Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kwakutheni ukuze indoda ekuthiwa ‘nguZibani-bani’ ithi ukutshata noRute ‘kusenokuphazamisa’ ilifa layo? (Rute 4:1, 6)

Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, xa indoda etshatileyo isweleka ingenamntwana, abantu babeye bazibuze le mibuzo: Kuza kwenzeka ntoni kumhlaba wayo? Igama lentsapho yayo ngaba liza kulityalwa ngonaphakade? UMthetho owabhalwa nguMoses wawuyiphendula le mibuzo.

Kwakusenzeka ntoni kumhlaba wendoda eye yasweleka okanye yasokola yaza yawuthengisa? Umntakwayo okanye omnye umntu ozalana nayo wayenokuphinda awuthenge lo mhlaba. Le nto yayiza kwenza ukuba uhlale ungowaloo ntsapho.—Lev. 25:23-28; Num. 27:8-11.

Yintoni eyayisenziwa ukuze kuqinisekwe ukuba igama lentsapho yendoda eswelekileyo alilityalwa? NjengakuRute, kwakusenziwa umtshato wongeno. Umfazi wendoda eswelekileyo wayetshatwa ngumntakwayo ukuze bazale unyana owayezakugcina ilifa igama lentsapho yakowabo, aze afumane nelifa likatata wakhe. Le nto yayinceda nalo mfazi abe nomntu oza kumkhathalela.—Dut. 25:5-7; Mat. 22:23-28.

Cinga ngoNahomi owayetshate noElimeleki. Xa kwasweleka umyeni wakhe noonyana babo ababini, washiyeka engenamntu oza kumhoya. (Rute 1:1-5) Wabuyela kwaYuda ehamba nomolokazana wakhe uRute, waza wathi makacele uBhohazi ukuba aphinde athenge umhlaba owawungowabo. Wayezalana noElimeleki. (Rute 2:1, 19, 20; 3:1-4) Kodwa uBhohazi wayesazi ukuba kukho omnye umntu owayezalana kakhulu noElimeleki, iBhayibhile embiza ngokuba nguZibani-bani. Nguye ekwakufuneka kuqale kubuzwe kuye ukuba uyafuna ukuphinda awuthenge.—Rute 3:9, 12, 13.

Ekuqaleni wayefuna ukuwuthenga. (Rute 4:1-4) Nangona kwakuza kufuneka akhuphe imali, waqonda ukuba uNahomi wayengasenakukwazi ukuba nomntwana owayeza kufumana ilifa elingumhlaba kaElimeleki. Ngoko nalo mhlaba wawuza kuba ngokaZibani-bani ize loo nto incede kwayena.

UZibani-bani lo wayitshintsha ingqondo xa wabona ukuba kwakuza kufuneka atshate uRute. Wathi: “Andizukukwazi ukuwuthenga, kuba loo nto isenokuphazamisa elam ilifa.” (Rute 4:5, 6) Kwakutheni ukuze atshintshe ingqondo?

Ukuba uRute wayenokutshata noZibani-bani okanye atshate nomnye umntu aze azale unyana, ilifa elingumhlaba kaElimeleki laliza kuba lelaloo mntwana. Le nto ‘yayinokuliphazamisa’ njani “ilifa” lika Zibani-bani? IBhayibhile ayisixeleli, kodwa nazi izinto ezazinokuliphazamisa.

  • Okokuqala, imali awayewuthenge ngayo yayiza kuba ngathi imke namanzi, kuba ekugqibeleni umhlaba kaElimeleki wawungazukuba ngowakhe. Wawuza kuba ngowonyana kaRute.

  • Okwesibini, kwakuza kufuneka ondle aze akhathalele uNahomi noRute.

  • Okwesithathu, ukuba uRute wayenokuzala abanye abantwana babeza kwabelana ngelifa nabantwana ekwakusenokwenzeka ukuba uZibani-bani wayenabo.

  • Okwesine, ukuba uZibani-bani wayengenabo abanye abantwana, unyana kaRute wayeza kufumana ilifa elingumhlaba kaElimeleki nokaZibani-bani. Ngoko umhlaba wakhe wawuza kufunyanwa ngunyana owayengazukubizwa nangelakhe igama, owayeza kubizwa ngelikaElimeleki. Ngoko uZibani-bani wayengafuni ukuphazamisa ilifa lakhe ngokunceda uNahomi. Wakhetha ukuba uphinde uthengwe nguBhohazi, naye owayezalana noElimeleki. UBhohazi wawuthenga, kuba wayefuna “kubuyiselwe igama lalaa ndoda yaswelekayo kwilifa layo.”—Rute 4:10.

Kubonakala ngathi eyona nto wayenomdla kuyo uZibani-bani lo kukugcina igama nelifa lakhe. Wayecinga ngesiqu sakhe. Nangona wasebenza nzima ukuze igama lakhe lingalityalwa, asilazi noba lalisithini. Waphoswa nayinyhweba ekhethekileyo eyafunyanwa nguBhohazi. UBhohazi waba ngomnye wookhokho bakaMesiya, uYesu Kristu. Ibuhlungu nyhani into eyenzeka kuZibani-bani, owathi ngenxa yokucingela isiqu sakhe akafuna ukunceda umntu owayedinga uncedo!—Mat. 1:5; Luka 3:23, 32.