Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 14

“Bonke Baza Kutsho Bazi Ukuba Ningabafundi Bam”

“Bonke Baza Kutsho Bazi Ukuba Ningabafundi Bam”

“Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.”​—YOH. 13:35.

INGOMA 106 Sifuna Ukubathanda Abantu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

Kwenzeka ntoni kubantu abaninzi abangengomaNgqina xa bebona indlela abathandana ngayo abantu bakaYehova? (Jonga isiqendu 1)

1. Yintoni abaye bayithande abantu abaqalayo ukuya kwiintlanganiso? (Jonga nomfanekiso.)

 YIBA nombono wendoda nomfazi wayo abaqalayo ukuya kwiintlanganiso kwiHolo YoBukumkani yamaNgqina KaYehova. Bayithanda nyhani indlela abamkelwa ngayo nendlela abathandana ngayo abantu abasebandleni. Xa begoduka umfazi uthi kumyeni wakhe, ‘AmaNgqina KaYehova awafani nabanye abantu esikhe sadibana nabo, bekumnandi ukuba kunye nawo.’

2. Yintoni eyenze abanye bayeka ukukhonza uYehova?

2 Iyabonakala indlela athandana ngayo amaNgqina KaYehova, kodwa nawo anesono. (1 Yoh. 1:8) Ngoko xa sisiya sibazi abantu abasebandleni, siza kubona ukuba nabo bayazenza iimpazamo. (Roma 3:23) Okubuhlungu kukuba abanye baye bavumela iimpazamo ezenziwa ngabanye zabenza bayeka ukukhonza uYehova.

3. Babonakala ngantoni abalandeli bakaYesu bokwenene? (Yohane 13:34, 35)

3 Khawuphinde ujonge iSibhalo othathwe kuso umxholo weli nqaku. (Funda uYohane 13:34, 35.) Abantu banokuwabona ngantoni amaKristu okwenene? IBhayibhile ayitsho ukuba aza kubonwa ngokungazenzi iimpazamo, ithi aza kubonakala ngokuthandana. Nantsi enye into, uYesu zange athi: ‘Nonke niza kutsho nazi ukuba ningabafundi bam.’ Wathi: “Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam.” Wayebonisa ukuba yayingengobalandeli bakhe qha ababeza kubabona ngendlela abathandana nyhani ngayo abalandeli bakhe bokwenene, loo nto yayiza kubonwa nangabantu abangekho kwibandla lamaKristu.

4. Ziintoni abasenokufuna ukuzazi abanye abantu ngamaKristu okwenene?

4 Abantu abangengawo amaNgqina KaYehova basenokubuza le mibuzo: ‘Luthando olunjani ababonakala ngalo abalandeli bokwenene bakaKristu? UYesu walubonisa njani uthando kubapostile bakhe? Singamlinganisa njani thina?’ NamaNgqina aza kuncedakala xa ecinga ngeempendulo zale mibuzo. Loo nto iza kwenza silubonise kakhulu uthando, ngokukodwa xa amanye amaKristu esenza izinto ezisikhathazayo.—Efe. 5:2.

KUTHENI BEBONAKALA NGOTHANDO ABALANDELI BAKAYESU BOKWENENE?

5. Khawucacise into eyathethwa nguYesu kuYohane 15:12, 13.

5 UYesu wenza kwacaca ukuba abalandeli bakhe babeza kubonwa ngokuthandana ngendlela ekhethekileyo. (Funda uYohane 15:12, 13.) Wathi kubo: ‘Thandanani ngale ndlela nam ndinithande ngayo.’ Ithetha ukuthini loo nto? Waphinda wayicacisa esithi kuthetha ukuthanda abanye ngaphezu kokuba uzithanda, okanye luthando olunokwenza umKristu ancame ubomi bakhe ngenxa yomnye umKristu. b

6. ILizwi LikaThixo liyichaza njani indlela olubaluleke ngayo uthando?

6 ILizwi LikaThixo lisifundisa ukuba uthando lubaluleke kakhulu. Ezi vesi zeBhayibhile zithandwa ngabantu abaninzi: “UThixo uluthando.” (1 Yoh. 4:8) “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.” (Mat. 22:39) “Uthando logquma izono ezininzi.” (1 Pet. 4:8) “Uthando alusoze luphele.” (1 Kor. 13:8) Ezi vesi nezinye zicacisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba nolu phawu luhle.

7. Kutheni uSathana engasoze akwazi ukwenza abantu abasemhlabeni wonke bathandane nyhani?

7 Abantu abaninzi bayabuza: ‘Singayazi njani eyona nkonzo ifundisa inyaniso? Zonke iinkonzo zithi zifundisa inyaniso kodwa zifundisa izinto ezahlukahlukeneyo ngoThixo.’ USathana uye wakwazi ukubhidisa iingqondo zabantu ngokwenza kubekho iinkonzo ezininzi zobuxoki. Le nto iye yenza abantu abayazi eyona nkonzo ifundisa inyaniso. Into angasoze akwazi ukuyenza kukwenza amaKristu asemhlabeni wonke athandane. NguYehova qha onokwenza loo nto. Yinyani ke leyo kuba uthando lokwenene luvela kuYehova. Ngabantu abanomoya kaYehova nabasikelelwa nguye qha abanokuthandana nyhani. (1 Yoh. 4:7) Ayisothusi ke into yokuba uYesu wathi abalandeli bakhe bokwenene babeza kubonakala ngokuthanda nyhani.

8-9. Baye baziva njani abantu abaninzi xa bebona indlela athandana ngayo amaNgqina KaYehova?

8 Njengokuba uYesu wayetshilo, kubantu abaninzi abalandeli bakhe bokwenene babonakala ngokuthandana nyhani. Ngokomzekelo, omnye umzalwana onguIan ukhumbula indibano yokuqala awaya kuyo eyayikwibala lemidlalo elalikufutshane nalapho wayehlala khona. Kwiinyanga ezingaphambi koko wayekwelo bala eyokubukela umdlalo. Uthi: “Abantu ababekuloo ndibano babohluke kakhulu kubantu endandibukele nabo umdlalo. AmaNgqina nabantwana bawo ayenembeko futhi enxibe kakuhle.” Nantsi enye into ayithethayo: “Aba bantu babebonakala bonwabile futhi beseluxolweni. Yiloo nto kanye endandiyifuna ebomini bam. Andikhumbuli nenye kwiintetho ezazinikelwa apho, eyona nto ndisayikhumbula nangoku yindlela awayeziphethe ngayo amaNgqina.” c Ngokuqinisekileyo le nto yenziwa kukuba sithandana nyhani. Kuba sibathanda abazalwana noodade, siyabahlonipha futhi sinobubele kubo.

9 Nomnye umzalwana onguJohn waziva ngendlela efanayo xa wayeqala ukuya kwiintlanganiso. Uthi: “Ndayithanda indlela ababenobubele ngayo abantu apho, ndade ndacinga ukuba abanasono. Indlela ababethandana ngayo yandenza ndaqiniseka ukuba ndiyifumene inkonzo efundisa inyaniso.” d La mabali namanye abonisa ukuba abantu bakaYehova ngamaKristu okwenene.

10. Kuxa kutheni apho sinokubonisa ukuba sibathanda nyhani abazalwana noodade? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

10 Njengokuba kutshiwo ekuqaleni, akakho umKristu ongazenziyo iimpazamo. Ngamanye amaxesha abazalwana noodade baza kuthetha izinto ezisikhathazayo. e (Yak. 3:2) Kungelo xesha kanye apho kufuneka sibonise ukuba sibathandana nyhani, ngendlela esithetha ngayo nangento esiyenzayo. Ngoko yintoni esinokuyifunda kuYesu?—Yoh. 13:15.

UYESU WALUBONISA NJANI UTHANDO KUBAPOSTILE BAKHE?

UYesu wayebathanda abapostile bakhe ngoxa babesenza iimpazamo ezininzi (Jonga iziqendu 11-13)

11. Zeziphi iimpawu ezimbi awayenazo uYakobi noYohane? (Jonga umfanekiso.)

11 UYesu wayengalindelanga ukuba abalandeli bakhe bangazenzi iimpazamo. Kodwa wayebanceda xa kwakufuneka balungise iimpawu ezingathandekiyo ababenazo ukuze bavuyise uYehova. Ngenye imini, abapostile ababini, uYakobi noYohane bacela umama wabo ukuba acele uYesu abanike izikhundla eziphezulu eBukumkanini. (Mat. 20:20, 21) Aba bapostile babini babenekratshi, befuna nokubaluleka kunabanye.—IMize. 16:18.

12. Ngaba nguYakobi noYohane qha ababonisa iimpawu ezimbi? Cacisa.

12 AyingoYohane noYakobi qha ababonisa iimpawu ezimbi ngaloo mini. Khawuve into eyenziwa ngabanye abapostile: “Bathi bakuyiva loo nto abanye abafundi abalishumi, yabacaphukisa kakhulu le nto yenziwe ngaba babini.” (Mat. 20:24) Unokuyicingela indlela abamele ukuba baxabana ngayo. Mhlawumbi abanye babesithi: ‘Nicing’ ba ningoobani nina ukuba ningade nicele ukubekwa kwizikhundla eziphezulu eBukumkanini? Nathi sisebenze nzima noYesu. Ezi zikhundla nizifunayo zisifanele nathi.’ Nokuba yintoni eyenzekayo, ngaloo mini balibala ukuba kufuneka bathandane futhi babe nobubele.

13. Wenza ntoni uYesu xa abapostile bakhe babexabana? (Mateyu 20:25-28)

13 Wenza ntoni uYesu? Zange acaphuke, athi uza kukhangela abapostile ababhetele kunabo, abantu abathobekileyo nabaza kuthandana. Waba nomonde kuba wayesazi ukuba bafuna ukwenza izinto ezilungileyo. (Funda uMateyu 20:25-28.) UYesu zange ayeke ukubathanda abapostile bakhe nangona babengaqali futhi bengagqibelisi ukuphikisana ngokuba ngowuphi oyena ubalulekileyo kubo.—Marko 9:34; Luka 22:24.

14. Bakhulela kwindawo enjani abapostile bakaYesu?

14 Ngokuqinisekileyo uYesu wayecinga ngendlela abakhule ngayo nendawo ababekhulele kuyo abafundi bakhe. (Yoh. 2:24, 25) Kaloku kwindawo abakhulela kuyo, abefundisi babefundisa ukuba ukuze umntu abaluleke kufuneka abe kwisikhundla esiphezulu. (Mat. 23:6) Nabo aba befundisi babecinga ukuba babhetele kunabanye abantu. f (Luka 18:9-12) UYesu wayeqonda ukuba ekubeni aba bapostile bakhe babekhule phakathi kwabantu abanjalo, babesenokucinga njengabo. (IMize. 19:11) Wayengalindelanga ukuba abafundi bakhe bangazenzi iimpazamo. Xa bezenza wayesiba nomonde. Wayesazi ukuba babefuna ukwenza izinto ezilungileyo, ngoko wayesiba nomonde xa ebafundisa ukuba bathobeke baze bathandane, kunokuba babe bephikisana ngokuba ngowuphi omkhulu kunomnye.

SINGAMLINGANISA NJANI UYESU?

15. Sifunda ntoni kwibali likaYakobi noYohane?

15 Ininzi into esinokuyifunda kwibali likaYakobi noYohane. Yayingalunganga into abayenzayo yokucela ukuba kwizikhundla eziphezulu eBukumkanini. Yayingalunganga ke nale yenziwa ngabanye abapostile yokuba bavumele loo nto ibenze bangamanyani. Kodwa uYesu waba nobubele kubo boyi-12 abapostile bakhe. Sifunda ntoni? Ingxaki ayizozinto ezenziwa ngabanye abantu qha, kodwa yinto esiyenzayo nathi emva kokuba bemoshile. Yintoni enokusinceda? Xa sicatshukiswa ngomnye umKristu sinokuzibuza: ‘Kutheni indicaphukisa kangaka le nto ayenzileyo? Ngaba indlela endicaphuka ngayo ibonisa ukuba kukho uphawu ekufuneka ndisebenzele kulo? Ngaba mhlawumbi kukho ingxaki anayo? Nokuba kukho isizathu sokuba ndicaphuke, andinakubonisa ukuba ndimthanda nyhani ngokusuka nje ndimxolele?’ Xa siphatha abanye ngendlela ebonisa ukuba siyabathanda, kutsho kucace ukuba singabalandeli bakaYesu bokwenene.

16. Yintoni esinokuyifunda kuYesu?

16 Into eyenziwa nguYesu isifundisa ukuba kufuneka sizame ukubazi abazalwana noodade. (IMize. 20:5) Nangona yena wayezazi izinto ezisezintliziyweni zabantu, thina asizazi. Kodwa singakwazi ukuba nomonde xa abazalwana noodade besenza izinto ezisicaphukisayo. (Efe. 4:1, 2; 1 Pet. 3:8) Kulula ukuyenza loo nto xa sizama ukwazi indlela abakhule ngayo. Nanku umzekelo.

17. Kwamnceda njani umveleli ohambahambayo ukuzama ukumazi bhetele omnye umzalwana?

17 Omnye umveleli ohambahambayo okhonza eMpuma Afrika uthi kukho umzalwana awayebona ngathi akanabo tu ububele. Wenza ntoni lo mveleli? Uthi: “Endaweni yokumphepha lo mzalwana, ndazimisela ukumazi bhetele.” Wathi akuyenza loo nto, waqonda ukuba yintoni emenza abe nje. Uthi: “Ndathi ndakuva indlela ebekunzima ngayo ukuba atshintshe avane nabanye abantu nendlela atshintshe ngayo, ndamhlonipha. Saba ngabahlobo nyhani.” Xa sizama ukubazi abazalwana noodade, kuba lula ukubathanda.

18. Yeyiphi imibuzo esinokuzibuza yona xa sikhutyekiswe ngomnye umKristu? (IMizekeliso 26:20)

18 Ngamanye amaxesha sisenokubona ukuba kufuneka sithethe nomKristu osikhubekisileyo. Kodwa ngaphambi kokuba siye kuthetha naye, nantsi imibuzo esinokuzibuza yona: ‘Ngaba ndiyazi kakuhle into eyenzekileyo?’ (IMize. 18:13) ‘Ngaba uyenze ngabom le nto?’ (INtshu. 7:20) ‘Zange ndenze into efana nale komnye umntu?’ (INtshu. 7:21, 22) ‘Ukuthetha naye akuzuyenza ibe nkulu le ngxaki?’ (Funda iMizekeliso 26:20.) Ukuba siqale sicinge ngale mibuzo, sinokufumanisa ukuba indlela esimthanda ngayo umzalwana okanye udadewethu yenza siyilibale naloo nto into asenze yona.

19. Yintoni ozimisele ukuyenza?

19 Xa edibene amaNgqina KaYehova abonisa ukuba angabalandeli bokwenene bakaYesu. Kodwa ngamnye kuwo ubonisa ukuba ungumlandeli wokwenene kaYesu xa engayeki ukubathanda abazalwana noodade nangona besenza iimpazamo. Xa sisenza loo nto, sinokunceda nabanye babone eyona nkonzo ifundisa inyaniso baze bamkhonze kunye nathi uThixo onothando, uYehova. Ngoko masingayeki ukuthandana ngendlela esenza sibonakale ukuba singamaKristu okwenene.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

a Abantu abaninzi bafuna ukumazi uYehova neLizwi lakhe ngenxa yokuba bebona indlela esithandana ngayo. Kodwa nathi sinesono, yiloo nto ngamanye amaxesha kusiba nzima ukubonisa uthando komnye umKristu. Makhe sibone ukuba kutheni uthando lubalulekile, nokuba singamlinganisa njani uYesu xa abanye besenza iimpazamo.

b Funda incwadi ethi “Yiba Ngumlandeli Wam,” isahlu. 17, isiqe. 10-11.

c Funda inqaku elithi “Ekugqibeleni Ubomi Bam Bunenjongo,” kwiMboniselo kaNovemba 1, 2012, iphe. 13-14.

d Funda inqaku elithi “Ubomi Bam Babubonakala Buqhuba Kakuhle,” kwiMboniselo kaMeyi 1, 2012, iphe. 18-19.

e Kweli nqaku asithethi ngezono ezinzulu ezifuna ukusiwa kubadala ezifana nezo ziku-1 Korinte 6:9, 10.

f Kuthiwa ekuhambeni kwexesha omnye uRabhi wathi: “Emhlabeni wonke inoba ngabantu abayi-30 abangamalungisa njengoAbraham. Ukuba bayi-30, mna nonyana wam singabanye babo; ukuba bayi-10, mna nonyana wam silapho, ukuba bayi-5, silapho nathi; ukuba bayi-2, ndim nonyana wam abo; ukuba mnye, ndim ke lowo.”