Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 22

Buthande Kakhulu Ubutyebi Obungabonakaliyo Obuphiwe NguYehova

Buthande Kakhulu Ubutyebi Obungabonakaliyo Obuphiwe NguYehova

‘Hlala ujongise amehlo akho kwizinto ezingabonwayo kungekhona kwizinto ezibonwayo. Kuba izinto ezibonwayo ziyagqitha, kodwa izinto ezingabonwayo zingunaphakade.’​—2 KOR. 4:18.

INGOMA 45 Izinto Endizicingayo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Wathini uYesu ngobutyebi obusezulwini?

BUKHO ubutyebi obungabonakaliyo. Phofu obona butyebi buthandwa kakhulu bobu bungabonakaliyo. Kwintshumayelo yakhe yasentabeni, uYesu wathetha ngobutyebi obusezulwini obubhetele kubo nabuphi na ubutyebi. Emva koko wathi: “Apho bukhoyo ubutyebi benu, nentliziyo yenu iza kuba lapho.” (Mat. 6:19-21) Intliziyo yethu iza kusenza sifune eyona nto siyithanda kakhulu. Siqokelela ‘ubutyebi ezulwini’ ngokuzenzela igama elihle kuThixo. UYesu wathi obo butyebi abusoze bonakaliswe mntu okanye bubiwe.

2. (a) Wathini uPawulos ku-2 Korinte 4:17, 18? (b) Yintoni esiza kufunda ngayo kweli nqaku?

2 Umpostile uPawulos wathi ‘masijongise amehlo ethu kwizinto ezingabonwayo.’ (Funda 2 Korinte 4:17, 18.) Ezinye izinto ezingabonwayo zizinto esiza kuzenzelwa nguThixo kwihlabathi elitsha. Kweli nqaku, siza kufunda ngeentlobo ezine zobutyebi obusincedayo khona ngoku. Ukuba ngabahlobo bakaThixo, umthandazo, ukuncedwa ngumoya oyingcwele nokuxhaswa nguYehova, uYesu neengelosi entsimini. Siza kufunda nangeendlela esinokubonisa ngazo ukuba siyambulela uYehova ngobo butyebi.

UKUBA NGUMHLOBO KAYEHOVA

3. Bubuphi obona butyebi bukhulu bungabonakaliyo?

3 Obona butyebi bukhulu bubalulekileyo kukuba ngumhlobo kaYehova uThixo. (INdu. 25:14) Kwenzeka njani ukuba uThixo abe ngumhlobo wabantu abangafezekanga kodwa angayeki ukuba ngcwele? Kaloku idini likaYesu lentlawulelo ‘lisusa isono sehlabathi.’ (Yoh. 1:29) Kwangaphambi kokuba uYesu afe, uYehova wayesazi ukuba uza kuthembeka ade afe ukuze asindise abantu. Yiloo nto waba ngumhlobo wabantu ababephila ngaphambi kokuba uKristu afe.​—Roma 3:25.

4. Khawusixelele ngamadoda awayephila ngaphambi kwexesha likaKristu awaba ngabahlobo bakaThixo.

4 Khawucinge ngamadoda awayephila ngaphambi kwexesha likaKristu awaba ngabahlobo bakaThixo. UAbraham wayeyindoda enokholo. Ngaphezu kweminyaka eyi-1 000 emva kokuba uAbraham eswelekile, uYehova wathi xa ethetha ngaye, “umhlobo wam.” (Isa. 41:8) Ngoko nokufa akunakumyekisa umntu ukuba abe ngumhlobo kaYehova. UAbraham usaphila kuYehova. (Luka 20:37, 38) Enye indoda nguYobhi. Xa uYehova wayenentlanganiso neengelosi ezulwini, wathetha kakuhle ngoYobhi. Wathi “uyindoda elungileyo nethembekileyo, eyoyika uThixo nengazenziyo izinto ezimbi.” (Yobhi 1:6-8) Wayemjonga njani uDaniyeli, owayehlala kwilizwe elalinabantu ababengamkhonzi uThixo kangangeminyaka emalunga neyi-80, kodwa wahlala ethembekile? Iingelosi zayiqinisekisa kathathu le ndoda ikhulileyo ukuba ‘ixabiseke kakhulu’ kuThixo. (Dan. 9:23; 10:11, 19) Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kubavusa aba bahlobo bakhe abathandayo.—Yobhi 14:15.

Zeziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba sibuthanda kakhulu ubutyebi obungabonakaliyo? (Jonga isiqendu 5) *

5. Kufuneka senze ntoni ukuze sibe ngabahlobo bakaYehova?

5 Kweli xesha lethu bangaphi abantu abangabahlobo bakaYehova? Baninzi kakhulu. Sitsho kuba maninzi amadoda, abafazi nabantwana ehlabathini lonke, abenza izinto ezibonisa ukuba bafuna ukuba ngabahlobo bakaThixo. UYehova ‘ungumhlobo osenyongweni wabo benza izinto ezintle.’ (IMize. 3:32) Bayakwazi ukuba ngabahlobo bakaYehova ngenxa yokuba benokholo kwintlawulelo. Le ntlawulelo yenza sikwazi ukuzinikela kuYehova size sibhaptizwe. Xa senze loo nto, siba kunye neqela elikhulu lamaKristu ‘angabahlobo abasenyongweni’ boyena Mntu mkhulu kwindalo yonke.

6. Sinokubonisa njani ukuba siyakuthanda ukuba ngabahlobo bakaThixo?

6 Sinokubonisa njani ukuba siyakuthanda ukuba ngabahlobo bakaThixo? UAbraham noYobhi bahlala bethembekile kuThixo kangangeminyaka engaphezu kwelikhulu. Ngoko nathi simele sihlale sithembekile kuYehova nokuba sinexesha elingakanani na simkhonza. NjengoDaniyeli, simele sikuthande ukuba ngabahlobo bakaThixo ngaphezu kokuba sithanda ubomi bethu. (Dan. 6:7, 10, 16, 22) UYehova uza kusinceda sinyamezele naziphi na izilingo ukuze sihlale singabahlobo bakhe.​—Fil. 4:13.

UMTHANDAZO

7. (a) IMizekeliso 15:8 ithini ngoYehova nemithandazo yethu? (b) UYehova uyiphendula nini imithandazo yethu?

7 Obunye ubutyebi obungabonakaliyo ngumthandazo. Abahlobo bayakuthanda ukubaliselana ngezinto abazicingayo nendlela abaziva ngayo. Ngaba singabahlobo abanjalo noYehova? Ewe. KwiLizwi lakhe usixelela izinto azicingayo nendlela aziva ngayo. Nathi siyamxelela izinto esizicingayo nendlela esiziva ngayo xa sithandaza. UYehova uyakuthanda ukumamela imithandazo yethu. (Funda iMizekeliso 15:8.) Akugqiba ukuyimamela, uyayiphendula, kuba ungumhlobo osithandayo. Ngamanye amaxesha uyakhawuleza ukusiphendula. Kanti ngamany’ amaxesha kuye kufuneke sisoloko siyithandazela loo ngxaki sinayo. Sekunjalo, simele siqiniseke ukuba uza kusiphendula ngexesha nangendlela efanelekileyo. UThixo usenokusiphendula ngendlela ebesingayilindelanga. Ngokomzekelo, endaweni yokuba asisuse isilingo, unokusipha ubulumko namandla ‘okusinyamezela.’​—1 Kor. 10:13.

(Jonga isiqendu 8) *

8. Sibonisa njani ukuba siyakuthanda ukuthandaza?

8 Sibonisa njani ukuba siyakuthanda ukuthandaza? Ngokuthobela umyalelo kaYehova othi “hlalani nithandaza.” (1 Tes. 5:17) UYehova akasinyanzeli ukuba masithandaze. Ngoko masibonise ukuba siyawuthanda umthandazo ngokuthandaza kaninzi ngosuku. Kwimithandazo yethu masingalibali ukumbulela nokumdumisa uYehova ngezinto asenzele zona.​—INdu. 145:2, 3.

9. Uthini omnye umzalwana xa ethetha ngomthandazo, wena uthini?

9 Njengokuba siqhubeka sikhonza uYehova, sibona nendlela ayiphendula ngayo imithandazo yethu, siya sikuthanda kakhulu ukuthandaza. Khawuve into ethethwa nguChris, umzalwana oneminyaka eyi-47 ekwinkonzo yexesha elizeleyo. Uthi: “Ndikuthanda kakhulu ukuvuka ekuseni ndithethe noYehova. Kumnandi ukuthetha noYehova xa liqala ukuphuma ilanga, lisenza yonke indalo ibe ntle. Le nto indenza ndimbulele ngazo zonke izinto asiphe zona, nangokuba ndikwazi ukuthetha naye ngomthandazo. Naxa ndiza kulala, emva kokuba ndithandazile, ndingena ezingubeni ndingenasazela santo.”

UMOYA OYINGCWELE

10. Kutheni simele siwuthande umoya oyingcwele kaThixo?

10 Obunye ubutyebi obungabonakaliyo esimele sibuthande ngumoya oyingcwele kaThixo. UYesu wathi masiqhubeke siwucela. (Luka 11:9, 13) UYehova usebenzisa wona ukuze asinike amandla “angaqhelekanga.” (2 Kor. 4:7; IZe. 1:8) Umoya oyingcwele kaThixo usinceda sinyamezele nasiphi na isilingo.

(Jonga isiqendu 11) *

11. Usinceda entwenini umoya oyingcwele?

11 Umoya oyingcwele usinceda siyenze kakuhle imisebenzi esiyinikiweyo kwinkonzo kaThixo. Usinceda siphucule nobuchule esinabo. Xa sisenza izinto ezintle enkonzweni kaThixo, siyazi ukuba asizenzi ngamandla ethu, sincedwa ngumoya oyingcwele.

12. INdumiso 139:23, 24 ithi yeyiphi enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyawuthanda umoya oyingcwele?

12 Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba siyawuthanda umoya oyingcwele kaThixo kukucela uYehova ukuba asincede sibone naziphi na iingcinga okanye iminqweno engafanelekanga esezintliziyweni zethu. (Funda iNdumiso 139:23, 24.) Ukuba siyamcela, ngomoya wakhe oyingcwele uza kusinceda sizibone ezi zinto. Xa sibona ukuba sicinga okanye sifuna ukwenza izinto ezingafanelekanga, simele sicele umoya kaThixo ukuba usincede singazenzi. Loo nto iza kwenza uYehova abone ukuba asifuni ukwenza izinto eziza kumenza ayeke ukusipha umoya wakhe oyingcwele.​—Efe. 4:30.

13. Yintoni enokusenza siwuthande kakhulu umoya oyingcwele?

13 Enye into enokwenza siwuthande kakhulu umoya oyingcwele kukucinga ngezinto ozenzayo kweli xesha lethu. Ngaphambi kokuba uYesu anyukele ezulwini, wathi kubafundi bakhe: “Niza kuba namandla xa nifumana umoya oyingcwele, ibe niza kuba ngamangqina am . . . de niyokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.” (IZe. 1:8) Yiloo nto kanye eyenzekayo namhlanje. Ngenxa yokuncedwa ngumoya oyingcwele, ngoku bangaphezu kwe-8 miliyoni abakhonzi bakaYehova ehlabathini lonke. Aba bakhonzi bakaThixo bamanyene kuba umoya oyingcwele ubanceda babe neempawu ezintle ezinjengothando, uvuyo, uxolo, umonde, ububele, ukulunga, ukholo, ukululama nokukwazi ukuzibamba. Ezi mpawu sisiqhamo somoya. (Gal. 5:22, 23) Umoya oyingcwele usisipho esithandeka kakhulu.

UKUSEBENZA NOYEHOVA, UYESU NEENGELOSI ENTSIMINI

14. Ngoobani abangabonakaliyo esisebenza nabo xa sishumayela?

14 Obunye ubutyebi obungabonakaliyo esinabo ‘kukusebenza’ kunye noYehova, uYesu neengelosi. (2 Kor. 6:1) Sisebenza nabo nanini na xa sishumayela. Xa wayethetha ngaye kunye nabanye abenza lo msebenzi wokushumayela, uPawulos wathi: “Sisebenza noThixo.” (1 Kor. 3:9) Omnye umntu esisebenza naye xa sisentsimini nguYesu. Kaloku emva kokuba eyalele abafundi bakhe ukuba baye ‘kwenza abafundi abantu beentlanga zonke,’ wathi: “Ndikunye nani.” (Mat. 28:19, 20) Zona iingelosi zenza ntoni? Sikuvuyela kakhulu ukukhokelwa ziingelosi kulo msebenzi ‘wokuvakalisa iindaba ezilungileyo kubantu abahlala emhlabeni.’​—ISityhi. 14:6.

15. Khawusibalisele ngento eseBhayibhileni ebonisa indlela uYehova asinceda ngayo kumsebenzi wokushumayela.

15 UYehova, uYesu neengelosi basinceda njani kulo msebenzi wokushumayela? Njengokuba sihlwayela imbewu ethetha ngomyalezo woBukumkani, enye iwela kwiintliziyo ezilungileyo ize ikhule. Ngubani owenza le mbewu yenyaniso ikhule ize ivelise isiqhamo? (Mat. 13:18, 23) UYesu wathi akukho mntu unokuba ngumlandeli wakhe ngaphandle kokuba ‘uTata wakhe amtsale.’ (Yoh. 6:44) IBhayibhile isixelela ngomntu eyenzeka kuye le nto. Usamkhumbula uPawulos ethetha neqela lamabhinqa awayengaphandle kwesixeko saseFilipi? Khawuve into ethethwa yiBhayibhile ngoLidiya owayekunye naloo mabhinqa. Ithi: “UYehova wayivula ngokupheleleyo intliziyo yakhe ukuze azive izinto ezazithethwa nguPawulos.” (IZe. 16:13-15) Nabanye abantu baye batsalwa nguYehova njengoLidiya.

16. Ngubani omele azukiswe xa imbewu esiyihlwayelayo iwela kwintliziyo elungileyo ize ikhule?

16 Ngubani omele azukiswe xa imbewu esiyihlwayelayo iwela kwintliziyo elungileyo ize ikhule? UPawulos wawuphendula lo mbuzo xa wayebhalela ibandla laseKorinte esithi: “Mna ndatyala, uApolo wankcenkceshela, kodwa nguThixo owakhulisayo, ukuze lowo utyalayo nalowo unkcenkceshelayo bangabaluleki, kodwa kubaluleke uThixo, yena ukhulisayo” (1 Kor. 3:6, 7) NjengoPawulos, nathi simele sizukise uYehova.

17. Sinokubonisa njani ukuba siyakuthanda ukusebenza kunye noThixo, uKristu neengelosi?

17 Sinokubonisa njani ukuba siyakuthanda ‘ukusebenza’ noThixo, uKristu neengelosi? Ngokwenza yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze sixelele abantu iindaba ezilungileyo. Zininzi iindlela esinokubaxelela ngazo, njengokushumayela “phambi kwabantu nakwindlu ngendlu.” (IZe. 20:20) Abanye bayakuthanda nokushumayela ngokungacwangciswanga. Xa bedibana nomntu abangamaziyo, bambulisa benobubele baze bazame ukuncokola naye. Ukuba loo mntu unomdla wokuncokola, baye bazame indlela yokushumayela.

(Jonga isiqendu 18) *

18-19. (a) Siyinkcenkceshela njani imbewu yenyaniso? (b) UYehova wamnceda njani uRaphalalani?

18 Ekubeni “sisebenza noThixo,” simele sityale imbewu yenyaniso size siyinkcenkceshele. Xa sithethe nomntu onomdla, sifuna ukwenza konke okusemandleni ethu ukuba sibuyele kuye, okanye sicele omnye umntu amqhubele isifundo seBhayibhile. Njengoko loo mntu eqhubeka efunda, siyakuvuyela ukubona indlela uYehova amnceda ngayo ukuba atshintshe indlela acinga naziva ngayo.

19 Makhe sive ngoRaphalalani waseMzantsi Afrika owayeligqirha. Wayezithanda izinto awayezifunda eBhayibhileni. Waba nengxaki akufunda ukuba iBhayibhile ithini ngabantu abathetha nezinyanya. (Dut. 18:10-12) Kodwa wavumela uYehova alungise indlela acinga ngayo. Wade wayeka ukuba ligqirha, nakubeni loo nto yayithetha ukuba uphelelwa ngumsebenzi. URaphalalani oneminyaka eyi-60 ngoku uthi: “Ndiwabulela kakhulu amaNgqina KaYehova ngokundinceda ngeendlela ezininzi, ezinjengokuba ndifumane umsebenzi. Kodwa oyena mntu ndimbulela kakhulu nguYehova, oye wandinceda ndatshintsha indlela ebendiphila ngayo, ukuze ngoku ndibe liNgqina lakhe elishumayelayo.”

20. Uzimisele ukwenza ntoni?

20 Kweli nqaku sithethe ngeentlobo ezine zobutyebi obungabonakaliyo. Obona butyebi bubaluleke ngaphezu kwabo bonke, kukuba ngumhlobo kaYehova. Xa singabahlobo bakhe siza kuncedwa nazezinye iintlobo zobutyebi, umthandazo, ukuncedwa ngumoya oyingcwele, nokusebenza naye, uYesu neengelosi entsimini. Masizimisele ukuzithanda zonke ezi ntlobo zobutyebi. Singaze siyeke ukumbulela uYehova ngokuba nguMhlobo othandeka ngolu hlobo.

INGOMA 145 UThixo Usithembisa IParadesi

^ isiqe. 5 Kwinqaku elingaphambi kweli, sithethe ngobutyebi obubonakalayo esibufumana kuThixo. Ngoku siza kuthetha ngobutyebi obungabonakaliyo nendlela esinokubonisa ngayo ukuba siyabuthanda. Siza kutsho simbulele kakhulu uYehova uThixo osipha obu butyebi.

^ isiqe. 58 IMIFANEKISO: (1) Udade ojonge indalo kaYehova ucinga ngobuhlobo bakhe noYehova.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: (2) Kwalo dade ucela uYehova amncede akwazi ukushumayela.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: (3) Umoya oyingcwele uyamnceda udade abe nesibindi sokushumayela ngokungacwangciswanga.

^ isiqe. 64 IMIFANEKISO: (4) Udade uqhubela la mntu ebeshumayele kuye ngokungacwangciswanga isifundo. Udade wenza lo msebenzi encediswa ziingelosi.