Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukubuka Iindwendwe Yinto Entle, Efunekayo!

Ukubuka Iindwendwe Yinto Entle, Efunekayo!

“Bukanani ngaphandle kokumbombozela.”—1 PET. 4:9.

IINGOMA: 124, 119

1. Zeziphi iingxaki amaKristu awayenazo ngexesha labapostile?

PHAKATHI konyaka ka-62 no-64 C.E., umpostile uPetros wabhalela “abemi bokwexeshana abachithachitheke ePonto, eGalati, eKapadokiya, eAsiya, naseBhithiniya.” (1 Pet. 1:1) La mabandla aseAsiya ayenabazalwana abangafaniyo nabafuna ukukhuthazwa nokukhokelwa. Babetshutshiswa ibe bethukwa. ‘Babelingwa’ kakhulu. Babephila ngexesha elinzima. UPetros wabhala wathi: “Isiphelo sezinto zonke sisondele.” IYerusalem yayiza kutshatyalaliswa kungekapheli neminyaka elishumi. Yintoni eyayiza kunceda onke amaKristu ngeli xesha linzima?—1 Pet. 4:4, 7, 12.

2, 3. Kutheni uPetros wabongoza amaKristu ukuba abukane? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

2 Enye yezinto uPetros awabakhuthaza ukuba bazenze kukuba ‘babukane.’ (1 Pet. 4:9) Igama lesiGrike elithi “bukanani” lithetha “ukuthanda, okanye ukuba nobubele kumntu ongamaziyo.” UPetros wabongoza abazalwana noodade ukuba ‘babukane,’ nangona babesele besazana. Kwakuza kubanceda ngantoni ukubukana?

3 Kwakuza kubanceda baqhelane. Inoba uyazi kuwe le nto. Usakhumbula indlela ekwakumnandi ngayo umenywe ngumzalwana? Ngaba awuzange ushiyeke uneenkumbulo ezimnandi? Emva kokuba umeme abazalwana basebandleni lakho, ngaba abuzange buqine ubuhlobo bakho nabo? Xa sibabuka abazalwana noodadewethu siye sazi nezinto ebesingenakufane sizazi ngabo. Ngemihla kaPetros abazalwana kwakufuneka baye besondelelana njengoko iimeko zazisiya zisiba mbi. Kuyafana ke nakumaKristu kule ‘mihla yokugqibela.’—2 Tim. 3:1.

4. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

4 Ngawaphi amathuba esinokuwasebenzisa ukuze ‘sibukane’? Singazoyisa njani iingxaki ezisibangela singabukani? Yintoni enokusinceda siziphathe kakuhle xa simenyiwe?

AMATHUBA OKUBUKANA ESINAWO

5. Singazamkela njani iindwendwe kwiintlanganiso zethu?

5 Kwiintlanganiso: Sibamkela bonke abantu abeza kwiintlanganiso zethu. Sonke simenywe nguYehova nayintlangano yakhe. (Roma 15:7) Xa kufika abantu abatsha, nathi siye sibamkele. Kutheni ungabamkeli abantu abatsha nokuba banxibe okanye bazilungise njani? (Yak. 2:1-4) Ukuba kukho umntu ofikayo omtsha ongenamntu umhoyileyo, kutheni ungamceli aze kuhlala nawe? Uza kuvuya xa umnceda alandele isithethi naxa umbonisa indlela yokutyhila iZibhalo ezifundwayo. Le yindlela egqwesileyo ‘yokulandela ikhondo lokubuk’ iindwendwe.’—Roma 12:13.

6. Ngoobani abona bantu simele sibamemele emakhayeni ethu?

6 Ukumemela abantu kwisidlo: Kudala, ukubuka iindwendwe kwakuthetha ukuzimemela kwisidlo ekhayeni lakho. (Gen. 18:1-8; ABagwe. 13:15; Luka 24:28-30) Ukumemela abantu esidlweni kwakuyindlela yokwakha ubuhlobo nokudala uxolo. Ngoobani abona bantu simele sibameme? Ngabantu esisoloko siphila nabo, abazalwana noodadewethu abakwibandla lethu. Kaloku siza kubalekela kubo xa iimeko zinzima. Ngoko kufuneka sibe nobuhlobo kwaye sibe seluxolweni nabo bonke. Ngo-2011, iQumrhu Elilawulayo latshintsha ixesha leSifundo SeMboniselo sentsapho yaseBheteli, eMerika, lasuka ku-6:45, laya ku-6:15 ngokuhlwa. Ngoba? Xa kwakusenziwa esi saziso, kwathiwa le nto iza kunceda amalungu entsapho yaseBheteli akwazi ukumemana xa le ntlanganiso iphele kwangethuba. Namanye amasebe enza into efanayo. Eli lungiselelo liye lawanceda amalungu entsapho yaseBheteli asondelelana ngakumbi.

7, 8. Singababuka njani abameli bentlangano kaYehova abatyeleleyo?

7 Xa sityelelwe ngabazalwana abazokunikela iintetho abasuka kwamanye amabandla, naxa sityelelwe ngumveleli wesiphaluka, ibe ngamanye amaxesha, nabameli beofisi yesebe siba namathuba okubuka iindwendwe. (Funda eyesi-3 kaYohane 5-8.) Enye indlela yokwenza le nto kukuba sibamemele kwisidlo. Khawukhe ubameme nawe.

8 Omnye udade waseMerika ukhumbula oku: “Kule minyaka idluleyo, mna nomyeni wam besidla ngokumema abazalwana abazokunikela iintetho kunye namakhosikazi abo. Qho bekusiba mnandi, sonwabe, ibe okona kubalulekileyo besisiba nento esiyifundayo kubo eqinisa ukholo lwethu. Akukho nanye imini esazisola ngayo.”

9, 10. (a) Ngoobani esinokubacela bafikele emizini yethu? (b) Ngaba nabo banezindlu ezingekho tofotofo banokunceda? Zekelisa.

9 Iindwendwe eziza kuhlala: Mandulo ukubuka iindwendwe kwakuquka ukuzinika indawo yokuhlala. (Yobhi 31:32; Filem. 22) Nakule mihla yethu iyafuneka le nto. Abaveleli besiphaluka baye bafune indawo yokuhlala xa betyelele amabandla. Abazalwana noodade abaye kwizikolo zentlangano kunye nabakhayo baye badinge indawo yokuhlala. Iintlekele ezehlayo ziye zishiye ezinye iintsapho zingenamakhaya neendawo zokuhlala de alungiswe amakhaya azo. Asimele sicinge ukuba ngabazalwana abanezindlu ezitofotofo abamele babancede; kungenzeka kudala benceda. Ngaba awunakubamemela kwakho nokuba awuthathi ntweni?

10 Omnye umzalwana waseMzantsi Korea uyonwaba xa ekhumbula ukuba wayekhe acele abazalwana noodade abeze kwizikolo zentlangano ukuba bafikele kwakhe. Uthi: “Ekuqaleni ndandisonqena kuba sasisandul’ ukutshata kwaye sihlala endlwini encinci. Kodwa kwakuba mnandi nyhani xa abazalwana abeze ezikolweni zentlangano befikele kwam. Ekubeni sasisandul’ ukutshata, saye sabona indlela abonwaba ngayo abantu abatshatileyo xa bekhonza uYehova, naxa bezimisele ukumsebenzela kunye.”

11. Kutheni abazalwana abafikayo kufuneka sibenzele ububele?

11 Abazalwana abafikayo ebandleni lakho: Mhlawumbi kungeza abazalwana okanye iintsapho zize kukhonza ebandleni lakho. Kungenzeka zize kuba kudingeka abazalwana okanye oovulindlela. Okanye ingaba ngoovulindlela abathunyelwe ukuza kuncedisa ebandleni lakho. Ekuqaleni bonke baye bazive belahlekile, bephakathi kwabantu abangabaziyo, ibandla elitsha, mhlawumbi bengalwazi nolwimi, nezithethe zalapho. Ukubamemela kwisidlo okanye ukhe ubakhuphe kunokubanceda bazenzele abahlobo kwaye baqhele.

12. Ngawaphi amava abonisa ukuba akuyomfuneko ukwenza into enkulu xa sibuka iindwendwe?

12 Akuyomfuneko ukuba senze into enkulu xa sibuka iindwendwe. (Funda uLuka 10:41, 42.) Omnye umzalwana, xa ebalisa ngento eyenzekayo xa wayesandul’ ukuba ngumthunywa wevangeli, uthi: “Sasisebancinci, singenamava ibe sikhumbula emakhaya. Ngenye ingokuhlwa inkosikazi yayikhumbula nyhani kowayo, ibe ndandingakwazi nokuyinceda. Malunga no-7:30 seva kunkqonkqozwa emnyango. Yayingusisi owayefundelwa esiphathele iiorenji ezintathu. Wayeze kusamkela. Sathi makangene saza sampha iglasi yamanzi. Emva koko, senza into ephungwayo. Sasingekasazi isiSwahili naye engasazi isiNgesi. Saqala ngolo hlobo ke ukwakha ubuhlobo nabazalwana basekuhlaleni.”

UKOYISA IZINTO EZINOKUSENZA SINGABI NOBUBELE

13. Kusinceda ngantoni ukubuka iindwendwe?

13 Ngaba wakha wathi unethuba lokubuka iindwendwe, waliyeka ladlula? Ukuba kunjalo, waphoswa lithuba elimnandi lokuhlala nabantu nokwenza abahlobo. Ukubuka iindwendwe lelinye lawona mayeza asebenzayo okuphelisa isithukuthezi. Kodwa inoba uyazibuza ukuba, ‘Umntu angaliyeka njani lidlule eli thuba?’ Kungenzeka ukuba uliyekiswa zizizathu eziliqela.

14. Yintoni esinokuyenza xa singenalo ixesha namandla okumema okanye okuya xa simenyiwe?

14 Ixesha namandla: Abakhonzi bakaYehova baxakeke kakhulu ibe banezinto ezininzi ezibafunayo. Abanye basenokuthi abanalo nje tu ixesha namandla okubuka iindwendwe. Ukuba nawe utsho, khawukhe uhlole izinto ozenzayo ngexesha lakho. Ngaba awunakukhe uhlengahlengise izinto uze ube nexesha lokumema okanye lokuba uye xa umenyiwe? IZibhalo zibongoza amaKristu ukuba abuke iindwendwe. (Heb. 13:2) Ayisosono ukubuka iindwendwe; kunoko yinto ekufuneka yenziwe. Mhlawumbi kuza kufuneka ucuthe ezinye izinto ezingeyomfuneko ukuze ube nexesha.

15. Yintoni ebenza babe nexhala abanye abantu ngokubuka iindwendwe?

15 Indlela oziva ngayo: Ngaba wakhe wafuna ukubuka iindwendwe qha wazeya? Abanye kuthi baneentloni kwaye bacinga ukuba xa benokumema abantu incoko iza kubanda zize iindwendwe zidikwe. Abanye ebandleni abanamali ngoko bacinga ukuba abanakukwazi ukwenza izinto ezenziwa ngabanye abazalwana xa bebuka iindwendwe. Khumbula kaloku ukuba, eyona nto ibalulekileyo ngendlu ayibobuhle bayo, kodwa kukuba icoceke kwaye nawe ube ngumntu wabantu.

16, 17. Yintoni enokuthoba ixhala lokubuka iindwendwe?

16 Ukuba uyoyika ukumema abantu, awuwedwa. Omnye umdala waseBritani uthi: “Kuyoyikisa kona ukulungiselela iindwendwe. Kodwa njengazo zonke izinto ezinokwenza nokukhonza uYehova, indlela owaneliseka noncedakala ngayo ilenza libe yinto engenamsebenzi nelo xhala. Ngamanye amaxesha ndikhe ndimeme nje abantu siphunge ikofu, sincokole.” Ukhumbule ukuba, ukuba nomdla kubantu obamemileyo kuyanceda. (Fil. 2:4) Phantse bonke abantu bayathanda ukubalisa amava abo. Xa sidibene, kungenzeka ukuba elo kuphela kwexesha abantu ababa nethuba lokusibuza ngamava ethu. Omnye umdala ubhala athi: “Ukumema abazalwana noodade abasebandleni kundinceda ndibaqonde kwaye ndibazi, ingakumbi indlela abayifumana ngayo inyaniso.” Xa sinomdla ebantwini kuya kusoloko kumnandi xa sibamemile.

17 Omnye udade onguvulindlela owayedla ngokucela abazalwana noodade abeze kwizikolo zentlangano ukuba bafikele kwakhe, uthi: “Ekuqaleni ndandisoyika kuba amagumbi endlu yam ayengenazinto zininzi, enefanitshala engamasekeni. Ndakhululwa yinkosikazi yomnye wabahlohli. Wathi xa yena nomyeni wakhe betyelela amabandla, ezona veki zimnandi kubo kuxa behleli nomntu osondeleyo kuYehova noneenjongo ezifanayo nezabo, njengokukhonza uYehova nokuphila ngezinto ezimbalwa. Ndatsho ndakhumbula amazwi awayedla ngokuthethwa ngumama sisebancinci, athi: ‘Silunge ngakumbi isidlo semifuno apho kukho uthando.’” (IMize. 15:17) Ukuba luthando olukuqhuba ukuba ubuke iindwendwe, akukho sizathu sokuba ube nexhala.

18, 19. Ukwenzela abantu ububele kunokusinceda njani singabajongi kakubi?

18 Indlela obajonga ngayo abanye abantu: Ngaba ukhona umntu ongavani ncam naye ebandleni? Usenokumjonga kakubi loo mntu, ibe ukuba awude uyilungise loo nto, unokuphela sele umzonda. Ukungathandi ubuntu babanye ebandleni kunokukwenza ungabi nobubele kubo. Kanti enye into edla ngokuba yingxaki, kuxa kukho umntu okhe wakuvisa ubuhlungu, ube ungekaxoli.

19 Ukuze sisondelelane nabantu, nkqu neentshaba zethu, iBhayibhile ithi masibenzele ububele. (Funda iMizekeliso 25:21, 22.) Ukuphathana ngolu hlobo kunokuzinciphisa iingxabano, kunenze nixolelane. Loo nto inokusenza sitsho sibone ezinye izinto ezithandekayo kubuntu bakhe, ezibangele ukuba uYehova amtsale. (Yoh. 6:44) Ukuba xa ummema, ayikho enye into oyijongileyo ngaphandle kokuba umthanda, eso inokuba sisiqalo sobuhlobo. Unokwenza njani ukuze uqiniseke ukuba ayikho enye into ekuqhubayo ngaphandle kothando? Enye indlela kukwenza le nto ichazwa kweyabaseFilipi 2:3 ethi: ‘Ngokuthobeka kwengqondo, bagqaleni abanye njengabongamileyo kunani.’ Ukukhangela izinto abasogqitha kuzo abazalwana noodadewethu ezinjengokholo lwabo, ukunyamezela, ukuba nesibindi, nezinye iimpawu zobuKristu, kuya kusenza sibathande nangakumbi size singazenzisi xa sibabuka, kwaye sixolelane.

XA UMENYIWE

Abantu badla ngokuzilungiselela kakuhle iindwendwe zabo (Jonga isiqendu 20)

20. Kutheni simele siye kwindawo esimenywe kuyo?

20 Umdumisi uDavide wabuza wathi: “Owu Yehova, ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho?” (INdu. 15:1) Lo mbuzo wawuphendula ngokuchaza izinto ezilindelekileyo ukuze umntu abe lundwendwe lukaThixo. Enye yazo kukuba, ungalali neli uvuke neliya. Kuba uthi: “Ofunga angajiki, nokuba kubi kuye.” (INdu. 15:4) Xa umenyiwe waza wavuma, sukuphinda ujike ezo zigqibo ngezizathu ezingavakaliyo. Umntu okumemileyo usenokuba ebeququzela elungiselela wena, ngoko yonke loo nto iza kuwa phantsi kuba nje wena uye wajika. (Mat. 5:37) Abanye baye bajike kuba bemenywa kwenye indawo engathi ibhetele. Ayikokubahlonipha nokubathanda abantu oko. Kunoko sifanele siye kwindawo esimenywa kuyo, ibe siyibulele loo nto, kwanokuba umntu osimemileyo akanazinto zingako. (Luka 10:7) Ukuba kukho imeko engaphephekiyo nyhani evelayo, simele simchazele kwangoko umntu osimemileyo. Loo nto iya kubonisa ukuba siyamthanda kwaye siyamcingela.

21. Ukuhlonipha indlela abantu abaqhuba ngayo ekuhlaleni kusinceda njani xa simenyiwe?

21 Kubalulekile ukuba siyihloniphe indlela abantu abaqhuba ngayo ekuhlaleni. Kwezinye iindawo, uyaya emzini womntu nokuba awumenywanga; kwezinye kufuneka kwaziwe ukuba uyeza. Kwezinye kuqalwa ngeendwendwe xa kuphakwa, kuze kulandele intsapho; kwezinye ayenziwa loo nto. Kwezinye iindwendwe zidla ngokuza nento xa zimenyiwe; kanti kwezinye abantu abathandi xa iindwendwe zisiza nento. Kwezinye, akukho nto imbi ngokungxengxeza kanye okanye abini xa umenywa; kanti kwezinye xa usala, uthathwa njengomntu ophakamileyo. Ngoko masenze konke okusemandleni ethu ukuze sibenze bangazisoli abantu abasimemileyo.

22. Kutheni kubalulekile ‘ukubukana’?

22 “Isiphelo sezinto zonke sisondele” ngakumbi kunangaphambili. (1 Pet. 4:7) Kungekudala kuza kufika eyona mbandezelo yakha yankulu emhlabeni. Njengoko iingxaki zisiba ninzi, kuza kufuneka sibathande nyhani abazalwana noodadewethu. Icebiso likaPetros elithi: “Bukanani,” lisebenza kakhulu kuthi maKristu namhlanje. Ukubukana yinto entle, ekufuneka siyenzile, nengasoze iphelelwe.—1 Pet. 4:9.