Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 13

INGOMA 127 Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo

Ngaba Uyamvuyisa UYehova?

Ngaba Uyamvuyisa UYehova?

‘Uyandivuyisa.’​—LUKA 3:22.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngezinto ezinokukunceda ungathandabuzi ukuba uYehova uyavuyiswad nguwe.

1. Yeyiphi indlela abasenokuziva ngayo abanye abakhonzi bakaYehova abathembekileyo?

 KUTHUTHUZELA nyhani ukwazi ukuba uYehova uvuyiswa ngabo bonke abantu bakhe! IBhayibhile ithi: “UYehova uyabathanda abantu bakhe.” (INdu. 149:4) Kodwa ngamanye amaxesha, abanye baye batyhafe kakhulu, kangangokuba bade bazibuze, ‘Ngaba uYehova uvuyiswa nandim?’ Nakubakhonzi bakaYehova abaninzi ababethembekile, ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, kwakukhe kube nzima ukukholelwa ukuba uYehova uyavuyiswa ngabo.​—1 Sam. 1:​6-10; Yobhi 29:​2, 4; INdu. 51:11.

2. Ngoobani avuyiswa ngabo uYehova?

2 IBhayibhile yenza kucace ukuba abantu abanesono bangakwazi ukumvuyisa uYehova. Singayenza njani loo nto? Simele sizikholelwe izinto uYesu awayezifundisa, sizenze size sibhaptizwe. (Yoh. 3:16) Ngaloo ndlela, sibonisa abantu ukuba siguqukile kwizono ebesizenza, futhi simthembisile uThixo ukuba siza kwenza izinto ezithandwa nguye. (IZe. 2:38; 3:19) UYehova uvuya nyhani xa sisenza ezi zinto ukuze sibe ngabahlobo bakhe. Ukuba nje sizama ngamandla ethu onke ukuphila ngokuvumelana nento esamthembisa yona uYehova xa sasizinikela kuye, uye avuyiswe sithi size sibe ngabahlobo bakhe abathandayo.​—INdu. 25:14.

3. Siza kuthetha ngantoni?

3 Ngamanye amaxesha, yintoni esenokwenza abanye bacinge ukuba uThixo akavuyiswa ngabo? Ubonisa njani uYehova ukuba uyavuyiswa sithi? Unokuqiniseka njani umKristu ukuba uThixo uyavuyiswa nguye?

KUTHENI ABANYE BESENOKUCINGA UKUBA UYEHOVA AKAVUYISWA NGABO?

4-5. Xa sibona ngathi akho yethu, yintoni esinokuqiniseka ngayo?

4 Abaninzi kuthi baqala besebancinci ukucinga ukuba ababalulekanga nganto. (INdu. 88:15) Umzalwana ekuthiwa nguAdrián uthi: “Bendisoloko ndicinga ukuba akho yam. Enye yezinto endisazikhumbulayo kukuba, ndisemncinci ndandithandazela ukuba abantu basekhaya bangene eParadesi, ngoxa ndandiqinisekile ukuba mna andifaneleki.” UTony ongazange akhuliswe ngamaNgqina uthi: “Abazali bam zange bandixelele ukuba bayandithanda okanye banebhongo ngam. Loo nto yandenza ndacinga ukuba akukho nto ndandiyenza eyayinokubavuyisa.”

5 Ukuba ngamanye amaxesha sikhe sibone ngathi akho yethu, simele sikhumbule ukuba uYehova usitsalele kuye. (Yoh. 6:44) Ubona iimpawu ezintle kuthi, ekusenokwenzeka ukuba thina asiziboni, futhi uyazazi iintliziyo zethu. (1 Sam. 16:7; 2 Kron. 6:30) Ngoko sinokumthemba xa esithi sixabisekile.​—1 Yoh. 3:​19, 20.

6. Wayeziva njani umpostile uPawulos ngenxa yezono awayezenze kudala?

6 Ngaphambi kokuba bafunde inyaniso, abanye bethu babesenza izinto ekusenokwenzeka ukuba zisabakhathaza nangoku. (1 Pet. 4:3) KwanamaKristu athembekileyo alwa nomnqweno wokufuna ukwenza izinto ezingalunganga. Wena, ngaba ukhe ubone ngathi uYehova akanakukuxolela? Ukuba uthi ewe, kunokukuthuthuzela ukwazi ukuba nabanye abakhonzi bakaYehova ababethembekile babekhe bazive njengawe. Ngokomzekelo, umpostile uPawulos wayeziva elusizana xa ecinga ngeempazamo zakhe. (Roma 7:24) UPawulos wayeguqukile kwizono awayezenza waza wabhaptizwa. Sekunjalo wayesazibona ‘engoyena uphantsi kubapostile,’ noyena moni “ubodlula bonke.”​—1 Kor. 15:9; 1 Tim. 1:15.

7. Yintoni esimele siyikhumbule ngezono esazenzayo?

7 UTata wethu osezulwini uthembisa ukuba uza kusixolela xa siguquka. (INdu. 86:5) Ngoko ukuba sizisola nyhani ngezono esizenzileyo, sinokumthemba ukuba unyanisile xa esithi uza kusixolela.​—Kol. 2:13.

8-9. Yintoni enokusenza siyeke ukucinga ukuba izinto esikwazi ukumenzela zona uYehova soze zimvuyise?

8 Sonke sifuna ukumkhonza ngamandla ethu onke uYehova. Kodwa abanye bacinga ukuba izinto abakwazi ukumenzela zona soze zimvuyise. Udade onguAmanda uthi: “Ndidla ngokucinga ukuba ukusebenzela uYehova ngamandla am onke, kuthetha ukuba kufuneka ndisoloko ndisithi chatha kwindlela endimsebenzela ngayo. Ndihlala ndizama ukumsebenzela ngaphezu kwamandla endinawo. Ndithi ndakungakwazi ukwenza izinto ebendizimisele ukuzenza, ndizixelele ukuba inoba uYehova uphoxeke njengam.”

9 Yintoni enokusenza siyeke ukucinga ukuba izinto esikwazi ukumenzela zona uYehova soze zimvuyise? Kukukhumbula ukuba uYehova akekho ngqongqo. Soze alindele ukuba senze izinto ezingaphezu kwamandla ethu. Uvuyiswa yiyo nantoni na esimenzela yona, ukuba nje siyenza ngamandla ethu onke. Cinga nangabantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, ababemkhonza ngeentliziyo zabo zonke uYehova. Omnye wabo nguPawulos. Wasebenza nzima kangangeminyaka, ehamba imigama emide. Wamisela namabandla amaninzi. Kodwa xa wayengasakwazi ukushumayela njengakuqala, ngaba uYehova wayeka ukuvuyiswa nguye? Akazange ayeke. UPawulos waqhubeka esenza konke awayenokukwazi ukumenzela kona uYehova, waza uYehova wamsikelela. (IZe. 28:​30, 31) Nathi sisenokungakwazi ukumkhonza ngendlela ebesikade simkhonza ngayo uYehova. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kuye sisizathu sokuba simkhonze. Makhe sithethe ngezinye iindlela uYehova abonisa ngazo ukuba uyavuyiswa sithi.

UYEHOVA UBONISA NJANI UKUBA SIYAMVUYISA?

10. Sinokwenza ntoni ukuze ibe ngathi siyamva uYehova xa esithi uyavuyiswa sithi? (Yohane 16:27)

10 NgeBhayibhile. UYehova uyathanda ukubonisa abantu abathandayo indlela abamvuyisa ngayo. IZibhalo zisixelela ngamaxesha amabini, apho axelela uNyana wakhe, uYesu, ukuba uyamthanda futhi uyavuyiswa nguye. (Mat. 3:17; 17:5) Wena, ungathanda ukuva uYehova esithi uyamvuyisa? UYehova akathethi nathi esezulwini, kodwa usebenzisa iLizwi Lakhe, iBhayibhile. Xa sifunda izinto uYesu awayezithetha kubafundi bakhe, iba ngathi siva uYehova esithi uyavuyiswa sithi. (Funda uYohane 16:27.) UYesu wayezibonakalisa zinjengokuba zinjalo iimpawu zikaTata wakhe. Abafundi bakaYesu babethembekile kodwa benesono. Ngoko xa sifunda ukuba wabaxelela ukuba uyavuyiswa ngabo, sinokuba nombono kaYehova ethetha loo nto nakuthi.​—Yoh. 15:​9, 15.

UYehova usibonisa ngeendlela ezininzi ukuba siyamvuyisa (Jonga isiqendu 10, 12-13)


11. Kutheni ukuba neengxaki kungabonisi ukuba uYehova akasavuyiswa sithi? (Yakobi 1:12)

11 Ngezinto asenzela zona. UYehova ufuna nyhani ukusinceda. Ngokomzekelo, uyasinika izinto esizidingayo. Ngamany’ amaxesha, usenokuvuma ukuba sehlelwe zizinto ezibuhlungu, njengokuba wenzayo kuYobhi owayelilungisa. (Yobhi 1:​8-11) Ukuba neengxaki akubonisi ukuba uYehova akasavuyiswa sithi. Kodwa kusinika ithuba lokumbonisa ukuba simthanda kangakanani, futhi sithembele kangakanani kuye. (Funda uYakobi 1:12.) Xa esinceda sizinyamezele, siza kubona indlela asithanda nasikhathalele ngayo.

12. Yintoni esiyifundayo kwinto eyenzeka kuDmitrii?

12 Cinga ngento eyenzeka kumzalwana waseAsia, uDmitrii. Waphelelwa ngumsebenzi kwaza kwaqengqeleka iinyanga ezininzi, engade awufumane omnye. Waba ngathi uyaqina apha ekushumayeleni, ebonisa ukuba uthembele kuYehova. Kwadlula ezinye iinyanga, engawufumani tu umsebenzi. Emva koko, wagula kakhulu de kwanyanzeleka ukuba ahlale esebhedini. Waqalisa ukuzibona engutata nomyeni ekungekho yakhe, ezibuza nokuba uYehova usavuyiswa na nguye. Ngobunye ubusuku, umntwana wakhe oyintombazana wamprintela iphepha elalinamazwi akuIsaya 30:15 athi: “Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.” Waya nalo kuye waza wathi: “Tata, nasi isibhalo onokucinga ngaso xa ukhathazekile.” UDmitrii watsho waqonda ukuba uYehova uyabanceda, yiloo nto babesenokutya okwaneleyo, impahla nendawo yokuhlala. Uthi: “Into ekwakufuneka ndiyenze yayikukuba ndihlale ndizolile, ndiqhubeke ndithembele kuThixo wam.” Ukuba nawe unengxaki efanayo, unokuqiniseka ukuba uYehova ukukhathalele futhi uza kukunceda uyinyamezele.

UYehova usibonisa ngeendlela ezininzi ukuba siyamvuyisa (Jonga isiqendu 12) a


13. Ngoobani uYehova anokubasebenzisa ukuze abonise ukuba uyavuyiswa sithi? UYehova unokuyenza njani loo nto?

13 Ngabazalwana noodade. UYehova usebenzisa abazalwana noodade ukuze abonise ukuba siyamvuyisa. Ngokomzekelo, unokubenza bathethe into eza kusikhuthaza, kanye ngexesha ebesiyidinga ngalo. Le nto yenzeka komnye udade waseAsia owayenestres kakhulu. Waphelelwa ngumsebenzi waza wagula kakhulu. Emva koko, umyeni wakhe wenza isono esinzulu waza wayekiswa ukuba ngumdala. Uthi: “Ndandingazi ukuba kutheni kusenzeka ezi zinto kum. Ndandicinga ukuba uThixo akasavuyiswa ndim, mhlawumbi ngenxa yento embi endiyenzileyo.” Udadewethu wacenga uYehova ukuba ambonise ukuba usavuyiswa nguye. Wambonisa njani? Uthi: “Abadala bancokola nam, bandenza ndaqiniseka ukuba uYehova usandithanda.” Ekuhambeni kwexesha, waphinda wamcela uYehova ukuba amncede. Uthi: “Kwangaloo mini, ndafumana ileta endandiyibhalelwe ngabazalwana noodade basebandleni. Xa ndandifunda amazwi abo athuthuzelayo, ndabona ukuba uYehova undivile.” Nyhani uYehova udla ngokusibonisa ukuba uyavuyiswa sithi, ngokwenza abantu bathethe izinto eziza kusikhuthaza.​—INdu. 10:17.

UYehova usibonisa ngeendlela ezininzi ukuba siyamvuyisa (Jonga isiqendu 13) b


14. Yeyiphi enye indlela uYehova abonisa ngayo ukuba uyavuyiswa sithi?

14 Enye indlela abonisa ngayo uYehova ukuba uyavuyiswa sithi kukusebenzisa amanye amaKristu ukuba asiluleke xa siyidinga loo nto. Ngokomzekelo, ngexesha labapostile, uYehova wasebenzisa umpostile uPawulos ukuba abhalele amanye amaKristu iileta eziyi-14 ezaziphefumlelwe. Kwezo leta wayengagwegwelezi xa ewaluleka, kodwa loo nto wayeyenza ngothando. Kwakutheni ukuze uYehova aphefumlele uPawulos ukuba azibhale ezo ziluleko? UYehova nguTata olungileyo, obaqeqeshayo abantwana bakhe ‘abathandayo.’ (IMize. 3:​11, 12) Ngoko xa umntu esiluleka esebenzisa iBhayibhile, loo nto ibonisa ukuba uYehova akasicaphukeli, kodwa uyasithanda futhi uyavuyiswa sithi. (Heb. 12:6) Zeziphi ezinye izinto ezibonisa ukuba uYehova uyavuyiswa sithi?

EZINYE IZINTO EZIBONISA UKUBA UYEHOVA UYAVUYISWA SITHI

15. UYehova uwunika oobani umoya wakhe oyingcwele? Loo nto isenza siqiniseke ngantoni?

15 Ngabantu abamvuyisayo uYehova abanika umoya wakhe oyingcwele. (Mat. 12:18) Sinokuzibuza, ‘Ngaba lukhona uphawu lwesiqhamo somoya kaThixo endikhe ndalubonisa?’ Ngaba uphawula ukuba unomonde kakhulu ngoku kwabanye, kunangokuya wawungekamazi uYehova? Xa usiya uzibonakalisa iimpawu zesiqhamo somoya kaThixo, uza kuya uqiniseka ukuba uYehova uyavuyiswa nguwe!​—Jonga ibhokisi ethi “ Isiqhamo Somoya . . .

Unokuyibona njani into yokuba uyamvuyisa uYehova? (Jonga isiqendu 15-17)


16. Ngoobani uYehova abasebenzisayo kumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo? Ikwenza uzive njani loo nto? (1 Tesalonika 2:4)

16 UYehova uyakuvuyela ukunika abantu abamvuyisayo umsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. (Funda ama-1 Tesalonika 2:4.) Khawuve ukuba kwamnceda njani omnye udade onguJocelyn ukushumayela iindaba ezilungileyo. Ngeny’ imini, lo dade wavuka engonwabanga. Uthi: “Ndandingenamandla akwenza nto. Kodwa ndandinguvulindlela, lwabe nolo suku ilusuku lokuba ndiye entsimini. Ngoko ndathandaza, emva koko ndaphuma ndaya entsimini.” Ngaloo ntseni, uJocelyn wathetha noMary, ibhinqa elalinobubele nelavumayo ukuba alifundele iBhayibhile. Kwiinyanga ezalandelayo, uMary wathi, xa kwankqonkqoza uJocelyn kwakhe, wayethandaza, ecela uThixo ukuba amncede. Xa uJocelyn ecinga ngale nto uthi: “Yayingathi uYehova uthi kum, ‘Uyandivuyisa Jocelyn.’” Ayinguye wonke umntu oza kuba nomdla xa sishumayela kuye. Kodwa sinokuqiniseka ukuba uvuya kakhulu uYehova xa sisenza konke okusemandleni ethu ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo.

Unokuyibona njani into yokuba uyamvuyisa uYehova? (Jonga isiqendu 16) c


17. Yintoni oyifundayo kuVicky ngedini likaYesu? (INdumiso 5:12)

17 UYehova ulisebenzisa kubantu abamvuyisayo ixabiso ledini likaYesu. (1 Tim. 2:​5, 6) Kodwa siza kuthini xa sicinga ukuba uYehova akavuyiswa sithi, ngoxa sinokholo kwidini likaYesu futhi sibhaptiziwe? Nantsi into emasingayilibali: Asinakusoloko siyithemba indlela esiziva ngayo, kodwa uYehova sinokumthemba. Kuye abantu abanokholo kwidini likaYesu bangamalungisa, uthembisa nokuba uza kubasikelela. (Funda iNdumiso 5:12; Roma 3:26) Ukucinga ngedini likaYesu kwamnceda uVicky. Ngeny’ imini, emva kokuba ecingisise kakhulu ngedini likaYesu, wathi: “UYehova ebenomonde. . . . Kwakungathi ndithi kuye: ‘Awundithandi ngokwaneleyo. Idini lentlawulelo loNyana wakho alanelanga kum.’” Xa wacingisisa ngesi sipho, waziva ethandwa nguYehova. Nathi, xa sicinga ngedini likaYesu, siza kubona ukuba uYehova uyasithanda futhi uyavuyiswa sithi.

Unokuyibona njani into yokuba uyamvuyisa uYehova? (Jonga isiqendu 17)


18. Xa singayeki ukumthanda uTata wethu osezulwini, yintoni esimele siqiniseke ngayo?

18 Nangona sisenokusebenza nzima, sizama ukwenza izinto esizicetyiswe kweli nqaku, ngamanye amaxesha sisenokutyhafa, sizibuze ukuba uYehova uyavuyiswa na sithi. Xa kusenzeka loo nto, khumbula ukuba uYehova uyavuyiswa ngabantu ‘abaqhubeka bemthanda.’ (Yak. 1:12) Ngoko yiya umthanda uYehova, ukhangele zonke iindlela akubonisa ngazo ukuba uyamvuyisa. Mayingaphumi engqondweni yakho into yokuba ‘akekho kude kuthi sonke.’​—IZe. 17:27.

KHAWUTSHO

  • Yintoni esenokwenza abanye bacinge ukuba abamvuyisi uYehova?

  • Zeziphi ezinye iindlela uYehova abonisa ngazo ukuba uyavuyiswa sithi?

  • Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo uyavuyiswa sithi?

INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho

a INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso

b INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso

c INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso