Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 21

Ungalahlekiswa ‘Bubulumko Beli Hlabathi’

Ungalahlekiswa ‘Bubulumko Beli Hlabathi’

“Ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo.”​—1 KOR. 3:19.

INGOMA 98 IZibhalo​—Ziphefumlelwe NguThixo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. ILizwi LikaThixo lisixelela ntoni?

SINOKUMELANA nayo nayiphi na ingxaki kuba nguYehova umYaleli wethu Ozukileyo. (Isa. 30:20, 21) ILizwi lakhe lisixelela yonke into ukuze ‘siwufanelekele’ size ‘siwuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.’ (2 Tim. 3:17) Xa sizenza izinto esizifunda eBhayibhileni, siba ngabantu abalumkileyo ngaphezu kwabantu abathi masisebenzise “ubulumko beli hlabathi.”​—1 Kor. 3:19; INdu. 119:97-100.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Njengoko siza kubona, ubulumko beli hlabathi busoloko busifundisa ukuba senze izinto ezifunwa sithi. Ngoko, kusenokuba nzima ukungacingi nokungenzi izinto njengabantu beli hlabathi. Yiyo loo nto iBhayibhile isithi: “Lumkani, ningathabatheki ziintanda-bulumko nayinkohliso elambathayo esekelwe kwizithethe zabantu.” (Kol. 2:8) Kweli nqaku siza kuthetha ngeendlela ezimbini uSathana aye wabaxokisa ngazo abantu size sibone indlela abaye bazikholelwa ngayo ezi zinto. Siza kubona ukuba kutheni ubulumko behlabathi bububudenge. Siza kubona nendlela ubulumko obukwiLizwi LikaThixo obubaluleke ngayo ngaphezu kwayo nantoni na esinokuyifumana kweli hlabathi.

UKUTSHINTSHA KWENDLELA ELALIJONGWA NGAYO ISONDO

3-4. Phakathi kweminyaka yoo-1900 no-1930 yatshintsha njani indlela abantu abalijonga ngayo isondo eMerika?

3 Ekuqaleni kweminyaka yoo-1900, eMerika, yatshintsha kakhulu indlela abantu abalijonga ngayo isondo. Ngaphambili, abantu abaninzi babekholelwa ukuba ngabantu abatshatileyo kuphela abamele babelane ngesondo ibe yayingeyonto kuthethwa ngayo naphi na. Kodwa yaphela yonke loo nto ibe abantu bahamba ngabayibonayo.

4 Phakathi kweminyaka yoo-1920 no-1929 abantu babeluthanda kakhulu ulonwabo nemali, ingakumbi emva kokuba behlelwa zizinto ezimbi kwiMfazwe Yehlabathi yokuqala. Omnye umphandi uthi: “Iimuvi, imidlalo yaseqongeni, iincwadi neentengiso zazisoloko zinento yokwenza nesondo.” Indlela ekwakudaniswa ngayo ngelo xesha yayisenza abantu bacinge ngesondo nendlela ekwakunxitywa ngayo yayingenasidima. Kwenzeka kanye le nto iBhayibhile yayithethe ngayo, isithi ngemihla yokugqibela abantu baya kuba ‘ngabathandi beziyolo.’—2 Tim. 3:4.

Abantu bakaYehova abalahlekiswa yindlela abaziphethe kakubi ngayo abantu beli hlabathi (Jonga isiqendu 5) *

5. Yintoni eye yenzeka ukususela ngeminyaka yoo-1960?

5 Ngeminyaka yoo-1960 yayiqhelekile into yokuhlalisana, ukulala kwamadoda namadoda namabhinqa alala namabhinqa nokuqhawula umtshato. Izinto abantu ababezonwabisa ngazo zazisiya ziveza izinto ezidibene nesondo. Ukuzonwabisa ngezi zinto kubangele ntoni? Omnye umbhali uthi xa abantu bengaziphathi kakuhle kuye kwenzeke izinto ezimbi. Ngokomzekelo, kwezinye iintsapho abazali abahlali kunye, kanti kwezinye abantwana bakhuliswa ngumzali omnye, abanye abonwabanga ibe abanye banengxaki yokuthanda iphonografi. Enye into ebonisa ukuba ubulumko beli hlabathi bubudenge, kukuxhaphaka kwezifo ezinjenge-AIDS kunye nezinye izifo abaye bosulelane ngazo abantu xa beziphatha kakubi ngokwesondo.​—2 Pet. 2:19.

6. Indlela abantu abalijonga ngayo isondo iyiyo njani into ayifunayo uSathana?

6 Indlela abantu abalijonga ngayo isondo yile nto kanye ayifunayo uSathana. Uncuma yedwa xa ebona abantu beziphatha kakubi ngokwesondo, ngaloo ndlela bebonisa ukuba abasixabisanga isipho somtshato uThixo asinike sona. (Efe. 2:2) Xa abantu beziphatha kakubi bangcolisa isipho esihle sikaThixo sokuzala abantwana. Le nto isenokubangela ukuba bangabufumani ubomi obungunaphakade.​—1 Kor. 6:9, 10.

ITHINI IBHAYIBHILE NGESONDO?

7-8. Kutheni into efundiswa yiBhayibhile ngesondo ibhetele kunale ifundiswa zizilumko zeli hlabathi?

7 Abantu abamamela izilumko zeli hlabathi bayayidelela iBhayibhile. Bathi akakho umntu onokukwazi ukwenza izinto ezithethayo. Abo bantu bade bathi, ‘Ucinga ukuba uThixo angasidala sirhalele isondo aze athi masingalenzi?’ Babuza lo mbuzo kuba becinga ukuba xa umntu efuna ukwenza into umele ayenze. Kodwa ayitsho yona iBhayibhile. Endaweni yoko ithi asimele senze yonke into esiyirhalelayo, kodwa sinako ukungayenzi into embi. (Kol. 3:5) Ukongezelela koku, uYehova uye walungiselela ukuba sikwazi ukwabelana ngesondo ngendlela efanelekileyo ngokuthi sitshate. (1 Kor. 7:8, 9) Ngokungafaniyo nabantu ababelana ngesondo bengatshatanga, umyeni nenkosikazi banokwabelana ngesondo ngaphandle kwexhala nokuzisola.

8 Into efundiswa yiBhayibhile ngesondo ibhetele kakhulu kunale ifundiswa zizilumko zeli hlabathi. Iyavuma ukuba isondo lenza ubomi bube mnandi. (IMize. 5:18, 19) Kodwa ke, iBhayibhile iphinda ithi: “Ngamnye wenu akwazi ukusizuza esakhe isitya ngobungcwalisa nembeko, kungekhona ngenkanuko yesini [yesondo] njengeentlanga ezingamaziyo uThixo.”​—1 Tes. 4:4, 5.

9. (a) Abantu bakaYehova kudala bakhuthazwa njani ukuba basebenzise ubulumko obukwiLizwi LikaThixo? (b) Leliphi icebiso esilifumana kweyoku-1 kaYohane 2:15, 16? (c) Ngokutsho kweyabaseRoma 1:24-27, zeziphi izinto esingamele sizenze?

9 Kwakudala, abantu bakaYehova abazange bavume ukulahlekiswa ngabantu ‘ababengasaziva konke konke ngokokuziphatha.’ (Efe. 4:19) Bona babezama ukuthobela imithetho kaYehova kangangoko. Ngokomzekelo iMboniselo kaMeyi 15, 1926 yathi “simele sibe ngcwele kwizinto esizicingayo nesizenzayo, ingakumbi xa sihleli nomntu wesini esahlukileyo.” Enoba kwakusenzeka ntoni ngelo xesha kodwa bona abantu bakaThixo basebenzisa ubulumko obukwiLizwi LikaThixo. (Funda eyoku-1 kaYohane 2:15, 16.) Silixabisa nyhani iLizwi LikaThixo! Iyasivuyisa into yokuba uYehova esinika izinto ezisiqinisa ukholo ngexesha elifanelekileyo. Ngaloo ndlela, usinceda singalahlekiswa zizinto ezithethwa zizilumko zeli hlabathi ngesondo. *​—Funda eyabaseRoma 1:24-27.

UKUTSHINTSHA KWENDLELA ABANTU ABAZITHANDA NGAYO

10-11. IBhayibhile yalumkisa yathi kuza kwenzeka ntoni ngemihla yokugqibela?

10 IBhayibhile yalumkisa yathi ngemihla yokugqibela abantu baya kuba “ngabazithandayo.” (2 Tim. 3:1, 2) Asothuki xa sibona ukuba ihlabathi likhuthaza ukuba abantu bazicingele bodwa. Enye iencyclopedia ithi ngeminyaka yoo-1970, zanda kakhulu “iincwadi ezicebisa abantu ngendlela yokuphumelela ebomini.” Ezinye zezi ncwadi zathi “umntu akamele atshintshe indlela ayiyo okanye acinge ukuba kukho into embi kwindlela ayiyo.” Ngokomzekelo, enye incwadi yathi: “Zithande kuba ungoyena mntu umhle nowonwabisayo wakha waphila.” Le ncwadi iphinda ithi “umntu umele azigqibele ngokwakhe ukuba ufuna ukuzenza njani izinto, angenza nantoni acinga ukuba ilungile nabona ngathi iza kumnceda.”

11 Wakha wayiva into elolu hlobo? USathana wathi uEva makenze into efanayo. Wathi wayenokuba ‘njengoThixo, azi okulungileyo nokubi.’ (Gen. 3:5) Namhlanje, abantu abaninzi baphakamile kangangokuba bathi akukho mntu unokubachazela into elungileyo nengalunganga, nkqu noThixo. Umzekelo wale nto ubonakala kakhulu kwindlela abantu abawujonga ngayo umtshato.

UmKristu uyabacingela abanye abantu, ingakumbi umntu atshate naye (Jonga isiqendu 12) *

12. Abantu abamamela izilumko zeli hlabathi bawujonga njani umtshato?

12 IBhayibhile ithi indoda nenkosikazi bamele bahloniphane baze bazigcine izithembiso abazenzayo xa babetshata. Ibakhuthaza ukuba bangohlukani kuba ithi: “Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.” (Gen. 2:24) Kodwa abo bamamela izilumko zeli hlabathi bathetha enye into, bathi umntu umele ahoye isiqu sakhe. Enye incwadi ethetha ngoqhawulo-mtshato ithi: “Xa abantu betshata kwamanye amazwe, endaweni yokuba bathi ‘siza kohlulwa kukufa,’ bathi ‘siza kohlukana xa siyekile ukuthandana.’” Ekubeni abantu bewujonga umtshato njengento engenamsebenzi, abantu abaninzi abatshatileyo baye bohlukana ibe baye baba buhlungu kakhulu. Icacile ke into yokuba le ndlela abantu abawujonga ngayo umtshato ibubudenge.

13. Kutheni uYehova ebacaphukela abantu abanekratshi?

13 IBhayibhile ithi: “Wonk’ ubani onekratshi entliziyweni uyinto ecekisekayo kuYehova.” (IMize. 16:5) Kutheni uYehova ebacaphukela abantu abanekratshi? Kungenxa yokuba abantu abazithandayo nabathi abantu bamele bazithande bafana noSathana. Khawufane ucinge! USathana wayecinga ukuba uYesu owasetyenziswa nguThixo ukuba adale izinto, wayeza kuqubuda kuye aze amkhonze. (Mat. 4:8, 9; Kol. 1:15, 16) Abantu abazithandayo bayenza icace into yokuba ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo.

ITHINI IBHAYIBHILE NGOKUZITHANDA NGOKUGQITHISELEYO?

14. EyabaseRoma 12:3 isinceda njani singazithandi ngokugqithiseleyo?

14 IBhayibhile iyasinceda siqonde ukuba simele sizithande kodwa singazithandi ngokugqithiseleyo. UYesu wathi: “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mat. 19:19) Le nto ibonisa ukuba simele sizihoye. Kodwa ke, iBhayibhile ayithi simele sicinge ukuba sibalulekile kunabanye abantu. Endaweni yoko, ithi: “Ningenzi nanye into ngokusukuzana okanye ngokuzigwagwisa, kodwa ngokuthobeka kwengqondo, nibagqala abanye njengabongamileyo kunani.”​—Fil. 2:3; funda eyabaseRoma 12:3.

15. Kutheni ucinga ukuba kubhetele ukusebenzisa ubulumko obufumaneka kwiLizwi LikaThixo?

15 Namhlanje, abantu abaninzi ekuthiwa bakrelekrele bathi ayikho le nto ithethwa yiBhayibhile. Bathi xa uzithoba, abantu bangakhwela bezehlela apha kuwe. Kodwa ke, uqaphele ukuba kwenzeka ntoni xa abantu besebenzisa ubulumko beli hlabathi likaSathana? Ngaba bonwabile abantu abazicingela bodwa? Iintsapho zabo zona? Banabo abahlobo abanokubathemba? Ngaba bangabahlobo bakaThixo? Ngoko, ucinga ukuba kubhetele ukusebenzisa ubulumko behlabathi okanye ubulumko obufumaneka kwiLizwi LikaThixo?

16-17. Kutheni simbulela uYehova?

16 Abantu abasebenzisa ubulumko beli hlabathi bafana nomntu olahlekileyo kodwa obuza indlela komnye umntu olahleke njengaye. UYesu wathi ngabantu ababebonakala bezizilumko ngexesha lakhe: “Bangabakhokeli abaziimfama. Ukuba ke, imfama ikhokela enye imfama, zombini ziya kweyela emhadini.” (Mat. 15:14) Ngokwenene, ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo.

Abakhonzi bakaThixo bonwabile njengoko bebuka iifoto zabo ezibakhumbuza ngendlela abamkhonze ngayo uYehova (Jonga isiqendu 17) *

17 Izinto ezithethwa yiBhayibhile bezisoloko ‘ziyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.’ (2 Tim. 3:16) Simbulela nyhani uYehova kuba esebenzise intlangano yakhe ukuze asikhusele kubulumko beli hlabathi! (Efe. 4:14) Izinto eziqinisa ukholo asinike zona zisinceda sikwazi ukuthobela izinto ezithethwa yiBhayibhile. Sivuya nyhani kuba uYehova esinika obona bulumko sinokubuthemba, obufumaneka eBhayibhileni!

INGOMA 54 “Nantsi Indlela”

^ isiqe. 5 Eli nqaku liza kusinceda siqiniseke ngakumbi ukuba nguYehova kuphela omele asikhokele. Liza kusibonisa nokuba xa sisebenzisa ubulumko beli hlabathi siza kwehlelwa zizinto ezimbi kodwa xa sisebenzisa ubulumko obukwiLizwi LikaThixo siza kuncedakala.

^ isiqe. 9 Ngokomzekelo, funda incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula​Iimpendulo Eziluncedo, uMqulu 1, isahl. 24-26, noMqulu 2, isahl. 4-5.

^ isiqe. 50 IMIFANEKISO: Sibona izinto ezazisenziwa ngumzalwana nenkosikazi yakhe kudala. Bayashumayela ngasekupheleni kweminyaka yoo-1960.

^ isiqe. 52 IMIFANEKISO: Ngeminyaka yoo-1980, lo mzalwana uhoye inkosikazi yakhe egulayo ibe intombi yabo ibabukele.

^ isiqe. 54 IMIFANEKISO: Ngoku bayonwaba xa bebuka iifoto zabo ezibakhumbuza indlela abamkhonze ngayo uYehova. Intombi yabo, umkhwenyana nomzukulwana bavuyisana nabo.