Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Phulaphulani Ingqeqesho Nize Nilumke”

“Phulaphulani Ingqeqesho Nize Nilumke”

“Bonyana, . . . phulaphulani ingqeqesho nize nilumke.”​—IMIZE. 8:32, 33.

IINGOMA: 64, 120

1. Singabufumana phi ubulumko, yaye businceda njani?

UYEHOVA unguMthombo wobulumko, ibe akabavimbi abantu ubulumko bakhe. UYakobi 1:5 uthi: “Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucele kuThixo, kuba unika bonke ngesisa, engangcikivi.” Enye indlela yokufumana ubulumko bukaThixo kukwamkela ingqeqesho yakhe. Buya kusinceda siziphathe ngendlela efanelekileyo kwaye sisondele kuThixo. (IMize. 2:10-12) Siya kutsho sihlale sithandwa nguThixo, sikhangele kubomi obungenasiphelo.—Yude 21.

2. Sinokwenza njani ukuze siyithande ingqeqesho kaThixo?

2 Kodwa ke ukutsaleleka kwethu esonweni, indlela esikhuliswe ngayo, nezinye izinto, zenza kube nzima ukwamkela ingqeqesho okanye ukuyijonga ngendlela efanelekileyo. Siye siyithande ngakumbi ingqeqesho xa sibona ukuba iyasinceda kwaye ingqina ukuba uThixo uyasithanda. IMizekeliso 3:11, 12 ithi: “Ingqeqesho kaYehova, nyana wam, musa ukuyigatya; . . . ngenxa yokuba lowo amthandayo uYehova uyamohlwaya.” Ngoko masingaze siyilibale into yokuba uYehova unceda kwathina. (Funda amaHebhere 12:5-11.) Ngenxa yokuba uThixo esazi ukusuka nokuhlala, usoloko esiqeqesha ngendlela efanelekileyo kwaye akabaxi. Kweli nqaku siza kuthetha: (1) ngokuziqeqesha thina, (2) ingqeqesho yabazali, (3) ingqeqesho yebandla, (4) nangeyona nto inkulu ngaphezu kwentlungu yexeshana ebangelwa kukohlwaywa.

KUBUBULUMKO UKUZIQEQESHA

3. Umntwana ukufunda njani ukuziqeqesha? Zekelisa.

3 Ukuziqeqesha kuquka ukulawula indlela esiziphatha nesicinga ngayo. Abantu abazalwa bekwazi ukuyenza le nto. Kufuneka siyifunde. Ngokomzekelo: Xa umntwana efunda ukukhwela ibhayisekile, umzali udla ngokuyibamba ingawi. Kodwa njengoko umntwana eqhela, umzali uman’ ukuyiyeka kancinci. Ude ayiyeke xa ebona ukuba akawi. Xa abazali bengathethi le namhlanje, bathethe enye ngomso, kwaye benomonde xa ‘beqeqesha abantwana babo naxa beseyisela iingqondo zabo kuYehova,’ babanceda bakwazi ukuziqeqesha kwaye balumke.—Efe. 6:4.

4, 5. (a) Kutheni ukuziqeqesha kubalulekile ukuze umntu abe ‘nobuntu obutsha’? (b) Kutheni sifanele singanikezeli nokuba ‘siwe kasixhenxe’?

4 Kuba njalo ke nakubantu abafumana inyaniso sele bebadala. Basenokuba bona sele bekwazi noko ukuzibamba. Kodwa ke xa sithetha inyaniso, umntu osemtsha enyanisweni kukho izinto angekakwazi ukuzenza. Kodwa kancinci kancinci, uyakhula aze abe ‘nobuntu obutsha’ obufana nobukaKristu. (Efe. 4:23, 24) Kubalulekile ukuba umntu akwazi ukuzinqanda ukuze akhule. Utsho afunde ‘ukuzilumla kukungabi nabuthixo nakwiminqweno yehlabathi aze aphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.’—Tito 2:12.

5 Nangona kunjalo, sonke siyona. (INtshu. 7:20) Kodwa ke, xa siye saphazama, loo nto ayithethi kuthi soyiswe kwaphela okanye asikwazi tu ukuzibamba. IMizekeliso 24:16 ithi: “Ilungisa lisenokuwa kasixhenxe, yaye ngokuqinisekileyo liya kuvuka.” Yintoni eya kulenza liphumelele? Ayikokuzimisela kwalo, ngumoya kaThixo. (Funda eyabaseFilipi 4:13.) Enye yezinto eziveliswa ngulo moya kukuzeyisa okanye ukuzibamba, ibe kunento yokwenza nokuziqeqesha.

6. Sinokwenza njani ukuze sikuthande ukufunda iLizwi LikaThixo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

6 Enye into ebalulekileyo ukuze sikwazi ukuziqeqesha kukuthandaza, ukufunda iBhayibhile, nokucinga ngezinto esizifundileyo. Kodwa umele wenze ntoni ukuba uyonqena ukufunda iLizwi LikaThixo? Mhlawumbi awungomntu othanda iincwadi. UYehova uza kukunceda ukuba uyafuna akuncede. Angakunceda ‘ulilangazelele’ iLizwi lakhe. (1 Pet. 2:2) Qala ngokuthandaza, ucele uYehova akuncede ukwazi ukuzibamba kwiziphazamiso, uze ufunde iLizwi lakhe. Emva koko, yenze loo nto uyithandazeleyo, mhlawumbi ungafundi ixesha elide. Ethubeni, ukufunda kuza kuba lula yaye kube mnandi! Uza kulixabisa ixesha lokuba wedwa uze ufunde iingcamango zikaYehova.—1 Tim. 4:15.

7. Ukuziqeqesha kungasinceda njani senze izinto esizimisele ukumenzela zona uYehova?

7 Xa siziqeqesha, sitsho sikwazi ukwenza izinto esizimisele ukumenzela zona uYehova. Ngokomzekelo, enye indoda enentsapho yafumanisa ukuba ayisakhuthelanga entsimini. Yakhathazeka yile nto, yazixelela ukuba iza kuba nguvulindlela othe ngxi yaza yafunda amanqaku athetha ngaloo nto kwiimagazini zethu. Wancedwa yiloo nto nakukuthandaza ukuze asondele ngakumbi kuThixo. Wayesiba nguvulindlela ongumncedani xa amathuba evela. Waphelela phi ke? Nangona kwakukho izinto eziphazamisayo, wazixelela ukuba uza kuba nguvulindlela othe ngxi, ibe ekugqibeleni waba nguye.  

KHULISA ABANTWANA NGENGQEQESHO KAYEHOVA

Abantwana abazalwa beyazi into elungileyo nengalunganga; kufuneka baqeqeshwe (Jonga isiqendu 8)

8-10. Yintoni enokunceda abazali babaqeqeshe kakuhle abantwana babo, babe ngabakhonzi bakaYehova? Zekelisa.

8 Bazali, ninomsebenzi okhethekileyo eniwunikiweyo wokukhulisela abantwana benu “kwingqeqesho nasekweyiselweni kwengqondo kuYehova.” (Efe. 6:4) Asiyonto encinci le, ngakumbi ngeli xesha siphila kulo. (2 Tim. 3:1-5) Abantwana abazalwa beyazi into elungileyo nengalunganga. Bazalwa benezazela, kodwa zifuna ukuqeqeshwa. (Roma 2:14, 15) Enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ingqeqesho” lithetha “ukukhulisa umntwana.”

9 Xa uqeqesha abantwana ngendlela ebonisa ukuba uyabathanda, badla ngokuziva bekhuselekile. Bafunda ukuba umntu akanakwenza nje nantoni ayithandayo nokuba izigqibo abazenzayo nendlela abaziphatha ngayo ziba nemiphumo emihle okanye emibi. Kubalulekile ke ukuba abazali bakhokelwe nguYehova xa bebaqeqesha. Ungalibali ke nokuba indlela ekuqeqeshwa ngayo kwindawo okuyo inokwahluka kweyezinye iindawo. Kanti nendlela ekwakuqeqeshwa ngayo kudala isenokungafani neyangoku. Xa abazali bemmamela uThixo, abafuniseli xa bekhulisa abantwana, okanye baxhomekeke kumava abo okanye kwindlela abantu abacinga ngayo.

10 Ukuze icace le ngongoma, masenze umzekelo ngoNowa. Xa wayalelwa nguYehova ukuba akhe umkhombe, wayengenamava okuwakha. Wayengazange awakhe ngaphambili. Kwafuneka athembele ngoYehova, enze “kanye njengoko”—ngamany’ amazwi awakhe kanye ngendlela uYehova awayethe awakhe ngayo. (Gen. 6:22) Waba yintoni umphumo? UNowa wawuchana loo mkhombe ewuqala nje. Wayefanele kaloku! Enye into awayicwabayo yayikukukhulisa abantwana, kuba wayethembele ngobulumko bukaThixo. Wabafundisa kakuhle abantwana bakhe, bayibona kuye indlela efanelekileyo yokwenza izinto, nto leyo eyayinzima kakhulu ngaphambi komkhukula.—Gen. 6:5.

11. Kutheni kubalulekile ukuba abazali bammamele uYehova xa bekhulisa abantwana?

11 Bazali ninokumxelisa njani uNowa, nenze “kanye njengoko”? Mmameleni uYehova. Mayibe nguye onifundisa indlela yokukhulisa abantwana ngeLizwi lakhe nangentlangano yakhe. Abantwana benu baya kunibulela ngeny’ imini ukuba nenza loo nto! Omnye umzalwana wabhala wathi: “Ndiyayibulela indlela abazali bam abandikhulisa ngayo. Bazama yonke into ukuze bafikelele intliziyo yam. Ndisondele kangaka nje kuYehova namhlanje kungenxa yabo.” Kodwa ke, abanye abantwana baye bamshiye uYehova nangona abazali bezame yonke into. Nangona kunjalo, xa abazali bezame yonke into esemandleni abo ukuze bafundise umntwana inyaniso, izazela zabo ziyabakhulula. Baba nethemba lokuba uza kuphinda abuyele kuYehova.

12, 13. (a) Abazali banokubonisa njani ukuba bayamthobela uThixo xa umntwana wabo esusiwe kubudlelane? (b) Yancedakala njani enye intsapho xa abazali bathobela uYehova?

12 Enye yezona zinto aye abonakale kuzo umzali ukuba uyathobela kuxa umntwana wakhe esusiwe. Makhe sithethe ngodade onentombi eyasuswayo yaza yemka ekhaya. Uthi: “Ndandikhangela kwanto kwiincwadi zethu endivumelayo ukuba ndikhe ndihlale nentombi yam, nomzukulwana.” Wongeza athi: “Umyeni wam wandibonisa ukuba umntwana wethu wayengasekho zandleni zethu ngoku, nokuba asimele siphazamisane nengqeqesho ayinikwayo.”

13 Emva kweminyaka, intombi yakhe yabuyiselwa kubudlelane. Lo dade uthi: “Ngoku iyandifowunela okanye indithumelele imiyalezo qho. Isihlonipha kakhulu sinoyise kuba iyazi ukuba samthobela uThixo. Ngoku kumnandi nje.” Ukuba umntwana wakho ususiwe kubudlelane, ngaba uza ‘kukholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda’? (IMize. 3:5, 6) Khumbula, ayikho ingqeqesho ebhetele kwekaYehova ngobulumko nothando. Ungalibali ukuba wanikela ngoNyana wakhe ukuba asifele sonke, kuquka nomntwana wakho. UThixo akafuni kubekho umntu otshabalalayo. (Funda eyesi-2 kaPetros 3:9.) Ngoko yithembe ingqeqesho kaYehova nemiyalelo yakhe. Yithembe naxa kubuhlungu kuwe, mzali, wenze le nto uYehova athi yenze. Sukulwa nengqeqesho yakhe, sebenzisana nayo.

EBANDLENI

14. Zisinceda njani izinto esizifundiswa nguYehova ‘ngegosa elithembekileyo’?

14 UYehova uthembise ukuba uza kulihoya, alikhusele, aze alifundise ibandla lamaKristu. Zininzi iindlela ayenza ngazo le nto. Ngokomzekelo, ubeke uNyana wakhe njengentloko yebandla, waza yena wamisela ‘igosa elithembekileyo’ ukuze lilungiselele ukutya okondla ukholo lwethu ngexesha elifanelekileyo. (Luka 12:42) Oku kutya, okuphakwa ngeendlela ezininzi, kusifundisa izinto ezibalulekileyo. Khawuzibuze, ‘Kukangaphi nditshintsha indlela endicinga okanye endenza ngayo ngenxa yentetho okanye yenqaku endilifunde kwiimagazini zethu?’ Ukuba zakunceda, vuya! Loo nto itheth’ ukuba uvumela uYehova akubumbe, okanye akuqeqeshe, kwaye iza kunceda wena loo nto.—IMize. 2:1-5.

15, 16. (a) Yintoni esinokuyenza ukuze sincedakale ‘zizipho ezingabantu’? (b) Singenza ntoni ukuze abadala bawenze bevuya umsebenzi wabo?

15 Kwakhona uKristu wapha ibandla “izipho ezingabantu”—abadala abalusa umhlambi kaThixo. (Efe. 4:8, 11-13) Yintoni esinokuyenza ukuze sincedakale zezi zipho? Enye yazo kukuxelisa ukholo nezinto ezintle abazenzayo. Kanti enye kukubamamela xa besicebisa besebenzisa iBhayibhile. (Funda amaHebhere 13:7, 17.) Khumbula ukuba, abadala bayasithanda kwaye bafuna siqine elukholweni. Ngokomzekelo, xa bebona ukuba asizihambi iintlanganiso okanye siyayonqena intsimi, baza kukhawuleza basincede. Baza kusimamela baze emva koko bazame ukusikhuthaza besebenzisa amacebiso afanelekileyo eBhayibhile. Xa bekunceda, ngaba uye uzive uthandwa nguYehova?

16 Akululanga kubadala ukuba beze kuthetha nathi xa kukho into esingayenzi kakuhle. Ngokomzekelo, khawucinge nje indlela ekumele ukuba kwakunzima ngayo kumprofeti uNatan ukuya kuthetha noDavide xa wayezama ukufihla isono esibi awayesenzile! (2 Sam. 12:1-14) Nompostile uPawulos kwafuneka aqwebe isibindi ukuze anqande uPetros, owayengomnye wabapostile abayi-12, xa wayecalula abazalwana beentlanga. (Gal. 2:11-14) Yintoni onokuyenza ukuze ubenzele lula abadala bebandla lakho? Thobeka, yenza kube lula ukuthetha nawe, uze ubabulele. Xa bekunceda, yibone into yokuba uThixo uyakuthanda. Le nto ayincedi wena wedwa, inceda nabo benze umsebenzi wabo bevuya.

17. Omnye udade wancedwa njani ngabadala ebandleni?

17 Kwakunzima komnye udade ukuthanda uYehova ngenxa yezinto ezazenzeke ebomini bakhe. Wathi: “Xa izinto ezazenzekile nezinye iingxaki zaqalisa ukundinzimela, ndaqonda ukuba kuza kufuneka ndithethe nabadala. Abazange bandingxolise okanye bandigxeke, bandikhuthaza baza bandomeleza. Qho emva kweentlanganiso, nokuba sebexakeke kangakanani, omnye wabo wayeye andibuze ukuba ndinjani. Izinto ezazenzeke ebomini bam zazindenza ndingaziboni ndithandwa nguThixo. Kodwa uYehova uye wasebenzisa ibandla nabadala ukuze andiqinisekise kaninzi ukuba uyandithanda. Ndizimisele ukuba ndingaze ndimlahle.”

EYONA NTO IBUHLUNGU NGAPHEZU KOKOHLWAYWA

18, 19. Yintoni eyona nto ibuhlungu ngaphezu kwengqeqesho? Zekelisa.

18 Nangona ingqeqesho ibuhlungu, ikho into ebuhlungu ngaphezu kwayo—umonakalo obakho xa umntu engayifuni ingqeqesho. (Heb. 12:11) Masenze umzekelo ngoKayin noKumkani uZedekiya. Xa uKayin waqalisa ukuzonda uAbheli kangangokuba afune ukumbulala, uThixo wamcenga esithi: “Kutheni uvutha ngumsindo nje yaye kutheni ukhangeleka uthe khunubembe? Ukuba uyaguquka wenze okulungileyo, akusayi kuphakanyiswa yini na? Kodwa ukuba akuguquki wenze okulungileyo, isono sibuthumile ngasesangweni, sikhanuka wena; yaye ngaba wena uya kusongamela na?” (Gen. 4:6, 7) UKayin zange ammamele. Emva koko samoyisa isono. Wazifaka ngokwakhe kule ntlungu! (Gen. 4:11, 12) Yayibhetele intlungu yokuqeqeshwa nguYehova kunale wayezifake kuyo.

19 Kwakukubi eYerusalem xa kwakulawula uZedekiya, owayebuthathaka nowayesenza izinto ezimbi. Umprofeti uYeremiya wamcenga emcengile uZedekiya ukuba ahlukane nezi ndlela zakhe zimbi, kodwa lo kumkani akazange avume ukunqandwa. Naye isiphelo sakhe saba sibi kakhulu. (Yer. 52:8-11) UYehova akafuni sizifake engxakini ngolu hlobo!—Funda uIsaya 48:17, 18.

20. Kuza kwenzeka ntoni kubantu (a) abavumayo ukuqeqeshwa nguThixo? (b) abangavumiyo ukuqeqeshwa?

20 Kweli hlabathi, abantu bayathanda ukuhlekisa ngengqeqesho. Kodwa kungekudala buza kubachana obo budenge. (IMize. 1:24-31) Thina ‘masiyiphulaphule ingqeqesho size silumke.’ IMizekeliso 4:13 ithi “bamba ingqeqesho; musa ukuyiyeka. Yilondoloze, kuba yona ibubomi bakho.”