Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 11

Ziintoni Omele Uzenze Ukuze Ubhaptizwe?

Ziintoni Omele Uzenze Ukuze Ubhaptizwe?

“Ndinqandwa yintoni ndingabhaptizwa?”​—IZE. 8:36.

INGOMA 50 Umthandazo Wam Wokuzinikela

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

Emhlabeni wonke abantu abasebatsha nabadala bahambela phambili enkonzweni baze babhaptizwe (Jonga iziqendu 1-2)

1-2. Kutheni kufuneka ungatyhafi xa ungekakufanelekeli ukubhaptizwa? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

 UKUBA ufuna ukubhaptizwa, ufuna ukwenza eyona nto yakhe yantle. Sowukulungela ukuyenza ngoku loo nto? Ukuba uthi ewe, babe nabadala bevuma, xa kuvela ithuba ungaliyeki. Uza kuphila ubomi obumnandi xa ukhonza uYehova.

2 Ngaba uxelelwe ukuba kukho izinto ekusafuneka uzenze ngaphambi kokuba ubhaptizwe okanye uye wazibonela ngokwakho? Ungatyhafi. Nokuba umdala okanye umncinci, ungakwazi ukusebenzela ukuba ude ubhaptizwe.

“NDINQANDWA YINTONI?”

3. Igosa elingumTiyopiya lambuza ntoni uFilipu? Le nto isenza sizibuze owuphi umbuzo? (IZenzo 8:36, 38)

3 Funda iZenzo 8:36, 38. Igosa elingumTiyopiya labuza uFilipu owayengumvangeli lathi: “Ndinqandwa yintoni ndingabhaptizwa?” Le ndoda yayifuna ukubhaptizwa, kodwa ngaba yayifaneleka nyhani ukuba iyenze le nto ibaluleke kangaka?

Igosa elingumTiyopiya lalizimisele ukuqhubeka lifunda ngoYehova (Jonga isiqendu 4)

4. Yintoni eyenziwa ngumTiyopiya ebonisa ukuba wayesafuna ukufunda?

4 Le ndoda ingumTiyopiya “yayiye eYerusalem iyokukhonza.” (IZe. 8:27) Inoba yayiguqukele kunqulo lwamaYuda. Ngokuqinisekileyo yafunda ngoYehova kwiZibhalo ezingcwele zesiHebhere. Kodwa yayisafuna ukufunda izinto ezininzi. Xa uFilipu wayedibana nayo endleleni yayisenza ntoni? Yayifunda umsongo owawubhalwe ngumprofeti uIsaya. (IZe. 8:28) Lo yayingengomsongo ekulula ukuwuqonda. Eli gosa zange lanele ukufunda nje izinto ezilula, lalisafuna ukwazi nezinye izinto.

5. Ngaba umTiyopiya waphelela nje ekuyifundeni inyaniso?

5 Le ndoda yayiligosa elalikwisikhundla esiphezulu elalisebenzela uKumkanikazi wamaTiyopiya, uKandase, “neyayijongene nabo bonke ubutyebi bakhe.” (IZe. 8:27) Ngoko inoba yayixakeke nyhani. Sekunjalo, yayizipha ixesha lokukhonza uYehova. Zange yanele nje kukufunda inyaniso, yayizenza izinto eyayizifunda. Ngoko yahamba indlela ende isuka eTiyopiya isiya kukhonza kwitempile kaYehova eYerusalem. Inoba olo hambo lwalufuna ixesha nemali eninzi, kodwa ezo zinto zazingathethi nto kule ndoda kuba yayifuna ukuya kukhonza uYehova.

6-7. Yintoni eyenziwa ngumTiyopiya ukuze aye emthanda uYehova?

6 UFilipu wafundisa lo mTiyopiya ezinye iinyaniso ezibalulekileyo. Enye yazo yayikukuba uYesu wayenguMesiya. (IZe. 8:34, 35) Ngokuqinisekileyo wakuvuyela ukuva into awayenzelwa nguYesu. Wenza ntoni emva kokuba evile? Wayesenokuhlala engumntu ohlonitshwayo oguqukele kunqulo lwamaYuda. Kodwa waya emthanda uYehova noYesu Kristu. Loo nto yamenza wenza isigqibo esasiza kutshintsha ubomi bakhe. Wabhaptizwa waza wangumlandeli kaYesu Kristu. UFilipu wabona ukuba le ndoda iyazenza izinto ezibonisa ukuba iyafuna ukubhaptizwa, waza wayibhaptiza.

7 Ukuba uyazenza izinto ezenziwa ngulo mTiyopiya, nawe ungabhaptizwa. Njengaye, uza kuyithetha uqinisekile into awayithethayo esithi, “Ndinqandwa yintoni ndingabhaptizwa?” Makhe sibone ukuba wena ungazenza njani ezi zinto wazenzayo: Zange ayeke ukufunda, ukwenza izinto awayezifunda nokuya emthanda uThixo.

UNGAYEKI UKUFUNDA

8. UYohane 17:3 uthi yintoni omele uyenze?

8 Funda uYohane 17:3. Ngaba uncedwe ngala mazwi kaYesu ukuze ufune ukufunda iBhayibhile? Abaninzi kuthi bancedwe ngawo. Kodwa ngaba asixelela nokuba singayeki ukufunda? Ewe. Soze siyeke ukufuna ‘ukwazi okuphela koThixo wokwenene.’ (INtshu. 3:11) Siza kuhlala sifunda de kube ngonaphakade. Xa sisiya sifunda, siza kuya simthanda uYehova.—INdu. 73:28.

9. Yintoni ekufuneka siyenze emva kokuba sizazile iimfundiso eziseBhayibhileni ekulula ukuziqonda?

9 Xa siqala ukufunda ngoYehova siye sifunde iinyaniso ekulula ukuziqonda. Xa wayethetha ngazo kwileta awayibhalela amaKristu angamaHebhere, umpostile uPawulos wathi ‘zizifundo zokuqala.’ Wayengazijongeli phantsi “iimfundiso zokuqala” kodwa wayezifanisa nobisi losana. (Heb. 5:12, iBhayibhile yesiXhosa ka-1996; 6:1) Wakhuthaza onke amaKristu ukuba angapheleli nje kwezo mfundiso, kodwa afunde neenyaniso ekungekho lula ukuziqonda ezikwiLizwi LikaThixo. Ngaba uzilambele izinto ezifundiswa yiBhayibhile ekungekho lula ukuziqonda? Ngaba uyafuna ukungapheleli kuzo, kodwa uqhubeke ufunda ngoYehova nangezinto aza kusenzela zona?

10. Kutheni kuyingxaki kwabanye ukufunda?

10 Kwabaninzi kuthi kuseyingxaki ukufundel’ ukwazi. Ngaba kunjalo nakuwe? Ngaba esikolweni wafundiswa ukukwazi ukufunda amagama nokufundela ukuyazi kakuhle loo nto uyifundayo? Ngaba wawukuthanda ukufunda, ubona nokuba kuyakunceda? Okanye ngaba wazibona ukuba awungomntu uthanda ukufunda iincwadi? Ukuba kunjalo, bakhona nabanye abafana nawe. Kodwa uYehova angakunceda. Ngoyena Titshala unokukwazi ukukufundisa kakuhle.

11. Yintoni ebonisa ukuba uYehova ‘ngumYaleli ozukileyo’?

11 UYehova uzibiza ngokuba ‘ngumYaleli Ozukileyo wakho.’ (Isa. 30:20, 21) NguTitshala onomonde, onobubele noqondayo. Ukhangela izinto ezintle kubantu abafundisayo. (INdu. 130:3) Soze alindele ukuba senze izinto ezingaphezu kwamandla ethu. Khumbula kaloku, wakudala waneyona nto imangalisayo, ingqondo. (INdu. 139:14) Usidalele ukuba sifune ukufunda izinto ezintsha. UMdali wethu ufuna singaze siyeke ukufunda, futhi sikuthande. Ngoko kububulumko ‘ukuzinqwenela’ kwangoku iinyaniso eziseBhayibhileni. (1 Pet. 2:2) Yiba nendlela nexesha oza kukwazi ukuyifunda qho ngalo iBhayibhile. (Yosh. 1:8) UYehova uza kukunceda ukuthande ukufunda uze wazi izinto ezininzi ngaye.

12. Kutheni sifanele sifunde ngobomi bukaYesu nomsebenzi awayewenza?

12 Ziphe ixesha lokuhlala ucinga ngobomi bukaYesu nomsebenzi awayewenza. Kula maxesha anzima into eza kusinceda sikhonze uYehova kukulinganisa uYesu. (1 Pet. 2:21) Zange abafihlele abalandeli bakhe ukuba babeza kuba neengxaki. (Luka 14:27, 28) Wayeqinisekile ukuba babeza kukwazi ukuhlala bethembekile kuThixo njengaye. (Yoh. 16:33) Funda yonke into ngendlela uYesu awayephila ngayo uze uzimisele ukumlinganisa.

13. Yintoni omele uhlale uyicela kuYehova? Iza kukunceda ngantoni loo nto?

13 Ulwazi lulodwa alwanelanga. Isizathu sokuba ufune ukuba nalo kukuba luza kukunceda wazi izinto ezininzi ngoYehova uze umthande, ube nokholo kuye. (1 Kor. 8:1-3) Njengoko usiya ufunda, hlala umcela ukuba akuncede ube nokholo olungaphezu kolo unalo. (Luka 17:5) Uyayiphendula imithandazo enjalo. Ukholo lokwenene olwenziwa kukuba umazi kakuhle uThixo wethu luza kukunceda wenze nenye into ebonisa ukuba uyafuna ukubhaptizwa.—Yak. 2:26.

UNGAYEKI UKUZENZA IZINTO OZIFUNDAYO

Ngaphambi koMkhukula, uNowa nentsapho yakhe bayenza into ababeyixelelwe (Jonga isiqendu 14)

14. Umpostile uPetros wayibonisa njani indlela ekubaluleke ngayo ukwenza izinto esizifundayo? (Jonga nomfanekiso.)

14 Umpostile uPetros wabonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba abalandeli bakaKristu bangayeki ukwenza izinto abazifundayo. Wathetha ngebali likaNowa eliseBhayibhileni. UYehova waxelela uNowa ukuba wayeza kubatshabalalisa ngoMkhukula abantu ababi ababephila ngelo xesha. Ukwazi nje ukuba kwakuza kubakho uMkhukula kwakungazukumsindisa uNowa nentsapho yakhe. Phawula ukuba uPetros wayethetha ngexesha langaphambi koMkhukula xa wayesithi “ngelo xesha kwakusakhiwa umkhombe.” (1 Pet. 3:20) Emva kokuba eyivile into awayeyixelelwa nguYehova, uNowa nentsapho yakhe basebenza besakha umkhombe omkhulu. (Heb. 11:7) UPetros wafanisa into eyenziwa nguNowa nokubhaptizwa esithi: “Nani ikhona into efana naleyo enisindisayo ngoku, loo nto kukubhaptizwa.” (1 Pet. 3:21) Ngoko sinokufanisa umsebenzi owenzayo ngoku ukuze ubhaptizwe nomsebenzi wokwakha umkhombe owathatha iminyaka, owawusenziwa nguNowa nentsapho yakhe. Ngowuphi umsebenzi ekufuneka uwenze ukuze ubhaptizwe?

15. Yintoni amele ayenze umntu oguquke nyhani?

15 Enye yezinto zokuqala esifanele sizenze kukuguquka. (IZe. 2:37, 38) Umntu oguquke nyhani utshintsha nyhani. Ngaba uziyekile izinto uYehova angazifuniyo ezinjengokuziphatha kakubi ngesondo, ukutshaya, ukuthuka okanye ukuthetha amazwi ahlabayo? (1 Kor. 6:9, 10; 2 Kor. 7:1; Efe. 4:29) Ukuba awukaziyeki, qhubeka uzama. Thetha nomntu okufundelayo okanye ucele abadala bebandla okulo bakuncede bakucebise ngento omele uyenze. Ukuba usemncinci futhi usahlala kokwenu, qhubeka ubacela abazali bakho bakuncede wahlukane nemikhwa emibi enokukwenza ungade ubhaptizwe.

16. Zeziphi ezinye izinto eziqinis’ ukholo omele uzenze?

16 Kubalulekile ukwenza nezinye izinto eziqinisa ukholo, njengokuya kwiintlanganiso nokuphendula kuzo. (Heb. 10:24, 25) Xa kuthiwe uyafaneleka ukuba uye entsimini, yiya qho. Uza kuya uwuthanda lo msebenzi usindisa ubomi xa uwenza qho. (2 Tim. 4:5) Ukuba usengumntwana ohlala nabazali zibuze: ‘Ngaba ndisoloko ndiqhutywa ngasemva ngabazali bam xa kufuneka ndiye kwiintlanganiso okanye entsimini okanye ndiyaziyela?’ Xa ungaqhutywa ngasemva ubonisa ukuba unokholo, uyamthanda futhi uyambulela uYehova uThixo. Ezi zizinto omnika zona ‘ezibonisa ukuba uzinikele kuye.’ (2 Pet. 3:11; Heb. 13:15) UThixo uvuyiswa zizo zonke izinto esimpha zona singaqhutywa ngasemva. (Thelekisa ama-2 Korinte 9:7.) Siyavuya xa sisenza ezi zinto kuba sinika uYehova yonke into esinokukwazi ukumnika yona.

UNGAYEKI UKUYA UMTHANDA UYEHOVA

17-18. Loluphi uphawu olubalulekileyo oluza kukunceda ude ubhaptizwe? Luza kukunceda njani? (IMizekeliso 3:3-6)

17 Njengoko uqhubeka usenza izinto ezikwenza ufaneleke ukuba ubhaptizwe, uza kuba neengxaki. Abanye abantu basenokuhlekisa ngokuba ufuna ukuba liNgqina; banokude bangakufuni okanye bakuphathe kakubi. (2 Tim. 3:12) Mhlawumbi kukho into ozama ngamandla ukuyiyeka kuba usazi ukuba ayilunganga, kodwa ngamanye amaxesha uzibona sowuyenza. Okanye usenokuphelelwa ngumonde de ucaphuke kuba ubona ngathi awukwazi ukude uyenze into ozimisele ukuyenza. Yintoni enokukunceda unyamezele? Luphawu olubalulekileyo, ukuthanda uYehova.

18 Olona phawu luhle onalo kukuthanda uYehova. (Funda iMizekeliso 3:3-6.) Ukuba simthanda kakhulu uThixo sinokukwazi ukumelana neengxaki esinazo. IBhayibhile isoloko isithi uYehova ubathanda ngokungagungqiyo abakhonzi bakhe. Le nto ithetha ukuba akasoze abashiye, engasoze ayeke ukubathanda. (INdu. 100:5) Ukwenze wafana naye. (Gen. 1:26) Ngoko ungalubonisa njani uthando olufana nolwakhe?

Mbulele yonke imihla uYehova (Jonga isiqendu 19) b

19. Yintoni onokuyenza ebonisa ukuba umbulela kakhulu uYehova ngezinto akwenzele zona? (AmaGalati 2:20)

19 Qala ngokumbulela uYehova. (1 Tes. 5:18) Qho ngosuku zibuze, ‘Ziintoni azenzileyo uYehova ezibonisa ukuba uyandithanda?’ Emva koko, qiniseka ukuba uyambulela xa uthandaza, uchaza izinto akwenzele zona. Njengompostile uPawulos nawe yiqonde into yokuba uYehova ukwenzela izinto ezintle kuba ekuthanda. (Funda amaGalati 2:20.) Zibuze, ‘Ngaba nam ndiyafuna ukumbonisa indlela endimthanda ngayo?’ Ukuthanda uYehova kuza kukunceda ungayeki ukulwa nezinto ezingalunganga ezifunwa ngumzimba onesono, ukwazi nokunyamezela iingxaki. Kuza kukwenza ungayeki ukumkhonza, yonke imihla ubonise uTata wakho indlela omthanda ngayo.

20. Yintoni omele uyenze xa uzinikela kuYehova? Sibaluleke kangakanani isigqibo sokuzinikela?

20 Ekuhambeni kwexesha, indlela omthanda ngayo uYehova iza kukwenza wenze umthandazo okhethekileyo wokuzinikela kuye. Khumbula ukuba xa uzinikele kuYehova uba nethemba elimangalisayo lokuba ungangowakhe kude kube ngonaphakade. Isifungo osenzileyo sokuzinikela kuye sisebenza xa kumnandi naxa kunzima. Usenza kube kanye. Kaloku xa sizinikela senza esona sigqibo sibalulekileyo. Kodwa cinga ngale nto: Ebomini bakho useza kwenza izigqibo ezininzi, ezinye zazo iza kuba zezilungileyo. Kodwa asikho esibaluleke ukogqitha ukuzinikela kwakho kuYehova. (INdu. 50:14) USathana uza kuzama ukukwenza uyeke ukumthanda uTata wakho enethemba lokuba uza kuyeka ukuthembeka kuye. Ungaze umvumele nokuba sekutheni. (Yobhi 27:5) Indlela omthanda kakhulu ngayo uYehova iza kukunceda ungaze usilibale isifungo osenzileyo xa ubuzinikela kuye uze uqhubeke ubuqinisa ubuhlobo bakho noTata wakho osezulwini.

21. Kutheni sinokuthi ukubhaptizwa sisiqalo sokukhonza uYehova?

21 Emva kokuba uzinikele kuYehova, xelela abadala bebandla okulo. Kodwa nantsi into omele ungayilibali, ukubhaptizwa akuthethi kuthi ugqibile. Isesisiqalo. Sisiqalo sobomi obungapheliyo bokukhonza uYehova. Ngoku lixesha lokuba uyiqinise indlela omthanda ngayo uTata wakho. Yiba nezinto ozimisela ukuzenza ukuze olo thando luye luqina usuku emva kolunye. Loo nto iza kukwenza ubhaptizwe. Kuza kuba mnandi nyhani kuwe ngaloo mini ubhaptizwa ngayo. Kodwa isesisiqalo nje esi. Siya kukhuthaza ukuba uye umthanda uYehova noNyana wakhe ngoku nangonaphakade.

INGOMA 135 “Yiba Sisilumko Nyana Wam”

a Xa sisebenzela ukubhaptizwa kufuneka sibe nesizathu esifanelekileyo. Simele senze nezinto ezibonisa ukuba siyafuna ukubhaptizwa. Siza kuthetha ngezinto elazenzayo igosa elingumTiyopiya ukuze sibone ukuba ziintoni amele azenze umntu ofundelwa iBhayibhile ukuze afaneleke ukuba abhaptizwe.

b INGCACISO YOMFANEKISO: Udade osemtsha uyathandaza ebulela uYehova ngezinto amenzele zona.