Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 10

Kutheni Ufanele Ubhaptizwe?

Kutheni Ufanele Ubhaptizwe?

‘Ngamnye kuni makabhaptizwe.’​—IZE. 2:38.

INGOMA 34 Hamba NoThixo Uthembekile

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. Kudla ngokwenzeka ntoni xa abantu bebhaptizwa? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

 WAKHA wababukela abantu abaza kubhaptizwa? Uva indlela abaqiniseke ngayo ngale nto baza kuyenza xa bephendula imibuzo emibini ebuzwa ngaphambi kokuba babhaptizwe. Ubona indlela abavuya ngayo abahlobo neentsapho zabo. Xa bephuma emanzini uva intswahla yezandla, ubone novuyo lubhalwe ebusweni babo. Ngokomlinganiselo, veki nganye kubhaptizwa amawaka amaNgqina KaYehova uThixo azinikele kuye.

2 Wena, ngaba uyacinga ngokubhaptizwa? Ukuba uthi ewe, ukhethekile kweli hlabathi libi kuba ‘ukhangela uYehova.’ (INdu. 14:1, 2) Eli nqaku libhalelwe wena, nokuba usemtsha okanye umdala. Kodwa nabo sebebhaptiziwe bafuna ukuzimisela ngaphezu kokuba besenza ukukhonza uYehova ngonaphakade. Ngoku makhe sithethe ngezizathu ezithathu kwezininzi ezikwenza ufune ukukhonza uYehova.

UTHANDA INYANISO NOBULUNGISA

Ngamawaka eminyaka uSathana engcolisa igama likaYehova, akakayeki nangoku (Jonga isiqendu 3-4)

3. Kutheni abakhonzi bakaYehova bethanda inyaniso nobulungisa? (INdu. 119:128, 163)

3 UYehova wayalela abantu bakhe ukuba ‘bathande inyaniso.’ (Zek. 8:19) NoYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba bafune ubulungisa. (Mat. 5:6) Le nto ithetha ukuba umntu umele akufune nyhani ukwenza izinto athi uThixo zilungile. Ngaba uyayithanda inyaniso nobulungisa? Siqinisekile ukuba uyazithanda ezi zinto. Uyabucaphukela ubuxoki nazo zonke izinto ezingalunganga. (Funda iNdumiso 119:128, 163.) Umntu oxokayo ulinganisa umlawuli weli hlabathi, uSathana. (Yoh. 8:44; 12:31) Enye yezinto azimisele ukuzenza kukungcolisa igama elingcwele likaYehova uThixo. Waqala ukusasaza ubuxoki ngoThixo e-Eden kuAdam noEva abangazange bamthobele uYehova. Wenza abantu bacinge ukuba uYehova uzicingela yedwa, unguMlawuli onganyanisekanga nobavimba izinto ezilungileyo abantu. (Gen. 3:1, 4, 5) Indlela axoka ngayo iye yaqhubeka isenza abantu bacinge kakubi ngoYehova. Xa abantu bekhetha ‘ukungayithandi inyaniso,’ uSathana unokubenza benze zonke izinto ezingalunganga.—Roma 1:25-31.

4. UYehova ubonise njani ukuba ‘nguThixo wenyaniso’? (Jonga nomfanekiso)

4 UYehova ‘nguThixo wenyaniso.’ Loo nyaniso uyifundisa abantu abamthandayo. (INdu. 31:5) Ngokwenza loo nto ubanceda bangaqhatheki bubuxoki bukaSathana. Enye into ayifundisa abakhonzi bakhe kukuba banyaniseke futhi babe ngamalungisa. Loo nto ibanceda bazihloniphe, baxole nasengqondweni. (IMize. 13:5, 6) Njengoko uye wafunda iBhayibhile, ngaba uyenzile loo nto nakuwe? Uye wafunda ukuba iindlela zikaYehova zezona zilungileyo kuwe nakubo bonke abantu. (INdu. 77:13) Ngoko ufuna ukwenza izinto athi zilungile. (Mat. 6:33) Ufuna nabanye bayazi inyaniso nokubabonisa ukuba izinto ezithethwa nguSathana ngoYehova uThixo wethu bubuxoki. Unokuyenza njani loo nto?

5. Yintoni onokuyenza ebonisa ukuba uthanda inyaniso nobulungisa?

5 Unokukhetha ukuphila ngokungathi uthi: ‘Ndiyabucaphukela ubuxoki bukaSathana, ndithanda inyaniso. Ndifuna ukulawulwa nguYehova, ndenze nezinto athi zilungile.’ Ungayenza njani loo nto? Thandaza, uxelele uYehova ukuba uyazinikela kuye, emva koko ubhaptizwe. Into ekwenza ubhaptizwe kukuba uthanda inyaniso nobulungisa.

UTHANDA UYESU KRISTU

6. Zeziphi izizathu ezikwiNdumiso 45:4 ezikwenza umthande uYesu Kristu?

6 Kutheni uthanda uYesu Kristu? Khawuve ezinye izizathu kwiNdumiso 45:4. (Yifunde.) UYesu uthanda inyaniso, ukuthobeka nobulungisa. Xa uthanda inyaniso nobulungisa, loo nto ithetha ukuba uyamthanda noYesu Kristu. Cinga ngesibindi awayenaso sokuthethelela inyaniso nobulungisa. (Yoh. 18:37) Kodwa usifundisa njani ukuba sithobeke?

7. Yintoni oyithandayo ngokuthobeka kukaYesu?

7 UYesu usifundisa ukuthobeka ngezinto azenzayo. Akazizukisi, lonke uzuko ulusa kuTata wakhe. (Marko 10:17, 18; Yoh. 5:19) Indlela athobeke ngayo ikwenza uzive njani? Ayikwenzi umthande lo Nyana kaThixo uze ufune ukumlandela? Ngokuqinisekileyo ikwenza ube njalo. Kutheni uYesu ethobekile? Kungokuba uthanda futhi ulinganisa uTata wakhe othobekileyo. (INdu. 18:35; Heb. 1:3) Awuziva umthanda uYesu olinganisa iimpawu zikaYehova njengokuba zinjalo?

8. Kutheni isivuyisa into yokuba uYesu enguKumkani wethu?

8 Siyamthanda uKumkani wethu onguYesu kuba ngoyena Mlawuli ubodlula bonke. UYehova wamfundisa ngokwakhe uNyana wakhe waza wamenza uKumkani. (Isa. 50:4, 5) Cinga nangendlela uYesu awazincama ngayo ebonisa ukuba uyasithanda. (Yoh. 13:1) Ufanele umthande nyhani uYesu kuba nguKumkani wakho. Uthi abantu abamthanda nyhani nabazibiza ngokuba ngabahlobo bakhe, balubonisa olo thando ngokuthobela imiyalelo yakhe. (Yoh. 14:15; 15:14, 15) Kuyinyhweba enkulu ukuba ngumhlobo woNyana kaYehova.

9. Ubhaptizo lwamaKristu lufana njani nolukaKristu?

9 Enye into uYesu awayiyalela abalandeli bakhe kukuba babhaptizwe. (Mat. 28:19, 20) Wayenza loo nto yena. Zikhona izinto olwahluke ngazo ubhaptizo lukaYesu kolwabalandeli bakhe. (Jonga ibhokisi ethi “ Lwahluke Ngantoni Ubhaptizo LukaYesu Kolwabalandeli Bakhe?”) Kodwa zikhona nolufana ngazo. Xa wayebhaptizwa wayebonisa ukuba uza kwenza ukuthanda kukaTata wakhe. (Heb. 10:7) Ngokufanayo, xa abalandeli bakaKristu bebhaptizwa, babonisa abantu ukuba banikele ubomi babo kuYehova uThixo. Eyona nto ibalulekileyo kubo ngoku ayikokwenza ukuthanda kwabo, kukwenza ukuthanda Kwakhe. Ngokwenza loo nto, balinganisa iNkosi yabo.

10. Ziintoni ezikwenza umthande uYesu? Ukumthanda kumele kukukhuthaze ukuba wenze ntoni?

10 Uyakholwa ukuba uYesu nguNyana kaYehova ekuphela kwamzeleyo, nokuba nguKumkani ambekileyo ukuba asilawule. Uyazi ukuba uYesu uthobekile nokuba umlinganisa kakuhle gqitha uTata wakhe. Ufundile ukuba wondla abantu ababelambile, wathuthuzela ababetyhafile, waphilisa nababegula. (Mat. 14:14-21) Uyibonile nendlela alikhokela ngayo ibandla lakhe namhlanje. (Mat. 23:10) Uyazi ukuba useza kwenza izinto ezimangalisa kakhulu xa enguKumkani woBukumkani bukaThixo kwixesha elizayo. Ungabonisa njani ukuba uyamthanda uYesu? Ngokumlinganisa. (Yoh. 14:21) Into yokuqala onokuyenza kukunikela ubomi bakho kuYehova uze ubhaptizwe.

UTHANDA UYEHOVA UTHIXO

11. Unokuthi yintoni ebalulekileyo ekwenza ufune ukubhaptizwa? Kutheni usitsho?

11 Yintoni eyona nto ibalulekileyo ekwenza ufune ukubhaptizwa? UYesu wachaza owona myalelo kaThixo mkhulu esithi: “Umele umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, ngomphefumlo wakho wonke, ngengqondo yakho yonke nangamandla akho onke.” (Marko 12:30) Ngaba le yindlela omthanda ngayo uThixo?

Zivela kuYehova zonke izinto ezilungileyo eziye zakonwabisa nezo useza kuzonwabela (Jonga isiqendu 12-13)

12. Kutheni umthanda uYehova? (Jonga nomfanekiso)

12 Zininzi izizathu onazo zokumthanda uYehova. Ngokomzekelo, ufundile ukuba nguye “umthombo wobomi” nokuba zonke ‘izipho ezihle nezigqibeleleyo zivela’ kuye. (INdu. 36:9; Yak. 1:17) Yonke into entle nekuvuyisayo isuka kuThixo wethu ophayo nosithandayo.

13. Kutheni idini likaYesu liyeyona nto imangalisayo esiyiphiwe nguYehova?

13 Eyona nto imangalisayo esiyiphiwe nguYehova lidini likaYesu. Kutheni sisitsho? Cinga ngendlela athandana ngayo uYehova noNyana wakhe. UYesu wathi: “UTata uyandithanda,” waphinda wathi “ndiyamthanda uTata.” (Yoh. 10:17; 14:31) Iibhiliyoni zeminyaka bephila kunye zabenza baya bethandana kakhulu. (IMize. 8:22, 23, 30) Ngoko khawucinge indlela amele ukuba wakhathazeka ngayo uThixo xa uNyana wakhe wayesiva iintlungu waza wafa. UYehova uyabathanda abantu, nawe uyakuthanda. Wade wanikela ngoNyana wakhe amthandayo ukuze wena nabanye abantu niphile ngonaphakade. (Yoh. 3:16; Gal. 2:20) Esi sesona sizathu sizodlula zonke esenza simthande uThixo.

14. Yeyiphi eyona nto ibhetele onokuzimisela ukuyenza ebomini?

14 Uye waya umthanda kakhulu uYehova kuba uye wafunda izinto ezininzi ngaye. Ngokuqinisekileyo uyafuna ukuba ngumhlobo wakhe ngoku nangonaphakade. Unganguye. Ukukhuthaza ukuba uyivuyise intliziyo yakhe. (IMize. 23:15, 16) Loo nto unokuyenza ngezinto ozithethayo nozenzayo. Indlela ophila ngayo iza kubonisa ukuba umthanda nyhani uYehova. (1 Yoh. 5:3) Le yeyona nto ibhetele ukodlula zonke izinto onokuzimisela ukuzenza ebomini bakho.

15. Ungabonisa njani ukuba uyamthanda uYehova?

15 Ungabonisa njani ukuba uyamthanda uYehova? Okokuqala, ngokwenza umthandazo wokuzinikela kuThixo wokwenene. (INdu. 40:8) Emva koko, ubonise ukuba uzinikele ngokubhaptizwa phambi kwabantu. Njengokuba sekubonisiwe kweli nqaku, ukubhaptizwa kuba lixesha elibalulekileyo nelivuyisayo ebomini bomntu. Uyayeka ukuziphilela, uphilele uYehova. (Roma 14:8; 1 Pet. 4:1, 2) Isenokukoyikisa ke loo nto, kodwa ukwenza esi sigqibo kunokukwenza uphile obona bomi bumnandi. Njani?

16. INdumiso 41:12 ibonisa ukuba uYehova uza kubasikelela ngantoni abantu abaphilela ukumkhonza?

16 UYehova ngoyena Mntu uphayo. Nantoni na ompha yona uyibuyisa ngokuphindaphindiweyo. (Marko 10:29, 30) Uza kukupha obona bomi buvuyisayo nobanelisayo khona ngoku uphila kweli hlabathi likhohlakeleyo. Akapheleli nje apho, kuba ukubhaptizwa sisiqalo nje sobu bomi. Ungaqhubeka ukhonza uTata wakho omthandayo ngonaphakade. Uza kuya umthanda, naye uza kuya ekuthanda. Nawe uza kuphila ngonaphakade njengaye.—Funda iNdumiso 41:12.

17. Yintoni angenayo uYehova onokumnika yona?

17 Xa uzinikela uze ubhaptizwe, unika uTata wakho into exabiseke kakhulu. Yonke into elungileyo nekuvuyisileyo ebomini bakho uyiphiwe nguye. Into onokuyenza ke wena kukunika uMnikazi wamazulu nomhlaba into angenayo, ukumkhonza kuba ufuna. (Yobhi 1:8; 41:11; IMize. 27:11) Yintoni ebhetele kunaleyo onokuyenza ngobomi bakho? Ngokuqinisekileyo ukumthanda kwakho uYehova sesona sizathu simele sikwenze ufune ukubhaptizwa.

ULINDE NTONI?

18. Yeyiphi imibuzo onokuzibuza yona?

18 Unokuwuphendula njani umbuzo othi, Ngaba uza kubhaptizwa? Akakho omnye umntu onokukuphendulela wona. Kodwa into enokukunceda kukuzibuza nalo: ‘Ndilinde ntoni?’ (IZe. 8:36) Cinga ngezizathu ezithathu esithethe ngazo. Okokuqala, uthanda inyaniso nobulungisa. Ngoko khawuzibuze, ‘Ngaba ingathi ayisafiki imini apho wonke umntu eza kuthetha inyani, enze nezinto ezilungileyo?’ Okwesibini, uyamthanda uYesu Kristu. Ngoko khawuzibuze, ‘Ngaba ndiyafuna ukuba uNyana kaThixo abe nguKumkani wam, nokwenza izinto njengaye?’ Okwesithathu nokona kubalulekileyo kukuba uyamthanda uYehova. Ngoko khawuzibuze, ‘Ngaba ndiyafuna ukuvuyisa intliziyo kaYehova ngokuba ngumkhonzi wakhe?’ Ukuba impendulo yakho kuyo yonke le mibuzo nguewe, kutheni ke ungabhaptizwa? Ulinde ntoni?—IZe. 16:33.

19. Kutheni ungamelanga uthi awuqinisekanga nokuba ubhaptizwe na? Yenza umzekelo. (Yohane 4:34)

19 Xa ungaqinisekanga ukuba umele ubhaptizwe na, cinga ngomzekelo owenziwa nguYesu. (Funda uYohane 4:34.) Wakufanisa nokutya ukwenza izinto ezifunwa nguTata wakhe. Kwakutheni? Kaloku ukutya kuyasinceda. Wayesazi ukuba yonke into uYehova afuna siyenze iza kusinceda. Soze afune senze nantoni na eza kusenzakalisa. Ngaba ukubhaptizwa yenye yezinto uYehova afuna uzenze? Ewe. (IZe. 2:38) Qiniseka ke ukuba ukubhaptizwa kuza kukunceda. Ukuba kunokubekwa ukutya okumnandi phambi kwakho soze uthi awuqinisekanga nokuba ukutye na. Kutheni ke ungaqinisekanga ukuba umele ubhaptizwe na?

20. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

20 Ulinde ntoni? Abaninzi basenokuthi, “Andikakulungeli ukubhaptizwa.” Yinyani kona ukuba isigqibo sokuzinikela kuYehova nokubhaptizwa sesona sibalulekileyo kunazo zonke oya kuze uzenze. Ngoko kufuneka ucingisise kakuhle ngesi sigqibo uze usebenze nzima. Loo nto iza kuthatha ixesha. Kodwa ukuba ukufuna nyhani ukubhaptizwa, yintoni onokuyenza ngoku ukuze ukulungele? Siza kuthetha ngaloo nto kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 28 Masibe Ngabahlobo BakaYehova

a Into ebalulekileyo ekufuneka yenziwe ngumntu wonke ofundelwa iBhayibhile kukubhaptizwa. Yintoni enokwenza umntu afune ukubhaptizwa? Luthando. Kukuthanda ntoni nokuthanda bani? Eli nqaku liza kuyiphendula le mibuzo, lize lithethe ngokuba umKristu obhaptiziweyo umele aphile njani.