Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 18

Simele Sithandane Size Siphathane Kakuhle

Simele Sithandane Size Siphathane Kakuhle

“Qhubekani nithwala elowo uxanduva lomnye, yaye ngokwenjenjalo noba nizalisekisa umthetho kaKristu.”​—GAL. 6:2.

INGOMA 12 Thixo Omkhulu, OnguYehova

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Zeziphi izinto ezimbini esinokuqiniseka ngazo?

UYEHOVA UTHIXO uyabathanda abakhonzi bakhe. Kudala ebathanda, ibe akasoze ayeke. Uyabuthanda nobulungisa. (INdu. 33:5) Ngoko sinokuqiniseka ngezi zinto zimbini: (1) Uyakhathazeka xa ebona abakhonzi bakhe bephathwa kakubi. (2) Uza kuqinisekisa ukuba baphathwa kakuhle. Kwinqaku lokuqala kula mane, * sifunde ukuba uMthetho KaMoses wabakho kuba uThixo ebathanda abantu. Wawukhuthaza ukuba abantu baphathwe kakuhle, ingakumbi abo babengakwazi ukuzikhusela. (Dut. 10:18) Lo Mthetho usibonisa indlela uYehova abakhathalele ngayo abakhonzi bakhe.

2. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula kweli nqaku?

2 UMthetho KaMoses wayeka ukusetyenziswa ngo-33 C.E. xa kwabakho ibandla lamaKristu. Ngaba loo nto yayithetha ukuba amaKristu ayengazukuba nomthetho owakhuthaza ukuba athandane aze aphathane kakuhle? Yayingathethi loo nto. AmaKristu ayenomthetho omtsha. Kweli nqaku, siza kuqala sithethe ngokuba uyintoni lo mthetho. Emva koko siza kuphendula le mibuzo: Kutheni sisithi lo mthetho wabakho ngenxa yokuba uYehova noYesu besithanda? Kutheni sisithi ukhuthaza ukuba abantu baphathwe kakuhle? Abantu abanegunya bamele babaphathe njani abanye xa bethobela lo mthetho?

UYINTONI “UMTHETHO KAKRISTU”?

3. Yintoni “umthetho kaKristu” ekuthethwa ngawo kwabaseGalati 6:2?

3 Funda kwabaseGalati 6:2. AmaKristu athobela “umthetho kaKristu.” UYesu akazange ayibhale phantsi le mithetho, kodwa waxelela abalandeli bakhe izinto nemigaqo abamele bayithobele. Ngoko “umthetho kaKristu” zizo zonke izinto ezafundiswa nguYesu. Siza kufunda izinto ezininzi ngalo mthetho kwezi ziqendu zilandelayo.

4-5. UYesu wafundisa njani ibe wafundisa nini?

4 Wayefundisa njani uYesu? Okokuqala, wayefundisa ngokuthetha. Izinto awayezithetha zazimangalisa kuba wayefundisa abantu inyaniso ngoThixo, eyona nto bamele bayiphilele nangokuba buBukumkani bukaThixo kuphela obuza kulungisa iingxaki zabantu. (Luka 24:19) Okwesibini, uYesu wayefundisa ngomzekelo wakhe. Wayefuna abalandeli bakhe balinganise indlela azenza ngayo izinto.​—Yoh. 13:15.

5 Wafundisa nini uYesu? Wafundisa xa wayelapha emhlabeni. (Mat. 4:23) Waphinda wafundisa abalandeli bakhe emva nje kokuba evusiwe. Ngokomzekelo, waxelela abafundi bakhe ekusenokwenzeka ukuba babeyi​-500 nangaphezulu ukuba ‘mabayokwenza abafundi.’ (Mat. 28:19, 20; 1 Kor. 15:6) Emva kokuba ebuyele ezulwini, uYesu waqhubeka ebafundisa abalandeli bakhe njengoko eyintloko yebandla. Ngokomzekelo, malunga no​-96 C.E., uYesu wathumela uYohane ukuba akhuthaze aze aluleke amaKristu athanjisiweyo.​—Kol. 1:18; ISityhi. 1:1.

6-7. (a) Zibhalwe ndawoni eBhayibhileni izinto ezazifundiswa nguYesu? (b) Singawuthobela njani umthetho kaKristu?

6 Zibhalwe ndawoni eBhayibhileni izinto ezazifundiswa nguYesu? Izinto ezininzi uYesu awazenzayo xa wayelapha emhlabeni zibhalwe kwiincwadi ezine zeVangeli. Zonke ezinye iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike zisinceda siqonde indlela uYesu acinga ngayo kuba zabhalwa ngabantu ababephefumlelwe ngomoya oyingcwele ‘nababenengqondo kaKristu.’​—1 Kor. 2:16.

7 Izinto Esizifundayo: Izinto ezazifundiswa nguYesu zingasinceda kuzo zonke izinto. Lo mthetho kaKristu ungasinceda ekhaya, emsebenzini, esikolweni nasebandleni. Sinokuwazi ngokufunda nangokucinga ngeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike. Xa sizenza izinto nemigaqo esiyifundayo, siza kubonisa ukuba siyawuthobela lo mthetho. Xa sithobela umthetho kaKristu, sithobela uThixo wethu osithandayo, kuba zonke izinto ezazifundiswa nguYesu zazisuka kuye.​—Yoh. 8:28.

UMTHETHO KAKRISTU UBONISA UKUBA UYEHOVA NOYESU BAYASITHANDA

8. Umthetho kaKristu ubonisa ntoni ngoYehova noYesu?

8 Abantu abahleli endlwini enesiseko esiqinileyo baziva bekhuselekile. Ngendlela efanayo, ukuba umthetho ubekwa ngesizathu esihle, abantu abawuthobelayo baziva bekhuselekile. Ngoko nomthetho kaKristu wabakho kuba uYehova noYesu besithanda. Kutheni sisitsho?

Sithobela “umthetho kaKristu” xa sithanda wonke umntu (Jonga isiqendu 9-14) *

9-10. Zeziphi izinto ezibonisa ukuba uYesu wayebathanda abantu, ibe thina singamlinganisa njani?

9 Okokuqala, zonke izinto uYesu awayezenza, wayezenza kuba ethanda abantu. Xa umcingela omnye umntu ubonisa ukuba uyamthanda. NoYesu wayengumntu obacingelayo abanye kuba wafundisa abantu abaninzi, waphilisa abagulayo, wondla abalambileyo waza wavusa abantu abafileyo. (Mat. 14:14; 15:32-38; Marko 6:34; Luka 7:11-15) Nangona ukwenza ezi zinto kwakufuna ixesha namandla, uYesu wayebeka kuqala izinto ezifunwa ngabanye kunezakhe. Ngaphezu koko, uYesu wabonisa ukuba uyabathanda abantu ngokubafela.​—Yoh. 15:13.

10 Izinto Esizifundayo: NjengoYesu, nathi simele sibeke izinto ezifunwa ngabanye kuqala kunezifunwa sithi. Sinokumlinganisa nangokuzama ukubacingela ngakumbi abantu esishumayela kubo. Ukuba ukucingela kwethu abantu kusenza sishumayele iindaba ezilungileyo, loo nto ibonisa ukuba sithobela umthetho kaKristu.

11-12. (a) Yintoni ebonisa ukuba uYehova usikhathalele? (b) Singabathanda njani abantu njengoYehova?

11 Okwesibini, uYesu wasibonisa indlela uTata wakhe asithanda ngayo. Xa wayelapha emhlabeni, uYesu wabonisa indlela uYehova abakhathalele ngayo abakhonzi bakhe. Phakathi kwezinto awazifundisayo, wafundisa ukuba mntu ngamnye kuthi ubalulekile kuTata wethu osezulwini. (Mat. 10:31) UYehova ukulungele ukwamkela imvu eguqukayo ize ibuyele ebandleni. (Luka 15:7, 10) UYehova wabonisa ukuba uyasithanda ngokunikela ngoNyana wakhe ukuze asifele.​—Yoh. 3:16.

12 Izinto Esizifundayo: Singabathanda njani abantu njengoYehova? (Efe. 5:1, 2) Ngokubaxabisa bonke abazalwana noodadewethu, nangokuzamkela ‘izimvu ezilahlekileyo’ ezibuyela kuYehova. (INdu. 119:176) Sibonisa ukuba siyabathanda abazalwana noodadewethu ngokubanceda ingakumbi xa besengxakini. (1 Yoh. 3:17) Xa sibathanda abanye abantu, sithobela umthetho kaKristu.

13-14. (a) Ngowuphi umyalelo omtsha uYesu awathetha ngawo kuYohane 13:34, 35, ibe kutheni kusithiwa mtsha? (b) Singawuthobela njani lo myalelo mtsha?

13 Okwesithathu, uYesu wathi abalandeli bakhe mabathandane ngendlela yena awabathanda ngayo. (Funda uYohane 13:34, 35.) Lo myalelo kaYesu mtsha kuba uthi masithande abazalwana noodadewethu ngendlela uYesu awasithanda ngayo, nto leyo yayingekho kuMthetho KaMoses. Loo nto ithetha ukuba senze izinto ezifunwa ngabanye kuqala kunezifunwa sithi. Simele sibathande abazalwana noodadewethu ngaphezu kokuba sizithanda. Simele sikulungele nokubafela njengokuba noYesu wenzayo.

14 Izinto Esizifundayo: Singawuthobela njani lo myalelo mtsha? Ngokubancamela izinto abazalwana noodadewethu. Asimele sibancamele izinto ezinkulu kuphela, njengokubafela, kodwa simele sibancamele nezincinci. Ngokomzekelo, sisenokusa umntu osel’ ekhulile ezintlanganisweni, sincame izinto ezifunwa sithi ukuze sincede omnye umntu okanye singayi emisebenzini yethu kangangeentsuku ezithile ukuze siyoncedisa kwindawo ebinentlekele. Xa sisenza ezi zinto, sithobela umthetho kaKristu. Kwakhona siyaqinisekisa ukuba wonke umntu ebandleni uziva ekhuselekile.

LO MTHETHO UKHUTHAZA UKUBA ABANTU BAPHATHWE KAKUHLE

15-17. (a) UYesu wabonisa njani ukuba wayefuna abantu baphathwe kakuhle? (b) Yintoni esinokuyifunda kuYesu?

15 EBhayibhileni, igama elithi “ubulungisa” lithetha ukwenza into uThixo athi ilungile kubo bonke abantu ngendlela efanayo. Zeziphi izinto ezisenza siqiniseke ukuba umthetho kaKristu ukhuthaza ukuba abantu baphathwe kakuhle?

UYesu wayewaphatha kakuhle amabhinqa, kuquka nalawo ayejongelwa phantsi ngabanye abantu (Jonga isiqendu 16) *

16 Okokuqala, izinto uYesu awayezenza zibonisa ukuba wayefuna abantu baphathwe kakuhle. Xa wayelapha emhlabeni, iinkokeli zonqulo zamaYuda zazibacaphukela abantu abangengomaYuda, ziwajongela phantsi amaYuda angafundanga kwizikolo zazo ibe zingawahloniphi amabhinqa. Kodwa yena uYesu wayengakhethi, kunoko wayephatha wonke umntu kakuhle. Wayebamkela nabantu abangengomaYuda abafuna ukuba ngabalandeli bakhe. (Mat. 8:5-10, 13) Wayengakhethi naxa eshumayela kuba wayeshumayela kwizityebi nakubantu abasokolayo. (Mat. 11:5; Luka 19:2, 9) Namabhinqa wayewaphatha kakuhle ibe ethetha kakuhle nawo. Ngokungafaniyo nabanye abantu, yena wayewahlonipha amabhinqa kuquka nalawo ayejongelwa phantsi.​—Luka 7:37-39, 44-50.

17 Izinto Esizifundayo: NjengoYesu, nathi asimele sikhethe. Kunoko simele sishumayele kubo bonke abantu abasimamelayo enoba zizityebi, bayasokola okanye bakhonza phi. Nabazalwana banokwenza njengoYesu ngokuwaphatha kakuhle amabhinqa. Xa sisenza ezi zinto, siya kuba sithobela umthetho kaKristu.

18-19. UYesu wafundisa ntoni ngobulungisa, ibe zeziphi izinto esizifundayo?

18 Okwesibini, khawucinge ngezinto uYesu awazifundisayo ngobulungisa. Wafundisa abalandeli bakhe imigaqo eyayiza kubanceda babaphathe kakuhle abanye. Ngokomzekelo, wabafundisa ngoMthetho Omkhulu. (Mat. 7:12) Sonke siyakufuna ukuphathwa kakuhle. Ngoko, nathi simele sibaphathe kakuhle abanye. Ukuba sibaphatha kakuhle, nabo baza kusiphatha kakuhle. Kodwa ke, siza kwenza njani xa siphathwa kakubi? UYesu wathi abalandeli bakhe mabaqiniseke ukuba uYehova uza ‘kubangela ukuba okusesikweni [ubulungisa] kwenziwe kwabo banyuliweyo bakhe abadanduluka kuye imini nobusuku.’ (Luka 18:6, 7) Ngala mazwi, uYesu wayesiqinisekisa ukuba uThixo wethu uyazazi iingxaki esinazo kule mihla yokugqibela ibe uza kubangela ukuba siphathwe kakuhle ngexesha elifanelekileyo.​—2 Tes. 1:6.

19 Izinto Esizifundayo: Ukuba siyazenza izinto ezafundiswa nguYesu, siza kubaphatha kakuhle abanye abantu. Ukuba sikhe saphathwa kakubi, siyathuthuzeleka xa sisazi ukuba uYehova uza kuqinisekisa ukuba siphathwa kakuhle kwixesha elizayo.

ABANTU ABANEGUNYA BAMELE BABAPHATHE NJANI ABANYE?

20-21. (a) Abantu abanegunya bamele babaphathe njani abanye? (b) Umyeni umele ayiphathe njani inkosikazi nabantwana bakhe?

20 Umthetho kaKristu uthi abantu abanegunya bamele babaphathe njani abanye? Lo mthetho wabakho kuba uYehova noYesu besithanda. Ngoko abo banegunya bamele babathande baze babaphathe kakuhle abanye. Bamele bakhumbule ukuba uYesu ufuna sibonakale kwizinto zonke esizenzayo ukuba siyabathanda abanye.

21 Entsatsheni. Umyeni umele ayithande inkosikazi yakhe “kanye njengokuba noKristu walithandayo ibandla.” (Efe. 5:25, 28, 29) NjengoYesu, umyeni ufanele akwazi ukuncama izinto ezifunwa nguye aze enze ezo zifunwa yinkosikazi yakhe. Isenokuba nzima le nto kwamanye amadoda, mhlawumbi ngenxa yokuba ekhulele kwindawo enabantu abaphethene kakubi. Kodwa ke, ukuze athobele umthetho kaKristu, amele azame kunzima kunjalo. Xa umyeni ethanda inkosikazi yakhe ngendlela uYesu alithanda ngayo ibandla, nayo inkosikazi iye imhloniphe. Utata obathandayo abantwana bakhe akabaphathi kakubi okanye athethe kakubi nabo. (Efe. 4:31) Endaweni yoko wenza izinto ezibonisa ukuba uyabathanda ukuze babone ukuba bakhuselekile. Abantwana bayabathanda ibe bayabathemba ootata abanjalo.

22. Eyoku-1 kaPetros 5:1-3 ithi zezikabani “izimvu” ibe ufuna ziphathwe njani?

22 Ebandleni. Abadala bamele bakhumbule ukuba “izimvu” ayizozabo. (Yoh. 10:16; funda eyoku-1 kaPetros 5:1-3.) Xa iBhayibhile ithetha ngezi zimvu ithi ‘zingumhlambi kaThixo’ okanye abantu ‘abalilifa likaThixo’ ibe loo nto ikhumbuza abadala ukuba ezi zimvu zezikaYehova. Ufuna izimvu zakhe zithandwe zize ziphathwe kakuhle. (1 Tes. 2:7, 8) UYehova uyabathanda abadala abalusa izimvu zakhe kakuhle. Nabazalwana noodade bayabathanda ibe bayabahlonipha abadala abanjalo.

23-24. (a) Bamele benze ntoni abadala xa kukho umntu owenze isono esinzulu? (b) Yintoni abamele bayikhumbule abadala xa bexoxa amatyala ezono ezinzulu?

23 Bamele benze ntoni abadala xa kukho umntu owonileyo? Umsebenzi wabadala awufani nowabagwebi nowabadala bexesha lamaSirayeli. Ngexesha loMthetho KaMoses, abagwebi nabadala babengaxoxi nje amatyala abantu abone uYehova, babexoxa namanye amatyala. Kodwa bona abadala abathobela umthetho kaKristu baxoxa amatyala anento yokwenza nokukhonza uYehova kuphela. Bayaqonda ukuba uYehova uzivumele iinkundla zehlabathi ukuba zixoxe amatyala olwaphulo-mthetho. Ezi nkundla zinokubabhatalisa imali okanye zibavalele entolongweni abo bantu.​—Roma 13:1-4.

24 Bamele benze ntoni abadala xa kukho umntu owenze isono esinzulu? Bamele bajonge ukuba zithini iZibhalo ngeso sono baze benze isigqibo. Basoloko bekhumbula ukuba ukuthanda abanye yeyona nto ibalulekileyo kumthetho kaKristu. Kuba bebathanda abanye, abadala baye bajonge ukuba yintoni abanokuyenza ukuze bancede abazalwana noodade abaye baphathwa kakubi. Baye bazame nokuhlola ukuba uguqukile na lo mntu wenze into embi. Bamele bazibuze ukuba yintoni abanokuyenza ukuze loo mntu aphinde abe ngumhlobo kaYehova.

25. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

25 Simbulela kakhulu uYehova ngalo mthetho kaKristu. Xa sizimisele ukuwuthobela, siza kwenza wonke umntu osebandleni azi ukuba uyathandwa, uxatyisiwe ibe ukhuselekile. Kodwa ke, kweli hlabathi siphila kulo, ‘abantu abangendawo bahambele phambili ebubini.’ (2 Tim. 3:13) Ngoko kufuneka silumke. Abadala nabazali bangabakhusela njani abantwana ukuze bangaphathwa kakubi ngokwesondo? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 15 Zukisa Izibulo LikaYehova!

^ isiqe. 5 Eli nqaku kunye namanye amabini alandelayo, aza kusibonisa ukuba kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova uyasithanda ibe usiphatha kakuhle. Ufuna abantu bakhe baphathwe kakuhle ibe uyabathuthuzela abo baphathwa kakubi kweli hlabathi.

^ isiqe. 1 Jonga inqaku elithi “UYehova Wabonisa Uthando Nobulungisa KumaSirayelielikwiMboniselo kaFebruwari 2019.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: UYesu ubona umhlolokazi oswelekelwe ngunyana wakhe aze amsizele. Ngenxa yoko uyamvusa lo nyana.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: UYesu umenywe emzini womFarisi onguSimon. Elinye ibhinqa ekusenokwenzeka ukuba lalingunongongo lalilela ezinyaweni zakhe, lazosula ngeenwele zalo laza emva koko lazigalela i-oli. USimon akayithandi into eyenziwa leli bhinqa kodwa uYesu uyalithethelela.