Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 10

Ungakwazi ‘Ukubukhulula Ubuntu Obudala’

Ungakwazi ‘Ukubukhulula Ubuntu Obudala’

“Bukhululeni ubuntu obudala, niziyeke izinto enanizenza.”​—KOL. 3:9.

INGOMA 29 Siphila Ngokwegama Lethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Wawuphila njani ngaphambi kokuba ufundiswe iBhayibhile?

 WAWUPHILA njani ngaphambi kokuba ufunde iBhayibhile namaNgqina KaYehova? Abaninzi kuthi abafuni nokuyicinga loo nto. Mhlawumbi sasicinga njengabantu beli hlabathi sisenza izinto abathi zilungile, singazenzi abathi azilunganga. Ukuba sasinjalo, ‘sasingenathemba yaye singenaye uThixo emhlabeni.’ (Efe. 2:12) Kodwa emva kokuba sifundiswe iBhayibhile batshintsha ubomi bethu.

2. Wafumanisa ntoni xa wawufundiswa iBhayibhile?

2 Xa wawufundiswa iBhayibhile, wafumanisa ukuba unoTata osezulwini okuthanda kakhulu. Waqonda ukuba ukuze umvuyise, ube kwintsapho yakhe, kuza kufuneka uyitshintshe kakhulu indlela ocinga ngayo nozenza ngayo izinto, wenze izinto athi zilungile uziyeke athi azilunganga.​—Efe. 5:3-5.

3. AmaKolose 3:9, 10 athi yintoni uYehova afuna siyenze? Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku?

3 UYehova onguMdali noTata wethu osezulwini, nguye omele asixelele indlela emasiphile ngayo. Ufuna ukuba ngaphambi kokuba sibhaptizwe, sizame ngamandla ethu onke ‘ukukhulula ubuntu obudala, siyeke izinto esizenzayo.’ * (Funda amaKolose 3:9, 10.) Eli nqaku liza kunceda abantu abafuna ukubhaptizwa bakwazi ukuphendula le mibuzo mithathu: (1) Yintoni “ubuntu obudala”? (2) Kutheni uYehova efuna sibukhulule? (3) Singabukhulula njani? Kanti abo sebebhaptiziwe, liza kubanceda bangabuyeli kwizinto ababezenza ngaphambi kokuba bakhulule ubuntu obudala.

YINTONI “UBUNTU OBUDALA”?

4. Ziintoni ezenziwa ngumntu ‘onobuntu obudala’?

4 Umntu ‘onobuntu obudala’ udla ngokucinga nokwenza izinto ezifunwa ngumzimba onesono. Usenokungabacingeli abanye abantu, akhawuleze ukucaphuka, angabuleli, abe nalo nekratshi. Usenokuthanda ukubukela iphonografi neemuvi ezibonisa ukuziphatha okubi nobundlobongela. Unazo yena iimpawu ezintle, futhi kusenokwenzeka ukuba uyazisola ngezinto ezimbi azithethayo nazenzayo. Udinga nje into eza kumkhuthaza ukuba atshintshe indlela acinga ngayo nazenza ngayo izinto.​—Gal. 5:19-21; 2 Tim. 3:2-5.

Xa sibukhulule “ubuntu obudala,” asihlali sicinga okanye sisenza izinto ezifunwa ngumzimba onesono (Jonga isiqendu 5) *

5. Singakwazi ukubukhulula ngokupheleleyo ubuntu obudala? Cacisa. (IZenzo 3:19)

5 Sonke sinesono, ngoko akukho mntu unokukwazi ngokupheleleyo ukuyeka ukucinga izinto ezimbi nokufuna ukuzenza. Ngamany’ amaxesha siza kwenza okanye sithethe into esiza kuzisola ngayo. (Yer. 17:9; Yak. 3:2) Kodwa xa sibukhulula ubuntu obudala, asihlali sicinga okanye sisenza izinto ezifunwa ngumzimba onesono. Siyatshintsha.​—Isa. 55:7; funda iZenzo 3:19.

6. Kutheni uYehova efuna siyeke ukucinga nokwenza izinto ezimbi zobuntu obudala?

6 UYehova ufuna siyeke ukucinga izinto ezimbi nokuzenza, kuba usithanda kakhulu futhi ufuna sonwabe. (Isa. 48:17, 18) Uyazi ukuba abantu abangafuniyo ukuyeka ukwenza izinto ezimbi bayazenzakalisa, benzakalise nabanye abantu. Loo nto imkhathaza kakhulu.

7. AmaRoma 12:1, 2 athi ziintoni esimele sikhethe kuzo?

7 Ekuqaleni abanye abahlobo bethu nabantu esizalana nabo basenokusihleka xa sizama ukutshintsha ubuntu bethu. (1 Pet. 4:3, 4) Basenokuthi masenze le nto siyifunayo, singavumeli abanye abantu basixelele into emasiyenze. Kodwa abantu abangafuniyo ukwenza izinto ezifunwa nguYehova, nabo abenzi izinto ezithandwa ngabo. Baxelelwa leli hlabathi lilawulwa nguSathana into amabayenze. (Funda amaRoma 12:1, 2.) Sonke kufuneka sikhethe: Ngaba sifuna ukuhlala nobuntu obudala obenziwa sisono neli hlabathi likaSathana okanye sivumela uYehova asitshintshe sibe ngabona bantu babhetele esinokuba ngabo ngoku?​—Isa. 64:8.

‘UNOKUBUKHULULA’ NJANI UBUNTU OBUDALA?

8. Yintoni eza kusinceda siyeke ukucinga nokwenza izinto ezimbi?

8 UYehova uyazi ukuba kuza kuthath’ ixesha ukuyeka ukucinga nokwenza izinto ezimbi kuba akukho lula. (INdu. 103:13, 14) Esebenzisa iLizwi lakhe, umoya wakhe nentlangano yakhe usinika ubulumko, amandla nezinto ezisinceda sikwazi ukutshintsha. Ngokuqinisekileyo nawe sele ekuncedile. Ngoku makhe sithethe ngezinye izinto onokuzenza ukuze ukwazi ukuyeka nezinye iimpawu zobuntu obudala ekusenokwenzeka ukuba usenazo, uze ufaneleke ukuba ubhaptizwe.

9. ILizwi LikaThixo linokukunceda wenze ntoni?

9 IBhayibhile mayibe sisipili sakho. ILizwi LikaThixo linokukunceda uyibone kakuhle indlela ocinga ngayo, othetha ngayo nozenza ngayo izinto. (Yak. 1:22-25) Umntu okufundisa iBhayibhile namanye amaKristu amkhonza kakuhle uThixo angakucebisa. Ngokomzekelo, aba bazalwana noodade bangasebenzisa iBhayibhile ukuze bakuncede ubone izinto ozenza kakuhle nezinto osamele usebenzele kuzo. Baza kukufundisa indlela yokufumana amacebiso eBhayibhile akwiincwadi zentlangano anokukunceda uyeke ukwenza izinto ezingafunwayo nguThixo. NoYehova uhlala ekulungele ukukunceda. Ngoyena uyaziyo into enokukunceda kuba wazi into esentliziyweni yakho. (IMize. 14:10; 15:11) Ngoko makube segazini ukuthandaza nokufunda iLizwi lakhe yonke imihla.

10. Yintoni oyifundileyo kuElie?

10 Qiniseka ukuba indlela uYehova afuna siziphathe ngayo izodlula zonke. Zonke izinto athi masizenze ziyasinceda. Abantu abaziphethe ngendlela ayifunayo bayazithemba, bayayazi into abayiphilelayo futhi bavuya nyhani. (INdu. 19:7-11) Kanti bona abangafuniyo ukuphila ngendlela uYehova ayifunayo baba sezingxakini ezenziwa kukwenza izinto ezifunwa ngumzimba onesono. Khawuve into ethethwa yenye indoda enguElie ngento eyenzekayo xa umntu engafuni ukuphila ngendlela ayifunayo uThixo. Wakhuliswa ngabazali abamthandayo uYehova. Kodwa ekukhuleni kwakhe waba neetshomi ezingalunganga. Waqala ukusebenzisa iziyobisi, waziphatha kakubi, walilo nesela. Wazibona sele engumntu ohlala enomsindo nonguphuma-silwe. Uthi: “Ndandisenza zonke izinto endandifundiswe ukuba azenziwa ngumKristu.” Kodwa uElie zange azilibale izinto awayezifundiswe esemncinci. Ekuhambeni kwexesha, waphinda wafunda iBhayibhile. Wasebenza nzima ukuze ayeke izinto ezingalunganga awayezenza, waza wabhaptizwa ngo-2000. Kumncede njani ukuphila ngendlela uYehova afuna siphile ngayo? Uthi: “Ngoku ndiphol’ aph’ entloko, andinasazela santo.” * Le nto ithethwa nguElie isibonisa ukuba abantu abangaphili ngendlela kaYehova bayazenzakalisa. Nokuba kunjalo, uYehova uyafuna ukubanceda batshintshe.

11. Ziintoni azicaphukelayo uYehova?

11 Zifundise ukuzicaphukela izinto uYehova azicaphukelayo. (INdu. 97:10) IBhayibhile ithi uYehova uyawacaphukela ‘amehlo anekratshi, ulwimi oluxokayo, nezandla ezichitha igazi elimsulwa.’ (IMize. 6:16, 17) “Uyabenyanya abantu abaziindlobongela nabaxokayo.” (INdu. 5:6) Uzicaphukela nyhani ezi zinto kangangokuba ngexesha likaNowa wabatshabalalisa bonke abantu ababengalunganga kuba umhlaba wawugcwele bubundlobongela. (Gen. 6:13) Nantsi enye into ayicaphukelayo: Esebenzisa umprofeti uMalaki wathi uyabacaphukela abantu ababadivosa ngamaqhinga abantu abatshate nabo. Badlala ngexesha xa bemkhonza. Uza kubagweba ngezinto abazenzayo.​—Mal. 2:13-16; Heb. 13:4.

Ukwenza into athi uYehova imbi sifanele sikwenyanye njengokutya ukutya okubolileyo (Jonga isiqendu 11-12)

12. Kuthetha ukuthini ‘ukwenyanya ukwenza izinto ezimbi’?

12 UYehova ufuna ‘sikwenyanye ukwenza izinto ezimbi.’ (Roma 12:9) ‘Ukuyenyanya’ into akuthethi nje ukuyicaphukela, kodwa kuthetha ukuba uthi xa uyibona okanye ucinga ngayo ufune ukugabha. Yiba nombono wakho unikwa ipleyiti yokutya okubolileyo kuthiwe yitya. Ukucinga nje ngako kunokuyenza intliziyo yakho ibe nesicaphucaphu. Kumele kwenyanyeke ngolo hlobo ke nokucinga ukwenza into uYehova athi ayilunganga.

13. Kutheni simele sizikhuphe iingcinga ezimbi?

13 Zikhuphe iingcinga ezimbi. Izinto esizicingayo singagqibela sizenza. Yiloo nto uYesu wasifundisa ukuba masizikhuphe ezingqondweni izinto ezinokusenza senze isono esinzulu. (Mat. 5:21, 22, 28, 29) Siyafuna ukuthandwa nguTata wethu osezulwini, andithi? Yiloo nto kubalulekile ukuba sikhawuleze sikhuphe nantoni na embi ethi qatha ezingqondweni zethu.

14. Izinto esizithethayo zibonisa ntoni? Yeyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?

14 Sukuthetha njee. UYesu wathi: “Zonke izinto eziphuma emlonyeni ziphuma entliziyweni.” (Mat. 15:18) Kaloku izinto esizithethayo zibonisa eyona nto siyiyo ngaphakathi. Ngoko khawuzibuze le mibuzo: ‘Ngaba andixoki naxa ukuthetha inyani kuza kundifaka engxakini? Njengokuba nditshatile nje, ngaba andibancwasi abantu endingatshatanga nabo? Ngaba ndikuphepha njengesifo esosulelayo ukuthetha izinto ezingcolileyo? Ngaba ndimphendula ndizolile umntu ondicaphukisayo?’ Kuza kukunceda ukucingisisa kakuhle ngale mibuzo. Izinto ozithethayo zinokufaniswa nomthungo osempahleni. Ukuba uzama ngazo zonke iindlela ukuyeka ukuthuka, ukuxoka nokuthetha izinto ezingcolileyo, kuza kuba lula ukukhulula ubuntu obudala.

15. Kuthetha ukuthini ukubethelela ubuntu bethu obudala “esibondeni”?

15 Kufune nyhani ukwenza nantoni na ekufuneka uyenze. Umpostile uPawulos wenza umzekelo osifundisa indlela ekubaluleke ngayo ukutshintsha indlela esiphila ngayo. Wathi simele ‘sibubethelele esibondeni ubuntu bethu obudala.’ (Roma 6:6) UYesu wavuma ukubethelelwa esibondeni kuba wayefuna ukwenza into efunwa nguYehova. Nathi, ukuba sifuna ukwenza izinto azifunayo uYehova, kufuneka sikufune ukuyeka ukucinga nokwenza izinto ezimbi azicaphukelayo. Kukwenza le nto kuphela okuza kusenza singatyiwa sisazela, sibe nalo nethemba lobomi obungunaphakade. (Yoh. 17:3; 1 Pet. 3:21) Nantsi into emayingaphumi ezingqondweni zethu, uYehova akasoze atshintshe indlela afuna siphile ngayo kuba efuna ukusivuyisa. Sithi ekufuneka sitshintshe ubuntu bethu, siphile ngale ndlela afuna siphile ngayo.​—Isa. 1:16-18; 55:9.

16. Kutheni kufuneka uzimisele ukuqhubeka usilwa neminqweno emibi?

16 Qhubeka usilwa neminqweno emibi. Naxa sowubhaptiziwe, kuza kufuneka ungayeki ukulwa nezinto ezifunwa ngumzimba onesono. Khawuve into eyenzeka kwenye indoda enguMaurício. Waqalisa ukuthandana nabanye abafana esemtsha. Ekuhambeni kwexesha, wadibana namaNgqina KaYehova amfundisa iBhayibhile. Watshintsha indlela aphila ngayo, waza wabhaptizwa ngo-2002. Ngoku uneminyaka emininzi ekhonza uYehova kodwa uthi: “Mandivume ukuba ngamanye amaxesha kuye kufuneke ndilwe neminqweno engatshongo khona.” Akayivumeli imenze atyhafe loo nto, kodwa uthi: “Ndomelezwa kukuba xa ndikhetha ukungazenzi ezo zinto, ndiyamvuyisa uYehova.” *

17. Ukhuthazwe yintoni kwibali likaNabiha?

17 Thandaza ucele uYehova akuncede, uthembe umoya wakhe, ungathembeli kumandla akho. (Gal. 5:22; Fil. 4:6) Ukuba sifuna ukukhulula ubuntu obudala singaphindi sibuyele kubo, simele sisebenze ngamandla. Cinga ngento eyenzeka kwelinye ibhinqa elinguNabiha. Utatakhe wamlahla esena-6 qha. Uthi: “Le nto yandophul’ umoya.” Njengokuba ekhula, waba ngumntu okhawulezayo ukucaphuka. Wathubelezisa iziyobisi, wabanjwa waza wahlala etrongweni iminyaka. AmaNgqina awayemana esiya kushumayela etrongweni aqalisa ukufunda naye iBhayibhile. Wabutshintsha kakhulu ubomi bakhe. Uthi: “Kwaba lula ukwahlukana neminye imikhuba kodwa ukwahlukana necuba kwaba ngumnqantsa.” Kwaphela unyaka onento elwisana nako de wakwazi ukuliyeka. Wancedwa yintoni? Uthi: “Eyona nto yandinceda kakhulu yaba kukuzingisa ekuthandazeni kuYehova.” Ngoku xa ethetha nabantu uthi: “Ndiqinisekile ukuba, ukuba ndatshintsha ukuze ndikholise uYehova, nabani na angakwazi!” *

UNGAFANELEKA UKUBA UBHAPTIZWE!

18. Ama-1 Korinte 6:9-11 athi yintoni abaye bakwazi ukuyenza abakhonzi bakaThixo abaninzi?

18 Ngexesha labapostile, amanye amadoda nabafazi uYehova awabakhethayo ukuba balawule noKristu babekade besenza izinto ezimbi kakhulu. Ngokomzekelo, abanye babekade bekrexeza, amanye amadoda elala namanye amadoda, abafazi belala nabanye abafazi, abanye bengamasela. Kodwa umoya oyingcwele kaThixo wabanceda babutshintsha ubuntu babo. (Funda ama-1 Korinte 6:9-11.) Nanamhlanje iBhayibhile incede abantu abaninzi bayitshintsha indlela abebephila ngayo. * Bakwazile ukuyeka izinto ezimbi abebengamakhoboka azo. Le nto ibonisa ukuba nawe ungakwazi ukutshintsha ubuntu bakho, uziyeke izinto ezingafunwayo nguThixo, uze ufaneleke ukuba ungabhaptizwa.

19. Yintoni esiza kuyiva kwinqaku elilandelayo?

19 Abantu abafuna ukubhaptizwa, abamele baphelele nje ekukhululeni ubuntu obudala, kodwa kufuneka bazame nokunxiba ubuntu obutsha. Kwinqaku elilandelayo siza kuva ukuba singayenza njani le nto nokuba abanye bangasinceda njani sikwazi ukuyenza.

INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam

^ isiqe. 5 Ukuze sibhaptizwe, kufuneka sitshintshe ubuntu bethu. Eli nqaku liza kusinceda sibone ukuba zeziphi iimpawu zobuntu obudala, kutheni kufuneka sahlukane nazo nokuba singayenza njani loo nto. Kwelilandelayo siza kuva ukuba yintoni esinokuyenza ukuze siqhubeke sisiba nobuntu obutsha nasemva kokuba sibhaptiziwe.

^ isiqe. 3 AMAGAMA ACACISIWEYO: “Ukukhulula ubuntu obudala” kuthetha ukuyeka zonke izinto angazithandiyo uYehova. Loo nto umele uqale ukuyenza ngaphambi kokuba ubhaptizwe.​—Efe. 4:22.

^ isiqe. 10 Ukuze ufunde ezinye izinto ngoElie, jonga inqaku elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu​—‘Ndandifuna Ukubuyela KuYehova,’kwiMboniselo ka-Aprili 1, 2012.

^ isiqe. 16 Funda ibali lobomi likaMaurício kwiMboniselo kaMeyi 1, 2012 kwinqaku elithi, “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu​—‘Andiphatha Ngobubele.’

^ isiqe. 17 Funda ibali lobomi likaNabiha kwiMboniselo kaOktobha 1, 2012, kwinqaku elithi “IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu​—‘Ndaba Ngumntu Onephuku Nophuma Silwe.’

^ isiqe. 64 INGCACISO YOMFANEKISO: Ukuyeka ukucinga nokwenza izinto ezimbi kufana nokukhulula impahla endala.