IMBONISELO—EFUNDWAYO Meyi 2020

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ngoJulayi 6–Agasti 2, 2020.

“Ukumkani Wasemntla” Ngexesha Lesiphelo

Inqaku elifundwayo 19: Kwiveki kaJulayi 6-12, 2020. Sibona ubungqina bokuba isiprofeto sikaDaniyeli ‘ngokumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi’ siyenzeka. Yintoni esenza siqiniseke kangaka? Kutheni kufuneka siyazi yonke into ekuthethwa ngayo kwesi siprofeto?

Ookumkani Ababini Abalwa Ngegunya Ngexesha Lesiphelo

Isiprofeto ‘sikakumkani wasemntla’ ‘nokumkani wasemzantsi’ senzeka ngexesha elinye nezinye iziprofeto. Ezi ziprofeto zibonisa njani ukuba isiphelo sisondele?

Ngubani “Ukumkani Wasemntla” Namhlanje?

Inqaku Elifundwayo 20: Kwiveki kaJulayi 13-19, 2020. Ngubani “ukumkani wasemntla” namhlanje, uza kuphelela phi? Ukwazi impendulo yalo mbuzo kuza kusinceda siqine elukholweni size silungele izinto eziza kwenzeka kungekudala.

Ngaba Uyambulela UYehova Ngezinto Akuphe Zona?

Inqaku Elifundwayo 21: Kwiveki kaJulayi 20-26, 2020. Eli nqaku liza kusenza simthande size simbulele uYehova ngezinto asiphe zona. Liza kusinceda sikwazi nokunceda abantu abathandabuzayo ukuba ukhona.

Buthande Kakhulu Ubutyebi Obungabonakaliyo Obuphiwe NguYehova

Inqaku Elifundwayo 22: Kwiveki kaJulayi 27–Agasti 2, 2020. Kwinqaku elingaphambi kweli, sithethe ngobutyebi obubonakalayo esibufumana kuThixo. Ngoku siza kuthetha ngobutyebi obungabonakaliyo nendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyabuthanda. Siza kutsho simbulele kakhulu uYehova uThixo osipha obu butyebi.