Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 19

“Ukumkani Wasemntla” Ngexesha Lesiphelo

“Ukumkani Wasemntla” Ngexesha Lesiphelo

“Ngexesha lesiphelo ukumkani wasemzantsi uza kulwa naye [ukumkani wasemntla].”​—DAN. 11:40.

INGOMA 150 Funa UYehova Ukuze Usinde

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Isiprofeto seBhayibhile sisinceda sazi ntoni?

YINTONI eza kwenzeka kubantu bakaYehova kungekudala? Sinokuyazi impendulo yalo mbuzo. Iziprofeto zeBhayibhile zisixelela ngezinto ezibalulekileyo eziza kwenzeka nakuthi. Esinye sezi ziprofeto sisibonisa izinto eziza kwenziwa ngabanye oorhulumente abanamandla emhlabeni. UDaniyeli isahluko 11 uthetha ngookumkani ababini abalwayo, ukumkani wasemntla nowasemzantsi. Izinto ezininzi ekuthethwa ngazo kwesi siprofeto sezenzekile, ngoko sinokuqiniseka ukuba nezo zingekenzeki, ziza kwenzeka.

2. Ngokutsho kweGenesis 3:15 neSityhilelo 11:7 no-12:17, yintoni ebalulekileyo ekufuneka siyikhumbule xa sifunda isiprofeto esikuDaniyeli?

2 Ukuze siyazi into ethethwa sisiprofeto esikuDaniyeli isahluko 11, simele sikhumbule ukuba esi siprofeto sithetha ngoorhulumente abalawula kumazwe anabantu bakaThixo nababatshutshisayo. Bambalwa kakhulu abantu bakaThixo xa bethelekiswa nabemi bomhlaba. Ngoku kutheni ingabona bajongwe ngeliso elibukhali ngoorhulumente? Kaloku, eyona nto ifunwa nguSathana nabantu bakhe kukuphelisa abantu abakhonza uYehova noYesu. (Funda iGenesis 3:15 neSityhilelo 11:7; 12:17.) Enye into, isiprofeto esikuDaniyeli simele sivumelane nezinye iziprofeto ezikwiLizwi LikaThixo. Sinokusiqonda kakuhle esi siprofeto xa sifunda nezinye iivesi ezikwiZibhalo.

3. Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku nakwelilandelayo?

3 Sicinga ngezi zinto, ngoku siza kuthetha ngesiprofeto esikuDaniyeli 11:25-39. Siza kuva ukuba wayengubani ukumkani wasemntla nowasemzantsi ukusuka kunyaka ka-1870 ukuya koka-1991. Siza kuphinda sibone ukuba kutheni kufuneka siyitshintshe indlela ebesiziqonda ngayo ezinye iivesi zesi siprofeto. Kwinqaku elilandelayo, siza kuthetha ngoDaniyeli 11:40–12:1, size silungise indlela ebesiziqonda ngayo ezinye iivesi zesi siprofeto ezithetha ngexesha elisuka kunyaka ka-1991 ukuya kutsho kwimfazwe yeArmagedon. Xa ufunda la manqaku mabini, sicela ujonge ibhokisi ethi “Ookumkani Ababini Abalwa Ngegunya Ngexesha Lesiphelo.” Kodwa kuza kufuneka siqale sibazi aba kumkani babini kuthethwa ngabo.

SINGAMAZI NJANI UKUMKANI WASEMNTLA NOWASEMZANTSI?

4. Zeziphi izinto ezintathu ezisinceda simazi ukumkani wasemntla nowasemzantsi?

4 Ngexesha lamaSirayeli, ibinzana elithi “ukumkani wasemntla” lalinikwa umntu ophethe amazwe akumantla akwaSirayeli, lize elithi “ukumkani wasemzantsi” linikwe umntu ophethe amazwe akumazantsi akwaSirayeli. Kutheni sisitsho? Khawuve umyalezo ingelosi eyawunika uDaniyeli. Yathi: “Ngoku ndize kukucacisela izinto eziza kwehlela abantu bakowenu ekupheleni kwemihla.” (Dan. 10:14) AmaSirayeli ayengabantu bakaThixo de kwayiPentekoste ka-33 C.E. Emva koko, uYehova wakhetha abafundi bakaYesu abathembekileyo baba ngabantu bakhe. Ngoko iivesi ezininzi zesiprofeto esikuDaniyeli isahluko 11, azithethi ngamaSirayeli, zithetha ngabafundi bakaKristu. (IZe. 2:1-4; Roma 9:6-8; Gal. 6:15, 16) Ukumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi babesoloko betshintsha ngokuhamba kweminyaka. Kodwa bonke aba kumkani babenezinto abafana ngazo. Okokuqala, babelawula kumazwe anabantu bakaThixo kwaye bebatshutshisa. Okwesibini, indlela ababebaphethe ngayo abantu bakaThixo ibonisa ukuba babengafuni nokumbona uThixo onguYehova. Okwesithathu, aba kumkani babini babesilwa, ingulowo efuna ukuphatha iindawo ezininzi kunomnye.

5. Ngaba wayekho ukumkani wasemntla nowasemzantsi kwiminyaka ephakathi kuka-100 C.E. no-1870? Cacisa.

5 Ngonyaka ka-100 C.E., kwabakho ixesha apho ebandleni lamaKristu kwangena amaKristu obuxoki awayemaninzi kakhulu kunabakhonzi bakaThixo. La maKristu obuxoki ayefundisa ubuxoki, eyifihla inyaniso ekwiLizwi LikaThixo. Ukususela ngoko ukuya kutsho ekupheleni kweminyaka yoo-1800, lalingekho iqela labantu abakhonza uThixo ngendlela ayifunayo. Ukhula olungamaKristu obuxoki lwakhula kakhulu kwaza kwanzima ukubona amaKristu enyaniso. (Mat. 13:36-43) Kutheni kubalulekile ukwazi le nto? Le nto ibonisa ukuba wayengekho ukumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi kwiminyaka ephakathi kuka-100 C.E. no-1870. Lalingekho iqela labantu abakhonza uThixo ngendlela ayifunayo ababeza kulihlasela. * Kodwa ke, kusenokwenzeka ukuba babeza kuphinda babekho aba kumkani kungekudala emva ko-1870. Siyazi njani loo nto?

6. Laphinda lakho nini iqela labantu ababekhonza uThixo ngendlela ayifunayo? Cacisa.

6 Ukususela ngo-1870, kwabakho iqela labantu ababekhonza uThixo ngendlela ayifunayo. Ngaloo nyaka, uCharles T. Russell nabanye abafundi beBhayibhile baqala ukuyifunda kunye iBhayibhile. Baba ‘ngumthunywa owayelungiselela indlela’ ngaphambi kokuba kufike uBukumkani ekuza kulawula uMesiya kubo. (Mal. 3:1) Laphinda lakho iqela labantu abakhonza uThixo ngendlela ayifunayo. Ngaba ngelo xesha babekho abantu ababephethe kumazwe anabakhonzi bakaThixo nababebatshutshisa? Makhe sibone.

NGUBANI UKUMKANI WASEMZANTSI?

7. Leliphi ilizwe elaba ngukumkani wasemzantsi de kwayiMfazwe Yehlabathi I?

7 Kwathi kusiba ngu-1870, yabe iBritani seyilawula amazwe amaninzi emhlabeni, ibe yayilelona lizwe linomkhosi onamandla. Yayimela uphondo oluncinci oloyisa iimpondo ezintathu; iFransi, iSpeyin neNetherlands. (Dan. 7:7, 8) Yaba ngukumkani wasemzantsi de kwayiMfazwe Yehlabathi I. Kanye ngelo xesha, iUnited States yaba lelona lizwe lime kakuhle kwezoqoqosho, ngoko yazimanya neBritani.

8. Ngubani ukumkani wasemzantsi kule mihla yokugqibela?

8 NgeMfazwe Yehlabathi I, iUnited States yancedisa iBritani, aza omabini la mazwe aba nowona mkhosi unamandla. La mazwe mabini aba liGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika. Kwenzeka kanye le nto yayiprofetwe nguDaniyeli. Lo kumkani waba ‘nomkhosi omkhulu nonamandla ngokugqithiseleyo.’ (Dan. 11:25) Ukususela ekuqaleni kwemihla yokugqibela ukuza kutsho ngoku, iGunya Lehlabathi LamaNgesi NamaMerika lingukumkani wasemzantsi. * Ngubani ke ukumkani wasemntla?

NGUBANI UKUMKANI WASEMNTLA?

9. Waphinda wavela nini ukumkani wasemntla, ibe yenzeka njani into eyathethwa kuDaniyeli 11:25?

9 Emva kokuba kuphele unyaka uRussell nabanye abafundi beBhayibhile beqale ukufunda iBhayibhile kunye, waphinda wavela ukumkani wasemntla, ngo-1871. Ngaloo nyaka, uOtto von Bismarck wayengoyena uphambili ekwenzeni iJamani ibe lelona lizwe linamandla. Ngelo xesha uWilhelm I waphatha iJamani waza wabeka uBismarck ukuba abe yinkulumbuso yaloo rhulumente. * Ekuhambeni kwexesha, iJamani yazithathela amanye amazwe aseAfrika nePacific Ocean, izama ukuba namandla kuneBritani. (Funda uDaniyeli 11:25.) IJamani yazakhela umkhosi omkhulu owawuphantse ulingane nowaseBritani. Kwimfazwe yehlabathi yokuqala yawusebenzisa xa yayisilwa neentshaba zayo.

10. Yenzeka njani into ethethwa kuDaniyeli 11:25b, 26?

10 UDaniyeli waphinda waprofeta ngento eyayiza kwenzeka kwiJamani nomkhosi wayo. Esi siprofeto sithi ukumkani wasemntla “akazukuma.” Ngoba? “Kuba baza kumenzela amayelenqe. Uza kubhukuqwa ngabo batya izimuncumuncu zakhe.” (Dan. 11:25b, 26a) Ngemihla kaDaniyeli, abanye abantu ababesitya ‘izimuncumuncu zikakumkani’ yayingamagosa ‘awayemsebenzela.’ (Dan. 1:5) Ngoku esi siprofeto sithetha ngoobani? Sithetha ngabantu ababephezulu kurhulumente waseJamani, kunye nabantu ababephethe emkhosini ababesebenza kufutshane nokumkani. Ngenxa yezinto abazenzayo, ukumkani wehla esihlalweni kwaza kwaphatha olunye uhlobo lorhulumente. * Esi siprofeto siphinda sithethe ngento eyenzekayo emva kokuba lo kumkani elwe nokumkani wasemzantsi. Xa sithetha ngokumkani wasemntla sithi: “Wona ke umkhosi wakhe uza kutshayelwa uphele, kubulawe abaninzi.” (Dan. 11:26b) Le nto yenzeka ngemfazwe yehlabathi yokuqala xa umkhosi waseJamani ‘watshayelwa waphela kwaza kwabulawa abaninzi.’ Kuloo mfazwe kwafa abantu abaninzi kakhulu xa kuthelekiswa nabafa kwiimfazwe ezazingaphambi kwayo.

11. Yintoni eyenziwa ngukumkani wasemntla nowasemzantsi?

11 Echaza into eza kwenzeka ngaphambi kokuba kuqale iMfazwe Yehlabathi I, uDaniyeli 11:27, 28 uthi ukumkani wasemntla nowasemzantsi ‘babeza kuhlala etafileni enye baqhathane.’ Uphinda athi ukumkani wasemntla wayeza kuqokelela ‘impahla eninzi.’ Yenzeka nyhani loo nto. IJamani neBritani zathi zifuna kubekho uxolo. Kuyabonakala ukuba zaziqhathene kuba zalwa kwimfazwe ka-1914. Ngaloo nyaka, iJamani yayiseyililizwe lesibini elalimi kakuhle kwezoqoqosho ehlabathini lonke. Kwenzeka into ethethwa kuDaniyeli 11:29 nasekuqaleni kwevesi 30, iJamani yalwa nokumkani wasemzantsi, yoyiswa.

OOKUMKANI BAHLASELA ABANTU BAKATHIXO

12. Yintoni eyenziwa ngukumkani wasemntla nowasemzantsi ngemfazwe yehlabathi yokuqala?

12 Ukususela ngo-1914 ukuya phambili, aba kumkani zange bayeke ukulwa, behlasela nabantu bakaThixo. Ngokomzekelo, urhulumente waseJamani nowaseBritani batshutshisa abakhonzi bakaThixo ngenxa yokuba bengafuni ukulwa emfazweni. Yena urhulumente waseMerika wavalela abo babekhokela kumsebenzi wokushumayela. Le ntshutshiso kwaprofetwa ngayo kwiSityhilelo 11:7-10.

13. Kwiminyaka yoo-1930, ingakumbi ngemfazwe yehlabathi yesibini wenza ntoni ukumkani wasemntla?

13 Kwiminyaka yoo-1930, ingakumbi ngemfazwe yehlabathi yesibini, ukumkani wasemntla wahlasela abantu bakaThixo kabuhlungu kakhulu. Kwathi kwakuphatha umbutho wamaNazi eJamani, uHitler nabantu bakhe bawuvala umsebenzi wabantu bakaThixo. Ukumkani wasemntla wabulala abantu bakaYehova abamalunga ne-1 500, waza wathumela abaninzi kwiinkampu zoxinaniso. Zonke ezi zinto kwaprofetwa ngazo kuDaniyeli. Ukumkani wasemntla wakwazi ‘ukuyingcolisa ingcwele nokuphelisa umbingelelo owenziwa qho’ ngokungabavumeli abantu bakaYehova ukuba bashumayele ngokukhululekileyo. (Dan. 11:30b, 31a) Inkokheli yaseJamani, uHitler, yade yafunga isithi iza kubabulala bonke abantu bakaThixo eJamani.

UKUMKANI OMTSHA WASEMNTLA

14. Ngubani owaba ngukumkani wasemntla emva kwemfazwe yehlabathi yesibini? Cacisa.

14 Emva kwemfazwe yehlabathi yesibini, iSoviet Union yalawula amazwe amaninzi awayephantsi kweJamani yaza yaba ngukumkani wasemntla. Njengorhulumente wamaNazi onguzwilakhe, iSoviet Union yacinezela bonke abantu ababethobela umthetho kaThixo kunorhulumente.

15. Emva kokuphela kweMfazwe Yehlabathi II, wenza ntoni ukumkani wasemntla?

15 Kungekudala emva kokuphela kweMfazwe Yehlabathi II, ukumkani omtsha wasemntla, iSoviet Union, wahlasela abantu bakaThixo. ISityhilelo 12:15-17 sifanisa indlela abatshutshiswa ngayo abantu bakaThixo ‘nomlambo.’ Ngokuvisisana nesi siprofeto, ukumkani wasemntla wawuyekisa umsebenzi wokushumayela waza wanyanzela abantu bakaYehova ukuba baye kuhlala eSiberia. Ukususela ekuqaleni kwemihla yokugqibela, ukumkani wasemntla uye waqhubeka ebatshutshisa abantu bakaThixo, kodwa akakhange akwazi ukubayekisa ukushumayela. *

16. ISoviet Union yayenza njani into ekwaprofetwa ngayo kuDaniyeli 11:37-39?

16 Funda uDaniyeli 11:37-39. Esi siprofeto senzeka xa ukumkani wasemntla engazange ‘amkhathalele uThixo wookhokho bakhe.’ Wayenza njani loo nto? ISoviet Union yafuna ukuphelisa zonke iinkonzo ngokuzenza zingabi nafuthe ebantwini. Ukuze ikwazi ukuyenza le nto, ekuqaleni kuka-1918, yakhupha umthetho owenza ukuba izikolo zifundise ukuba akakho uThixo. Ukumkani wasemntla ‘wamzukisa njani uthixo weenqaba’? ISoviet Union yachitha iimali ezinkulu isenza izixhobo zokulwa nezenyukliya ukuze iqinise ulawulo lwayo. Ukumkani wasemntla nowasemzantsi bade bakwazi ukufumana izixhobo ezininzi nezinamandla okubulala iibhiliyoni zabantu.

OOKUMKANI ABABINI BASEBENZA KUNYE

17. Yintoni ‘into eyenyanyekayo netshabalalisayo’?

17 Ukumkani wasemntla wasebenza nokumkani wasemzantsi benza into enye ebalulekileyo. ‘Babeka into eyenyanyekayo netshabalalisayo.’ (Dan. 11:31) Loo nto ‘yenyanyekayo’ ziZizwe Ezimanyeneyo.

18. Kutheni kusithiwa iZizwe Ezimanyeneyo ‘yinto eyenyanyekayo’?

18 Intlangano yeZizwe Ezimanyeneyo kuthiwa ‘iyinto eyenyanyekayo’ kuba ithi yenza into enokwenziwa buBukumkani BukaThixo qha, ukwenza kubekho uxolo emhlabeni. Esi siprofeto sithi le nto yenyanyekayo ‘iyatshabalalisa’ kuba ziZizwe Ezimanyeneyo eziza kuhlasela zize zitshabalalise zonke iinkonzo zobuxoki.​—Jonga ibhokisi ethi “Ookumkani Ababini Abalwa Ngegunya Ngexesha Lesiphelo.”

KUTHENI KUFUNEKA SIYAZI YONKE LE NTO?

19-20. (a) Kutheni kufuneka sizazi ezi zinto kuthethwe ngazo kweli nqaku? (b) Ngowuphi umbuzo eza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo?

19 Kufuneka sizazi ezi zinto kuthethwe ngazo kuba zibonisa ukuba ukususela kwiminyaka yoo-1870 ukuya kweyoo-1990, bekusenzeka izinto awaprofeta ngazo uDaniyeli ngokumkani wasemntla nowasemzantsi. Le nto isenza siqiniseke ukuba nezo zingekenzeki ziseza kwenzeka.

20 Ngo-1991 yaphela iSoviet Union. Ngoko ngubani ukumkani wasemntla ngoku? Lo mbuzo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 128 Masinyamezele Kuse Ekupheleni

^ isiqe. 5 Izinto ezenzekayo zisibonisa ukuba isiprofeto esikuDaniyeli esithetha ‘ngokumkani wasemntla nokumkani wasemzantsi’ siyaqhubeka sisenzeka. Yintoni esenza siqiniseke? Kutheni kufuneka sazi into ethethwa sesi siprofeto?

^ isiqe. 5 Ngenxa yesi sizathu, siyekile ukuthi uMlawuli WaseRoma uAurelian (270-275 C.E.) ‘wayengukumkani wasemntla’ nokuthi uKumkanikazi uZenobia (267-272 C.E.) ‘wayengukumkani wasemzantsi.’ Le nto itshintsha into esiyibhale kwincwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli!, isahluko 13 no-14.

^ isiqe. 9 Ngo-1890, uKumkani uWilhelm II wamgxotha uBismarck.

^ isiqe. 10 Benza izinto ezininzi ezabangela ukuba lo rhulumente aphelelwe ngamandla. Ngokomzekelo, bayeka ukumnceda ukumkani, baveza iimfihlo zemfazwe baza banyanzela ukumkani ukuba ehle esihlalweni.

^ isiqe. 15 Ngokutsho kukaDaniyeli 11:34, ukumkani wasemntla wakhe wayeka ukuwatshutshisa amaKristu awayewalawula. Le nto yenziwa kukuba ngo-1991 yaphela iSoviet Union.