INQAKU ELIFUNDWAYO 22
Phucula Indlela Ofunda Ngayo
‘Qiniseka ngezinto ezibaluleke ngakumbi.’—FIL. 1:10.
INGOMA 35 ‘Qiniseka Ngezinto Ezibaluleke Ngakumbi’
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *
1. Kutheni abanye besenokungabi namdla wokufunda?
NAMHLANJE, abantu abaninzi kufuneka basebenze nzima ukuze babeke isonka etafileni. Abazalwana abaninzi basebenza iiyure ezininzi ukuze baxhase iintsapho zabo. Kanti abanye bahamba iiyure ezininzi xa besiya naxa bebuya emsebenzini. Abanye abazalwana bona benza imisebenzi enzima. Badla ngokubuya bedinwe beyimfe, bengasenawo nomdla wokufunda.
2. Ufunda nini wena?
2 Kufuneka sizimisele kangangoko sinako ukufunda iLizwi LikaThixo neencwadi ezithetha ngalo, kodwa singafundeli nje ukugqiba. Kunyanzelekile ukuba siyenze le nto ukuba sifuna ukuba ngabahlobo bakaYehova size siphile ngonaphakade! (1 Tim. 4:15) Abanye bavuka ekuseni yonke imihla baze bafunde xa kuthe nkcwe naxa iingqondo zabo zipholile. Abanye bafunda ukutshona kwelanga, xa kungekho nto iza kubaphazamisa baze bacinge ngezinto abazifunda eBhayibhileni nakwiincwadi zethu.
3-4. Kutshintshwe ntoni ukuze singafundi izinto ezininzi kakhulu ibe ngoba?
3 Ngokuqinisekileyo uyavuma ukuba kubaluleke nyhani ukufunda. Kodwa simele sifunde ntoni kanye kanye? Inoba uthi, ‘Zininzi kakhulu iincwadi zentlangano, ndiza kuzifunda njani zonke?’ Abanye bazifunda zonke, ibe bazibukela zonke neevidiyo zentlangano, kodwa abaninzi abakwazi ngenxa yokuxakeka. IQumrhu Elilawulayo liyayazi le nto. Ngenxa yaloo nto, liye lathi makuphungulwe izinto eziprintwayo nezifumaneka kwiiApp nakwiiwebhsayithi zethu.
4 Ngokomzekelo, ayisekho ngoku iNcwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova, ekubeni ekhona amava amaninzi kujw.org Fil. 1:10) Makhe sithethe ngezinto omele uqiniseke ukuba uyazifunda nendlela onokufunda ngayo ukuze ube nezinto ophuma nazo xa ufunda iBhayibhile.
nakwiJW Broadcasting edlala qho ngenyanga. Ngoku iMboniselo kawonke-wonke noVukani! zifumaneka kathathu ngonyaka. Ezi zinto aziphungulwanga ukuze sibe nexesha lokwenza ezinye izinto ezingenanto yakwenza nokukhonza uYehova. Ziphungulwe ukuze senze ‘izinto ezibaluleke ngakumbi.’ (ZIINTONI ESIMELE SIQINISEKE UKUBA SIYAZIFUNDA?
5-6. Zeziphi izinto esimele siqiniseke ukuba siyazifunda?
5 Yintoni esimele siyifunde kuqala? Simele siqiniseke ukuba siyalifunda iLizwi LikaThixo yonke imihla. Iivesi esizifunda kufundo lweBhayibhile kwiintlanganiso zaphakathi evekini ziphunguliwe ngoku. Le nto yenziwe ukuze sibe nexesha elingakumbi lokucinga nokuphanda ngezinto esizifundayo. Asimele sigqithise nje usana kunina xa sifunda kodwa simele siyingenise into esiyifundayo ukuze sisondele ngakumbi kuYehova.—INdu. 19:14.
6 Zeziphi ezinye izinto esimele siqiniseke ukuba siyazifunda? Kakade, sonke siyakufuna ukulungiselela iMboniselo, iSifundo SeBhayibhile Sebandla nezinye izinto ezikwiNcwadi Yentlanganiso. Kodwa ke, kufuneka singakulibali nokufunda iMboniselo kawonke-wonke noVukani!
7. Kutheni simele singatyhafi xa singakwazi ukufunda okanye ukubukela yonke into ekujw.org okanye kwiJW Broadcasting?
7 Mhlawumbi uthi, ‘Ndiyayiva yona le nto ithethwayo, kodwa kuthiwani ngamanqaku neevidiyo ezininzi kangaka ezikujw.org nakwiJW Broadcasting?’ Makhe senze umzekelo: Masithi ufika emzini othile kukho ukutya okuninzi, itafile idekiwe. Ngaba ubunokutya yonke into elapho? Hayi. Kodwa ubunokutya kuphela oko ukwaziyo ukukutya. Ngendlela efanayo, ukuba awukwazi ukufunda okanye ukubukela yonke into ekujw.org okanye kwiJW Broadcasting, ungatyhafi. Funda okanye ubukele ezo unokukwazi ukuzibukela. Kuthetha ukuthini ukufunda? Singenza njani ukuze ingene into esiyifundayo? Makhe sibone.
UKUFUNDA AKUKHO LULA!
8. Ziintoni omele uzenze xa ulungiselela iMboniselo, ibe iza kukunceda njani loo nto?
8 Ukufunda asikokukha nje phezulu, kodwa kufuneka uqiniseke ukuba ingqondo yakho ikule nto uyifundayo kwaye iyangena. Asikokugqithisa nje amehlo okanye ukukrwelela nje iimpendulo. Ngokomzekelo, xa ulungiselela iMboniselo qala ujonge indawo ethi Izinto Esiza Kuzifunda, ekuqaleni kwenqaku. Emva koko, funda uze ucinge ngomxholo, imixholwana nemibuzo yempinda. Emva koko, funda elo nqaku uthe chu, uqiniseke ukuba liyangena. Siqaphele isivakalisi sokuqala kwisiqendu ngasinye. Seso sivakalisi esiza kukunceda uyazi eyona nto kuza kuthethwa ngayo kweso siqendu. Njengoko ufunda elo nqaku, cinga ngendlela isiqendu ngasinye esidibana ngayo nomxholwana kunye nomxholo. Bhala amagama nezinye izinto obukade ungazazi nofuna ukufunda ngakumbi ngazo.
9. (a) Kutheni simele sizifunde iZibhalo xa silungiselela iMboniselo, ibe zeziphi izinto esimele sizijonge xa sifunda iZibhalo? (b) UYoshuwa 1:8 usikhuthaza ukuba senze ntoni emva kokufunda iZibhalo?
9 IMboniselo efundwa ebandleni isinceda siyiqonde iBhayibhile. Ngoko ke, uYoshuwa 1:8.
qiniseka ukuba uyazifunda iZibhalo, ingakumbi ezo ziza kufundwa ebandleni. Jonga indlela amanye amagama akweso sibhalo adibana ngayo nento ethethwa esiqendwini. Kwakhona, cinga ngezo zibhalo nangendlela ezinokukunceda ngayo ebomini bakho.—Funda10. Ngokwamazwi akumaHebhere 5:14, kutheni abazali bemele bafundise abantwana babo indlela yokufunda neyokuphanda?
10 Siyayiqonda into yokuba abazali bafuna lube mnandi Unqulo Lwentsapho nasebantwaneni. Nangona abazali bemele bayazi into eza kwenziwa kunqulo lwentsapho, akunyanzelekanga ukuba basoloko becinga ngamacebo okulwenza lube mnandi qho ngeveki. Nangona kusenokubukelwa iJW Broadcasting okanye kwenziwe ezinye izinto, njengokwakha umkhombe kaNowa, kubalulekile ukuba abantwana bafundiswe indlela yokufunda. Ngokomzekelo, kufuneka bafunde indlela yokulungiselela iintlanganiso okanye indlela abanokuphanda ngayo xa kukho ingxaki esikolweni. (Funda kumaHebhere 5:14.) Ukuba bachitha ixesha befunda ekhaya, loo nto iza kubanceda bazimamele kakuhle izinto ezithethwa kwiintlanganiso nakwiindibano kuba azisoloko zineevidiyo. Ngumzali omele aqgibe ukuba kuza kufundwa ixesha elingakanani kuba abantwana abafani ibe abalingani.
11. Kutheni kubalulekile ukuba sifundise abantu esibafundelayo indlela yokufunda?
11 Nabantu esibafundelayo kufuneka sibafundise indlela yokufunda. Xa siqala ukufunda nabo siyavuya xa sibabona bekrwelela nje iimpendulo xa belungiselela iincwadi zabo okanye iintlanganiso. Kodwa simele sibafundise indlela yokufunda neyokuphanda. Loo nto iza kubanceda bakwazi ukuziphandela kwiincwadi zethu xa beneengxaki bengakhange bade bacele ukuncedwa ngabanye abazalwana noodade.
YAZI EYONA NTO UYIFUNDELAYO
12. Zeziphi izinto ezinokusibangela sifunde?
12 Ukuba awukuthandi ukufunda, usenokucinga ukuba awusoze ude ukuthande. Kodwa inokwenzeka loo nto. Usenokuqala ufunde ixesha elifutshane uze ekuhambeni kwexesha ulandise. Umele uyazi eyona nto uyifundelayo. Kakade, eyona nto ibalulekileyo imele ibe kukusondela kuYehova. Enye into isenokuba kukufuna
ukuphendula umbuzo womntu okanye ukuphanda ngengxaki esinayo.13. (a) Chaza izinto ezinokwenziwa ngumntu osesesikolweni ukuze acacise izinto azikholelwayo. (b) Ungalisebenzisa njani icebiso elikwabaseKolose 4:6?
13 Ngokomzekelo, ngaba usesesikolweni? Kusenokwenzeka ukuba bonke abantwana ofunda nabo bayawubhiyozela umhla wokuzalwa. Mhlawumbi ufuna ukubacacisela usebenzisa iBhayibhile ukuba kutheni ungawubhiyozeli wena, qha ucinga ukuba awunakukwazi. Loo nto ithetha ukuba kufuneka ufundile! Usenokuyenza ngenxa yezizathu ezibini le nto: (1) ukuze uqiniseke nawe ukuba uThixo akafuni kubhiyozelwe imihla yokuzalwa (2) nokuze uphucule indlela oyicacisa ngayo inyaniso. (Roma 1:20; 1 Pet. 3:15) Usenokuqala uzibuze, ‘Esikolweni badla ngokuthi kutheni bebhiyozela umhla wokuzalwa?’ Emva koko, phanda kwiincwadi zethu. Kusenokungabi nzima kangako ukucacisa izinto ozikholelwayo. Abantu abaninzi babhiyozela imihla yokuzalwa kuba becinga ukuba wonke umntu uyayibhiyozela. Ukuba ufumene into enye okanye ezimbini onokubaxelela zona, usenokunceda umntu ofuna nyhani ukuyazi inyaniso.—Funda kwabaseKolose 4:6.
UNOKWENZA NJANI UKUZE UKUTHANDE UKUFUNDA?
14-16. (a) Yintoni onokuyenza ukuze uyiqonde ngakumbi incwadi yeBhayibhile ongayiqhelanga kangako? (b) Chaza indlela ekunokukunceda ngayo ukujonga ezinye izibhalo xa ufunda incwadi ka-Amos. (Jonga nebhokisi ethi “ Bazi Kakuhle Abantu AbaseBhayibhileni.”)
14 Masithi kwiintlanganiso zebandla kuza kuthethwa ngencwadi yeBhayibhile ongayiqhelanga. Mhlawumbi enye yeencwadi zabaprofeti eziqala kuHoseya ukuya kutsho kuMalaki. Into yokuqala onokuyenza kukufunda ngakumbi ngezinto ezibhalwe nguloo mprofeti. Unokuyenza njani loo nto?
15 Qala uzibuze: ‘Yintoni endiyaziyo ngomntu owabhala le ncwadi? Wayengubani, ehlala phi ibe esenza owuphi umsebenzi?’ Xa sifunda ngakumbi ngomntu owabhala loo ncwadi, sinokusiqonda ngakumbi isizathu sokuba akhethe amagama nemizekelo awayenzayo. Xa ufunda iBhayibhile, khangela amagama aza kukunceda ubone ukuba wayengumntu onjani loo mbhali.
16 Enye into enokukunceda kukujonga ukuba yabhalwa nini loo ncwadi. Unokuyijonga “Kuludwe Lweencwadi ZeBhayibhile” ngasemva kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Unokujonga netshati yabaprofeti nookumkani ekwincwadana ethi Isikhokelo Sokufunda ILizwi LikaThixo ekwiphepha 14. Ekubeni ufunda incwadi yeziprofeto, unokufunda ngendlela ababephila ngayo abantu xa kwakubhalwa loo ncwadi. Ziintoni ababezenza abo bantu ekwakufuneka loo mprofeti abalungise kuzo? Ngoobani ababephila ngexesha awayephila ngalo? Ukuze uyiqonde ngakumbi into eyayisenzeka, kusenokufuneka ujonge nezinye iincwadi zeBhayibhile. Ngokomzekelo, ukuze uyiqonde ngakumbi into eyayisenzeka ngexesha lika-Amos unokufunda eyesi-2 yooKumkani 13:13; 14:23; 17:3 neyesi-2 yeziKronike 26:1. Ezi vesi zikwiimbekiselo zika-Amosi 1:1. Usenokujonga nezinto ezabhalwa nguHoseya, ekusenokwenzeka ukuba wayephila ngexesha lika-Amos. Ukuba ufunda nezi ncwadi zeBhayibhile, uza kutsho uqonde kakuhle ukuba babunjani ubomi ngexesha lika-Amos.—2 Kum. 14:25-28; 2 Kron. 26:1-15; Hos. 1:1-11; Amosi 1:1.
JONGA NEZINTO EZINCINCI XA UFUNDA
17-18. Sebenzisa imizekelo eseziqendwini okanye eyakho ukuze ubonise ukuba inkcazelo ebonakala ingabalulekanga inokukunceda ukonwabele ngakumbi ukufunda iBhayibhile.
17 Xa sifunda iBhayibhile kufuneka sifune ukwazi yonke into. Masithi ufunda isiprofeto sikaZekariya isahluko 12, esithetha ngokufa kukaMesiya. (Zek. 12:10) Xa ufunda ivesi 12, uva ukuba “intsapho yendlu kaNatan” iza kuba buhlungu kakhulu xa kusifa uMesiya. Endaweni yokuba ukhawuleze udlule xa ufika kule vesi, uyama uze uzibuze: ‘Yintoni edibanisa indlu kaNatan noMesiya? Ndingayifumana phi inkcazelo engakumbi?’ Emva koko, uqalisa ukuphanda oku komcuphi. Imbekiselo ikusa kweyesi-2 kaSamuweli 5:14, apho ufunda khona ukuba uNatan wayengomnye woonyana bakaKumkani uDavide. Imbekiselo yesibini ikusa kuLuka 3: 31, ibe yona ibonisa ukuba uMariya yinzala kaNatan, nto leyo eyenza ukuba noYesu abe yinzala yakhe. (Jonga iMboniselo ka-Agasti 2017, iphe.32 isiqe. 4.) Ngoko nangoko, uqalisa ukuba nomdla. Ubusazi ukuba uYesu uza kuba yinzala kaDavide. (Mat. 22:42) Kodwa uDavide wayenoonyana abangaphezu kwe-20. Imangalisa nyhani into yokuba uZekariya athi yindlu kaNatan eza kuba buhlungu kakhulu xa kusifa uYesu.
18 Makhe senze omnye umzekelo. KuLuka isahluko sokuqala, sifunda ukuba ingelosi uGabriyeli yaya kuMariya yaza yamxelela into emangalisayo ngonyana Luka 1:32, 33) Sisenokuvele sijonge into yokuqala eyathethwa nguGabriyeli, ethi uYesu wayeza kuba “nguNyana wOyena Uphakamileyo.” Kodwa uGabriyeli waprofeta nokuba uYesu wayeza “kulawula njengokumkani.” Ngoko sisenokuzibuza, ‘Inoba uMariya wayecinga ukuba uthetha ngantoni uGabriyeli? Ngaba wayecinga ukuba uYesu uza kungena endaweni kaKumkani uHerode okanye abanye abalawuli bakwaSirayeli ababeza kulawula emva kwakhe?’ Ukuba uYesu wayeza kuba ngukumkani, uMariya wayeza kuba ngumama kakumkani ibe yena nentsapho yakhe babeza kuhlala kwindlu yekumkani. Kodwa akukho nto ibonisa ukuba uMariya wathetha ngale nto kuGabriyeli, kungekho nebonisa ukuba wacela isikhundla ebukumkanini njengokuba benzayo abafundi bakaYesu ababini. (Mat. 20:20-23) Le nto isibonisa ukuba uMariya wayethobeke ngeyona ndlela.
awayeza kumzala, yathi: “Yena uya kuba mkhulu, abizwe ngokuba nguNyana wOyena Uphakamileyo; yaye uYehova uThixo uya kumnika itrone kaDavide uyise, kwaye uya kulawula njengokumkani phezu kwendlu kaYakobi ngonaphakade.” (19-20. Ngokwamazwi akuYakobi 1:22-25 no-4:8, yintoni esenza sifunde iLizwi LikaThixo neencwadi zethu?
19 Kufuneka singaze siyilibale into yokuba eyona nto isenza sifunde iLizwi LikaThixo neencwadi zethu kukusondela ngakumbi kuYehova. Sifuna nokubona ukuba singabantu ‘abanjani’ ibe ziintoni esimele sizilungise ukuze sivuyise uThixo. (Funda uYakobi 1:22-25; 4:8.) Xa siza kufunda, simele sicele uYehova asinike umoya wakhe. Simele simcele ukuba izinto esizifundayo zisincede size sizibone kakuhle nezinto esimele sizilungise.
20 Akwaba sonke singafana nomkhonzi kaThixo umdumisi athetha ngaye, esithi: ‘Uyoliswa ngumthetho kaYehova, efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku. . . . Konke akwenzayo kuya kuphumelela.’—INdu. 1:2, 3.
INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho
^ isiqe. 5 UYehova usinike izinto ezininzi esinokuzibukela nesinokuzifunda. Eli nqaku liza kusinceda siyazi into esinokuyifunda. Liza kusibonisa nezinto esinokuzenza ukuze sibe nezinto esiphuma nazo qho xa sifunda sisedwa.
^ isiqe. 61 IMIFANEKISO:Abazali babonisa abantwana babo indlela yokulungiselela iMboniselo.
^ isiqe. 63 IMIFANEKISO:Umzalwana uphanda ngombhali weBhayibhile, uAmos. Imifanekiso engasemva ibonisa izinto anombono wazo njengoko efunda ibe ecinga ngezinto azifundayo.