Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 13

Fundisa Abantwana Bakho NgoYehova Kwindalo

Fundisa Abantwana Bakho NgoYehova Kwindalo

“Ngubani umdali wezi zinto?”​—ISA. 40:26.

INGOMA 11 Indalo Idumisa UThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Abazali bafuna ukuba abantwana babo benze ntoni?

 BAZALI, siyazi ukuba niyafuna ukunceda abantwana benu bamazi baze bamthande uYehova. Kodwa akabonakali. Ngoko ninokubanceda njani babone ukuba unguMntu wokwenene, baze babe ngabahlobo bakhe?—Yak. 4:8.

2. Abazali banokubafundisa njani abantwana babo ngeempawu zikaYehova?

2 Indlela ebalulekileyo yokunceda abantwana babe ngabahlobo bakaYehova kukubafundisa iBhayibhile. (2 Tim. 3:14-17) Kodwa iBhayibhile ichaza enye indlela onokubafundisa ngayo ngoYehova. KwiMizekeliso, utata uxelela unyana wakhe ukuba ahlale ejonga iimpawu zikaYehova ezibonakala kwindalo. (IMize. 3:19-21) Siza kuthetha ngeendlela abazali abanokuyisebenzisa ngayo indalo ukuze bancede abantwana babo bafunde ngeempawu zikaYehova.

UNGAYISEBENZISA NJANI INDALO XA UBAFUNDISA?

3. Yintoni abazali abamele babancede kuyo abantwana babo?

3 IBhayibhile ithi ‘iimpawu zikaThixo ezingenakubonwa ngabantu zenziwa zabonakala ukususela ekudaleni kwakhe umhlaba ukuya phambili, kuba zibonakala kwizinto azidalileyo.’ (Roma 1:20) Bazali, mhlawumbi niyathanda ukuzikhupha nabantwana benu. Sebenzisani elo xesha ukuze nibancede babone indlela ‘izinto azenzileyo’ uYehova eziziveza ngayo iimpawu zakhe ezimangalisayo. Makhe sibone ukuba abazali banokufunda ntoni kwindlela uYesu awayefundisa ngayo.

4. UYesu wayisebenzisa njani indalo xa wayefundisa abafundi bakhe? (Luka 12:24, 27-30)

4 Khawuve indlela uYesu awayisebenzisa ngayo indalo xa wayefundisa. Ngeny’ imini wathi kubafundi bakhe mabakhe bajonge amahlungulu neentyatyambo zasendle. (Funda uLuka 12:24, 27-30.) Wayenokuthetha ngaso nasiphi na isilwanyana okanye isityalo, kodwa wakhetha ukuthetha ngentaka nangentyatyambo ababeyazi kakuhle abafundi bakhe. Kusenokwenzeka ukuba babewabona amahlungulu ebhabha neentyatyambo ezidubuleyo. Khawube nombono kaYesu ethetha nabo ezikhomba ezi zinto. Wenza ntoni emva kokuba ethethe ngazo? Wabafundisa esi sifundo sibalulekileyo ngoTata wabo osezulwini onobubele: Njengokuba uYehova esondla aze anxibise amahlungulu neentyatyambo zasendle, uza kwenza loo nto nakubakhonzi bakhe abathembekileyo.

5. Zeziphi izinto ezidaliweyo abanokuzisenbenzisa abazali xa befundisa abantwana babo ngoYehova?

5 Bazali, ningamlinganisa njani uYesu xa nifundisa abantwana benu? Usenokuxelela umntwana wakho ngeyona nto uyithandayo kwizinto ezidaliweyo, mhlawumbi isilwanyana okanye isityalo. Qiniseka ukuba uyamxelela ukuba loo nto isifundisa ntoni ngoYehova. Usenokude umbuze ukuba uthanda esiphi isilwanyana okanye isityalo. Xa umfundisa ngeempawu zikaYehova ezibonakala kuloo nto ayithandayo, mhlawumbi uza kukumamela kakuhle.

6. Sifunda ntoni kwinto eyayisenziwa ngumama kaChristopher?

6 Ngaba abazali kufuneka baqale baphande ngesilwanyana okanye ngesityalo ngaphambi kokuba bafundise abantwana babo ngento eboniswa zezi zinto ngoYehova? Hayi. UYesu zange abe ecacisa into eninzi ngendlela amahlungulu atya ngayo okanye ngendlela iintyatyambo zasendle ezikhula ngayo. Siyavuma ukuba ngamanye amaxesha umntwana wakho usenokuthanda ukufunda izinto ezinzima ngendalo, kodwa ngamanye amaxesha ukumxelela okanye ukumbuza into nje elula kunokumfundisa into ebalulekileyo. Umzalwana onguChristopher ukhumbula into eyenzeka esengumtwana, uthi: “Ukuze asincede siyithande indalo esiyibonayo, umama wayedla ngokuthetha nje into encinci. Ngokomzekelo, xa sikufutshane neentaba wayedla ngokuthi: ‘Khanijonge indlela ezinkulu nezintle ngayo ezi ntaba. Niyayibona indlela amangalisa ngayo uYehova?’ Okanye xa siselwandle wayedla ngokuthi: ‘Khanijonge indlela anamandla ngayo la maza. Niyabona ukuba uThixo unamandla?’” UChristopher uthi: “Ezo zinto zincinci wayezithetha zazisenza sicinge.”

7. Unokubanceda njani abantwana bakho bakwazi ukucinga ngendalo?

7 Njengoko abantwana bakho bekhula, unokubafundisa ukuba bacinge kakhulu ngendalo ukuze babone ukuba loluphi uphawu lukaYehova elubonisayo. Unokuthetha ngenye yezinto ezidaliweyo uze ubabuze, “Ikufundisa ntoni ngoYehova?” Kunokukumangalisa futhi kukwenze uvuye ukuva indlela abacinga ngayo.—Mat. 21:16.

LELIPHI IXESHA ONOKUYISEBENZISA NGALO XA UBAFUNDISA?

8. Yintoni eyayinokwenziwa ngabazali abangamaSirayeli xa behamba endleleni?

8 Abazali abangamaSirayeli baxelelwa ukuba bafundise abantwana babo imiyalelo kaYehova xa ‘behamba endleleni.’ (Dut. 11:19) Iindlela ezininzi zazinqumla emaphandleni akwaSirayeli. Xa uhamba kwezo ndlela wawunokubona izilwanyana, iintaka neentyatyambo ezahlukeneyo. Xa abazali abangamaSirayeli behamba nabantwana babo, babenokuncokola nabo ngendalo kaYehova. Mhlawumbi nani bazali, ninokuzifumana iindlela zokufundisa abantwana benu nisebenzisa indalo. Makhe sive indlela abayenze ngayo abanye abazali le nto.

9. Yintoni onokuyifunda kuPunitha noKatya?

9 Omnye umama onguPunitha ohlala kwidolophu enkulu yaseIndiya uthi: “Xa siye kubona abantu esizalana nabo emaphandleni aseIndiya siye sifundise abantwana bethu ngendalo kaYehova emangalisayo. Ndicinga ukuba abantwana bam bayibona kakuhle indalo xa bengekho kwizitrato eziphithizela abantu neemoto.” Bazali, mhlawumbi abantwana benu abasoze balilibale ixesha eniye nakunye nabo kwindawo entle. Udade waseMoldova, uKatya, uthi: “Eyona nto ndisayikhumbula nangoku kuxa ndandikunye nabazali bam emaphandleni. Ndibabulela kakhulu ngokundifundisa ndisemncinci ukuba ndibukele indalo ndize ndijonge ukuba indifundisa ntoni ngoYehova.”

Nokuba uhllala edolophini unokuzifumana izinto ezidaliweyo onokufundisa ngazo abantwana bakho ngoYehova (Jonga isiqendu 10)

10. Yintoni abanokuyenza abazali ukuba akukho lula ukuya emaphandleni? (Jonga ibhokisi ethi “ Izinto Ezinokunceda Abazali.”)

10 Uza kuthini ukuba awukwazi ukuya emaphandleni? UAmol, naye ohlala eIndiya uthi: “Apho ndihlala khona abazali kufuneka basebenze ixesha elide, futhi kuyadura nokuya emaphandleni. Kodwa nakwipaki encinci ningakwazi ukubukela indalo kaYehova nize nincokole ngeempawu zakhe enizibona kuyo.” Xa ujonga kakuhle, mhlawumbi zikhona izinto onokufundisa ngazo abantwana bakho ngoYehova kufutshane nekhaya lakho. (INdu. 104:24) Mhlawumbi usenokubona iintaka, izinambuzane, izityalo nezinye izinto. UKarina waseJamani uthi: “Umama uyazithanda iintyatyambo. Xa ndandisemncinci wayedla ngokundibonisa ezintle qho xa sihamba endleleni.” Bazali, ninokusebenzisa iividiyo ezininzi neencwadi ezithetha ngendalo ezenziwe yintlangano ukuze nifundise abantwana benu. Nokuba nihlala phi, ningakwazi ukunceda abantwana benu babuke indalo kaThixo. Ngoku makhe sithethe ngezinye iimpawu zikaYehova eninokuncokola ngazo nabantwana benu.

‘IIMPAWU ZIKAYEHOVA EZINGENAKUBONWA ZENZIWE ZABONAKALA’

11. Abazali banokubanceda njani abantwana babone indlela uYehova asithanda ngayo?

11 Ukuze uncede abantwana bakho balubone uthando lukaYehova, unokubaxelela ngendlela izilwanyana ezibakhathalela ngayo abantwana bazo. (Mat. 23:37) Usenokuthetha nangezinto ezahlukahlukeneyo esikuvuyelayo ukuzibona kwindalo. UKarina ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi: “Xa sihamba endleleni umama wayedla ngokuthi mandime ndijonge indlela ezingafani ngayo iintyatyambo, nendlela ubuhle bazo obulubonisa ngayo uthando lukaYehova. Sekudlule iminyaka ngoku kodwa andikayeki ukujonga imibala yazo engafaniyo. Nangoku zisandinceda ndibone indlela uYehova asithanda ngayo.”

Unokuthetha ngendlela emangalisayo eyenziwe ngayo imizimba yethu ukuze ufundise abantwana bakho ngobulumko anabo uThixo (Jonga isiqendu 12)

12. Abazali banokubanceda njani abantwana babone indlela anobulumko ngayo uThixo? (INdumiso 139:14) (Jonga nomfanekiso.)

12 Nceda abantwana bakho babone ubulumko anabo uThxo. Usodlula lee ngobulumko. (Roma 11:33) Ngokomzekelo, unokubaxelela indlela amanzi anyuka ngayo aze enze amafu esibhakabhakeni nendlela elula loo mafu awakhupha ngayo loo manzi kuze kunethe kwiindawo ezahlukahlukeneyo. (Yobhi 38:36, 37) Unokuthetha nangendlela emangalisayo owenziwe ngayo umzimba womntu. (Funda iNdumiso 139:14.) Khawuve indlela awayenza ngayo le nto uVladimir. Uthi: “Ngeny’ imini unyana wethu wawa kwibhayisekile yakhe, wagruzuka. Emva kweentsuku ezimbalwa, saphola eso silonda. Sinomfazi wam samcacisela ukuba uYehova wenze imizimba yethu yakwazi ukuzinyanga. Sambonisa ukuba izinto ezenziwe ngabantu azikwazi ukuyenza le nto. Ngokomzekelo, xa imoto yonakele, ayikwazi ukuzilungisa. Le nto yamnceda unyana wethu wayibona indlela uYehova alumke ngayo.”

13. Yintoni enokwenziwa ngabazali ukuze bancede abantwana babo babone amandla kaThixo? (Isaya 40:26)

13 UYehova uthi masijonge ezulwini ukuze sibone indlela amandla akhe amangalisayo azigcina ngayo iinkwenkwezi zikwindawo yazo. (Funda uIsaya 40:26.) Unokuthi abantwana bakho mabajonge esibhakabhakeni baze bacinge ngento abayibonayo. Udade waseTaiwan, uTingting ukhumbula into eyenzeka esemncinci. Uthi: “Sinomama sakhe saya kubethwa ngumoya kude nezibane zasedolophini, silala ententeni. Ebusuku sabuka iinkwenkwezi esibhakabhakeni. Ngelo xesha ndandinexhala lokuba andizukwazi ukuhlala ndithembekile kuYehova kuba abantwana endandifunda nabo babefuna ndenze izinto angazifuniyo. Umama wathi mandicinge ngamandla awasebenzisileyo uYehova ukuze adale zonke ezi nkwenkwezi ndandizibona, ndikhumbule nokuba ngokuqinisekileyo unokuwasebenzisa loo mandla ukuze andincede ndimelane nazo zonke iingxaki. Ukubuka indalo kwandenza ndafuna ukumazi bhetele uYehova ndaza ndazimisela nyhani ukumkhonza.”

14. Abazali banokuyisebenzisa njani indalo ukuze bancede abantwana babo babone ukuba uYehova nguThixo owonwabileyo?

14 Indalo ibonisa ukuba uYehova wonwabile, futhi ufuna nathi sonwabe. Oososayensi babonile ukuba izilwanyana ezininzi ezinjengeentaka neentlanzi ziyakuthanda ukudlala. (Yobhi 40:20) Ngaba abantwana bakho bakhe bahlekiswe zizilwanyana ezidlalayo? Mhlawumbi bakhe bakhe babone izinja ezincinci zidlala. Xa uphinda ubabona behlekiswa zizilwanyana ezidlalayo, baxelele ukuba sikhonza uThixo owonwabileyo.—1 Tim. 1:11.

YIBUKELENI NIYINTSAPHO INDALO KAYEHOVA

Abantwana bakho banokukhululeka kuze kube lula ukuthetha ngezinto abazicingayo xa niyokubukela indalo (Jonga isiqendu 15)

15. Yintoni enokunceda abazali bakwazi ukwenza abantwana babo babaxelele izinto abazicingayo? (IMizekeliso 20:5) (Jonga nomfanekiso.)

15 Ngamanye amaxesha kuba nzima kubazali ukwenza abantwana babaxelele ngeengxaki abanazo. Ukuba nawe unjalo, kufuneka uzame ukubenza bade bathethe. (Funda iMizekeliso 20:5.) Kwabanye abazali kuye kube lula ukuyenza le nto xa bebukele indalo nabantwana babo. Yintoni eyenza kube lula? Esinye isizathu kukuba zinqabile izinto eziphazamisayo. Omnye utata waseTaiwan uMasahiko uthi: “Xa sizikhuphile nabantwana bethu siyokonyuka intaba okanye sizipholele sihamba ngaselwandle, baye bakhululeke. Loo nto yenza kube lula ukubenza bathethe, sitsho sizazi izinto abazicingayo.” UKatya ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uthi: “Xa ndiphuma esikolweni, umama wayedla ngokundisa kwipaki entle. Le ndawo iphole kamnandi yayisenza kube lula ukumxelela into eyenzeke esikolweni okanye endikhathazileyo.”

16. Zeziphi iindawo ezidalwe nguYehova ezinokuzonwabisa kuzo iintsapho?

16 Indalo kaYehova inokwenza iintsapho ziphole futhi zonwabe kunye. Loo nto yenza bonke abantu abasentsatsheni bavane. IBhayibhile ithi kukho ‘ixesha lokuhleka nexesha lokuxhuma-xhuma.’ (INtshu. 3:1, 4, umbhalo osemazantsi) UYehova udale iindawo ezintle esinokukwazi ukuzonwabisa kuzo. Iintsapho ezininzi ziyathanda ukuya kunye kwiindawo ezigcina izilwanyana naselwandle. Abanye abantwana bathanda ukubaleka nokudlala epakini, ukubukela izilwanyana, ukudada emlanjeni okanye elwandle. Zininzi nyhani iindawo ezidalwe nguYehova esinokuzonwabisa kuzo xa sizikhuphile!

17. Kutheni abazali befanele bancede abantwana babo bonwabe xa bebukele indalo kaThixo?

17 Kwihlabathi elitsha, abazali nabantwana baza kuyivuyela indalo kaYehova ngendlela abangazange bayivuyela ngayo. Ngelo xesha siza kube singazoyiki izilwanyana, nazo zingasoyiki. (Isa. 11:6-9) Siza kuyonwabela ngonaphakade indalo kaYehova. (INdu. 22:26) Kodwa bazali, ningalindi elo xesha, qalani ngoku ukunceda abantwana benu bonwabe xa bebukele indalo. Xa uyisebenzisa indalo ukuze ufundise abantwana bakho ngoYehova, nabo njengoKumkani uDavide basenokuthi: “Owu Yehova,  . . . ayikho imisebenzi enjengeyakho.”—INdu. 86:8.

INGOMA 134 Abantwana Sibaphathiswe NguThixo

a Abazalwana noodade abaninzi basalikhumbula nangoku ixesha ababedla ngokuyibukela ngalo indalo nabazali babo, kumnandi. Enye into abangayilibaliyo kukuba abazali babo babesebenzisa nelo xesha ukuze babafundise ngeempawu zikaYehova. Ukuba unabantwana, ungayisebenzisa njani indalo ukuze ubafundise ngeempawu zikaThixo? Loo mbuzo uza kuphendulwa kweli nqaku.