Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 19

Bathande Uze Ubakhusele Abantwana

Bathande Uze Ubakhusele Abantwana

“AkungoThixo oyoliswayo bubungendawo; akukho namnye onobubi onokuhlala nexeshana nawe.”​—INDU. 5:4.

INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-3. (a) Ngokutsho kweNdumiso 5:4-6, uYehova uzijonga njani izinto ezimbi? (b) Kutheni sisithi umthetho kaKristu awuyivumeli into yokuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo?

UYEHOVA UTHIXO akafuni nokuzibona izinto ezimbi. (Funda iNdumiso 5:4-6.) Ngoko uyicaphukela nyhani into yokuphathwa kakubi ngokwesondo kwabantwana, kuba leyo yenye yezona zinto zakha zambi. Nathi, kuba singamaNgqina KaYehova asiyifuni nokuyibona into yokuphathwa kakubi kwabantwana ngokwesondo. Ngenxa yaloo nto, asinakusonga izandla xa sisazi ukuba kukho umntu owenziwe loo nto ebandleni.​—Roma 12:9; Heb. 12:15, 16.

2 “Umthetho kaKristu” awuyivumeli into yokuphathwa kakubi ngokwesondo kwabantwana. (Gal. 6:2) Kutheni sisitsho? Kwinqaku elidlulileyo sifunde ukuba umthetho kaKristu zizo zonke izinto uYesu awazifundisayo nawazenzayo. Sifunde nokuba lo mthetho wabakho kuba uYehova noYesu besithanda ibe ukhuthaza ukuba abantu baphathwe kakuhle. Kuba amaKristu enene ethobela lo mthetho, aphatha abantwana ngendlela ebenza baqiniseke ukuba bakhuselekile ibe bayathandwa. Kodwa abantu abaphatha kakubi abantwana ngokwesondo bazicingela bodwa ibe bakhohlakele. Loo nto iye yenze abantwana bacinge ukuba abakhuselekanga ibe akukho mntu ubathandayo.

3 Into ebuhlungu kukuba, le nto yokuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo yenzeka emhlabeni wonke, ibe iye yenzeka nakumaKristu enene. Ngoba? Baninzi kakhulu “abantu abangendawo” namhlanje ibe abanye basenokuzama ukuza nasebandleni. (2 Tim. 3:13) Kwakhona, bakhona nabanye abantu abathi bakhonza uYehova abaye baphatha abantwana kakubi ngokwesondo. Makhe sibone ukuba kutheni isisono esenyanyekayo ukuphatha abantwana kakubi ngokwesondo. Emva koko, siza kuthetha ngoko kwenziwa ngabadala xa kukho umntu owenze isono esinzulu naxa kukho umntu oye waphatha kakubi umntwana ngokwesondo. Siza kugqibelisa ngendlela abazali abanokubakhusela ngayo abantwana babo. *

UKUPHATHA ABANTWANA KAKUBI NGOKWESONDO KUSISONO ESENYANYEKAYO

4-5. Ukuphathwa kakubi ngokwesondo kumenzakalisa njani umntwana?

4 Ukuphatha abantwana kakubi ngokwesondo kukhathaza abantu kangangexesha elide. Kukhathaza umntwana, abazali bakhe, abazalwana noodade nabanye abantu abamthandayo loo mntwana. Ukuphatha abantwana kakubi ngokwesondo kusisono esenyanyekayo.

5 Kuyamenzakalisa umntwana. Kusisono ukukhathaza nokwenzakalisa abanye abantu. Abantu abaphatha abantwana kakubi ngokwesondo benza kanye loo nto kuba benzakalisa abantwana ngeendlela ezininzi. Benza abantwana bangathembi mntu baze babenze babone ukuba abakhuselekanga. Siza kuva ngakumbi ngoku kwinqaku elilandelayo. Simele sibakhusele abantwana kubantu abenza le nto. Abo ikhe yabehlela le nto bakufuna nyhani ukuthuthuzelwa nokuncedwa.​—1 Tes. 5:14.

6-7. Umntu ophatha abantwana kakubi ngokwesondo ulingcolisa njani ibandla ibe uwophula njani umthetho karhulumente?

6 Kungcolisa igama lebandla. Umzalwana okanye udade oye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo wenza abantu bathethe kakubi ngabanye abazalwana noodade abasebandleni. (Mat. 5:16; 1 Pet. 2:12) Imbi ke loo nto kuba abazalwana noodade abaninzi abathembekileyo ‘balulwela nzima ukholo’ lwabo. (Yude 3) Abantu abenza izinto ezimbi baze bangaguquki abavunyelwa ukuba bahlale bengamaNgqina KaYehova.

7 Umntu ophatha abantwana kakubi ngokwesondo wophula umthetho karhulumente. AmaKristu amele ‘athobele amagunya awongamileyo.’ (Roma 13:1) Le nto siyenza ngokuthobela imithetho karhulumente. Ukuba umzalwana okanye udade wophula umthetho karhulumente, mhlawumbi ngokuphatha umntwana kakubi ngokwesondo, loo nto ibonisa ukuba akawathobeli amagunya awongamileyo. (Thelekisa iZenzo 25:8.) Abadala abababambi abantu abophule umthetho. Kodwa loo nto ayithethi kuthi bayamkhusela emapoliseni umntu owenze loo nto. (Roma 13:4) Loo mntu umele avune oko akuhlwayeleyo.​—Gal. 6:7.

8. Uziva njani uYehova xa omnye umntu esenza into embi komnye?

8 Umntu ophatha abantwana kakubi ngokwesondo wona uThixo. (INdu. 51:4) Xa umntu esenza into embi komnye, wona noYehova. Makhe senze umzekelo ngoMthetho uThixo awawunika amaSirayeli. UMthetho wawusithi umntu obele okanye oqhathe ummelwane wakhe ‘akathembekanga kuYehova.’ (Lev. 6:2-4) Ngoko umzalwana okanye udade ophatha umntwana kakubi ngokwesondo, wenza loo mntwana azibone engakhuselekanga. Kwangaxeshanye umntu owenza le nto emntwaneni akathembekanga kuYehova. Le nto ikwangcolisa igama likaYehova. Ngenxa yoko, nathi simele sikujonge ukuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo njengesono esenyanyekayo ibe simele sikucaphukele.

9. Yintoni eye yenziwa yintlangano kangangeminyaka, ibe ngoba?

9 Kangangeminyaka, intlangano kaYehova iye yenza iincwadi neevidiyo ezininzi ezithetha ngokuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo. Ngokomzekelo, kwiMboniselo nakuVukani! kukho amanqaku athetha ngezinto ezinokwenziwa ngabo baye baphathwa kakubi ngokwesondo. Amanye athetha ngeendlela esingabanceda ngazo nangeendlela abazali abangabakhusela ngazo abantwana babo. Abadala baye bafundiswa ngokusuka eBhayibhileni izinto abamele bazenze xa kukho umntu oye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo ebandleni. Intlangano imane iyijonga indlela abadala abawaxoxa ngayo amatyala anje. Ngoba? Ukuze iqiniseke ukuba la matyala axoxwa ngendlela evumelana nomthetho kaKristu.

BENZA NTONI ABADALA XA KUKHO UMNTU OWENZE ISONO ESINZULU?

10-12. (a) Yintoni abahlala beyikhumbula abadala xa kukho umntu owenze isono esinzulu, ibe zeziphi izinto ezibalulekileyo kubo? (b) Ngokutsho kukaYakobi 5:14, 15, abadala bazama ukwenza ntoni?

10 Xa abadala bexoxa amatyala ezono ezinzulu, bahlala bekhumbula ukuba umthetho kaKristu ufuna bathandwe abantu baze baphathwe ngendlela uThixo ayifunayo. Ngenxa yoko, zininzi izinto abamele bacinge ngazo xa besiva ukuba kukho umntu owenze isono esinzulu. Eyona nto ibalulekileyo kubadala kukungcwalisa igama likaYehova nokuqinisekisa ukuba akuthethwa kakubi ngalo. (Lev. 22:31, 32; Mat. 6:9) Kwakhona, bafuna ukuqinisekisa ukuba wonke umntu ebandleni uhlala esondele kuYehova, nokuthuthuzela abo baye bakhathazwa ngulo mntu wonileyo.

11 Kwakhona, abadala baye bazame ukujonga ukuba loo mntu wonileyo uguqukile na. Ukuba uguqukile, baye bamncede ukuze aphinde abe ngumhlobo kaYehova. (Funda uYakobi 5:14, 15.) UmKristu owenze isono esinzulu singamfanisa nomntu ogulayo. Le nto ithetha ukuba akasasondelanga kuYehova. * Bona abadala singabafanisa noogqirha. Baye bazame ‘ukumphilisa lowo ungaphilanga [umntu owenze isono esinzulu].’ Amacebiso abo asuka eBhayibhileni angamnceda aphinde abe ngumhlobo kaYehova. Kodwa loo nto inokwenzeka kuphela ukuba uguquke nyhani.—IZe. 3:19; 2 Kor. 2:5-10.

12 Abadala benza umsebenzi obaluleke kakhulu. Bayabathanda abazalwana noodade kuba uThixo ufuna baphathwe kakuhle. (1 Pet. 5:1-3) Bafuna baqiniseke ukuba bakhuselekile xa besebandleni. Ngenxa yoko, xa besiva ukuba kukho umntu owenze isono esinzulu, bakhawuleza benze into. Benza njalo ke naxa kukho umntu oye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo. Benza ntoni? Khawuve indlela ephendulwa ngayo imibuzo  ekwisiqendu 13,  15, no- 17.

13-14. Ngaba abadala baye bamangale emapoliseni xa besiva ukuba kukho umntu oye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo? Cacisa.

 13 Ngaba abadala baye bamangale emapoliseni xa besiva ukuba kukho umntu oye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo? Ewe. Kwamanye amazwe kukho imithetho eyinyanzelisayo loo nto. Ngoko abadala abakuloo mazwe bayawuthobela loo mthetho ngokuxelela amapolisa xa kukho umntu ophethe umntwana kakubi ngokwesondo. (Roma 13:1) Loo mithetho ayiphikisani nomthetho kaThixo. (IZe. 5:28, 29) Xa abadala besiva ukuba kukho umntwana oye waphathwa kakubi ngokwesondo, bafanele bathethe neofisi yesebe ngoko nangoko. Yona iza kubaxelela ukuba bawachazele njani amapolisa.

14 Abadala bamele baxelele umntwana nabazali bakhe kunye nabanye abantu abaziyo ngokuphathwa kakubi ngokwesondo kwaloo mntwana, ukuba bangamangala emapoliseni. Kuza kuthiwani ukuba lo mntu umangalelwa ngokuphatha kakubi umntwana ngokwesondo liNgqina, kuze kwaziwe nasekuhlaleni ukuba amaNgqina amangalelene? Ngaba lo mKristu umangeleyo umele acinge ukuba ungcolise igama likaThixo? Ayikho loo nto! Oyena mngcolisi wegama likaThixo ngulo wenzakalisa abantwana.

15-16. (a) Ngokutsho kweyoku-1 kuTimoti 5:19, kutheni kufuneka amangqina amabini nangaphezulu ngaphambi kokuba kubekho ikomiti egwebayo? (b) Benza ntoni abadala xa kukho umntu otyholwa ngokuphatha umntwana kakubi ngokwesondo ebandleni?

 15 Ebandleni, kutheni kufuneka amangqina amabini nangaphezulu ngaphambi kokuba kubekho ikomiti egwebayo? Kuba iBhayibhile ithi kufuneka amangqina amabini ukuze ityala lixoxwe ngobulungisa. La mangqina mabini amele abekho xa lo mntu kuthiwa uye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo eyiphika loo nto. (Dut. 19:15; Mat. 18:16; funda eyoku-1 kuTimoti 5:19.) Ngaba kufuneka amangqina amabini nangaphambi kokuba umntu amangale emapoliseni? Hayi. Xa kwaphulwe umthetho, umntu angamangala emapoliseni enoba amangqina mangaphi.

16 Xa abadala besiva ukuba kukho umntu oye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo, baye baqinisekise ukuba amapolisa ayaxelelwa baze emva koko baphande. Ukuba loo mntu utyholwayo uyaphika, baye babuze nakwabanye abantu. Ukuba abantu ababini beza nobungqina obuvakalayo, lo umangalayo nomnye othi ummangalelwa lo wakha wamphatha kakubi lo mntwana ngokwesondo okanye wakha wayenza nakwabanye le nto, kumele kubekho ikomiti egwebayo. * Ukungabikho kwengqina lesibini akuthethi kuthi loo mntu umangalayo uyaxoka. Enoba akekho umntu wesibini ongqinayo ukuba umntwana uye waphathwa kakubi ngokwesondo, abadala baye baqonde ukuba kusenokwenzeka ukuba loo mntu utyholwayo wenze into embi ebakhathazileyo abanye. Abadala baqhubeka bebaxhasa ibe bebanceda aba bantu bakhathazekileyo. Kwakhona, abadala bahlala bemgadile loo mntu uye watyholwa ukuze bakhusele abanye abantu abasebandleni.​—IZe. 20:28.

17-18. Iye yenze ntoni ikomiti egwebayo?

 17 Iye yenze ntoni ikomiti egwebayo? Yile komiti egqibayo ukuba umntu owenze isono esinzulu umele ahlale eliNgqina okanye akhutshelwe ngaphandle. Ayigqibi ukuba umntu ophule umthetho karhulumente umele abanjwe okanye angabanjwa. Ngumsebenzi wamapolisa lowo.​—Roma 13:2-4; Tito 3:1.

18 Abadala abakwikomiti egwebayo bagweba kuphela ngezinto ezinento yokwenza nokukhonza uYehova. Basebenzisa iZibhalo ukuze babone ukuba loo mntu uye waphatha umntwana kakubi ngokwesondo uguqukile na. Ukuba akaguqukanga, uye akhutshelwe ngaphandle kuze kwenziwe isaziso ebandleni. (1 Kor. 5:11-13) Ukuba uguqukile, akakhutshelwa ngaphandle. Kodwa abadala baye bamxelele ukuba ikhona imisebenzi angazukuyenza ebandleni okanye akazukuba ngumdala okanye isicaka solungiselelo kangangeminyaka okanye ubomi bakhe bonke. Kuba abadala bebakhathalele abantwana, basenokuxelela abazali abanabantwana abancinci ukuba bamlumkele loo mntu. Xa abadala belumkisa abazali, ababachazeli ukuba ngoobani abaye baphathwa kakubi ngokwesondo nguloo mntu.

UNGABAKHUSELA NJANI ABANTWANA BAKHO?

Abazali bafundisa abantwana babo ngesondo ukuze babakhusele bangaphathwa kakubi ngokwesondo. Bayenza le nto ngokusebenzisa iividiyo neencwadi zentlangano. (Jonga inqaku elifundwayo 19, isiqendu 19-22)

19-22. Abazali bangabakhusela njani abantwana babo? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

19 Ngoobani abona bamele bakhusele abantwana? Ngabazali. * Bazali, abantwana benu nibaphathiswe nguThixo, “balilifa elivela kuYehova.” (INdu. 127:3) UYehova ufuna ibe nini abakhusela abantwana benu. Ninokubakhusela njani ukuze bangaphathwa kakubi ngokwesondo?

20 Okokuqala, funda ngokuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo. Zama ukwazi ukuba ngabantu abanjani abadla ngokuphatha abantwana kakubi ngokwesondo nangamaqhinga abawasebenzisayo. Hlala ubalumkele abantu nezinto ezinokufaka abantwana bakho engxakini. (IMize. 22:3; 24:3) Khumbula ukuba amaxesha amaninzi abantwana badla ngokuphathwa kakubi ngokwesondo ngabantu ababaziyo nababathembayo.

21 Okwesibini, thetha nabantwana bakho. (Dut. 6:6, 7) Le nto ikwathetha ukuba umele ubamamele kakuhle. (Yak. 1:19) Khumbula ukuba abantwana abaye baphathwa kakubi ngokwesondo baye boyike ukuxela. Le nto idla ngokwenzeka kuba umntwana oyikiswe ngulo mntu uye wamphatha kakubi ngokwesondo, okanye kuba ecinga ukuba akukho mntu uza kumkholelwa. Ukuba ukrokrela ukuba kukho into embi eyenzekileyo emntwaneni wakho, mbuze imibuzo, ungamngxolisi kodwa ummamele kakuhle.

22 Okwesithathu, fundisa abantwana bakho. Bafundise ngezinto abamele bazazi ngesondo. Ezo zinto ziza kuxhomekeka kwiminyaka yaloo mntwana nakwizinto obonayo ukuba angaziqonda. Baxelele ukuba bamele bathini okanye benze ntoni xa kukho umntu obaphatha-phatha ngendlela engaqondakaliyo. Funda iincwadi uze ubukele neevidiyo zentlangano ezithetha ngeendlela zokukhusela abantwana bakho.—Jonga ibhokisi ethi “ Funda Uze Ufundise Nabantwana Bakho.”

23. Thina maNgqina KaYehova siyijonga njani into yokuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo? Ngowuphi umbuzo esiza kuwuphendula kwinqaku elilandelayo?

23 Thina maNgqina KaYehova, siyithiy’ egazini into yokuphathwa kwabantwana kakubi ngokwesondo. Kuba sithobela umthetho kaKristu, asibakhuseli abantu abenze loo nto emabandleni esikuwo. Okwangoku, singabanceda njani abazalwana noodade abakha baphathwa kakubi ngokwesondo? Lo mbuzo siza kuwuphendula kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 103 Abalusi​—Izipho Ezingabantu

^ isiqe. 5 Kweli nqaku siza kufunda ngendlela esinokubakhusela ngayo abantwana ukuze bangaphathwa kakubi ngokwesondo. Siza kufunda nangendlela abadala abalikhusela ngayo ibandla nangendlela abazali abanokubakhusela ngayo abantwana babo.

^ isiqe. 3 IGAMA ELICACISIWEYO: Ukuphatha kakubi umntwana ngokwesondo kuxa umntu omdala esanelisa iminqweno yakhe yesondo emntwaneni. Le nto unokuyenza ngokumdlwengula, ukwenza isondo emlonyeni okanye ezimpundu, ukumphatha-phatha amalungu esini, amabele, iimpundu nokwenza ezinye izinto ezingcolileyo emntwaneni. Masikhumbule ukuba xa umntwana ephethwe kakubi ngokwesondo uye akhathazeke kakhulu ibe yena akanatyala. Nangona le nto isenzeka emantombazaneni amaxesha amaninzi, ikhe yenzeke nasemakhwenkweni. Amaxesha amaninzi iba ngamadoda aphatha kakubi abantwana ngokwesondo, kodwa ke namabhinqa ayayenza le nto.

^ isiqe. 11 Nangona umntu owonileyo efana nomntu ogulayo, loo nto ayithethi kuthi umele angaphenduliswa ngento ayenzileyo ibe noYehova uza kumphendulisa.​—Roma 14:12.

^ isiqe. 16 Abadala baye baqinisekise ukuba umntwana akabikho xa bethetha nalo mntu utyholwa ngokumphatha kakubi ngokwesondo. Umntwana usenokuxelela umzali okanye omnye umntu omdala oko kwenzekileyo ukuze ibe nguye oxelela abadala. Loo nto iza kwenza umntwana angakhathazeki nangakumbi.

^ isiqe. 19 Le nto imele yenziwe ngabazali, imele yenziwe nangabantu abakhulisa abantwana abangengobabo.