Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ookumkani Ababini Abalwa Ngegunya Ngexesha Lesiphelo

Ookumkani Ababini Abalwa Ngegunya Ngexesha Lesiphelo

Iziprofeto ekuthethwa ngazo kule tshathi zenzeka ngexesha elinye. Zonke zibonisa ukuba siphila ‘kwixesha lesiphelo.’​—Dan. 12:4.

  • IZibhalo ISityhi. 11:7; 12:13, 17; 13:1-8, 12

    Isiprofeto “Irhamncwa” lilawula umhlaba kangangeminyaka engaphezu kwe-3 000. Ngexesha lesiphelo, intloko yalo yesixhenxe iyonzakala. Ekuhambeni kwexesha le ntloko iyaphola baze “bonke abantu bomhlaba” balandele irhamncwa. Esebenzisa eli rhamncwa, uSathana ‘ulwa imfazwe nabashiyekileyo.’

    Senzeka njani? Emva koMkhukula, oorhulumente abachasa uYehova baye balawula abantu. Kwiminyaka engaphezu kwe-3 000 emva koko, iBritani yaphelelwa ngamandla kwiMfazwe Yehlabathi I. Yaphinda yanamandla emva kokuba izimanye neUnited States. Kweli xesha lesiphelo, uSathana utshutshisa abantu bakaThixo esebenzisa bonke oorhulumente bomhlaba.

  • IZibhalo Dan. 11:25-45

    Isiprofeto Kweli xesha lesiphelo ukumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi balwela igunya.

    Senzeka njani? IJamani ikhuphisana neGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Ngo-1945 iSoviet Union namazwe ayixhasayo aba ngukumkani wasemntla. Ngo-1991, iSoviet Union yaphela, yaza iRashiya namazwe ayixhasayo aba ngukumkani wasemntla.

  • IZibhalo Isa. 61:1; Mal. 3:1; Luka 4:18

    Isiprofeto UYehova uthuma ‘umthunywa ukuba alungise indlela’ ngaphambi kokuba kufike uBukumkani obulawulwa nguMesiya. Lo mthunywa ‘ushumayela iindaba ezilungileyo kubantu abalulamileyo.’

    Senzeka njani? Ukususela kwiminyaka yoo-1870, uC. T. Russell nabanye abafundi beBhayibhile bayifundisisa kakuhle iBhayibhile ukuze bazi eyona nto iyifundisayo. Kwiminyaka yoo-1880 babalaselisa indlela ekubaluleke ngayo ukuba abakhonzi bakaThixo bashumayele. Basasaza iiMboniselo ezinenqaku lesiNgesi elithi “Wanted 1,000 Preachers” nelithi “Anointed to Preach.”

  • IZibhalo Mat. 13:24-30, 36-43

    Isiprofeto Umntu ulima ingqolowa emasimini. Luyafika utshaba, lulime ukhula kwakuloo ntsimi. Ukhula luyakhula luze luyifihle ingqolowa. Ngexesha lesivuno, ukhula luyohlulwa kwingqolowa.

    Senzeka njani? Ukususela ngo-1870, umahluko phakathi kwamaKristu enyaniso nawobuxoki uya ucaca. Ngexesha lesiphelo, amaKristu enyaniso ayohlulwa kwawobuxoki.

  • IZibhalo Dan. 2:31-33, 41-43

    Isiprofeto Iinyawo zentsimbi exutywe nodongwe zikumfanekiso owenziwe ngegolide, isilivere, ikopolo nentsimbi.

    Senzeka njani? Udongwe lumela abantu abanemvukelo abalawulwa liGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Aba bantu benza eli gunya lingakwazi ukulawula ngamandla alo afana nentsimbi.

  • IZibhalo Mat. 13:30; 24:14, 45; 28:19, 20

    Isiprofeto “Ingqolowa” iqokelelelwa “kuvimba” lize ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ linikwe umsebenzi wokukhathalela “abo basebenza endlini.” Kushunyayelwa ‘iindaba zilungileyo ezingoBukumkani emhlabeni wonke.’

    Senzeka njani? Ngo-1919 ikhoboka elithembekileyo linikwa umsebenzi wokukhathalela abantu bakaThixo. Ukuqala ngoko, aBafundi BeBhayibhile bawenza ngamandla umsebenzi wokushumayela. Ngoku, amaNgqina KaYehova ashumayela kumazwe angaphezu kwe-200, aze ahambise iincwadi ngeelwimi ezingaphezu kwe-1 000.

  • IZibhalo Dan. 12:11; ISityhi. 13:11, 14, 15

    Isiprofeto Irhamncwa elineempondo ezimbini lixelela abantu abasemhlabeni ‘ukuba benze umfanekiso werhamncwa’ lize ‘liwunike impefumlo yobomi.’

    Senzeka njani? IGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika laseka uManyano Lwezizwe. Le ntlangano yaxhaswa nazezinye iintlanga. Ngo-1926 nokumkani wasemntla wangena kule ntlangano, kodwa waphuma ngo-1933. NjengeZizwe Ezimanyeneyo ezazingaphambi kwayo, nale ntlangano kwakukholelwa ukuba iza kuzisa uxolo emhlabeni, nto leyo eza kwenziwa buBukumkani BukaThixo qha.

  • ISibhalo Dan. 8:23, 24

    Isiprofeto Ukumkani obonakala endlongondlongo ‘wenza umonakalo omkhulu kakhulu.’

    Senzeka njani? IGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika liye labulala abantu abaninzi kakhulu, lonakalisa nezinto ezininzi. Ngokomzekelo, ngeMfazwe Yehlabathi II, iUnited States yaqhushumbisa iibhombu zeathom ezimbini kwilizwe elalingavani namaNgesi namaMerika.

  • IZibhalo Dan. 11:31; ISityhi. 17:3, 7-11, 16

    Isiprofeto ‘Irhamncwa elibomvu krwe,’ elineempondo ezilishumi liphuma kumngxuma ongenasiphelo kwaye lingukumkani wesibhozo. Incwadi kaDaniyeli ithi lo kumkani ‘yinto eyenyanyekayo netshabalalisayo.’

    Senzeka njani? NgeMfazwe Yehlabathi II, uManyano Lwezizwe luyaphela. Emva kwemfazwe ‘kubekwa’ iZizwe Ezimanyeneyo. Kukholelwa ukuba nazo, njengoManyano Lwezizwe, ziza kuzisa uxolo emhlabeni, nto leyo eza kwenziwa buBukumkani BukaThixo. IZizwe Ezimanyeneyo ziza kuhlasela iinkonzo.

  • IZibhalo 1 Tes. 5:3; ISityhi. 17:16

    Isiprofeto Iintlanga zithi “siseluxolweni yaye sikhuselekile,” zona ‘iimpondo ezilishumi nerhamncwa’ zihlasela ‘umfazi othengisa ngomzimba’ zize zimtshabalalise Emva koko iintlanga ziyatshatyalaliswa.

    Senzeka njani? Iintlanga zsenokuvuya zisithi ziseluxolweni yaye zikhuselekile. Emva koko iintlanga ezixhasa iZizwe Ezimanyeneyo zitshabalalisa iinkonzo zobuxoki. Esi iza kuba sisiqalo ‘sexesha lentlungu engathethekiyo.’ Eli xesha liza kuphela xa kutshatyalaliswa eli hlabathi likaSathana kwimfazwe yeArmagedon.

  • IZibhalo Hez. 38:11, 14-17; Mat. 24:31

    Isiprofeto UGogi ungena kwilizwe labantu bakaThixo. Emva koko iingelosi ziqokelela ‘abakhethiweyo.’

    Senzeka njani? Ukumkani wasemntla nabanye oorhulumente bahlasela abantu bakaThixo. Xa sekuqalile oko kuhlasela, abathanjiswa abasesemhlabeni baqokelelelwa ezulwini.

  • IZibhalo Ezek. 38:18-23; Dan. 2:34, 35, 44, 45; Rev. 6:2; 16:14, 16; 17:14; 19:20

    Isiprofeto ‘Lowo ukhwele ihashe elimhlophe woyisa ngokupheleleyo’ xa etshabalalisa uGogi nomkhosi wakhe. ‘Irhamncwa liphoswa kwichibi lomlilo elivutha isalfure,’ uze umfanekiso omkhulu utyumzwe lilitye.

    Senzeka njani? UYesu, onguKumkani woBukumkani BukaThixo usindisa abantu bakaThixo. Ekunye nabayi-144 000 aza kulawula nabo kunye nomkhosi weengelosi, batshabalalisa zonke iintlanga ezihlasela abantu bakaThixo. Le nto iza kuthetha isiphelo seli hlabathi likaSathana.