Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 43

Zinikele KuYehova Yedwa

Zinikele KuYehova Yedwa

“UYehova nguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo.”—NAH. 1:2.

INGOMA 51 Sizinikele KuThixo!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni simele sizinikele kuYehova yedwa?

SIMELE sizinikele kuYehova yedwa kuba nguye osidalileyo waza wasinika ubomi. (ISityhi. 4:11) Kodwa ingxaki yile, nangona simthanda ibe simhlonipha uYehova, kukho izinto ezisenokusenza singazinikeli kuye yedwa. Ingenzeka njani loo nto? Ngaphambi kokuba siphendule lo mbuzo, makhe sibone ukuba kuthetha ukuthini ukuzinikela kuYehova yedwa.

2. IEksodus 34:14 ithi siza kwenza ntoni xa sizinikele kuYehova yedwa?

2 Xa iBhayibhile isithi masizinikele kuThixo, ithetha ukuba masimthande kakhulu. Xa sizinikele kuYehova yedwa, siza kukhonza yena qha. Asizukuvumela nantoni na okanye nabani na abe ngoyena ubalulekileyo kuthi.—Funda iEksodus 34:14.

3. Kutheni sisithi asizinikelanga kuYehova njee singazi nto ngaye?

3 Asizinikelanga kuYehova njee singazi nto ngaye. Ngoba? Kuba kukho izinto esizifundileyo ngaye. Siye sathanda iimpawu zakhe ezintle. Sithanda izinto azithandayo size sicaphukele izinto azicaphukelayo. Siyayazi indlela afuna siphile ngayo ibe siyayimela. Kusivuyisa kakhulu ukuba ngabahlobo bakhe. (INdu. 25:14) Yonke into esiyifundayo ngoMdali wethu isisondeza kuye.—Yak. 4:8.

4. (a) UMtyholi usebenzisa ntoni ukuze singazinikeli kuYehova qha? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 UMtyholi ngumlawuli weli hlabathi ibe usebenzisa lona ukuze sibone ngathi izinto esizithandayo zezona zibalulekileyo, size singakwazi ukuzinqanda ekwenzeni izinto ezimbi. (Efe. 2:1-3; 1 Yoh. 5:19) Eyona nto ayifunayo kukuba sithande nezinye izinto ukuze singazinikeli kuYehova yedwa. Makhe sithethe ngeendlela ezimbini ayenza ngazo le nto. Okokuqala, usenza sileqe imali aze okwesibini asenze sikhethe ukuzonwabisa ngezinto ezimbi.

MASINGAYITHANDI IMALI

5. Kutheni simele sikulumkele ukuthanda imali?

5 Sonke siyakufuna ukuba nokutya, impahla nendawo efanelekileyo yokuhlala. Kodwa ke, simele silumke singayithandi imali. Abantu abaninzi namhlanje ‘bathanda imali’ nokuba nezinto. (2 Tim. 3:2) UYesu wayesazi ukuba nabalandeli bakhe basenokufana nabo. Wathi: “Akukho bani unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba usenokuyithiya enye aze ayithande enye, okanye anamathele kwenye aze ayidele enye. Aninakukhonza uThixo nobuTyebi.” (Mat. 6:24) Umntu okhonza uYehova aze asebenzise ixesha elininzi eleqana nobutyebi, usenokuba uzama ukukhonza iinkosi ezimbini. Loo mntu akazinikelanga kuYehova qha.

Indlela uYehova noYesu ababebajonga ngayo (Jonga isiqendu 6)

6. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyathethwa nguYesu kwibandla laseLawodike?

6 Ngaphambi konyaka ka-100 C.E., abazalwana noodade bebandla elikwidolophu yaseLawodike baqhayisa besithi: “Ndisisityebi, ndizuze ubutyebi, andiswele nto.” Kodwa kuYehova nakuYesu ‘babeludwayi neentsizana namahlwempu neemfama kwaye behamba ze.’ UYesu wabalungisa, akazange ayenze loo nto kuba bezizityebi, kodwa kuba ukuthanda kwabo imali kwakumosha ubuhlobo babo noYehova. (ISityhi. 3:14-17) Ukuba siqaphela ukuba siqalisa ukuthanda imali, kufuneka siyilungise ngoko nangoko loo nto. (1 Tim. 6:7, 8) Ukuba asiyenzi loo nto, sisenokuqalisa ukuthanda ezinye izinto aze uYehova angavuyiswa yindlela esimkhonza ngayo. Kaloku uYehova ‘ufuna sizinikele kuye ngokupheleleyo.’ (Dut. 4:24) Inokwenzeka njani into yokuba siyithande kakhulu imali?

7-9. Sifunda ntoni komnye umdala ekuthiwa nguDavid?

7 Makhe sithethe ngomnye umdala waseMerika osebenza nzima ekuthiwa nguDavid. Uthi wayezinikele emsebenzini wakhe. Wanyuselwa ibe wayesaziwa engoyena mntu uwenza kakuhle umsebenzi wakhe kwelo lizwe. Uthi: “Ndandicinga ukuba uYehova uyandisikelela.” Ngaba wayesikelelwa nguye nyhani?

8 UDavid waya ebona ukuba umsebenzi wakhe uyabumosha ubuhlobo bakhe noYehova. Uthi: “Xa ndikwiintlanganiso nasentsimini ndandicinga ngeengxaki zomsebenzi. Yayininzi kona imali endandiyenza kodwa ndandinestres ibe ndisoloko ndixabana nenkosikazi yam.”

9 UDavid wabona ukuba kufuneka akhethe ukuba yintoni eyona nto ibalulekileyo kuye. Wayefuna ukutshintsha amaxesha asebenza ngawo waza waxelela umqeshi wakhe. Kwenzeka ntoni? Wagxothwa. Wenza ntoni emva koko? Uthi: “Ngosuku olulandelayo, ndafaka isicelo sokuba nguvulindlela ongumncedani oqhubekayo.” UDavid nenkosikazi yakhe bayacoca ukuze kubekho imali engenayo. Ekuhambeni kwexesha uDavid waba nguvulindlela othe ngxi, yaza nenkosikazi yakhe yanguye. Bakhetha ukwenza umsebenzi ongenakwenziwa ngabantu abaninzi. Kodwa ayilohlobo lomsebenzi abawenzayo eyona nto ibalulekileyo kubo. Nangona incinci imali abayifumanayo, kodwa qho ngenyanga baba nayo eyokwenza izinto abazifunayo. Bafuna ukwenza izinto ezifunwa nguYehova kuqala, ibe baye babona ukuba uYehova ubakhathalele abantu ababeka uBukumkani kwindawo yokuqala.—Mat. 6:31-33.

10. Unokuyikhusela njani intliziyo yakho?

10 Nokuba unemali eninzi okanye encinci, umele uyikhusele intliziyo yakho. Njani? Kufuneka ungayithandi imali. Mayingabi ngumsebenzi wakho obalulekileyo kunokukhonza uYehova. Unokuyibona njani le nto ukuba iyenzeka kuwe? Nantsi eminye imibuzo onokuzibuza yona: ‘Ngaba ndisoloko ndicinga ngomsebenzi xa ndikwiintlanganiso okanye ndisentsimini? Ngaba ndisoloko ndinexhala lokuba ndiza kuba nayo na imali kwiminyaka ezayo? Ngaba imali nokuba nezinto kundenza ndixabane nomyeni okanye inkosikazi yam? Ngaba ndingakwazi ukwenza umsebenzi ojongelwa phantsi oza kundenza ndibe nexesha elininzi lokukhonza uYehova?’ (1 Tim. 6:9-12) Xa sicinga ngale mibuzo simele singayilibali into yokuba uYehova uyasithanda ibe ubathembisa le nto abantu abazinikele kuye: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” Yiyo loo nto umpostile uPawulos wathi: “Musani ukuba ngabathandi bemali.”—Heb. 13:5, 6.

MASIYIKHETHE KAKUHLE INDLELA ESIZONWABISA NGAYO

11. Indlela akhetha ukuzonwabisa ngayo umntu inokwenza ntoni?

11 UYehova ufuna siphile kamnandi ibe xa sizonwabisa senza kanye loo nto. ILizwi lakhe lide lithi: “Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba adle, asele aze enze umphefumlo wakhe ubone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakhe nzima.” (INtshu. 2:24) Kodwa ke, iindlela ezininzi elizonwabisa ngayo eli hlabathi zinokusimosha. Zenza abantu baziphathe kakubi baze benze izinto ezingafunwayo liLizwi LikaThixo.

Uphekelwa ngubani? (Jonga isiqendu 11-14) *

12. Eyoku-1 kwabaseKorinte 10:21, 22 isinceda njani siyikhethe kakuhle indlela esizonwabisa ngayo?

12 Sifuna ukuzinikela kuYehova yedwa, ngoko asinakutya “etafileni kaYehova nasetafileni yeedemon.” (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:21, 22.) Ngokuqhelekileyo, umntu otya naye sukube engumhlobo wakho. Ukuba sikhetha ukuzonwabisa ngezinto ezinomlo, iidemon, ukuziphatha kakubi okanye ezinye izinto ezimbi, kuba ngathi sitya ukutya okuphekwe nguSathana needemon zakhe. Loo nto ayisenzakalisi nje qha, imosha nobuhlobo bethu noYehova.

13-14. UYakobi 1:14, 15 ubonisa ukuba kutheni simele siyikhethe kakuhle indlela esizonwabisa ngayo? Yenza umzekelo.

13 Ukutya kufana njani nokuzonwabisa? Siyazikhetha izinto esizityayo. Kodwa xa sikuginyile asikhethi ukuba makuye ndawoni emzimbeni. Xa sisitya kakuhle siza kuba sempilweni, kodwa xa singatyi ukutya okusempilweni, siza kugula. Sisenokungayiboni ngoko nangoko into eyenziwa koko kutya emizimbeni yethu, icaca emva kwexesha.

14 Ngendlela efanayo, xa sizonwabisa siyazikhetha izinto esizifaka ezingqondweni zethu. Ezo zinto sizonwabisa ngazo zinento eziyenzayo kwindlela esicinga ngayo. Xa sizonwabisa kakuhle siyancedakala, kodwa xa sizonwabisa ngendlela engafanelekanga siza kwenzakala. (Funda uYakobi 1:14, 15.) Isenokungabonakali ngoko nangoko into eyenziwa yindlela engafanelekanga esizonwabisa ngayo, kodwa emva kwexesha iza kubonakala. Yiyo loo nto iBhayibhile isilumkisa isithi: “Ningalahlekiswa: UThixo akanakwenziwa intlekisa. Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona, kuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama uya kuvuna ukonakala ngokwasenyameni.” (Gal. 6:7, 8) Kubaluleke kakhulu ukuba singazonwabisi ngezinto uYehova angazifuniyo.—INdu. 97:10.

15. UYehova ubanike ntoni abakhonzi bakhe?

15 Abakhonzi bakaYehova abaninzi bayakuthanda ukubukela iividiyo nokumamela izinto ezikwiJW Broadcasting. Omnye udade ekuthiwa nguMarilyn wathi: “IJW Broadcasting indenza ndonwabe ibe akufuneki ndimane ndicima kuyo, ndibukela yonke into kuba iyandinceda. Xa ndinesithukuthezi okanye ndingonwabanga, ndiye ndimamele intetho ekhuthazayo okanye itekisi yosuku. Loo nto indenza ndisondele kuYehova nakwintlangano yakhe. Kwathi kwakubakho iJW Broadcasting, batshintsha ubomi bam.” Ngaba iyakunceda nawe? IJW Broadcasting ayinankqubo zidlala qho ngenyanga nje qha, kodwa inezinto ezirekhodiweyo, iividiyo neengoma ezikhuthazayo.

16-17. Kutheni simele silijonge kakuhle ixesha esilisebenzisa ekuzonwabiseni, ibe sinokuyenza njani le nto?

16 Asimele silumkele nje indlela esizonwabisa ngayo kodwa simele sijonge nexesha esizonwabisa ngalo ukuba lingakanani. Ukuba asiyenzi loo nto, sisenokuzibona sesisebenzisa ixesha elininzi ekuzonwabiseni kunasekukhonzeni uYehova. Kunzima kwabanye abantu ukulijonga ixesha abazonwabisa ngalo. UAbigail oneminyaka eyi-18 uthi: “Ukubukela iTV kuyenza ingqondo yam ebixakeke kakhulu ngolo suku iphole. Kodwa ukuba andilumkanga, ndinokuzibona sendihleli iiyure ezininzi phambi kwayo.” Omnye umzalwana ekuthiwa nguSamuel yena uthi: “Ngamanye amaxesha ndibukela iividiyo ezininzi kwi-intanethi. Ndiqala ndibukele ibe nye ndize ndothuke sekudlule iiyure ezintathu okanye ezine.”

17 Unokwenza njani ukuze ulijonge kakuhle ixesha olisebenzisa ekuzonwabiseni? Into yokuqala omele uyenze kukujonga ukuba lingakanani ixesha ozonwabisa ngalo. Khawuyenze le nto kangangeveki. Bhala kwikhalenda ukuba zingaphi iiyure obukela ngazo iTV, ojonga ngazo i-intanethi nodlala ngazo imidlalo kwifowuni yakho. Ukuba uyabona ukuba zininzi kakhulu ezi yure, zama ukulibhala phantsi ixesha oza kuzonwabisa ngalo. Bhala izinto ezibalulekileyo oza kuzenza kuqala uze uzonwabise ngexesha elishiyekileyo. Emva koko, cela uYehova akuncede ungaze uyeke ukwenza izinto ngendlela obhale ngayo. Yonke le nto iza kukunceda ube nexesha lokufunda iBhayibhile, lokuba nonqulo lwentsapho, lokuya kwiintlanganiso nasentsimini. Kwakhona, uza kuthi xa uzonwabisa ungabi nasazela.

HLALA UZINIKELE KUYEHOVA YEDWA

18-19. Sinokubonisa njani ukuba sizinikele kuYehova yedwa?

18 Emva kokubhala ngokutshatyalaliswa kwehlabathi likaSathana nangehlabathi elitsha, umpostile uPetros wathi: “Zintanda, ekubeni nilindele ezi zinto, yenzani unako-nako ukuze ekugqibeleni anifumane ningenabala, ningenasiphako yaye niseluxolweni.” (2 Pet. 3:14) Xa siyenza le nto ithethwa kule vesi size sizame kangangoko sinako ukuphila nokukhonza uYehova ngendlela ayifunayo, sibonisa ukuba sizinikele kuye yedwa.

19 USathana nehlabathi lakhe abazukuyeka ukwenza izinto esizithandayo zibaluleke ngaphezu koYehova. (Luka 4:13) Kodwa nokuba sineengxaki ezinjani, asizukuvumela nabani na okanye nantoni na ibe yeyona ibalulekileyo kuthi. Sizimisele ukuzinikela kuYehova yedwa.

INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam

^ isiqe. 5 Sizinikele kuYehova. Kodwa ngaba sizinikele kuye yedwa? Lo mbuzo siwuphendula ngezigqibo esizenzayo. Makhe sithethe ngezinto ezimbini eziza kusinceda sibone ukuba sizinikele kuYehova yedwa na.

^ isiqe. 53 IMIFANEKISO: Asinakuthanda ukutya ukutya okuphekwe kwikhitshi elimdaka. Ngoko singayenza njani into yokuzonwabisa ngezinto ezinomlo, ezineedemon okanye ukuziphatha kakubi?