Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kutheni ku-2 Samuweli 21:7-9 kusithiwa uDavide “wamvela uMefibhoshete” kodwa kuphinde kuthiwe wavuma ukuba uMefibhoshete abulawe?

Abantu abazifunda njee badlule ezi vesi, baye bazibuza lo mbuzo. Kodwa kwezi vesi kuthethwa ngooMefibhoshete ababini. Ikhona into esinokuphuma nayo xa sifunda ngento eyenzekayo.

UKumkani uSawule wakwaSirayeli wayenoonyana abayi-7 neentombi ezimbini. Inkulu yakhe yayinguYonatan. Ekuhambeni kwexesha lo kumkani waba nonyana onguMefibhoshete awamzalelwa ngomnye umfazi wakhe, uRitspa. Nantsi into eyenza umdla; noYonatan waba nonyana onguMefibhoshete. Ngoko uKumkani uSawule waba nonyana onguMefibhoshete nomzukulwana onguMefibhoshete.

Kwenzeka ukuba uKumkani uSawule akafuna nokuwabona amaGibheyon awayehlala namaSirayeli, waza wazama ukuwabulala onke. Kuyabonakala ukuba maninzi awawabulalayo. Wayengafanele ayenze loo nto. Kutheni sisitsho? Kaloku ngemihla kaYoshuwa, iinkokheli zamaSirayeli zenza isivumelwano sokuhlalisana ngoxolo namaGibheyon.​—Yosh. 9:3-27.

Ngexesha likaKumkani uSawule sasisasebenza eso sivumelwano. Kodwa yena lo kumkani wazama ukuwabulala amaGibheyon. Loo nto yenza ‘kwakho ityala legazi kuSawule nakwindlu yakhe.’ (2 Sam. 21:1) Ekugqibeleni uDavide waba ngukumkani. AmaGibheyon awayesaphila ngelo xesha amxelela ngale nto imbi yenziwa nguSawule. Wawabuza ukuba angayihlawulela ngantoni loo nto ukuze uYehova alisikelele ilizwe. Kunokuba amaGibheyon acele imali, acela ukuba uDavide awavumele abulale oonyana abayi-7 bendoda ‘eyaceba ukuwatshayela angabikho.’ (Num. 35:30, 31) UDavide wavuma.​—2 Sam. 21:2-6.

Ngelo xesha uSawule noYonatan babengasaphili, bebulewe emfazweni, kodwa uMefibhoshete unyana kaYonatan wayesaphila. Walimala esemncinci, ngoko wayeqhwalela. Wayengenanto yokwenza nokubulala kukatatomkhulu wakhe amaGibheyon. UDavide wayenze isivumelwano sokuba ngumhlobo kaYonatan. Eso sivumelwano sasiza kunceda nenzala kaYonatan ekwakukho kuyo unyana wakhe uMefibhoshete. (1 Sam. 18:1; 20:42) IBhayibhile ithi: “Ukumkani wamvela uMefibhoshete unyana kaYonatan unyana kaSawule, ngenxa yesifungo esenziwa phambi koYehova.”​—2 Sam. 21:7.

UDavide wayenza nento eyayicelwe ngamaGibheyon. Wanikela kuwo oonyana ababini bakaSawule, omnye wabo nyana inguMefibhoshete kunye nabazukulwana bakhe abayi-5. (2 Sam. 21:8, 9) Into eyenziwa nguDavide yaliphelisa ityala legazi kwelo lizwe.

Eli ayilobali njee. Umthetho kaThixo wawucacile. Wawusithi: ‘Oonyana mabangafi ngenxa yootata babo.’ (Dut. 24:16) UYehova wayengazukuyivumela into eyenziwa koonyana bakaSawule ababini nabazukulwana bakhe abayi-5 ukuba babengenatyala. Lo mthetho waphinda wathi: “Umntu makafele isono sakhe.” Kuyabonakala ukuba aba nyana nabazukulwana bafak’ isandla xa uSawule wayebulala amaGibheyon. Ngoko boyi-7 bafela into abayenzileyo.

Eli bali lisifundisa ukuba umntu akanakuzithethelela ngento embi ayenzayo ngokuthi wenza into ayixelelweyo. IBhayibhile ithi: “Yilungise indlela yeenyawo zakho, yaye zonke iindlela zakho ziza kuqiniseka.”​—IMize. 4:24-27; Efe. 5:15.