Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AMAZWI ASEBHAYIBHILENI

Ukuxolelwa Ngaphambi Kokuzinikela KukaYesu

Ukuxolelwa Ngaphambi Kokuzinikela KukaYesu

Sinokuxolelwa kuphela ngenxa yedini likaYesu, awalenza ngegazi lakhe. (Efe. 1:7) Kodwa iBhayibhile ithi: “Ngenxa yokunyamezela kwakhe [UThixo] wayexolela izono ezenzeka kwixesha elidluleyo.” Elo xesha lalingaphambi kokuba uYesu abe lidini. (Roma 3:25) Wayenokuyenza njani le nto uYehova, abe esabambelele nakwindlela anobulungisa ngayo?

Kwangela xesha uYehova wayesithi uza kwenza kubekho ‘inzala’ eza kusindisa abantu abakholwayo, kuye kwakufana nokuba selenziwe idini likaYesu. (Gen. 3:15; 22:18) UThixo wayeqinisekile ukuba ngexesha elifanelekileyo uNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo wayeza kuvuma ukunikela ngobomi bakhe. (Gal. 4:4; Heb. 10:​7-10) Xa uYesu wayengummeli kaThixo apha emhlabeni, waba negunya lokuxolela izono engekanikeli ngobomi bakhe. Wayebaxolela abantu abanokholo kuba wayesazi ukuba idini awayeza kulenza laliza kuzosula zonke izono zabo.​—Mat. 9:​2-6.