Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 11

INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela

Ukuphoxeka Makungakuyekisi Ukukhonza UYehova

Ukuphoxeka Makungakuyekisi Ukukhonza UYehova

“Unyamezela ngenxa yegama lam.”​—ISITYHI. 2:3.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Siza kubona ukuba sinokuhlala simkhonza uYehova nokuba siphoxekile.

1. Ziintoni ezisenza simbulele uYehova ngokusivumela ukuba sibe kwintlangano yakhe?

 SIMBULELA nyhani uYehova ngokusivumela sibe kwintlangano yakhe kule mihla yokugqibela kunzima ukuphila kuyo. Kuya kusiba nzima kweli hlabathi, kodwa uYehova usinike abazalwana noodade abasincedayo. (INdu. 133:1) Usinceda sibe neentsapho ezonwabileyo. (Efe. 5:33–6:1) Usinika nobulumko esibudingayo ukuze simelane namaxhala size sonwabe.

2. Yintoni ekufuneka siyenze? Ngoba?

2 Kufuneka sisebenze nzima ukuze sihlale sithembekile kuYehova. Kutheni sisitsho? Kaloku ngamany’ amaxesha sisenokukhathazwa zizinto ezithethwa okanye ezenziwa ngabanye. Sisenokukhathazwa naziimpazamo esizenzayo, ngokukodwa xa simana siziphinda. Simele singayeki ukukhonza uYehova xa (1) sikhathazwa ngomnye umKristu, (2) siphoxwa ngumntu esitshate naye naxa (3) sityhafiswa kukuba senze isono. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezi zinto zintathu. Siza kuthetha nangezinto esinokuzifunda kubantu abathathu ababethembekile ekuthethwa ngabo eBhayibhileni.

XA UKHATHAZWA NGOMNYE UMKRISTU

3. Yeyiphi ingxaki abanayo abantu bakaYehova?

3 Ingxaki. Amanye amaKristu aneempawu esingazithandiyo. Amanye asenokusiphoxa okanye angasiphathi kakuhle. Abadala banokwenza iimpazamo. Ezi zinto zinokwenza abanye bathandabuze ukuba le yintlangano kaThixo. Kunokuba baqhubeke bekhonza uThixo ‘bemanyene’ nabazalwana noodade, basenokungafuni nto ibadibanisa namaKristu abakhathazileyo, okanye bayeke nokuya kwiintlanganiso. (Zef. 3:9) Benza kakuhle ke xa besenza loo nto? Makhe sibone ukuba sinokufunda ntoni kumntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni owaba nezi ngxaki.

4. Zeziphi iingxaki awayenazo umpostile uPawulos?

4 Umntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni. Umpostile uPawulos wayesazi ukuba abazalwana noodade awayekhonza nabo babezenza iimpazamo. Ngokomzekelo, xa wayeqala ukuba ngumKristu, abanye kwibandla laseYerusalem babengakholelwa ukuba ungumlandeli kaYesu. (IZe. 9:26) Ekuhambeni kwexesha, abanye bathetha kakubi ngaye, befuna abanye bangamthembi. (2 Kor. 10:10) UPawulos wabona umdala esenza isigqibo esingafanelekanga, esasinokubakhubekisa abanye. (Gal. 2:​11, 12) Waphoxwa kakhulu nangomnye wabahlobo bakhe awayebathanda, uMarko. (IZe. 15:​37, 38) UPawulos wayesenokuvumela enye yezi ngxaki imenze angafuni kwanto imdibanisa nabo bantu. Kodwa waqhubeka ebathanda abazalwana noodade, akayeka nokukhonza uYehova. Wancedwa yintoni?

5. Yintoni eyanceda uPawulos akabancama abazalwana noodade? (Kolose 3:​13, 14) (Jonga nomfanekiso.)

5 Indlela uPawulos awayebathanda ngayo abazalwana noodade yamnceda wajonga iimpawu zabo ezintle, akazihoya iimpazamo zabo. Yamnceda wenza nento awayibhala kumaKolose 3:​13, 14. (Wafunde.) Loo nto wayenza kuMarko. UMarko wamshiya uPawulos kuhambo lwakhe lokuqala engumthunywa wevangeli, kodwa uPawulos zange ahlale equmbile. Ekuhambeni kwexesha, kwileta awayibhalela ibandla laseKolose, wamncoma uMarko, esithi basebenza kunye futhi ‘uyamthuthuzela.’ (Kol. 4:​10, 11) Xa wayelibanjwa eRoma, wamcela ngokukhethekileyo uMarko ukuba aze kumnceda. (2 Tim. 4:11) Kucacile ukuba uPawulos zange abancame abazalwana bakhe. Yintoni esinokuyifunda kuye?

Xa uBharnabhas noMarko babengavumelani noPawulos, uPawulos zange ahlale ebaqumbele. Ekuhambeni kwexesha, wakuvuyela ukusebenza noMarko (Jonga isiqendu 5)


6-7. Yintoni enokusinceda singayeki ukubathanda abazalwana noodade ngoxa besenza iimpazamo? (1 Yohane 4:7)

6 Yintoni esiyifundayo? UYehova ufuna singayeki ukubathanda abazalwana noodade. (Funda u-1 Yohane 4:7.) Xa omnye wabo esiphatha ngendlela ebesingayilindelanga kumKristu, masimthembe ukuba ebengafuni kusikhathaza futhi uyafuna ukwenza izinto ezifunwa nguYehova. (IMize. 12:18) UThixo uyabathanda abakhonzi bakhe abathembekileyo ngoxa besenza iimpazamo. Akasilahli okanye ahlale esiqumbele xa siye saphazama. (INdu. 103:9) Kubaluleke nyhani ukuba simlinganise lo Tata wethu uxolelayo!​—Efe. 4:32–5:1.

7 Khumbula nokuba, ekubeni isiphelo sisondela, kuza kufuneka sihlale sivana nabazalwana noodade. Sinokulindela nokuba siye siphathwa kakubi kakhulu ngabantu. Sinokude sizibone sesisetrongweni ngenxa yokholo lwethu. Xa isenzeka loo nto, siza kubadinga kakhulu abazalwana noodade. (IMize. 17:17) Khawuve into eyenzeka komnye umdala waseSpeyin, uJosep. a Ngenxa yokungathathi cala, yena nabanye abazalwana bavalelwa. Uthi: “Sasihlala sonke etrongweni, ngoko ngamanye amaxesha sasiye sicaphukisane. Kwakuye kufuneke sinyamezelane size sixolelane ngokusuka entliziyweni. Loo nto yasinceda sahlala simanyene futhi sikhathalelana. Kuloo trongo sasivalelwe nabanye abantu ababengamkhonzi uYehova. Ngeny’ imini, ndonzakala engalweni yaza yabotshwa, ngoko ndandingakwazi kuzenzela nto. Kodwa omnye umzalwana wayendihlambela impahla, endenzela nezinye izinto. Olu thando lokwenene ndalufumana kanye ngexesha endandiludinga ngalo.” Sinezizathu ezivakalayo zokuzilungisa kwangoku izinto ezisenza singavani nabazalwana noodade!

XA UPHOXWA NGUMNTU OTSHATE NAYE

8. Ziintoni ezinokubangela ingxaki kubantu abatshatileyo?

8 Ingxaki. Yonke imitshato ineengxaki. IBhayibhile ayiyifihli into yokuba abantu abatshatileyo baza kuba “neengxaki ezininzi.” (1 Kor. 7:28) Ziza kwenziwa yintoni? Kaloku emtshatweni kudibana abantu ababini abanesono, nabaneempawu ezingafaniyo. Izinto abazithandayo nabangazithandayo azifani. Kusenokwenzeka nokuba bakhule ngeendlela ezingafaniyo. Ekuhambeni kwexesha, kusenokuvela iimpawu ezingakhange zivele ngaphambi kokuba batshate. Yenye yezi zinto ke enokwenza kubekho ingxaki. Kunokuba bobabini bavume ukuba bafake isandla ekubeni kubekho ingxaki baze bazame ukuyilungisa, basenokubekana ityala. Basenokucinga ukuba kubhetele bohlukane okanye badivose. Kodwa ngaba loo nto iza kubenza bonwabe? b Makhe sibone ukuba yintoni esinokuyifunda kumntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni, owayetshate nomntu owabenza banzima kakhulu ubomi bakhe.

9. Yeyiphi ingxaki awayenayo uAbhigali?

9 Umntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni. UAbhigali wayetshate noNabhali, iBhayibhile ethi wayengqwabalala, ese nokusa. (1 Sam. 25:3) Inoba kwakunzima nyhani kuAbhigali ukuhlala nendoda enje. Ngaba yaba khona indlela yokuba asuke aphume kuloo mtshato? Walifumana elo thuba. Kaloku umyeni wakhe wadelela uDavide namadoda akhe. Ngoko uDavide, owayeza kuba ngukumkani wakwaSirayeli, wafuna ukumbulala. (1 Sam. 25:​9-13) UAbhigali wayenokusuka abaleke, ayeke uDavide enze into awayefuna ukuyenza. Kodwa kunokuba abaleke, wamcenga uDavide ukuba angambulali uNabhali. (1 Sam. 25:​23-27) Kwakutheni ukuze enze loo nto?

10. Yintoni esenokuba yenza uAbhigali akamshiya umyeni wakhe owayebenza bube nzima ubomi bakhe?

10 UAbhigali wayemthanda uYehova, elihlonipha nelungiselelo lakhe lomtshato. Ngokuqinisekileyo wayeyazi into uThixo awayixelela uAdam noEva xa wayebatshatisa. (Gen. 2:24) Wayesazi nokuba umtshato ungcwele kuYehova. Ngenxa yokuba wayefuna ukuvuyisa uThixo, wayenokuzama ngamandla akhe onke ukusindisa abantu bendlu yakhe nomyeni wakhe. Wakhawuleza wamnqanda uDavide ukuba angambulali uNabhali. Zange abe nayo nengxaki yokuxolisa kuDavide, nangona wayengenzanga nto. Siqinisekile ukuba uYehova wayelithanda eli bhinqa lalinesibindi, nelalingacingeli siqu salo. Yintoni enokufundwa ngabayeni namakhosikazi kuAbhigali?

11. (a) UYehova ulindele ntoni kubantu abatshatileyo? (Efese 5:33) (b) Yintoni oyifundileyo kwindlela awasebenza ngayo uCarmen ukuze angohlukani nomyeni wakhe? (Jonga nomfanekiso.)

11 Yintoni esiyifundayo? UYehova ulindele ukuba ungohlukani nomntu otshate naye, nokuba akukho lula ukuphila naye. Inoba uvuya kakhulu uThixo xa ebona abantu abatshatileyo besebenza nzima ukuze balungise iingxaki zabo, bethandana futhi behloniphana. (Funda amaEfese 5:33.) Khawuve into eyenziwa nguCarmen. Malunga neminyaka eyi-6 etshatile, wafunda iBhayibhile namaNgqina KaYehova waza wabhaptizwa. Uthi: “Umyeni wam zange ayithande ke loo nto. Wakhweleta, ngokungathi uYehova wayemthathela inkosikazi. Wayedla ngokuthetha kakubi nam, endoyikisa nangokundishiya.” Sekunjalo, uCarmen wahlala emtshatweni wakhe. Yaphela iminyaka eyi-50, esebenza nzima ukuze amthande aze amhloniphe umyeni wakhe. Uphinda athi: “Njengoko iminyaka yayihamba, ndafunda ukuyiqonda bhetele indlela aziva ngayo umyeni wam, nokuthetha kakuhle naye. Ukwazi ukuba umtshato ungcwele kuYehova kwandenza ndazama ngamandla am onke ukuba singohlukani nomyeni wam. Loo nto ndayenza kuba ndimthanda uYehova.” c Ukuba kuvela iingxaki emtshatweni wakho, mthembe uYehova ukuba uza kukunceda ungamshiyi umntu otshate naye.

Ufunda ntoni kwindlela uAbhigali awayekulungele ngayo ukwenza nantoni na ukuze asindise abantu bendlu yakhe? (Jonga isiqendu 11)


XA WENZE ISONO

12. Yeyiphi ingxaki esisenokuba nayo xa senze isono esinzulu?

12 Ingxaki. Sinokutyhafa kakhulu xa senze isono esinzulu. IBhayibhile iyavuma ukuba izono esizenzileyo zinokusishiya ‘sineentliziyo ezaphukileyo nezityumkileyo.’ (INdu. 51:17) Umzalwana onguRobert wasebenza nzima kangangeminyaka ukuze abe sisicaka solungiselelo. Kodwa wenza isono esinzulu, esamenza wabona ukuba khange athembeke kuYehova. Uthi: “Ndatyiwa kakhulu sisazela. Emva koko, ndaba buhlungu nyhani. Ndandilila, ndithandaza kuYehova. Ndikhumbula ndicinga ukuba uThixo soze aphinde azihluphe ngokundimamela. Wayeza kuzihluphelani ke, ekubeni ndandimphoxe kangaka?” Xa senze isono, sisenokuba buhlungu kakhulu de sicinge ukuba uYehova usilahlile, ngoko akusekho sizathu sokuba simkhonze. (INdu. 38:4) Ukuba ukhe waziva ngale ndlela, cinga ngomntu owayethembekile ekuthethwa ngaye eBhayibhileni, ongazange ayeke ukukhonza uYehova ngoxa wayenze isono esinzulu.

13. Sesiphi isono esinzulu esenziwa nguPetros? Zeziphi iimpazamo awazenza ngaphambi koko?

13 Umntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni. Ngobusuku obungaphambi kokuba uYesu abulawe, uPetros wenza iimpazamo ezininzi, nezabangela ukuba ade enze nesono esinzulu. Waqala ngokuzithemba kakhulu, esithi nokuba abanye abapostile babenokumshiya uYesu, yena wayeza kuhlala ethembekile. (Marko 14:​27-29) Walandela ngokungahlali ethe qwa, xa wayekwigadi yaseGetsemane. (Marko 14:​32, 37-41) Emva koko, xa kwafika abantu abaninzi beze kubamba uYesu, uPetros wamshiya. (Marko 14:50) Ekugqibeleni, uPetros wamphika kathathu uYesu, wafunga nokufunga, esithi akamazi. (Marko 14:​66-71) Wenza ntoni akuqonda ukuba wenze isono esinzulu? Wavele wakhala, mhlawumbi kuba wayetyiwa sisazela. (Marko 14:72) Kwiiyure ezalandelayo umhlobo wakhe uYesu wabulawa. Khawucinge indlela amele ukuba waba buhlungu ngayo uPetros! Inoba wacinga ukuba akukho yakhe.

14. Yintoni eyanceda uPetros akayeka ukukhonza uYehova? (Jonga ongaphandle.)

14 Zininzi izinto ezanceda uPetros akayeka ukukhonza uYehova. Zange azikhethe; waya kubazalwana bakhe, futhi sinokuqiniseka ukuba bamthuthuzela. (Luka 24:33) Nasemva kokuba evusiwe uYesu, wabonakala kuPetros, mhlawumbi ukuze amkhuthaze. (Luka 24:34; 1 Kor. 15:5) Ekuhambeni kwexesha, endaweni yokuba angxolise uPetros ngezinto awayengakhange azenze kakuhle, uYesu wamxelela lo mhlobo wakhe ukuba uza kumnika imisebenzi emikhulu. (Yoh. 21:​15-17) UPetros wayesazi ukuba wenze isono esinzulu, kodwa zange ayeke ukuzama ukwenza izinto ezilungileyo. Kwakutheni? Kaloku wayeqinisekile ukuba iNkosi yakhe, uYesu, isamthanda. Nabazalwana bakhe zange bayeke ukumnceda. Yintoni esinokuyifunda kuPetros?

UYohane 21:​15-17 ubonisa ukuba uYesu zange ayeke ukumthanda uPetros. Loo nto yamkhuthaza noPetros ukuba angayeki ukukhonza uYehova (Jonga isiqendu 14)


15. Yintoni uYehova afuna siqiniseke ngayo? (INdumiso 86:5; Roma 8:​38, 39) (Jonga nomfanekiso.)

15 Yintoni esiyifundayo? UYehova ufuna siqiniseke ukuba uyasithanda futhi uyafuna nokusixolela. (Funda iNdumiso 86:5; Roma 8:​38, 39.) Xa sonile, siye sizisole. Kumele kube njalo kakade. Kodwa loo nto ayimele isenze sicinge ukuba uYehova akasasithandi okanye akanakusixolela. Into ekufuneka siyenze thina kukukhawuleza sicele uncedo. URobert, ekukhe kwathethwa ngaye, uthi: “Into eyandenza ndona kukuba ndandizithembe kakhulu.” Wabona ukuba kuza kufuneka athethe nabadala. Uthi: “Ndathi ndakuthetha nabo, bandinceda ndabona ukuba uYehova uyandithanda. Zange bandincame. Bandinceda ndabona ukuba uYehova wayengandilahlanga.” Nathi sinokuqiniseka ukuba uYehova usithanda kakhulu, futhi uyasixolela ukuba siyaguquka, size sizame ukungayiphindi impazamo esiyenzileyo. (1 Yoh. 1:​8, 9) Loo nto isinceda singayeki ukumkhonza uYehova xa siye samona.

Ukubona abadala besebenza nzima ukuze bakuncede kukwenza uqiniseke ngantoni? (Jonga isiqendu 15)


16. Kutheni uzimisele ukungayeki ukukhonza uYehova?

16 UYehova uyixabisa kakhulu into yokuba sizama ngamandla ukumkhonza kule mihla yokugqibela kunzima ukuphila kuyo. Unokusinceda singayeki ukumkhonza nokuba siphoxekile. Sinokubathanda size sibaxolele abazalwana noodade nokuba bayasikhathaza. Sinokubonisa ukuba simthanda kakhulu uThixo futhi siyawuhlonipha umtshato, ngokwenza nantoni na esinokuyenza ukuze silungise iingxaki ezinokuvela emtshatweni. Ukuba siye senza isono, sinokucela uncedo lukaYehova, sikhumbule ukuba uyasithanda futhi uyaxolela, size siqhubeke simkhonza. Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusisikelela xa ‘singayeki ukwenza izinto ezilungileyo.’​—Gal. 6:9.

YINTONI ENOKUSINCEDA SINGAYEKI UKUKHONZA UYEHOVA . . .

  • xa sikhathazwe ngomnye umKristu?

  • xa siphoxwe ngumntu esitshate naye?

  • xa senze isono?

INGOMA 139 Zibone Ukwihlabathi Elitsha

a Amanye amagama atshintshiwe.

b ILizwi LikaThixo alikhuthazi ukuba abantu abatshatileyo bohlukane, futhi lenza kucace ukuba umntu ohlukene nomntu atshate naye, akavumelekanga ukuba aphinde atshate omnye. Sekunjalo, zikhona iimeko apho amanye amaKristu aye agqibe ekubeni ohlukane. Jonga isihlomelo 4 esithi “Ukohlukana Kwabantu Abatshatileyo” kwincwadi ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!