzisa njani wena? Kuxhomekeke kwindlela ozimisele ngayo. (Funda kwabaseKolose 1:29.) Ukuba uyavuma ukusetyenziswa nguYehova, angakunceda ukukhuthalele ukushumayela, ube ngumfundisi ophum’ izandla, umthuthuzeli, umsebenzi onobuchule, umhlobo wenene, okanye ube yiyo nantoni na afuna ube yiyo ukuze kwenzeke into ayithandayo.

15. Abazalwana abatsha banokucela ntoni kuYehova xa becinga ngeyoku-1 kuTimoti 4:12, 15?

15 Yintoni eningayenza nina bazalwana basebatsha? Kufuneka amadoda anamandla aza kuba zizicaka zolungiselelo. Kumabandla amaninzi izicaka zolungiselelo zimbalwa kunabadala. Ngaba nina bazalwana basebatsha nizimisele ukwenza imisebenzi emininzi ebandleni? Abanye abazalwana badla ngokuthi, “Andinangxaki ngokungabi sisicaka solungiselelo.” Ukuba nawe utsho, cela uYehova akuncede ufune ukuba sisicaka solungiselelo aze akunike amandla okuba ukwazi ukwenza nantoni na onokukwazi ukuyenza. (INtshu. 12:1) Sikufuna nyhani ukuncedwa nini.—Funda eyoku-1 kuTimoti 4:12, 15.

16. Sinokucela ntoni kuYehova, ibe ngoba?

16 UYehova angakunceda wenze nantoni na ayifunayo ukuze kwenzeke into ayithandayo. Mcele akuncede ufune ukwenza umsebenzi wakhe, aze akuphe namandla okuwenza. Nokuba umncinci okanye umdala, sebenzisa ixesha, amandla nezinto onazo ukuze uzukise uYehova. (INtshu. 9:10) Ungaze uvumele ukoyika okanye ukungazithembi kukwenze ulahlekelwe lithuba lokusebenzela uYehova. Kusivuyisa kakhulu ukwenzela uTata wethu osithandayo nantoni na ukuze simzukise.

INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo

^ isiqe. 5 Ucinga ukuba akunakukwazi ukumenzela izinto ezininzi uYehova? Ngaba ukhe uzibuze ukuba usasetyenziswa na nguYehova? Okanye ucinga ukuba yanele indlela omsebenzela ngayo ngoku? Kweli nqaku siza kuthetha ngeendlela ezahlukeneyo uYehova anokukwenza ngazo ufune ukwenza ukuthanda kwakhe aze akunike amandla okuyenza loo nto.

^ isiqe. 3 Nangona uPawulos wayebhalela amaKristu awayephila ngexesha lakhe, la mazwi angabanceda bonke abantu abakhonza uYehova.