Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 20

Masiphucule Indlela Esithandaza Ngayo

Masiphucule Indlela Esithandaza Ngayo

“Mxeleleni zonke izinto ezisentliziyweni yenu.”—INDU. 62:8.

INGOMA 45 Izinto Endizicingayo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

Sinokuthandaza kuYehova qho, simcele asicebise kuzo zonke izinto esizenzayo (Jonga isiqendu 1)

1. UYehova ufuna benze ntoni abantu abamkhonzayo? (Jonga nomfanekiso.)

 SINOKUBALEKELA kubani xa sidinga ukuthuthuzelwa nokucetyiswa? Siyayazi impendulo. Sinokuthetha noYehova uThixo. Yiloo nto kanye athi masiyenze. Ufuna ‘sihlale sithandaza.’ (1 Tes. 5:17) Sinokuthetha naye sikhululekile, simcele asicebise kuzo zonke izinto esizenzayo. (IMize. 3:5, 6) UThixo onobubele uthi masithethe naye nokuba kukangaphi na.

2. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Simbulela kakhulu uYehova ngokusivumela ukuba sithethe naye. Kodwa, kuba sixakekile, kusenokuba nzima ukufumana ixesha lokuthandaza. Sisenokubona nokuba kufuneka siyiphucule indlela esithandaza ngayo. Into evuyisayo kukuba iZibhalo zinezinto ezinokusikhuthaza nezinokusinceda. Kweli nqaku, siza kubona ukuba yintoni esinokuyifunda kuYesu ukuze sikwazi ukuzibekela ixesha lokuthandaza. Siza kuthetha nangezinto ezintlanu ezibalulekileyo esinokuzithandazela xa sifuna ukuphucula indlela esithandaza ngayo.

UYESU WAYESIBA NEXESHA LOKUTHANDAZA

3. Yintoni awayeyazi uYesu ngomthandazo?

3 UYesu wayesazi ukuba imithandazo yethu ibaluleke kakhulu kuYehova. Kwakudala, ngaphambi kokuba eze emhlabeni, wabona uTata wakhe ephendula imithandazo yabakhonzi bakhe abathembekileyo. Ngokomzekelo, wayesecaleni kwakhe xa wayephendula imithandazo esuka entliziyweni kaHana, kaDavide, kaEliya neyabanye abantu abaninzi. (1 Sam. 1:10, 11, 20; 1 Kum. 19:4-6; INdu. 32:5) Yiloo nto uYesu wafundisa abafundi bakhe ukuba bathandaze qho, beqinisekile ukuba iza kuphendulwa imithandazo yabo.—Mat. 7:7-11.

4. Yintoni esiyifundayo kwimithandazo kaYesu?

4 Ngendlela awayethandaza ngayo, uYesu wabonisa abafundi bakhe indlela nabo abamele bathandaze ngayo. Xa wayelapha emhlabeni, wayethandaza qho. Ukuze ayenze loo nto, kwakufuneka azibekele ixesha kuba wayesoloko exakekile futhi ekunye nabantu abaninzi. (Marko 6:31, 45, 46) Ukuze akwazi ukuthandaza eyedwa wayevuka ekuseni kakhulu. (Marko 1:35) Ngeny’ imini, xa wayeza kwenza isigqibo esibalulekileyo wathandaza ubusuku bonke. (Luka 6:12, 13) Kubusuku obungaphambi kokuba afe, xa wayeza kwenza eyona nto yakha yanzima kwawayezokuzenza emhlabeni, wathandaza kaninzi.—Mat. 26:39, 42, 44.

5. Sinokumlinganisa njani uYesu xa sithandaza?

5 KuYesu sifunda ukuba simele sibe nalo ixesha lokuthandaza nokuba sixakeke kangakanani. Nathi kusenokufuneka sizibekele ixesha lokuthandaza. Mhlawumbi kusenokufuneka sivuke ekuseni kakhulu okanye singakhawulezi silale. Xa sisenza loo nto sibonisa uYehova ukuba siyasibulela esi sipho sikhethekileyo sokuthandaza. Omnye udade onguLynne usayikhumbula indlela awayevuya ngayo xa wayeqala ukufunda ngaso. Uthi: “Xa ndafunda ukuba ndinokuthetha noYehova nanini na, watsho wangumhlobo endimthandayo, ndafuna nokuphucula indlela endithandaza ngayo.” Ngokuqinisekileyo abaninzi kuthi baziva ngaloo ndlela. Ngoku masithethe ngezinto ezintlanu ezibalulekileyo esinokuzifaka kwimithandazo yethu.

IZINTO EZINTLANU EZIBALULEKILEYO ESINOKUZITHANDAZELA

6. ISityhilelo 4:10, 11 sithi yintoni afanele ayamkele uYehova?

6 Dumisa uYehova. Embonweni, umpostile uYohane wabona abadala abayi-24 ezulwini bekhonza uYehova. Babedumisa uThixo besithi unamandla futhi ‘ufanele ukwamkela uzuko nembeko.’ (Funda iSityhilelo 4:10, 11.) Neengelosi ezithembekileyo zinezizathu ezininzi zokumdumisa uYehova. Zihlala naye ezulwini futhi zimazi kakuhle. Zibona iimpawu zakhe kwizinto azenzayo. Xa zibukele izinto azenzayo, zitsho zimdumise.—Yobhi 38:4-7.

7. Ziintoni ezinokusenza simdumise uYehova?

7 Nathi, xa sithandaza sifuna ukumdumisa uYehova, simxelele izinto esizithandayo ngaye nokuba kutheni simhlonipha. Xa ufunda iBhayibhile, zama ukujonga iimpawu zakhe ozithanda kakhulu. (Yobhi 37:23; Roma 11:33) Emva koko, mxelele ukuba zikwenza uzive njani. Sinokumdumisa kuba enceda thina nabazalwana noodade abasemhlabeni wonke. Uhlala esihoyile futhi esikhusela.—1 Sam. 1:27; 2:1, 2.

8. Zeziphi ezinye izizathu ezisenza simbulele uYehova? (1 Tesalonika 5:18)

8 Mbulele uYehova. Zininzi izizathu ezisenza simbulele uYehova xa sithandaza. (Funda ama-1 Tesalonika 5:18.) Sinokumbulela ngayo nantoni na entle esinayo, kaloku sonke isipho esihle sivela kuye. (Yak. 1:17) Ngokomzekelo, sinokumbulela ngobuhle bomhlaba nangezinto ezimangalisayo azidalileyo. Sinokumbulela nangokuba siphila, sinentsapho, abahlobo kanti nangethemba esinalo. Asifuni kulibala ukumbulela nangokuba esenze abahlobo bakhe.

9. Kutheni kusenokufuneka sisebenzele ukumbulela uYehova?

9 Kusenokufuneka sizame ngamandla ukucinga ngezizathu ezisenza simbulele uYehova. Siphila nabantu abangenaye u-enkosi. Basoloko becinga ngezinto abazifunayo kunokuba bacinge ngento abanokuyenza ukuze babulele ezo sebenazo. Ukuba sinokufana nabo, kwimithandazo yethu siza kuba nothotho lwezicelo. Ukuze ingenzeki kuthi loo nto, simele sisebenzele ukuba nombulelo ngazo zonke izinto uYehova asenzele zona, singalibali nokumxelela ukuba zisenza sizive njani.—Luka 6:45.

Ukumbulela uYehova ngezinto asenzele zona kunokusinceda sinyamezele (Jonga isiqendu 10)

10. Ukuba nombulelo kwamnceda njani omnye udade wakwazi ukunyamezela? (Jonga nomfanekiso.)

10 Ukuba nombulelo kungasinceda sinyamezele iingxaki. Cinga ngebali lika Kyung-sook elikwiMboniselo kaJanuwari 15, 2015. Kwathiwa unomhlaza wemiphunga owawusewuqalise ukusasazeka emzimbeni. Uthi: “Le yokugula yona into yandosela nyhani. Ndandingathi ndilahlekelwe yiyo yonke into endinayo, kwaye ndisoyika.” Yintoni eyamnceda wanyamezela? Uthi qho ebusuku ngaphambi kokuba alale wayesiya phezu kophahla lwendlu yakhe aze athandaze ngokuvakalayo, ebulela uYehova ngezinto ezintlanu amenzele zona ngolo suku. Le nto yayimenza angabi nexhala kakhulu, atsho axelele uYehova indlela amthanda ngayo. Wayibona kuye indlela uYehova abanceda ngayo abakhonzi bakhe xa beneengxaki, waqonda nokuba zininzi izinto ezintle ezenzekayo ebomini bethu kuneengxaki. NjengoKyung-sook, nokuba sineengxaki, sinezizathu ezininzi zokumbulela uYehova. Ukuba siyambulela xa sithandaza siza kuzinyamezela sizolile iingxaki esinazo.

11. Kwakutheni ukuze kufuneke abafundi bakaYesu babe nesibindi emva kokuba enyukele ezulwini?

11 Cela uYehova akuncede ube nesibindi xa ushumayela. Ngaphambi nje kokuba aye ezulwini, uYesu wakhumbuza abafundi bakhe ngomsebenzi awayebanike wona wokushumayela ngaye ‘eYerusalem, kulo lonke elakwaYuda naseSamariya, de bayokufika nakwezona ndawo zikude emhlabeni.’ (IZe. 1:8; Luka 24:46-48) Kungadlulanga xesha lide emva koko, abefundisi bamaYuda babamba umpostile uPetros noYohane babasa phambi kweNkundla ephakamileyo yamaYuda, besithi mabayeke ukushumayela, bebagrogrisa nokubagrogrisa. (IZe. 4:18, 21) Enza ntoni la madoda mabini?

12. IZenzo 4:29, 31 zithi benza ntoni abafundi?

12 Xa babegrogriswa ngabefundisi bamaYuda, uPetros noYohane bathi: “Ukuba ilungile emehlweni kaThixo into yokumamela nina kunokumamela yena, zigqibeleni ngokwenu. Kodwa thina asinakuyeka ukuthetha ngezinto esizibonileyo nesizivileyo.” (IZe. 4:19, 20) Emva kokuba bekhululwe, bonke abafundi bathandaza becela uYehova abancede benze into ethandwa nguye. Bathi: ‘Nceda amakhoboka akho ahlale elithetha ngesibindi ilizwi lakho.’ UYehova wabaphendula.—Funda iZenzo 4:29, 31.

13. Yintoni esiyifundayo kuJin-hyuk?

13 Njengabafundi nathi sinokuqhubeka sishumayela nokuba urhulumente uthi masiyeke. Khawuve into eyenziwa ngumzalwana uJin-hyuk owayevalelwe ngenxa yokuba engathathi cala. Etrongweni wanikwa umsebenzi wokuhoya amanye amabanjwa awayevalelwe odwa, kodwa wayengavumelekanga ukuba athethe nawo ngayo nantoni na engadibananga nalo msebenzi, nkqu neBhayibhile. Wathandazela ukuba nesibindi nobulumko bokushumayela nanini na kuvela ithuba. (IZe. 5:29) Uthi: “UYehova wayiphendula imithandazo yam, wandenza ndanesibindi nobulumko bokuqalisa izifundo zeBhayibhile zemizuzu emihlanu kwiminyango yezisele. Ebusuku, ndandibhala iileta endandiza kuzinika amabanjwa kusuku olulandelayo.” Nathi sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusinceda sikwazi ukushumayela. Sinokuthandazela isibindi nobulumko njengoJin-hyuk.

14. Yintoni enokusinceda xa sineengxaki? (INdumiso 37:3, 5)

14 Cela uYehova akuncede unyamezele iingxaki onazo. Abaninzi kuthi bayagula okanye basentlungwini ngenxa yokuswelekelwa ngumntu abamthandayo, ingxaki yentsapho, ukuphathwa kakubi okanye ezinye iingxaki. Kuba nzima nakakhulu ukunyamezela ezi ngxaki xa kukho izifo ezigqugqisayo neemfazwe. Xelela uYehova yonke into esentliziyweni yakho, ubengathi uncokola nomhlobo wakho. Qiniseka ukuba “uza kukuxhasa.”—Funda iNdumiso 37:3, 5.

15. Umthandazo unokusinceda njani ‘sinyamezele xa sisebunzimeni’? Yenza umzekelo.

15 Ukuba sithandaza qho siza kutsho sikwazi ‘ukunyamezela xa sisebunzimeni.’ (Roma 12:12) UYehova uyazazi izinto ezenzeka kubakhonzi bakhe, “uyabeva xa bekhalela uncedo.” (INdu. 145:18, 19) UKristie onguvulindlela ona-29 uyayingqina loo nto. Engalindelanga, wagula kakhulu. Loo nto yamenza wakhathazeka kakhulu. Ekuhambeni kwexesha wafumanisa ukuba umama wakhe unesifo esinokumbulala. Uthi: “Qho ngosuku ndandithandaza kakhulu kuYehova ndimcela ukuba andiphe amandla okunyamezela. Ndazimisela ukuhlala ndiluqinisa ukholo lwam ngokuya kwiintlanganiso nangokufundisisa. Ukuthandaza kwandinceda ndanyamezela xa kwakunzima. Ndandisazi ukuba uYehova ebesoloko enam, loo nto yandithuthuzela kakhulu. Nangona ndingazange ndikhawuleze ndiphile, uYehova wayiphendula imithandazo yam ngokundenza ndizole.” Singaze silibale ukuba “uYehova uyakwazi ukubasindisa esilingweni abantu abazinikele kuye.”—2 Pet. 2:9.

Ukuze ukwazi ukulwa nomnqweno wokwenza izinto ezimbi, (1) thandaza ucele uYehova akuncede, (2) zama ukudlalela kude kwizinto eziza kukwenza unqwenele ukwenza into embi, (3) yenza izinto eziza kukunceda uhlale ungumhlobo kaYehova (Jonga isiqendu 16-17)

16. Kutheni kufuneka sicele uYehova asincede sikwazi ukulwa nomnqweno wokwenza izinto ezimbi?

16 Cela uYehova akuncede ukwazi ukulwa nomnqweno wokwenza izinto ezimbi. Kufuneka sisoloko sisilwa nalo mnqweno kuba sinesono. USathana wenza yonke into anokukwazi ukuyenza ukuze kungabi lula ukulwa nawo. Enye into ayenzayo, kukuzama ukumosha indlela esicinga ngayo esebenzisa iindlela zokuzonwabisa ezingalunganga. Ezo ndlela zinokusenza sihlale sicinga ngezinto ezingcolileyo, ezinokusenza sibe mdaka kuYehova size senze isono esinzulu.—Marko 7:21-23; Yak. 1:14, 15.

17. Emva kokuba sicele uYehova asincede silwe nomnqweno wokwenza izinto ezimbi, yintoni thina esimele siyenze? (Jonga nomfanekiso.)

17 Ukuze siwoyise umnqweno wokwenza izinto ezingalunganga sidinga uncedo lukaYehova. Kumthandazo wenkosi nantsi into eyathethwa nguYesu: “Ungasiyekeli xa silingwa, kodwa sisindise kuSathana.” (Mat. 6:13) UYehova uyafuna ukusinceda, kodwa simele simcele. Emva kokuba sithandazile masizame ukudlalela kude nezinto eziza kusenza sinqwenele ukwenza izinto ezingalunganga. Masilumkele ukufunda nokumamela izinto ezingalunganga, ezithandwayo ngabantu behlabathi likaSathana. (INdu. 97:10) Simele sifunde iBhayibhile ukuze iingqondo zethu zihlale zicinga ngezinto ezilungileyo. Enye into eza kusinceda sihlale sicinga ngezinto ezilungileyo, kukuya kwiintlanganiso nokushumayela. UYehova usithembisa ukuba soze asiyekele silingwe ngento esingenakumelana nayo.—1 Kor. 10:12, 13.

18. Xa sithandaza, yintoni sonke esimele siyenze?

18 Ngamnye kuthi, umele athandaze ngaphezu kokuba ebesenza ukuze ahlale ethembekile kula maxesha okugqibela anzima. Qho ngosuku, zibekele ixesha lokuthandaza ngokusuk’ entliziyweni. UYehova ufuna ‘simxelele zonke izinto ezisentliziyweni yethu.’ (INdu. 62:8) Mdumise uze umbulele uYehova ngazo zonke izinto azenzayo. Mcele akuncede ube nesibindi xa ushumayela. Mcele qho ukuba akuncede unyamezele naziphi na iingxaki onazo, ukwazi nokulwisana nomnqweno wokwenza into embi osenokuba unawo. Sukuvumela nantoni na okanye nabani na akwenze uyeke ukuthandaza qho kuYehova. Kodwa uYehova uyiphendula njani imithandazo yethu? Lo mbuzo ubalulekileyo uza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 42 Umthandazo Womkhonzi KaThixo

a Sifuna imithandazo yethu ibe njengeeleta esizibhalela umhlobo esimthandayo. Kodwa kusenokungabi lula ukufumana ixesha lokuthandaza, kube nzima nokucinga ukuba ziintoni esinokuzithandazela. Eli nqaku liza kusinceda kuzo zombini ezi zinto.